Eyesibini KaSamuweli
21 Kwabakho indlala+ ngemihla kaDavide kangangeminyaka emithathu ilandelelana. Ngoko uDavide wabuza kuYehova waza uYehova wathi: “Kukho ityala legazi kuSawule nakwindlu yakhe, kuba wawabulala amaGibheyon.”+ 2 Ukumkani wawabiza amaGibheyon+ wathetha nawo. (AmaGibheyon ayengengawo amaSirayeli, kodwa ayengama-Amori+ asalayo, ibe amaSirayeli ayefungile athi akazukuwabulala,+ kodwa uSawule wafuna ukuwaxabela kuba wayenenzondelelo ngabantu bakwaSirayeli nabakwaYuda.) 3 UDavide wathi kumaGibheyon: “Ndinenzele ntoni, yaye ndinganihlawulela ngantoni ukuze nilisikelele ilifa likaYehova?” 4 AmaGibheyon athi kuye: “Le nto iphakathi kwethu noSawule nendlu yakhe, ayifuni silivere okanye golide,+ singenakubulala mntu kwaSirayeli.” UDavide wathi: “Nantoni na eniyitshoyo, ndiza kunenzela yona.” 5 Bathi kukumkani: “Indoda eyasitshabalalisayo neyaceba ukusitshayela singabikho, singahlali nakuwuphi na ummandla wakwaSirayeli,+ 6 masinikwe oonyana bayo abasixhenxe. Izidumbu zabo siza kuzixhoma*+ phambi koYehova eGibheya+ KaSawule, owakhethwa nguYehova.”+ Ngoko ukumkani wathi: “Ndiza kuninika.”
7 Sekunjalo, ukumkani wamvela uMefibhoshete+ unyana kaYonatan unyana kaSawule, ngenxa yesifungo esenziwa phambi koYehova nguDavide noYonatan+ unyana kaSawule. 8 Ngoko ukumkani wathatha uArmoni, uMefibhoshete, oonyana ababini bakaRitspa+ intombi ka-Aya awabazalela uSawule, noonyana abahlanu bakaMikali*+ intombi kaSawule awabazalela uAdriyeli+ unyana kaBharzilayi umMehola. 9 Wabanikela kumaGibheyon, aza wona azixhoma izidumbu zabo entabeni phambi koYehova.+ Bosixhenxe bafa ngaxeshanye, babulawa ngeemini zokuqala zesivuno, ekuqaleni kwesivuno serhasi. 10 Emva koko, uRitspa+ intombi ka-Aya wathatha ilaphu lokwenza ingxowa walandlala phezu kwelitye ukususela ekuqaleni kokuvuna de ezo zidumbu zanethwa yimvula esuka ezulwini, akazange azivumele iintaka zezulu zihlale phezu kwazo emini, okanye amarhamncwa asendle asondele ebusuku.
11 UDavide wayixelelwa into ayenzileyo uRitspa intombi ka-Aya, omnye wabafazi bakaSawule.* 12 Ngoko wahamba waza wawathatha amathambo kaSawule namathambo kaYonatan, unyana wakhe, kwiinkokheli* zaseYabheshe-giliyadi,+ ezaziwabe kwindawo kawonke-wonke yaseBhete-shan, apho amaFilisti ayebaxhome khona ngemini awaxabela ngayo uSawule eGilbhowa.+ 13 Wawazisa amathambo kaSawule namathambo kaYonatan unyana wakhe, yaye baqokelela namathambo amadoda awayebulewe.*+ 14 Emva koko, bawangcwaba amathambo kaSawule nakaYonatan unyana wakhe, kwilizwe lakwaBhenjamin eTsela+ kwingcwaba likaKishe+ utata wakhe. Emva kokuba benze yonke into awayeyiyalele ukumkani, uThixo wabamamela xa babemcenga ngelizwe.+
15 Kwaphinda kwabakho imfazwe phakathi kwamaFilisti noSirayeli.+ Ngoko uDavide nezicaka zakhe behla bayokulwa namaFilisti, kodwa uDavide wadinwa kakhulu. 16 Inzalelwane yamaRefa,+ egama linguIshbhi-bhenobhi, owayenomkhonto wekopolo onobunzima obuziishekele eziyi-300*+ nowayexhobe ngekrele elitsha, wayezimisele ukumxabela uDavide. 17 Ngoko nangoko uAbhishayi+ unyana kaTseruya wamsindisa,+ waza wamxabela loo mFilisti wambulala. Ngelo xesha amadoda kaDavide afunga athi kuye: “Ungaphinde uye nathi edabini!+ Umele ungasicimi isibane sakwaSirayeli!”+
18 Emva koko, kwaphinda kwabakho imfazwe namaFilisti+ eGobhi. Ngelo xesha uSibhekayi+ umHusha waxabela uSafu, owayeyinzalelwane yamaRefa.+
19 Kwaphinda kwabakho imfazwe namaFilisti+ eGobhi, waza uElihanan unyana kaYahare-oregim waseBhetelehem waxabela uGoliyati umGati, owayenomkhonto owawunomphini ofana nomphini wabaluki.+
20 Kwaphinda kwabakho imfazwe eGati, apho kwakukho indoda enkulu ngokungaqhelekanga, ineminwe eyi-6 esandleni ngasinye neenzwane eziyi-6 elunyaweni ngalunye, iyi-24 iyonke, ibe nayo le ndoda yayiyinzalelwane yamaRefa.+ 21 Yayisoloko imngcungcuthekisa uSirayeli.+ Ngoko uYonatan unyana kaShimeyi,+ umntakwaboDavide, wayixabela.
22 Aba bane babeziinzalelwane zamaRefa eGati, yaye bafa bebulawa nguDavide nezicaka zakhe.+