IiNdumiso
Kumalathisi. Ingoma emnandi kaDavide, xa uNatan umprofeti weza kuDavide emva kokuba eye walala noBhatshebha.+
51 Owu yhini Thixo, ndenzele inceba ngenxa yothando lwakho olungagungqiyo.+
Zicime izono zam ngenxa yenceba yakho eninzi.+
Ngoko ke undigweba ngobulungisa
Ibe isigwebo sakho sifanelekile.+
7 Ndisulungekise esonweni ngehisope, ukuze ndicoceke;+
Ndihlambe, ukuze ndibe mhlophe ngaphezu kwekhephu.+
10 Owu yhini Thixo, dala ngaphakathi kum intliziyo esulungekileyo,+
Uze undifake umoya omtsha,+ ongagungqiyo.
11 Sukundilahlela kude;
Ungawususi nomoya wakho oyingcwele kum.
14 Ndisindise ekubeni netyala legazi,+ owu yhini Thixo, Thixo ondisindisayo,+
Ukuze ulwimi lwam lubalise luvuya ngobulungisa bakho.+
16 Kuba awufuni mibingelelo; ukuba ubuyifuna bendiza kuyenza;+
Awukholiswa yiminikelo etshiswa ngokupheleleyo.+
17 Imibingelelo ayithandayo uThixo ngumoya owaphukileyo;
Owu Thixo, wena awuzukuyinikela umva* intliziyo eyaphukileyo netyumkileyo.+
18 Yiba nobubele kwiZiyon;
Yakha iindonga zeYerusalem.