Into Engenakukhukuliswa Naziinkqwithela
NGABABHALI BAKAVUKANI! EJAMANI, EOSTRIYA, EMEXICO, NASEKOREA
EBUDENI bowama-2002, iintlekele ezibangelwa yimozulu zagqugqisa kumazwe amaninzi. IYurophu yahlaselwa luthotho lwezikhukula ezitshabalalisayo. Kwimimandla ethe qelele yomhlaba, eMexico kwagaleleka isitshingitshane esivuthuzayo ngoxa iKorea yayithwaxwa yinkanyamba. Nakuba ezi ziganeko zazibangela iintlekele, kwelinye icala zalomeleza umanyano lothando lwamaKristu okwenyaniso.
Emva kwezikhukula zowama-2002 eYurophu, owayesakuba ngumlawuli weNtshona Jamani uHelmut Schmidt wabuzwa indlela anokuncedwa ngayo amaxhoba. Wathi: “Abantu bafuna ukutya nendawo yokufihl’ intloko, kufuneka banikwe nemali yaye banyanyekelwe ngokomoya.” AmaNgqina kaYehova aba negalelo elibalulekileyo ekuncedeni amaxhoba ezo nkqwithela ngokwenyama nangokomoya. Cinga ngoncedo lwawo eJamani, eOstriya, eMexico naseKorea.
Amatsha-ntliziyo EJamani
Kwathi kwakuvakala ukuba kukho intlekele yezikhukula ezayo, amaNgqina kaYehova amaninzi aseJamani asebenzisana nabantu balapho ukuze kuthintelwe umonakalo wezo zantyalantyala zamanzi. UKathleen ohlala eDresden, noneminyaka eli-19 ubudala uthi: “Ndandingenakuhlala nje ndisonge izandla. Ndathi ndakuva ukuba kukho abantu abasengxakini yokuphulukana nezinto zabo, ndahamba ndaya kunceda.”
AmaNgqina aseJamani ahlanganisana ukuze anikele uncedo ngokukhawuleza. NjengamaKristu, ayevakalelwa kukuba amele ancede ngokukhethekileyo abazalwana noodade bawo bokomoya. Kodwa, abonakalisa uthando nakubamelwane bawo. (Marko 12:31) Ngoko ke, amatsha-ntliziyo angaphezu kwama-2 000 ahlulwa-hlulwa aba ngamaqela, ngalinye lanabantu abasi-8 nabali-12, yaye qela ngalinye labelwa umsebenzi othile kuloo mmandla unentlekele. Kwiofisi yesebe lamaNgqina kaYehova eseSelters, eJamani, kwalungiselelwa iminxeba eli-13 ukuze yamkele amawaka eminxeba eyayivela kubantu ababefuna ukuqonda ngaloo ntlekele nendlela abanokunceda ngayo.
URonnie noDina ngabalungiseleli bexesha elizeleyo bamaNgqina kaYehova, abachitha ixesha labo benceda abahlobo nabamelwane ukuba bafunde inyaniso yeBhayibhile. Bathi bakuva ngezikhukula ezizayo, baqala kwisixeko saseDresden ukuze bafak’ isandla kwimigudu yokuhlangula izakhiwo ezibalulekileyo kwimbali yelo. Athi akuthotha loo manzi uRonnie noDina baya kuncedisa amanye amaNgqina ekucoceni iHolo yoBukumkani yaseFreital, eyayigwantye emanzini amdaka. Emva koko elo qela lanceda abamelwane balo. Umnini wevenkile yokutyela emelene neholo yawo wavuya gqitha emva kokuba amaNgqina egutyule ukungcola nodaka kwigumbi elingaphantsi nakumgangatho wokuqala wevenkile yakhe.
USiegfried noHannelore bahlala eColmnitz, idolophana emalunga neekhilomitha ezingama-40 kumazantsi-ntshona eDresden. Umfula onqumla kuloo dolophana waphuphuma, aza amanzi agubungela izindlu nezitiya zalapho. Akuba ewuthile amanzi, abamelwane bamangaliswa kukugaleleka kwamaNgqina amalunga nama-30, awayengahlali apho, eze kunceda ekucoceni ikhaya likaSiegfried noHannelore. Emva koko, elo qela laqalisa ukucoca izitiya zabamelwane. Baliqela abantu balapho ababuza isizathu sokuba ahambe iikhilomitha ezili-100 eze kunceda abantu angazange ababone. Oko kwenza amaNgqina akwazi ukomeleza loo maxhoba aseColmnitz ngokomoya.
