Yeremiya
51 Uthi uYehova:
“Ndivusela iBhabhiloni+ nabantu baseLebhi-kamayi* umoya owonakalisayo.
2 Ndiza kuthumela eBhabhiloni abantu bokwela,
Yaye baza kuyivuthulula baze baliqongqothe ilizwe layo;
Baza kuyihlasela macala onke ngemini yentlekele.+
3 Umtoli makangasigobi* isaphetha sakhe.
Makungabikho mntu uphakamayo enxibe isambatho sentsimbi.
Ningabasizeli abafana bayo.+
Wutshabalaliseni wonke umkhosi wayo.
5 Kuba uSirayeli noYuda abangobahlolokazi kuThixo wabo, kuYehova wemikhosi.+
Kodwa kuLowo Ungcwele kaSirayeli, ilizwe labo* linetyala.
Ningafeli isono sayo.
Kuba lixesha lempindezelo kaYehova.
Uyayihlawulisa ngenxa yezinto ezenzileyo.+
7 IBhabhiloni ibiyindebe yegolide esandleni sikaYehova;
Ibinxilisa wonke umhlaba.
8 Ngequbuliso iBhabhiloni iwile kwaye yaphukile.+
Khalani kabuhlungu ngenxa yayo!+
Yithambiseni ngebhalsam kuba isentlungwini; mhlawumbi isenokuphiliswa.”
9 “Sizamile ukuyiphilisa iBhabhiloni, kodwa khange iphile.
Yishiyeni sihambe, ngamnye aye kwilizwe lakhe.+
Kuba umgwebo wayo unyuke wafikelela emazulwini;
Ufikelela emafini.+
10 UYehova usizisele ubulungisa.+
Yizani, masibalise eZiyon umsebenzi kaYehova uThixo wethu.”+
11 “Khazimlisani iintolo;+ thathani amakhaka arawundi.*
UYehova uwuvuselele umoya wookumkani bamaMedi,+
Kuba uzimisele ukuyonakalisa iBhabhiloni.
Kuba le yimpindezelo kaYehova, impindezelo ngenxa yetempile yakhe.
12 Phakamisani uphawu*+ ngenxa yeendonga zeBhabhiloni.
Qinisani apha ekugadeni, misani oonogada.
Lungiselelani abo balalelayo.
Kuba uYehova wenze icebo,
Yaye uza kuyenza into athe uza kuyenza kubantu baseBhabhiloni.”+
13 “Owu mfazi ohlala phezu kwamanzi amaninzi,+
Onobutyebi obuninzi,+
Sifikile isiphelo sakho, isiphelo sokwenza kwakho ingeniso.+
14 UYehova wemikhosi ufunge ngaye siqu esithi,
‘Ndiza kwenza kugcwale abantu kuwe, babe njengeenkumbi,
Baza kukhwaza ngenxa yokuba bekoyisile.’+
15 UnguMenzi womhlaba ngamandla akhe,
Lowo wenza ilizwe elinemveliso ngobulumko bakhe+
Nowolula amazulu ngokuqonda kwakhe.+
16 Xa ethetha,
Amanzi asezulwini ayayaluzela,
Yaye ubangela ukuba amafu anyuke evela* kwezona ndawo zikude emhlabeni.
17 Wonke umntu uziphethe njengomntu ongacingiyo nongenalwazi.
Wonke umnyibilikisi uza kuhlaziswa ngenxa yemifanekiso eqingqiweyo;+
Kuba imifanekiso yakhe yesinyithi ibubuxoki,
18 Ayincedi nganto,*+ ingumsebenzi oyintlekisa.
Xa kufika imini yokuphenduliswa kwayo, iza kutshabalala.
19 Lowo usiSabelo sikaYakobi akafani nezi zinto,
Kuba nguye owadala yonke into,
Yaye uSirayeli ungumsimelelo welifa lakhe.+
Igama lakhe nguYehova wemikhosi.”+
20 “Wena uligqudu lam, isixhobo semfazwe,
Kuba ngawe ndiza kuqhekeza iintlanga.
Ngawe ndiza konakalisa izizwe.
21 Ngawe ndiza kuqhekeza ihashe nomkhweli walo.
Ngawe ndiza kuqhekeza inqwelo yokulwa nomkhweli wayo.
22 Ngawe ndiza kuqhekeza indoda nomfazi.
Ngawe ndiza kuqhekeza ixhego nenkwenkwana.
Ngawe ndiza kuqhekeza umfana nentombi engazange yalala nandoda.
23 Ngawe ndiza kuqhekeza umalusi nomhlambi wakhe.
Ngawe ndiza kuqhekeza umlimi nezilwanyana zakhe.
