ILizwi LikaYehova Liphilile
Iimbalasane Zencwadi Yesibini YeziKronike
INGABULA zigcawu yencwadi yeBhayibhile Yesibini yeziKronike iqala uSolomon elawula njengokumkani kwaSirayeli. Le ncwadi iqukumbela ngamazwi awathethwa nguKumkani uKoreshi wasePersi kumaYuda awayethinjwe eBhabhiloni athi: “[UYehova] undimisele ukuba ndimakhele indlu eYerusalem, ekwaYuda. Nabani na ophakathi kwenu ebantwini bakhe bonke, uYehova uThixo wakhe makabe naye. Ngoko makanyuke [aye eYerusalem].” (2 Kronike 36:23) Yagqitywa ngumbingeleli uEzra ngowama-460 B.C.E., le ncwadi igubungela iminyaka engama-500 esusela ngowe-1037 B.C.E. ukusa kowama-537 B.C.E.
UKoreshi wakhupha umyalelo owawugunyazisa ukuba amaYuda abuyele eYerusalem ukuze avuselele unqulo lukaYehova apho. Noko ke, ukuthinjwa kwawo ixesha elide eBhabhiloni kwabangela iingxaki ezininzi. Aba bathinjwa babengasayazi imbali yobuzwe babo. EYesibini yeziKronike yenza amagqabantshintshi ngomlibo wobukhosi bukakumkani uDavide. Le ngxelo ibangel’ umdla nakuthi kuba isichazela iintsikelelo zokuthobela uThixo oyinyaniso nemiphumo yokungamthobeli.
UKUMKANI WAKHELA UYEHOVA INDLU
UYehova unika uKumkani uSolomon isicelo sentliziyo yakhe—ubulumko nolwazi—nobutyebi nozuko. Ukumkani wakhela uYehova indlu ezukileyo eYerusalem, abantu ‘bayavuya yaye bachwayitile ezintliziyweni.’ (2 Kronike 7:10) ‘USolomon uba mkhulu ngakumbi kunabo bonke abanye ookumkani bomhlaba ngobutyebi nangobulumko.’—2 Kronike 9:22.
Emva kokulawula kwaSirayeli iminyaka engama-40, uSolomon ‘ulala kookhokho bakhe, aze uRehobhoham unyana wakhe alawule esikhundleni sakhe.’ (2 Kronike 9:31) UEzra akayibhali ingxelo yokuphambuka kukaSolomon kunqulo lokwenyaniso. Ekuphela kweempazamo azikhankanyayo zikakumkani kukuzifunela kwakhe amahashe amaninzi eYiputa nokutshata intombi kaFaro. Ngoko uEzra ubhala ingxelo yezinto ezakhayo.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
2:14—Kutheni umlibo wengcibi ochazwe apha wahlukile kulowo ukweyoku-1 yooKumkani 7:14? Eyokuqala yooKumkani ibhekisela kunina wengcibi ‘njengomfazi ongumhlolokazi wesizwe sakwaNafetali’ kuba wayetshate nendoda yeso sizwe. Noko ke, yena wayeyintombi yesizwe sakwaDan. Emva kokufa komyeni wakhe, watshata nendoda yaseTire, ibe loo nyana wakhe wayeyingcibi wamfumana kuloo mtshato.
2:18; 8:10—Ezi ndinyana zithi amasekela nabaphathi ababevelela abasebenzi babe ngama-3 600 kunye nama-250, ngoxa eyoku-1 yooKumkani 5:16; 9:23 isithi, babe ngama-3 300 kunye nama-550. Kutheni ahlukile nje la manani? Kubonakala ngathi lo mahluko ukwindlela awayelungelelaniswe ngayo la masekela. Mhlawumbi eYesibini yeziKronike yohlula ama-3 600 amasekela awayengengomaSirayeli kumasekela angama-250 akwaSirayeli, ngoxa eYokuqala yooKumkani isahlula abaveleli abangama-3 300 kubaphathi abaziintloko abangama-550 ababekuluhlu olungentla. Enoba kwakunjani na isimbuku sabo babekhonza njengamasekela babengama-3 850.
