Khanikhe Nizikhumbuze Njengentsapho
Yintoni Engekhoyo Kulo Mfanekiso?
Funda iZenzo 9:36-41. Ziziphi izinto ezintathu eziphosakeleyo kulo mfanekiso? Bhala iimpendulo zakho kule migca ingezantsi uze ufake umbala.
1. ․․․․․
2. ․․․․․
3. ․․․․․
INTO EKUNOKUNCOKOLWA NGAYO:
Liliphi elinye igama abizwa ngalo uTabhitha yaye atheth’ ukuthini amagama akhe?
INKCAZELO ENOKUKUNCEDA: Funda incwadi ethi ‘Ukunikela Ubungqina Obucokisekileyo’ NgoBukumkani BukaThixo kwiphepha lama-67 isiqendu sokuqala.
Ngaba uTabhitha wayezingca? Cacisa.
INKCAZELO ENOKUKUNCEDA: Funda IZenzo 9:36, 39.
Angqineka njani eyinyaniso kuTabhitha amazwi kaYesu afumaneka kuLuka 6:38? Unokuwuxelisa njani umzekelo wakhe?
INKCAZELO ENOKUKUNCEDA: Funda amaEfese 4:28; Yakobi 2:14-17.
OKUNOKWENZIWA YINTSAPHO:
Ilungu lentsapho ngalinye malicinge ngomntu elingathanda ukumpha isipho. Emva koko malilungise isipho eliza kumpha sona. Ngokomzekelo, lisenokwenza ikhadi elibhalwe indinyana yeBhayibhile.
Gcina La Makhadi
Sika apha, uligobe uze uligcine
IKHADI LEBHAYIBHILE 7 UPETROS
IMIBUZO
A. Kwakutheni ukuze uPetros atshone?
B. Ngaba la mazwi ayinyaniso okanye abubuxoki? UPetros wayengatshatanga.
C. Xa iinkokeli zonqulo zaxelela abapostile ukuba bayeke ukushumayela, uPetros nabanye abapostile bathi: “Simele. . . ”
[Isicangca]
4026 B.C.E. 1 C.E. 98 C.E.
UAdam uyadalwa Wayephila ngenkulungwane Kubhalwa incwadi
yokuqala C.E. yokugqibela yeBhayibhile
[Imaphu]
Wayehlala eBhethesayida naseKapernahum
IGALILI
IKapernahum
IBhethesayida
Ulwandle LwaseGalili
UPETROS
IMBALI YAKHE
Wayengumlobi okhutheleyo owaba ngomnye wabafundi bakaYesu bokuqala. UYesu wakhetha uPetros ukuba abe ngomnye wabapostile okanye abathunywa bakhe abali-12. Kwiincwadi zeVangeli ezine maninzi amazwi awathethwa nguPetros kunalawo awathethwa ngabanye abapostile. UYehova wamsebenzisa ukuba ashumayele aze ‘omeleze abazalwana bakhe.’—Luka 22:32; Marko 3:13-19.
IIMPENDULO
A. Wathandabuza.—Mateyu 14:28-31.
B. Bubuxoki.—Marko 1:29-31; Yohane 1:42; 1 Korinte 9:5.
C. “. . .“sithobele uThixo njengomlawuli kunabantu.”—IZenzo 5:18, 27-29.
Abantu Namazwe
4. Igama lam ndinguAntonia. Ndineminyaka esibhozo ubudala yaye ndihlala eChile, ekuMzantsi Merika. Mangaphi amaNgqina kaYehova ahlala eChile? Ngaba angama-69 500, angama-96 500 okanye angama-106 500?
5. Liliphi ichaphaza elibonisa indawo endihlala kuyo? Yenza isangqa kulo uze wenze ichaphaza elibonisa indawo ohlala kuyo ukuze ubone ukuba ukufutshane kangakanani eChile.
A
B
C
D
Bantwana Khangelani Le Mifanekiso
Khangela le mifanekiso kweli phephancwadi. Ngamazwi akho, chaza oko kwenzekayo kumfanekiso ngamnye.
● Iimpendulo zemibuzo yomxholo othi “KHANIKHE NIZIKHUMBUZE NJENGENTSAPHO” zikwiphepha 23
IIMPENDULO ZEMIBUZO EKWIPHEPHA 30 NELAMA-31
1. UPetros akazange ame xa wayethandaza; waguqa ngamadolo.
2. Amabhinqa (abahlolokazi) abonisa uPawulos izambatho ezazenziwe nguTabhitha kungekhona izinto ezibunjwe ngodongwe.
3. UPetros wathandaza eyedwa kungekho bantu kwelo gumbi.
4. 69 500.
5. B.