Namahlomela-dolophu aseWittenberg akazange asinde kwezi zikhukula. Ngaphambi kokuba zifike ezo zikhukula, esinye isibini esingamaNgqina uFrank noElfriede bachitha iintsuku eziliqela besebenza nabamelwane babo bezalisa iingxowa ngesanti baza bazifumba elunxwemeni ukuze bathintele amanzi omlambo. Emva kokuwutha kwaloo manzi, uFrank noElfriede batyelela amaxhoba, bewaphathele ukutya yaye bewathuthuzela. UFrank uthi: “Eliny’ inenekazi lalingayikholelwa into yokuphathelwa ukutya ngabantu elingabaziyo ngaphandle kwentlawulo. Lasixelela ukuba kwicawa yalo akukho mntu ukhe weza kulibona. Yaye intlangano eyayilizisela ukutya yayilihlawulisa ngesidlo ngasinye. Abantu babemangalisiwe kukubona amaNgqina kaYehova ephethe ukutya endaweni yokuphatha uncwadi lweBhayibhile.”
IOstriya—Isabela Ngokukhawuleza Kwintlekele
Izikhukula zatshabalalisa nakwilizwe elisebumelwaneni laseOstriya. Kwasekwa iikomiti ezintathu ukuze zongamele loo msebenzi wokunikela uncedo. Into yokuqala yaba kukulungisa iiHolo zoBukumkani ezintathu ezazonakele gqitha. Kwakhona, ezo zikhukula zachaphazela iintsapho zamaNgqina ezimalunga ne-100, zaza zahlasela izindlu ezingama-50. Amanye aphulukana nento yonke, asala nempahla esemzimbeni kuphela. Iofisi yesebe yaseOstriya yachazela amabandla alapho ngale meko, kwaza kwasekwa ingxowa-mali yoncedo. NgoSeptemba kwakusele kunikelwe imali engaphezu kwee-R275 000.
Omnye umama wabhala wathi: “Unyana wam oneminyaka esi-8 ubudala akafane asafaze ngemali yaye wayezongele imali emalunga nee-R115. Kodwa, wathi akuva ngabazalwana bethu abalahlekelwe zizinto zabo zonke, wanikela ngayo yonke loo mali kulo ngxowa-mali.”
Ngaphantsi kolwalathiso lweeKomiti Zokwakha Zenqila, ezongamela ukwakhiwa kweeHolo zoBukumkani zamaNgqina kaYehova, kwalungiselelwa amaqela aza kunceda ekulungiseni loo makhaya onakaliswe zizikhukula. Omnye umntu owayebukele oko wathi: “Amaphephandaba afanele akupapashe oku nikwenzayo apha.” Abanye baguqula nendlela abawajonga ngayo amaNgqina kaYehova. Omnye umzali oliNgqina uthi: “Abantwana bam, abangengomaNgqina, bebekade bengandiphulaphuli xa ndithetha nabo ngeenkolelo zam. Kodwa ngoku bayaphulaphula!”
Kwenziwa namalungiselelo okunceda abo bangengomaNgqina. Ngokomzekelo, elinye ibhinqa lachukumiseka gqitha xa kwafika endlwini yalo elinye iNgqina nge-7:30 kusasa, labuza enoba lalifuna uncedo kusini na. Elo bhinqa kwafuneka lifuduswe njengoko amanzi ayeqalisa ukungena endlwini yalo. Noko ke, ukubuya kwalo lafumana iphetshana elashiywa ngamaNgqina kwisango legadi yalo. Kulo kwakubhalwe kwathiwa: “Ukuba ufuna uncedo, sicela usazise ngokukhawuleza.” AmaNgqina alinceda acoca indlu aza agutyula yonke imfungumfungu eyayikwiyadi yalo.
Iqela lamaNgqina ali-100 laya kwilokishi yaseAu ukuze lincede amaNgqina alapho nabamelwane bawo. Abo babekhokela loo maqela babengena kwindlu ngendlu bebuza abantu abafuna ukuncedwa. Abantu bamangaliswa kukubona amaNgqina esiza nezixhobo zokugutyula amanzi nokucoca, iimpompo, imitshayelo nemihlakulo. Umsebenzi ngokuqhelekileyo ababenokuwenza ngeveki abaninimzi wagqitywa kwisithuba nje seeyure ezimbalwa. Abantu babebukele amehlo egwantye iinyembezi.