4:2-4—Kwakutheni ukuze sakhiwe ngeenkunzi zenkomo isiseko solwandle lwegilasi? EZibhalweni, iinkunzi zenkomo zifuzisela amandla. (Hezekile 1:10; ISityhilelo 4:6, 7) Iinkunzi zenkomo zazifanelekile kuba iinkunzi zobhedu ezili-12 zazixhasa “ulwandle” olukhulu olwalunobunzima obumalunga neetoni ezingama-30. Ukwenziwa kwezi nkunzi zenkomo kwakungangqubani nomthetho wesibini, owawusalela kuphela ukwenziwa kwemifanekiso eqingqiweyo ngenjongo yokuyinqula.—Eksodus 20:4, 5.
4:5—Lwalungena amanzi angakanani olu lwandle lwegilasi? Xa luzele ngamanzi lwalunokungena iibhafu ezingamawaka amathathu okanye malunga neelitha ezingama-66 000. Noko ke, ngokuqhelekileyo lalidla ngokungena amanzi akumyinge wesibini esithathwini. Eyokuqala yooKumkani 7:26 ithi: “[Ulwandle] lwalunokuqulatha umlinganiselo weebhafu ezingamawaka amabini [iilitha ezingama-44 000].”
5:4, 5, 10—Ziziphi iimpahla zomnquba ezaye zasetyenziswa nasetempileni kaSolomon? Ekuphela kwento eyayisetyenziswa kwitempile kaSolomon eyayikho nasententeni yayiyiTyeya. Emva kokwakhiwa kwetempile, umnquba walandwa eGibheyon wasiwa eYerusalem wagcinwa apho.—2 Kronike 1:3, 4.
Oko Sikufundayo:
1:11, 12. Isicelo esenziwa nguSolomon kuYehova sibonisa ukuba, ubulumko nolwazi yayizizinto awayezixabisa ukumkani. Imithandazo yethu kuThixo ibonisa oko kusezintliziyweni zethu. Kuya kuba kuhle ukuba sicingisise ngendlela esithandaza ngayo nangezo zinto sizithandazelayo.
6:4. Umbulelo osuka entliziyweni ngenxa yobubele bothando nokulunga kukaYehova ufanele usenze simdumise—oko kuthetha ukuba simdumise ngothando nombulelo.
6:18-21. Nangona singekho isakhiwo anokuhlala kuso uThixo, itempile yayiza kuba sisazulu sokunqula uYehova. Namhlanje, iiHolo zoBukumkani zamaNgqina kaYehova zizazulu zonqulo lokwenyaniso ekuhlaleni.
6:19, 22, 32. UYehova wayekwazi ukuva bonke abantu xa bethandaza—ukususela kukumkani ukusa koyena mntu uphantsi wohlanga—nkqu nomphambukeli xa ethandaza kuye ngokunyanisekileyo.a—INdumiso 65:2.
UKULANDELELANA KOOKUMKANI BOMLIBO KADAVIDE
Ubukumkani obumanyeneyo bakwaSirayeli buyahlulwa bube ziinxalanye ezimbini—ubukumkani bangasentla bezizwe ezilishumi nobukumkani bangezantsi bezizwe ezibini isizwe sakwaYuda nesakwaBhenjamin. Ababingeleli nabaLevi kuye wonke uSirayeli banyaniseka kumnqophiso woBukumkani kunakwisizwe sabo ngaloo ndlela baxhasa unyana kaSolomon uRehobhoham. Ngaphezu kweminyaka engama-30 emva kokuba igqityiwe ukwakhiwa, itempile iphangwa ubuncwane bayo.
Kookumkani abali-19 abalandela emva koRehobhoham, ba-5 kuphela abaye bathembeka, aba-3 baqala kakuhle baza abathembeka, omnye waguquka kwikhondo lakhe elingendawo. Abanye abalawuli benza okubi emehlweni kaYehova.b Inkonzo yookumkani abahlanu abathembela kuYehova iyabethelelwa. Ingxelo kaHezekiya yokuhlaziywa kwetempile nePasika enkulu eyalungiselelwa nguYosiya zimele ukuba zawakhuthaza kakhulu amaYuda awayenomdla wokuvuselelwa konqulo lukaYehova eYerusalem.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
13:5—Lithetha ntoni ibinzana elithi “umnqophiso wetyuwa”? Ngenxa yokukwazi kwayo ukugcina izinto zingaboli, ityuwa ifuzisela ukungonakali. Ngaloo ndlela, “umnqophiso wetyuwa,” ufuzisela isivumelwano esibophelelayo.