Ngawe ndiza kuqhekeza abaphathi namasekela-baphathi.
24 Ndiza kuyihlawulisa iBhabhiloni nabo bonke abemi baseKhaledi
Ngazo zonke izinto ezimbi abazenzileyo eZiyon phambi kwamehlo enu,”+ utsho uYehova.
Ndiza kusolulela kuwe isandla sam ndize ndikuqengqe usuke emaweni
Ukuze ndikwenze intaba etshiswe yaphela.”
26 “Akukho litye lokwakha ikona, okanye ilitye lesiseko eliza kuthathwa kuwe,
Kuba uza kutshabalala ngonaphakade,”+ utsho uYehova.
27 “Phakamisani uphawu* elizweni.+
Vuthelani uphondo phakathi kweentlanga.
Khethani* iintlanga eziza kulwa nayo.
Makubizwe izizwe zaseArarati,+ ezaseMini nezaseAshikenazi.+
Miselani igosa lomkhosi eliza kuyihlasela.
Nyusani amahashe njengeenkumbi ezinyakazelayo.
28 Khethani* iintlanga eziza kulwa nayo,
Nookumkani baseMedi,+ abaphathi bayo nawo onke amasekela-baphathi,
Nawo onke amazwe abawalawulayo.
29 Umhlaba uza kunyikima, ungcangcazele,
Kuba iza kwenzeka into ayicingileyo uYehova, ukuhlasela iBhabhiloni,
Ukuze ilizwe laseBhabhiloni libe yinto yokoyikisa abantu, kungabikho mntu uhlala kulo.+
30 Amakroti aseBhabhiloni ayekile ukulwa.
Ahleli kwiindawo zawo ezikhuselekileyo.
Amandla awo aphelile.+
Anjengabafazi.+
Izindlu zayo zitshisiwe.
Imivalo yayo yaphulwe.+
31 Imbaleki iyabaleka ihlangabeza enye,
Nomthunywa uhlangabeza omnye umthunywa,
Bezokuxelela ukumkani waseBhabhiloni ukuba isixeko sakhe sithinjwe macala onke,+
32 Ukuba amazibuko athinjiwe,+
Izikhephe ezenziwe ngompapiri zitshisiwe,
Nokuba amajoni ayatyhwatyhwa.”
33 Kuba uthi uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli:
“Intombi yaseBhabhiloni injengebala lokubhula.
Lixesha lokuba inyathelwe de igangathwe.
Kungekudala liza kufika ixesha lokuvunwa kwayo.”
Undilahlele kude njengesitya esingenanto.
Undiginye njengenyoka enkulu;+
Ugcwalise isisu sakhe ngezinto zam ezithandekayo.
Undichithele kude.
35 ‘Kwanga ubundlobongela obenziwe kum nasemzimbeni wam bungabuyekezwa kwiBhabhiloni!’ utsho umhlali waseZiyon.+
‘Negazi lam malibe phezu kwabantu baseKhaledi!’ itsho iYerusalem.”
36 Ngoko ke uthi uYehova:
Ndiza kulomisa ulwandle lwayo ndize ndiwomise namaqula ayo.+
37 IBhabhiloni iza kuba yimfumba yamatye,+
Indawo yoodyakalashe,+
Into eyoyikekayo nento yokubethelwa umlozi,
Kungabikho mntu uhlala kuyo.+
38 Bonke baza kugquma njengeengonyama.*
Baza kugragrama njengamathole eengonyama.”
39 “Bakuba beshushu, ndiza kubabekela ukutya okuninzi ndize ndibanxilise,
Ukuze bavuye.+
Emva koko baza kuhlala belele,
Abazukuvuka,”+ utsho uYehova.
40 “Ndiza kubahlisa njengamatakane eegusha esiya kuxhelwa,
Neenkunzi zeegusha kunye neebhokhwe.”
41 “Hayi indlela ethinjwe ngayo iSheshaki,*+
Hayi indlela ebanjwe ngayo iNdumiso yawo wonke umhlaba!+
Hayi indlela ethe iBhabhiloni yaba yinto yokoyikisa ngayo iintlanga!
42 Ulwandle luyogqumile iBhabhiloni,
Yogqunywe ngamaza alo amaninzi.
43 Izixeko zayo ziyinto yokoyikisa, ilizwe elingenamanzi neliyintlango.
Ilizwe ekungekho mntu uza kuhlala kulo, nalapho kungekho ndoda iza kudlula.+
Akukho zintlanga ziza kuba ngumsinga ukuya kuye.
