Kubalisa uMarko
12 UYesu wathetha nabo esebenzisa imizekelo, esithi: “Kwakukho umntu owatyala imithi yeediliya,+ wayibiyela, wemba isixovulelo sewayini, wakha nenqaba.+ Emva koko, waqeshisa ngaloo ntsimi kubalimi, waza waya kwelinye ilizwe.+ 2 Ngexesha lokuvuna wathuma ikhoboka ukuba liyokuthatha ezakhe iziqhamo kwaba balimi. 3 Kodwa balibamba, balibetha, baza baligxotha lingaphethanga nto. 4 Waphinda wathuma elinye ikhoboka; lona balibetha entloko baza balithuka.+ 5 Wathuma nelinye; balibulala. Wathuma namanye amaninzi; amanye kulawo bawabetha, amanye bawabulala. 6 Emva koko, umnikazi wentsimi wathuma unyana wakhe amthandayo+ kwaba balimi, esithi, ‘Baza kumhlonipha unyana wam.’ 7 Kodwa abo balimi bathi, ‘Nantsi indlalifa.+ Yizani siyibulale sitsho sifumane ilifa layo.’ 8 Ngoko bambamba, bambulala, baza bamphosa ngaphandle kwentsimi.+ 9 Uza kwenza ntoni ke umnikazi wentsimi? Uza kufika ababulale abo balimi aze ayinike abanye loo ntsimi.+ 10 Zange nisifunde na isibhalo esithi, ‘Ilitye elalingafunwa ngabakhi liye laba lilitye lekona eliyintloko’?+ 11 Zange nifunde na ukuba ‘Le nto yenziwe nguYehova,* ibe iyamangalisa kuthi’?”+
12 Babefuna ukumbamba, kuba babeqonda ukuba uthetha ngabo, kodwa besoyika abantu ababelapho. Ngoko bamyeka, bahamba.+
13 Emva koko bathumela kuye abanye babaFarisi nabanye babalandeli bakaHerode, ukuze bambambise ngezinto azithethayo.+ 14 Bakufika bathi kuye: “Mfundisi, siyazi ukuba uthetha inyani, ibe awuzicengezeli mntwini kuba awukhethi buso, kodwa ufundisa inyani ngoThixo. Kusemthethweni* na ukubhatala irhafu* kuKesare? 15 Simele siyibhatale okanye singayibhatali?” Eqonda ukuba bayahanahanisa,* wathi kubo: “Kutheni nindilinga nje? Ndiboniseni idenariyo.”* 16 Bambonisa, waza wathi kubo: “Ngokabani lo mfanekiso nalo mbhalo?” Bathi: “NgokaKesare.” 17 Ngoko uYesu wathi: “Buyiselani izinto zikaKesare kuKesare,+ kodwa izinto zikaThixo kuThixo.”+ Yabamangalisa le nto.