Phantse angama-400 amaNgqina alapho awayencedisa kuloo msebenzi wokunikela uncedo—izihlandlo ezininzi esebenza imini nobusuku. Kubantu ababebukele, oko kwakububungqina obubalaseleyo bamandla obuKristu bokwenyaniso.
I-Isidore Ihlasela EMexico
I-Isidore yaqala njengesaqhwithi kumantla eVenezuela. NgoSeptemba 22, 2002, i-Isidore yaba yinkanyamba enkulu nenamandla yaza yahlasela uSingasiqithi waseMexico iYucatán. Ekubeni umoya wayo wawuhamba ngesantya seekhilomitha ezili-190 ngeyure yaye ineemvula ezinkulu, yenza owona monakalo wakha wamkhulu kwimbali yaseYucatán naseCampeche yaye yonakalisa eQuintana Roo kwelo laseMexico. EYucatán kuphela, konakala ngendlela engathethekiyo amakhaya amalunga nama-95 000, kwaza kwachaphazeleka abantu abamalunga nama-500 000.
Uncedo lwamaNgqina kaYehova eYucatán lwaba lukhulu kangangokuba inqaku eliphambili lephephandaba lomntla weMexico lathi: “AmaNgqina KaYehova Eze Kusihlangula.” Ikomiti yokunikela uncedo yaxelelwa kwangaphambi kokuba sifike eso saqhwithi. Kwenziwa amalungiselelo angxamisekileyo kulungiselelwa indawo yokuba amakhulu amaNgqina alapho akwazi ukufihla intloko. Amabandla akufuphi anikela ngemali yoncedo. Amaxhoba eso saqhwithi, kuquka nalawo angengomaNgqina anikwa impahla yokunxiba, amayeza neetoni ezingaphezu kwama-22 zokutya. Kwacelwa abadala balapho ukuba batyelele baze bomeleze amaxhoba eIsidore.
Emva kweso siphango, kwasekwa iikomiti zokunikela uncedo ukuze zikhangele amaNgqina alahlekileyo. Aliqela afunyanwa ehlathini nakwezinye iindawo, echithe iintsuku ezintathu engenanto yakutya okanye amanzi okusela. Kwezinye iindawo amanzi ayegubungele nezibane zesitrato! Ngoko ke, kwafunwa izikhephe zasetyenziswa ukuze kufunwe amaxhoba, ondliwe nokuze athuthelwe kwiindawo ezikhuselekileyo.
Abasemagunyeni babolekisa ngezikhephe nezinye izixhobo kumaNgqina awayekulungele ukuya kunceda nakwezinye iindawo ekwakungekho bantu banobuganga bokuya kuzo. Ekuqaleni, elinye igosa lomkhosi lalisala ukuba amaNgqina enze loo msebenzi uyingozi. Noko ke, lakubona indlela azimisele ngayo nokuzincama kwawo, lathi: “Ndiyabona ukuba beniya kude nisebenzise nehelikopta ukuze nihlangule abantu benu. Namkelekile ukusebenzisa izithuthi zethu ukuze nise abantu benu naphi na apho nifuna khona.”
Omnye umnini-venkile wayefuna ukwazi isizathu sokuba amaNgqina athenge amanzi asebhotileni amaninzi. Amchazela ukuba athengela abazalwana bawo bokomoya nabanye abantu. Loo ndoda yagqiba ekubeni iwanike zonke iibhotile zamanzi eyayinazo—ngesisa. Kusuku olulandelayo yanikela ngamanzi angakumbi—isixa esikhulu. Kwivenkile ethile, omnye umntu owayeze kuthenga wabuza isizathu sokuba amaNgqina athenge ukutya okuninzi kangako. Wathi akuva ukuba akuthengela amaxhoba ezikhukula, wawanika imali yokuthenga okungakumbi.
