Eyesibini YeziKronike
19 UKumkani uYehoshafati wakwaYuda wabuyela endlini yakhe eYerusalem ekhuselekile.*+ 2 UYehu+ unyana kaHanani+ imboni waya kudibana noKumkani uYehoshafati waza wathi kuye: “Ngaba umele uncede abenzi-bubi,+ yaye ngaba ufanele uthande abo bamcaphukelayo uYehova?+ Kuba wenze le nto, umcaphukisile uYehova. 3 Kodwa ke, zikhona izinto ezintle ezifunyenweyo kuwe,+ kuba uye wazitshayela iipali ezingcwele* elizweni yaye uyilungisile intliziyo* yakho ukuba ufune uThixo wokwenene.”+
4 UYehoshafati waqhubeka ehlala eYerusalem, yaye waphinda waya ebantwini ukusuka eBher-shebha ukuya kutsho kummandla weentaba wakwaEfrayim,+ ukuze ababuyisele kuYehova uThixo wookhokho babo.+ 5 Wamisela nabagwebi kulo lonke ilizwe kuzo zonke izixeko ezikhuselekileyo zakwaYuda, isixeko nesixeko.+ 6 Wathi kwiijaji: “Yiqwalaseleni into eniyenzayo, kuba anigwebeli mntu, kodwa nigwebela uYehova, yaye unani xa nigweba.+ 7 Moyikeni uYehova.+ Yilumkeleni into eniyenzayo, kuba uYehova uThixo wethu ulilungisa,+ akakhethi buso+ yaye akanyotywa.”+
8 NaseYerusalem, uYehoshafati wabeka abanye abaLevi, ababingeleli nezinye iintloko zezindlu zakwaSirayeli ukuba bagwebele uYehova yaye bachophele amatyala abantu baseYerusalem.+ 9 Wabayalela wathi: “Nantsi into enimele niyenze nisoyika uYehova, nithembekile yaye ninentliziyo epheleleyo: 10 Nanini na abazalwana benu abahlala ezixekweni zabo besizisa ityala elinento yokwenza nokuphalazwa kwegazi+ okanye beze kubuza ngomthetho, ngomyalelo, ngommiselo okanye ngezigwebo, nimele nibalumkise ukuze bangabi natyala kuYehova, kungenjalo nina nabazalwana benu niza kufikelwa ngumsindo wakhe. Nimele nenze loo nto ukuze ningabi natyala. 11 UAmariya umbingeleli oyintloko uza kuphatha zonke izinto zikaYehova.+ UZebhadiya unyana kaIshmayeli yinkokheli yendlu kaYuda kuzo zonke izinto zikakumkani. AbaLevi baza kuba ngamagosa enu. Yomelelani nisebenze, yaye uYehova makabe nabo benza okulungileyo.”+