18 Kweza abaSadusi, ababesithi alukho uvuko,+ bathi:+ 19 “Mfundisi, uMoses wasibhalela wathi ukuba umntu ufelwa ngumntakwabo, eshiya umfazi ngasemva kodwa engenabantwana, loo mntu umele atshate loo mfazi aze azalele umntakwabo abantwana.+ 20 Kwakukho oonyana bomntu omnye abasixhenxe. Owokuqala waba nomfazi, kodwa wasweleka engenabantwana. 21 Nowesibini watshata loo mfazi, kodwa naye wasweleka engenabantwana, kwaba njalo nangowesithathu. 22 Bosixhenxe zange babe nabantwana. Ekugqibeleni, naloo mfazi wasweleka. 23 Xa kuvuswa abafileyo, uza kuba ngumfazi kabani? Kuba wayengumfazi wabo bosixhenxe.” 24 UYesu wathi kubo: “Niphazama kuba ningazazi kakuhle iZibhalo namandla kaThixo.+ 25 Kuba xa bevuswa ekufeni, amadoda awazukutshata nabafazi abazukutshatiswa, kodwa baza kuba njengeengelosi ezisemazulwini.+ 26 Anizange nifunde na ngokuvuswa kwabafileyo kwincwadi kaMoses ethetha ngetyholo elinameva, ukuba uThixo wathi kuye: ‘NdinguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake noThixo kaYakobi’?+ 27 AkangoThixo wabafileyo, kodwa ngowabaphilayo. Nenza impazamo enkulu.”+
28 Omnye wababhali owayelapho, nowevayo xa bephikisana, esazi ukuba uYesu ubaphendule kakuhle, wambuza wathi: “Nguwuphi umyalelo wokuqala* kuyo yonke?”+ 29 UYesu waphendula wathi: “Owokuqala uthi, ‘Mamela Sirayeli, uYehova* uThixo wethu nguYehova* mnye, 30 ibe umele umthande uYehova* uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke, ngomphefumlo* wakho wonke, ngengqondo yakho yonke nangamandla akho onke.’+ 31 Owesibini uthi, ‘Umele umthande ummelwane wakho ngendlela ozithanda ngayo nawe.’+ Awukho omnye umyalelo omkhulu kunale.” 32 Lo mbhali wathi kuye: “Mfundisi, uthetha kamnandi, ibe uthetha inyaniso, ‘UThixo mnye, ibe akekho omnye ngaphandle kwakhe’;+ 33 ibe ukumthanda ngentliziyo yakho yonke, ngengqondo yakho yonke, nangamandla akho onke, nokuthanda ummelwane wakho ngendlela ozithanda ngayo nawe, kubaluleke kakhulu kunayo yonke iminikelo etshiswa ngokupheleleyo nemibingelelo.”+ 34 UYesu wamva ukuba uphendule ngobulumko, wathi kuye: “Awukudanga eBukumkanini bukaThixo.” Emva koko, akukho mntu waba nesibindi sokuphinda ambuze.+
35 UYesu waqhubeka efundisa etempileni esithi: “Kwenzeka njani ukuba ababhali bathi uKristu ngunyana kaDavide?+ 36 Kaloku, eqhutywa ngumoya oyingcwele,+ uDavide wathi, ‘UYehova* wathi eNkosini yam: “Hlala ngasekunene kwam de iintshaba zakho ndizenze zibe yindawo yokubeka iinyawo zakho.”’+ 37 UDavide ngokwakhe umbiza ngokuthi Nkosi, ngoko kwenzeka njani ukuba abe ngunyana wakhe?”+
Abo bantu baninzi babelapho babemmamele ngomdla. 38 Waqhubeka ebafundisa esithi: “Balumkeleni ababhali abathanda ukuhamba-hamba ngemiwunduzo, befuna ukubuliswa ngembeko kwiindawo ekuthengiswa kuzo,+ 39 bethanda ukuhlala kwizihlalo eziphambili* kwizindlu ekukhonzelwa kuzo,* nakwiindawo zabona bantu babalulekileyo kwizidlo zangokuhlwa.+ 40 Baxhaphaza abahlolokazi bebathathela izinto zabo, besenza nemithandazo emide kuba nje befuna ukubonwa ngabantu. Baza kugwetywa ngaphezu kwabanye abantu.”
41 UYesu wahlala ngakwiibhokisi zemali,+ wabukela abantu befaka imali kuzo, nezityebi zifaka imali eninzi.+ 42 Kweza nomhlolokazi olihlwempu, wafaka iisentana ezimbini ezinexabiso elincinci kakhulu.*+ 43 Ngoko wabiza abafundi bakhe, wathi kubo: “Ndiyaniqinisekisa ukuba, lo mhlolokazi ufake imali eninzi ngaphezu kwabo bonke aba abantu.+ 44 Kaloku bonke bathathe kwimali eshiyekileyo, kodwa yena, ehlupheka enjalo, unikele ngayo yonke imali anayo, imali yakhe yokugqibela.”+