Nangona zazimalunga nama-3 500 iintsapho zamaNgqina ezaphulukana nezinto zazo ngenxa yeIsidore, akukho nelinye iNgqina likaYehova elalahlekayo okanye lafa. Noko ke, ekubeni yayimalunga nama-331 imizi yamaNgqina eyayonakele okanye idilikile, kwakufuneka kuqaliswe umsebenzi wokwakha. AmaNgqina anamava okwakha ayetyelela ikhaya ngalinye neHolo yoBukumkani ukuze ahlolisise umonakalo. Namhlanje, imalunga nama-258 imizi esele ilungisiwe yaye zili-172 izindlu eziye zakhiwa ngokutsha. Kwakhona, zili-19 iiHolo zoBukumkani ezonakalayo ngoku ezakhiwa ngokutsha.
Echukumisekile omnye umdala webandla eliseYucatán wathi: “Ndiye ndafunda kwiimpapasho zethu ngomsebenzi wokuhlangula owenziwa kwamanye amazwe. Noko ke, yenye into xa oku kusenzeka kuwe. Ukholo lwam nolwabazalwana abaninzi luye lomelezwa ngakumbi kukubona inkxalabo nendlela ekhawuleze ngayo intlangano kaYehova nabazalwana bethu abathandekayo ukuza kusinceda.”
Elinye ibhinqa lathi: “Ngendivuya ukuba ibiyicawa yam le iye yanikela uncedo ngendlela enenze ngayo nina maNgqina.” Yaye elinye ibhinqa, elahlangulwa ngamaNgqina lathi: “Ukuba amaNgqina kaYehova ebengekho ngesifile. Aye abonisa uthando, ebeka ubomi bawo esichengeni ukuze asihlangule xa izindlu zethu bezigutyungelwe ngamanzi.”
Inkanyamba Ihlasela EKorea
NgoAgasti 31 nangoSeptemba 1, 2002, iNkanyamba iRusa yavunguza eKorea itshayela yonk’ into ephambi kwayo. USong-pil Cho, umdala welinye ibandla wathi: “Kwakungathi ndimi kumanzi eengxangxasi. Yaye yaqhubeka igalela ingayeki.” Kwixesha nje elingaphantsi kweeyure ezingama-24 kwanetha imvula enomthamo weemilimitha ezingama-870—eyona mvula yakha yankulu enethe ngosuku olunye kwimbali yelo lizwe.
Ngokutsho kwephephandaba iThe Korea Herald, kwelo lizwe lonke amanzi agubungela izindlu ezingama-28 100 nomhlaba wokulima oziihektare ezingama-85 000. Bangama-70 000 abantu ekwanyanzeleka ukuba bashiye amakhaya abo. Kuloo nkanyamba kwafa imihlambi yezilwanyana ezingama-301 000, kwazika iinqanawa ezili-126 kwaza kwawa amakhulu eepali zombane. Kwanikelwa ingxelo yokuba bali-180 abantu abafayo okanye abalahlekayo. Phakathi kwabo kwakukho amaNgqina kaYehova amabini.
NjengaseYurophu naseMexico, amaNgqina kaYehova athabath’ amanyathelo ngokukhawuleza. Kwafika iminikelo evela kumaNgqina akulo lonke elo lizwe. Le minikelo yayiquka impahla, iingubo nezinye izinto ezazifuneka. Noko ke, amanye amalungu ebandla ayehlala kwiindawo ezikwanti ekunzima ukufikelela kuzo. Iindlela zasala zonakele neebhulorho zikhukulisiwe. Kwacima umbane neefowuni. Ngoko kwalungiselelwa amaqela aza kuhamba ngeenyawo aye kunceda. Echaza indawo ababenceda kuyo neqela lakhe lokunikela uncedo, uSong-pil Cho, uthi: “Iibhulorho ezisixhenxe neendawo ezithile endleleni zazonakaliswe ngamanzi. Ukufika kwethu kuloo dolophu, kwakuzele ubutyobo bezindlu ezonakeleyo nezidilikileyo. Kwakunuka gqitha, yaye kuthe saa izilwanyana ezifileyo. Noko ke, savuya gqitha sakufumana abazalwana noodadewethu abathandathu abangamaKristu! Babephulukene nazo zonke izinto zabo, kodwa bonke babephila yaye bekhuselekile.”
Enyanisweni, amaNgqina kaYehova ayeyixhobele kakuhle le ntlekele. Ekubeni izikhukula ziqhelekile apho ngexesha lemvula, iKomiti Yokwakha Yenqila yaseSeoul yayisele ilungiselele uncedo isenzela intlekele ezayo. Ukususela ngowe-1997, minyaka le iqeqesha abantu ukuze amatsha-ntliziyo ahlale ekulungele ukunceda xa kuvela ingxaki.
