Iintlekele Zemozulu Aziyi Kuphinda Zibekho!
“NAMHLANJE abantu abanantlonelo ngomhlaba ngenxa yokunyolukela ubunewunewu, nokufuna ukutyeba ngemini.” Itsho njalo intshayelelo yencwadi ethi 5000 Days to Save the Planet. Siphila kwezi meko ngenxa yokubawa komntu. Yaye ingakhathaliseki enoba iyinyaniso okanye ayinjalo kusini na into yokuba umhlaba uya usiba shushu, into esiqiniseke ngayo kukuba—umntu uyasonakalisa esi sijikelezi-langa sethu sihle. Ekuphela kwethemba esinalo kukuzaliseka kwesithembiso seBhayibhile sokuba uThixo uza ‘kubonakalisa abo bawonakalisayo umhlaba.’—ISityhilelo 11:18.
Endaweni yale nkqubo yonakeleyo yolawulo lwabantu, uThixo uza kuzisa inkqubo entsha ngokupheleleyo. Ngaphambi kokugqiba ngelithi oku yimfitshi-mfitshi nje yonqulo, khawucinge ngoku: Ngubani umntu onolwazi kakuhle ngemekobume yomhlaba ngaphezu koMdali wawo? Ngaba akakhathali ngoko kwenzeka kwesi sijikelezi-langa? IBhayibhile ibonisa ngokucacileyo ukuba uyakhathala, xa isithi kuIsaya 45:18 uYehova “uThixo oyinyaniso, uMyili womhlaba noMenzi wawo, owuzinzise ngokuqinileyo, nongawudalelanga ilize, kodwa owawubumba ukuba umiwe.” Ukuze azalisekise loo njongo, uThixo unako ukungenelela yaye uza kukwenza oko.
UThixo uza kukwenza oku ngokuzisa urhulumente omtsha, okanye ubukumkani, obuza kulawula umhlaba. Xa amaKristu esenza umthandazo othi Bawo Wethu Osezulwini aze athi, “Mabufike ubukumkani bakho,” acela ukuba kufike loo rhulumente ukuze ulawule emhlabeni. (Mateyu 6:9, 10) UBukumkani bukaThixo, okanye urhulumente buya kulawula ngendlela ebonisa ukuba buyakuqonda ukuntsonkotha komjikelo wendalo. Ngaloo ndlela buya kulungisa ezo ndawo zomhlaba ziye zonakaliswa kukungcoliswa komoya nokonakaliswa kwemekobume. UIsaya 35:1, 6 uthi: ‘Ithafa eliyinkqantosi liya kutyatyamba njengesafroni. Kuba kuya kumpompoza amanzi entlango, nemisinga kwithafa eliyinkqantosi.’
UThixo Uya Kude Angenelele
Emva kwezikhukula zowama-2002, uHelmut Schmidt, owayesakuba ngumlawuli kwiNtshona Jamani, wabhala: “Akakho umntu onokuzithintela izantyalantyala ezibangelwa ngamandla endalo ukuba ziyeke ukuphuphumalisa amadama. Iintlekele zisaqhubeka.” Yinyaniso leyo. Yaye xa zitshabalalisa, akukho nto ingako inokwenziwa ngabantu ngaphandle nje kokwenza oko banako bezama ukuhlangabezana naloo meko. Noko ke, phezu kwalo lonke unxunguphalo oluza nezi ziganeko zinokuba nayo nemiphumo emihle. Zinokushukumisela abantu ukuba babonise uthando nenkxalabo ngabamelwane babo. (Marko 12:31) Ngokomzekelo, kuyacaca ukuba izikhukula zaseYurophu zaba naloo miphumo kwabanye. Elinye iphephandaba lathi: “Kusuke amatsha-ntliziyo kuyo yonke iJamani esiza kumsebenzi [wokuhlangula]. Eli lelona phulo lamatsha-ntliziyo lakha lalikhulu ukususela emva kweMfazwe Yehlabathi II.”
Phakathi kwala matsha-ntliziyo kwakukho inkitha yamaNgqina kaYehova. Inqaku elilandelayo liza kuxubusha ngomsebenzi wokunikela uncedo owenziwa ngamaNgqina kumazwe amane ahlukeneyo awahlaselwa zizaqhwithi ezikhulu. Indlela aziphatha ngayo la maKristu ibonisa indlela obuya kuba yiyo ubomi ngaphantsi kolawulo lorhulumente ozayo kaThixo, apho kuya kugquba uthando nenyameko yobuzalwana—kungekhona nje ukunyolukela ubutyebi nokuzingca.—Isaya 11:9.a
AmaKristu anokuthuthuzelwa sisithembiso esenziwa nguThixo kumaSirayeli amandulo esithi: “Ngokuqinisekileyo nam ndiya kulinika imvula ilizwe lenu ngexesha layo elimisiweyo, imvula yasekwindla nemvula yasentwasahlobo.” (Duteronomi 11:14) Esi sithembiso siya kuzaliseka nakwabo baya kuba nelungelo lokuphila kwihlabathi elitsha likaThixo—ihlabathi elingayi kuba nazo iintlekele zemozulu.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuba ungathanda ukufunda ngakumbi ngesithembiso seBhayibhile sorhulumente woBukumkani, nceda uqhagamshelane namaNgqina kaYehova asekuhlaleni okanye ubhalele abapapashi beli phephancwadi.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 9]
Imozulu Egqibeleleyo
Kwihlabathi elitsha likaThixo, abakho abantu abaya koyika ukukhukuliswa kwamakhaya nezilimo zabo ziziphango ezivunguzayo. (2 Petros 3:13) IBhayibhile itsho ngokucacileyo ukuba uThixo noNyana wakhe, uYesu Kristu banamandla apheleleyo okulawula imozulu. Khawuqwalasele ezi zibhalo zilandelayo.
◼ Genesis 7:4 “Kwiintsuku nje ezisixhenxe ezingakumbi ndiza kunisa imvula emhlabeni iimini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane.”
◼ Eksodus 14:21 “Walwenza uYehova lwabuyela umva ulwandle ngomoya onamandla wasempuma ubusuku bonke, waluguqula lwaba ngumhlaba owomileyo ulwandle, ahlukana amanzi.”
◼ 1 Samuweli 12:18 “USamuweli wabiza kuYehova, waza uYehova waqala ukunika iindudumo nemvula ngaloo mini, kangangokuba bonke abantu bamoyika kakhulu uYehova noSamuweli.”
◼ Yona 1:4 “UYehova wezisa umoya omkhulu elwandle, kwaza kwabakho isivuthuvuthu esikhulu elwandle; yaye inqanawa yona yayisele iza kwaphuka.”
◼ Marko 4:39 “Ngako oko [enikwe amandla nguThixo, uYesu] wavuka wawukhalimela umoya waza wathi kulwandle: ‘Yithi tu! Uzole!’ Wadamba umoya, kwabakho ukuzola okukhulu.”
[Imifanekiso ekwiphepha 8, 9]
Kwihlabathi elitsha likaThixo, asiyi koyika imozulu eyingozi