KumaHebhere
4 Ngoko ke ekubeni kusekho isithembiso sokuba siza kungena ekuphumleni kwakhe, masilumke kungabikho mntu kuni uphoswayo siso.+ 2 Kuba iindaba ezilungileyo ziye zashunyayelwa kuthi,+ njengokuba zashunyayelwayo nakubo; kodwa ilizwi abalivayo zange libancede, kuba babengenalukholo lufanayo nolwabo bamamelayo. 3 Kuba thina babonise ukholo siyangena ekuphumleni, kanye njengokuba eye wathi: “Ngoko ndafunga ndinomsindo ndathi: ‘Abazukungena ekuphumleni kwam,’”+ nangona imisebenzi yakhe yayigqitywe kwasekusekweni kwehlabathi.*+ 4 Kuba kwenye indawo wathi ngosuku lwesixhenxe: “UThixo waphumla ngosuku lwesixhenxe kuyo yonke imisebenzi yakhe,”+ 5 yaye uphinda athi kule ndawo: “Abazukungena ekuphumleni kwam.”+
6 Ekubeni kusekho abanye ekusafuneka bengenile koko kuphumla, yaye abo zashunyayelwa kuqala kubo iindaba ezilungileyo bengazange bangene ngenxa yokungathobeli,+ 7 emva kwexesha elide, uphinda abeke usuku oluthile, ngokuthi kwindumiso kaDavide, “namhlanje”; kanye njengokuba kutshiwo ngasentla: “Ukuba niyalimamela ilizwi lakhe namhlanje, sanukuzenza lukhuni iintliziyo zenu.”+ 8 Kaloku ukuba uYoshuwa+ wayebase kwindawo yokuphumla, uThixo ngengazange athethe ngolunye usuku emva koko. 9 Ngoko abantu bakaThixo basalindwe luphumlo lwesabatha.+ 10 Kuba umntu ongene ekuphumleni kukaThixo, uphumle nakwimisebenzi yakhe, kanye njengokuba noThixo waphumlayo kweyakhe.+
11 Ngoko ke masenze konke okusemandleni ethu ukuze singene, ukuze kungabikho mntu ulandela umzekelo wabo bangazange bathobele.+ 12 Kuba ilizwi likaThixo liphilile, linamandla+ yaye libukhali ngaphezu kwalo naliphi na ikrele elibukhali macala,+ lihlaba lide lahlule umphefumlo* nomoya,* namalungu nomongo wawo, yaye liyakwazi ukubona iingcinga nezinto ezifunwa yintliziyo. 13 Akukho sidalwa sifihlakeleyo emehlweni akhe,+ kodwa zonke izinto zize yaye ziyabonakala emehlweni alowo simele siphendule kuye.+
14 Ngoko ekubeni sinombingeleli omkhulu kakhulu, uYesu uNyana kaThixo,+ oye wangena emazulwini, masiqhubeke sishumayela into yokuba sinokholo kuye.+ 15 Umbingeleli omkhulu esinaye uyavelana nobuthathaka bethu,+ kuba naye wavavanywa ngazo zonke iindlela njengathi, kodwa engenasono.+ 16 Ngoko ke, masisondele sinenkululeko yokuthetha kwitrone kaThixo+ osenzela ububele,* ukuze senzelwe inceba nobubele, sitsho sincedakale ngexesha elifanelekileyo.