Mika
7 Ndiza kuthi shu! Ndifana nomntu oye wathi
Emva kokuhlanganiswa kwesiqhamo sasehlotyeni
Nokuchola-chola emva kokuvunwa kweediliya,
Akafumana zidiliya anokuzitya,
Akafumana fiya* limnandi alirhalelayo.
Bonke balalela ukuchitha igazi.+
Ngamnye uzingela umntakwabo ngomnatha orhuqwayo.
3 Izandla zabo zinobuchule bokwenza izinto ezimbi.+
Inkosana ifuna izinto ngenkani,
Umgwebi ufuna umvuzo,+
Nosisikhulu uchaza izinto azifunayo,+
Ibe bayasebenzisana.*
4 Oyena ungcono kubo unjengameva,
Oyena uneendlela ezilungileyo kubo uhlaba ngaphezu kothango lwameva.
Imini yoonogada bakho neyokuphenduliswa kwakho iza kufika.+
Ngoku baza kuphakuzela.+
Yilumkele into oyithetha kulowo ulala esifubeni sakho.
6 Kuba unyana udelela utata wakhe,
Intombi ayimthobeli umama wayo,+
Umolokazana uxabana nomazala,+
Iintshaba zomntu ngabantu bendlu yakhe.+
7 Kodwa mna ndiza kuhlala ndijonge kuYehova.+
Ndiza kumlinda ngomonde uThixo ondisindisayo.+
UThixo wam uza kundiva.+
8 Sukundivuyelela lutshabandini* lwam.
Nangona ndiwile, ndiza kuvuka.
Nangona ndihlala ebumnyameni, uYehova uza kuba kukukhanya kwam.
9 Ingqumbo kaYehova ndiza kuyithwala,
Kuba ndimonile,+
De achophele ityala lam aze andigwebe ngobulungisa.
Uza kundizisa ekukhanyeni;
Ndiza kububona ubulungisa bakhe.
10 Notshaba lwam luza kubona,
Nehlazo limogqume lowo wathi kum:
“Uphi na uYehova uThixo wakho?”+
Amehlo am aza kumjonga.
Uza kunyathelwa njengodaka ezitratweni.
12 Ngaloo mini baza kuza kuwe
Bevela eAsiriya nakwizixeko zaseYiputa,
Ukusuka eYiputa ukuya kutsho eMlanjeni,*
Ukusuka elwandle ukuya elwandle nokusuka entabeni ukuya entabeni.+
14 Yalusa abantu bakho ngomsimelelo wakho, umhlambi welifa lakho,+
Lowo ubuhlala wodwa ehlathini, phakathi kwesitiya.
Mawudle eBhashan naseGiliyadi+ njengakwimihla yakudala.
16 Iintlanga ziza kubona zibe neentloni nangona zinamandla.+
Ziza kubeka isandla emlonyeni.
Iindlebe zazo azizukuva.
17 Ziza kukhotha uthuli njengeenyoka.+
Njengezilwanyana ezirhubuluzayo emhlabeni ziza kuphuma zingcangcazela kwiindawo zazo.
Ziza kuza kuYehova uThixo wethu zisoyika,
Yaye ziza kukoyika.”+
18 Ngubani na uThixo onjengawe,
Oxolela isiphoso nodlulayo kwisono+ sabantu abashiyekileyo kwilifa lakhe?+
Akayi kubambelela ngonaphakade kumsindo wakhe,
Kuba uvuyiswa luthando olungagungqiyo.+
19 Uza kusenzela inceba kwakhona;+ uza kuzoyisa* iziphoso zethu.
Wena uza kuziphosa enzulwini yolwandle zonke izono zabo.+