Yaye udonga lwaseBhabhiloni luza kuwa.+
Sindisani ubomi benu+ kumsindo kaYehova!+
46 Sanukuphakuzela okanye noyike ngenxa yengxelo eza kuvakala elizweni.
Komnye unyaka kuza kufika ingxelo,
Kufike nenye kunyaka olandelayo,
Engobundlobongela elizweni, nengokulwa kwabalawuli.
47 Ngoko ke jonga! kuza imihla
Apho ndiza kuhlasela imifanekiso eqingqiweyo yaseBhabhiloni.
Ilizwe layo liza kuba neentloni,
Nezidumbu zayo zithi saa kuyo.+
48 Amazulu nomhlaba nazo zonke izinto ezisemazulwini nasemhlabeni
Ziza kutsho ngentswahla yovuyo ngenxa yeBhabhiloni,+
Kuba abaphangi baza kuza kuyo bevela emntla,”+ utsho uYehova.
49 “IBhabhiloni ayingonobangela wokuwa kwababuleweyo bakaSirayeli kuphela,+
Kodwa nababuleweyo bawo wonke umhlaba bawele eBhabhiloni.
50 Nina enisinde ekreleni sanukuma, qhubekani nihamba!+
Mkhumbuleni uYehova nisekude.
Kwanga iYerusalem ingathi qatha entliziyweni yenu.”+
51 “Sihlazisiwe kuba kuhlekiswe ngathi.
Ubuso bethu bogqunywe lihlazo,
Kuba abantu basemzini* bahlasele iindawo ezingcwele zendlu kaYehova.”+
52 “Jonga! kuza imihla,” utsho uYehova,
“Apho ndiza kuhlasela imifanekiso yayo eqingqiweyo,
Yaye kulo lonke ilizwe layo abantu abenzakeleyo baza kugcuma.”+
53 “Kwanokuba iBhabhiloni ingaya emazulwini,+
Nokuba ingade izenze luqilima iindawo zayo ezikhuselekileyo,
Abatshabalalisi abavela kum baza kuza,”+ utsho uYehova.
54 “Yivani! Kukho isikhalo esiphuma eBhabhiloni,+
Isandi sentlekele enkulu esivela kwilizwe lamaKhaledi,+
55 Kuba uYehova uyayitshabalalisa iBhabhiloni,
Uza kulithulisa ilizwi layo elikhulu,
Amaza ayo enze ingxolo njengamanzi amaninzi.
Isandi selizwi layo siza kuviwa.
56 Kuba umtshabalalisi uza kuyifikela iBhabhiloni,+
Amakroti ayo aza kuthinjwa.+
Izaphetha zawo ziza kophulwa,
Kuba uYehova nguThixo wempindezelo.+
Nakanjani na uza kuyihlawulisa.+
57 Ndiza kuzinxilisa iinkokheli zayo nezilumko zayo,+
Abaphathi namasekela-baphathi bayo namakroti ayo,
Yaye baza kuhlala belele,
Abazukuvuka,”+ utsho uKumkani, onguYehova wemikhosi.
58 Uthi uYehova wemikhosi:
“Nangona udonga lwaseBhabhiloni lubanzi, luza kudilizwa ngokupheleleyo,+
Nangona iigeyithi zayo ziphakamile, ziza kutshiswa.
Abantu baza kubulalekela ilize,
Iintlanga ziza kunxapha zizama nje ukukhwezela umlilo.”+
59 La ngamazwi umprofeti uYeremiya awawathetha kuSeraya unyana kaNeriya+ unyana kaMahaseya xa wayehamba noZedekiya ukumkani wakwaYuda besiya eBhabhiloni ngonyaka wesine wokuba ngukumkani kwakhe; uSeraya wayeligosa lendlu. 60 UYeremiya wayibhala encwadini enye yonke intlekele eyayiza kufikela iBhabhiloni, onke la mazwi angokuhlaselwa kweBhabhiloni. 61 UYeremiya waphinda wathi kuSeraya: “Wakuba ufikile eBhabhiloni, wayibona, uze uwafunde onke la mazwi ngokuvakalayo. 62 Emva koko uze uthi, ‘Owu Yehova, wena uthethile wathi ngale ndawo iza kutshatyalaliswa, yaye akuzukubakho mntu uhlala kuyo, nokuba yindoda okanye isilwanyana, yaye iza kutshabalala ngonaphakade.’+ 63 Wakugqiba ukuyifunda le ncwadi, uze uyibophelele elityeni, uyiphose phakathi kumEfrate. 64 Emva koko uze uthi, ‘Le yindlela eza kutshona ngayo iBhabhiloni, ibe ayizukuphinda ivuke+ ngenxa yentlekele endiyizisela yona; kwaye abantu bayo baza kutyhafa.’”+
Aphela apha ke amazwi kaYeremiya.