14:2-5; 15:17—Ngaba uKumkani uAsa wazisusa zonke “iindawo eziphakamileyo”? Kuyabonakala ukuba akazange enjenjalo. Mhlawumbi uAsa wasusa ezo kwakunqulelwa kuzo oothixo bobuxoki waza akazisusa ezo abantu babenqulela uYehova kuzo. Okanye kusenokwenzeka ukuba iindawo eziphakamileyo zaphinda zakhiwa ngasekupheleni kolawulo lwakhe. Ezo ndawo zasuswa ngunyana wakhe uYehoshafati. Iindawo eziphakamileyo azizange ziphele nya, kwanangexesha likaYehoshafati.—2 Kronike 17:5, 6; 20:31-33.
15:9; 34:6—Senza ntoni isizwe sakwaSimeyon xa kwakusohlulwa ubukumkani bakwaSirayeli? Ekubeni safumana ilifa lomhlaba phakathi kwesizwe sakwaYuda, isizwe sakwaSimeyon safumana iziqwenga zomhlaba kwisizwe sakwaYuda nesakwaBhenjamin. (Yoshuwa 19:1) Noko ke, kumba wonqulo nakwezopolitiko isizwe sakwaSimeyon sema ngakubukumkani bangasentla. (1 Kumkani 11:30-33; 12:20-24) Ngenxa yeso sizathu, isizwe sakwaSimeyon sasibalwa nobukumkani bezizwe ezilishumi.
16:13, 14—Ngaba isidumbu sika-Asa satshiswa? Akazange atshiswe, “babasa umlilo omkhulu ngokungaqhelekanga womngcwabo” lo mlilo awubhekiseli ekutshisweni komzimba ka-Asa, kodwa ubhekisela ekutshisweni kweziqholo.—Umbhalo osemazantsi weNW eneembekiselo.
35:3—Wayeyithatha phi iTyeya engcwele uYosiya eyeziswa etempileni? Enoba iTyeya yafuduswa ngaphambilana ngomnye wookumkani abangendawo okanye yafuduswa nguYosiya ukuze ikhuseleke xa kwakuhlaziywa itempile, ayisixeleli iBhayibhile. Ekuphela kwesihlandlo ekhankanywa kuso iTyeya emva kwemihla kaSolomon kuxa uYosiya wayizisa etempileni.
Oko Sikufundayo:
13:13-18; 14:11, 12; 32:9-23. Esinjani isifundo esinokusifunda ngokubaluleka kokukholosa ngoYehova!
16:1-5, 7; 18:1-3, 28-32; 21:4-6; 22:10-12; 28:16-22. Ukwakha ubuhlobo nabantu basemzini okanye nabantu abangakholwayo kuba nemiphumo ebuhlungu. Sakuba silumkile ukuba siphepha naluphina unxulumano olungeyomfuneko nabantu behlabathi.—Yohane 17:14,16; Yakobi 4:4.
16:7-12; 26:16-21; 32:25, 26. Ikratshi labangela uKumkani uAsa waziphatha kakubi ekuzeni kuphela kolawulo lwakhe. Ikratshi lakhokelela ekuweni kukaUziya. UHezekiya wenza ngobudenge mhlawumbi wayeqhutywa likratshi xa wabonisa igqiza laseBhabhiloni ubutyebi bakhe. (Isaya 39:1-7) IBhayibhile ilumkisa isithi: “Ikratshi liphambi kokuwa, yaye umoya wekratshi uphambi kokukhubeka.”—IMizekeliso 16:18.
16:9. UYehova uyabanceda abo bantliziyo ziphelele kuye, yaye ukulungele ukusebenzisa amandla akhe ngenxa yabo.
18:12, 13, 23, 24, 27. NjengoMikaya, sifanele sikhaliphe size somelele xa sithetha ngoYehova neenjongo zakhe.
19:1-3. UYehova ukhangela izinto ezintle kuthi nangona sikhe senze izinto ezimcaphukisayo maxa wambi.
20:1-28. Sinokuba nentembelo yokuba siyakumfumana uYehova ukuba sifuna ulwalathiso kuye ngokuthobeka.—IMizekeliso 15:29.
