Eyokuqala KwabaseTesalonika
4 Okokugqibela bazalwana, siyanicela ngeNkosi uYesu ukuba, laa ndlela saniyalela ukuba nihambe ngayo ukuze nivuyise uThixo,+ njengokuba nisenza, niqhubeke nihamba ngayo nangaphezulu. 2 Kuba niyayazi imiyalelo esaninika yona egameni leNkosi uYesu.
3 Kaloku ukuthanda kukaThixo kukuba nibe ngcwele+ nize nikuphephe ukuziphatha kakubi ngesondo.*+ 4 Ngamnye wenu umele akwazi ukulawula umzimba wakhe+ ukuze awugcine ungcwele+ yaye unesidima, 5 anganyolukeli isondo+ ngendlela engalawulekiyo njengokuba zisenza iintlanga ezingamaziyo uThixo.+ 6 Makungabikho mntu wenza into engafanelekanga aze amoshe umzalwana wakhe ngokwenza ezo zinto, kuba uYehova* uza kubohlwaya abantu abazenzayo, kanye njengokuba sasinixelele sinilumkisa kakhulu. 7 Kaloku uThixo akasibizelanga ukungcola, kodwa usibizele ukuba sibe ngcwele.+ 8 Ngoko umntu oyidelelayo le miyalelo, akadeleli abantu, kodwa udelela uThixo,+ oninika umoya wakhe oyingcwele.+
9 Kodwa ke, akukho mfuneko yokuba sinibhalele ukuba nithande abazalwana benu,+ kuba uThixo unifundisile ukuba nithandane.+ 10 Enyanisweni niyayenza le nto kubo bonke abazalwana baseMakedoni. Kodwa siyanicela bazalwana ukuba niqhubeke niyenza nangaphezulu. 11 Zimiseleni ukuziphilela ngoxolo,+ ningagxuphuleki kwizinto zabanye abantu,+ nisebenze ngezandla zenu,+ kanye njengokuba saniyalelayo, 12 ukuze niziphathe kakuhle phambi kwabantu,+ kungabikho nto niyidingayo.
13 Ngaphezu koko, bazalwana, asifuni ningazi nto ngabo baye bafa,*+ ukuze ningabi buhlungu njengabantu abangenathemba.+ 14 Kaloku ukuba siyakholelwa ukuba uYesu wafa, waphinda wavuka,+ ngendlela efanayo uThixo uza kubavusa abo balele ekufeni bengabalandeli bakaYesu ukuze babe kunye naye.+ 15 Kuba into esinixelela yona esuka kwilizwi likaYehova* kukuba, thina baza kuba besaphila ngexesha lobukho beNkosi asizukuvuswa kuqala kunabo balele ekufeni; 16 kuba iNkosi iza kwehla ngokwayo ivela ezulwini, ikhwaze ngelizwi lomphathi weengelosi+ nangexilongo likaThixo, yaye abo bafe bemanyene noKristu baza kuvuka kuqala.+ 17 Emva koko thina baphilayo bashiyekileyo, siza kunyuka ngamafu+ siyokudibana neNkosi+ esibhakabhakeni, size ke sihlale sikunye nayo.+ 18 Ngoko ke hlalani nithuthuzelana ngaloo mazwi.