NgoSeptemba 2, abasebenzi beKomiti Yokwakha Yenqila bagaleleka kunxweme olusempuma lwesixeko saseKangnŭng baseka iofisi kwiHolo yeNdibano yamaNgqina kaYehova yalapho. Yintoni abaqala ngayo? Kukuphathela abo basindileyo amanzi acocekileyo. Xa kusina izikhukula, imibhobho yamanzi idla ngokonakala; yaye amanzi ezikhukula athwala izifo. IKomiti Yenqila Yokwakha yalungiselela iilori ezithwala amanzi ukuze ziwase kwezo ndawo zinentlekele.
Emva kokuba ethothile amanzi ezikhukula, yonke into iba nodaka olunukayo. Noko ke, kweziwa neqhinga elisebenzayo lokucoca. Ekubeni zonke izindlu zalapho zazakhiwe ngesamente, zazinokucocwa ngokuxobula amaphepha aseludongeni netapeyiti zize zitshizwe ngemibhobho yamanzi.
Xa ifunyenwe zizikhukula inkoliso yezixhobo zombane iyonakala. Noko ke, izixhobo zombane ezifana nesikhenkcisi neeboiler ukuba ziye zaqhaqhwa zacocwa kakuhle zaza zaphinda zadityaniswa zilungiswa ngumntu onobuchule kwintsuku nje ezimbalwa emva kwezikhukula, kwimeko ezininzi zidla ngokuphinda zisebenze. IKomiti Yokwakha Yenqila ikulungele ukwenza loo msebenzi. Iboiler ezingonakalanga ziyasetyenziswa ukuze komiswe izindlu. Loo msebenzi uthabatha ixesha elimalunga neeveki ezimbini nezintathu.
Impahla neengubo ezinethwe yimvula kufuneka zihlanjwe ngokucokisekileyo ngokukhawuleza ukuba ziza kuphinda zisetyenziswe. Amatsha-ntliziyo aphuma kumabandla alapho amaNgqina kaYehova ayeqokelela izinto ezinodaka zabazalwana bawo abangamaKristu. Kwakunzima ukuhlamba udaka kule mpahla—yaye kwakufuneka ihlanjwe ngezandla kumfula onamanzi abanda ceke. Emva kokuba enye intatheli yephephandaba ive ngalo msebenzi wothando, iphephandaba lalapho labonisa umfanekiso omkhulu waloo maNgqina ayesebenza apho.
Ezo zikhukula zaseYurophu, kuMntla Merika naseAsia zatshabalalisa imizi, impahla kunye nenyambalala yabantu abangenatyala. Nakuba ziyingozi nje, iziganeko ezinjalo ziqhelekile kule ‘mihla yokugqibela’ yale nkqubo yezinto ephawulwa ‘ngamaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo.’ (2 Timoti 3:1) Ezi ntlekele zisenokwenza abantu bakhumbule isibakala sokuba: AmaKristu okwenyaniso ayathandana yaye ayabathanda nabamelwane bawo. Uthando lokuzincama olunjalo alunakukhukuliswa naziinkqwithela.
[Umfanekiso okwiphepha 10]
EJAMANI—Indlu etshatyalaliswe sisiphango
[Imifanekiso ekwiphepha 11]
EJAMANI—Angaphezu kwama-2 000 amatsha-ntliziyo awazinikelayo ukuze anikele uncedo ngokukhawuleza
[Imifanekiso ekwiphepha 12]
EOSTRIYA—Alungisa iHolo yoBukumkani yawo eseOttensheim
Ngasekhohlo: Iqela lamatsha-ntliziyo liyagoduka livela eAu, apho belinceda khona amaNgqina nabamelwane bawo
[Imifanekiso ekwiphepha 13]
EMEXICO—Ngasekunene: Ikomiti yokunikela uncedo inika amaxhoba esiphango amanzi okusela
Ngezantsi: Akha indlu ngokutsha
[Imifanekiso ekwiphepha 15]
EKOREA—Ukusuka ngasekhohlo ukusa ngasekunene: Ummandla ozaliswe ngamanzi; kutshizwa ngemibhobho yamanzi ukuze kucocwe; kuhlanjwa impahla kumfula wamanzi okufutshane