20:17. Ukuze ‘silubone usindiso lukaYehova,’ kufuneka ‘sizimise’ ngokuxhasa uBukumkani bukaThixo. Kunokuba sizame ukuzilungisa ngokwethu izinto, kufuneka ‘sime ngxi,’ size sikholose ngoYehova ngokupheleleyo.
24:17-19; 25:14. Kuyabonakala ukuba uYehowashe nonyana wakhe uAmatsiya babanjiswa ngumgibe wonqulo zithixo. Nanamhlanje, unqulo zithixo lunokuba ngumgibe, ngokukodwa xa luziveza ngeendlela ezichuliweyo njengokunyoluka nokuthanda ubuzwe.—Kolose 3:5; ISityhilelo 13:4.
32:6, 7. Nathi simele sikhaliphe size somelele njengoko ‘sisambatha sonke isikrweqe sikaThixo’ ukuze silwe imfazwe yomoya.—Efese 6:11-18.
33:2-9, 12, 13, 15, 16. Umntu ubonisa inguquko yokwenene ngokuliyeka ikhondo elingafanelekanga aze enze umgudu wokwenza oko kulungileyo. Ngenxa yenguquko yokwenene, kwanomntu oye wenza izinto ezingendawo njengoKumkani uManase angenzelwa inceba nguYehova.
34:1-3. Amava abuhlungu esiye satyhubela kuwo ngoxa sasisengabantwana asifanele siwavumele asithintele singamazi uThixo size singamkhonzi. Impembelelo entle eyafunyanwa nguYosiya xa wayeselula kusenokwenzeka ukuba yayivela kuyisemkhulu owayeguqukile uManase. Nayiphi na impembelelo entle eyafunyanwa nguYosiya imele ukuba ekugqibeleni yavelisa iziphumo ezihle. Into efanayo inokwenzeka nakuthi.
36:15-17. UYehova unemfesane nomonde. Noko ke, imfesane nomonde wakhe ziyaphela. Abantu bamele basabele kakuhle kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani ukuze basinde xa uYehova esizisa isiphelo kule nkqubo yezinto ingendawo.
36:17, 22, 23. Ilizwi likaYehova lisoloko liyinyaniso.—1 Kumkani 9:7, 8; Yeremiya 25:9-11.
Incwadi Yamenza Wenza Okuthile
Eyesi-2 yeziKronike 34:33 ithi: “UYosiya washenxisa zonke izinto ezicekisekayo kuwo onke amazwe oonyana bakaSirayeli, yaye wenza ukuba bonke ababefunyanwa kwaSirayeli bakhonze, ukuba bakhonze uYehova uThixo wabo.” Yintoni eyaqhuba uYosiya ukuba enze oku? Xa uShafan owayengunobhala weza nencwadi yoMthetho kaYehova eyayisandul’ ukufunyanwa kuKumkani uYosiya, ukumkani wayalela ukuba ifundwe esidlangalaleni. UYosiya wachukunyiswa kakhulu koko akuvayo kangangokuba wakhuthaza unqulo olunyulu ngenzondelelo ubomi bakhe bonke.
Xa sifundisisa iLizwi likaThixo size sicamngce ngezinto esizifunda kulo oko kunokusiphembelela ngokunzulu. Ngaba ukuhla amahlongwane ookumkani bomlibo kaDavide akusikhuthazi ukuba sixelise umzekelo wabo bakholosa ngoYehova size siphephe ihambo yabo baye abathembeka? EYesibini yeziKronike isikhuthaza ukuba sizinikele ngokupheleleyo kuThixo size sihlale sithembekile kuye. Ngokuqinisekileyo isigidimi sayo siphilile kwaye sinamandla.—Hebhere 4:12.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ukuze ufunde ngemibuzo ephathelele ukunikezelwa kwetempile nezinye izifundo eziqulethwe ngumthandazo kaSolomon ngeso sihlandlo, bona IMboniselo, kaJulayi 1, 2005, iphepha 28-31.
b Ukuze ufumane uludwe lomlibo wookumkani bakwaYuda, bona IMboniselo, Agasti 1, 2005, iphepha 12.
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Ngaba uyasazi isizathu sokuba kwasetyenziswa iinkunzi zenkomo xa kwakusenziwa isiseko solwandle lwegilasi?
[Imifanekiso ekwiphepha 21]
Nangona wafumana uncedo olungephi xa wayengumntwana, uYosiya wathi akuba mdala wathembeka kuYehova