INQAKU ELINGUMXHOLO
Ukubeka Imali Kwindawo Yayo
ABANTU badla ngokuthi “Akukho nto ifumaneka simahla.” Ikho inyani kuloo mazwi. Kaloku imali iyafuneka ukuze sithenge ukutya, iimpahla, sihlawule iindleko okanye sithenge indlu. Omnye umhleli wezimali wathi, “Imali ibaluleke gqitha ebantwini. Ukuba ibinokuyekwa ukusetyenziswa, bekuya kuba sisiphithiphithi kubekho nemfazwe kungekapheli nenyanga.”
Ewe kona, zikho izinto imali engenakuzithenga. Enye imbongi yaseNorway uArne Garborg yakhe yathi ngemali “unokuthenga ukutya kodwa ungakurhaleli; amayeza kodwa nkqi impilo; iibhedi ezitofotofo kodwa bungehli ubuthongo; ulwazi kodwa hayi ubulumko; izacholo kodwa hayi ubuhle; ubukhazikhazi kodwa hayi ulwaneliseko; ubumnandi kodwa hayi ulonwabo; waziwe kodwa ungabi nabahlobo; abasebenzi kodwa ungabi nabantu onokubathemba.”
Xa umntu eyibeka kwindawo yayo imali, ingabi yinto yokuqala ebomini bakhe, uyeneliseka. IBhayibhile ilumkisa isithi, ‘Ukuthanda imali yingcambu yazo zonke iintlobo zobubi, yaye ngenxa yokusukelana nolo thando bambi baye bazingxwelerha ngeentlungu ezininzi.’—1 Timoti 6:10.
Phawula ukuba ingxaki asiyomali kodwa kukuyithanda. Xa imali iyeyona nto ibalulekileyo inokumosha ulwalamano oluphakathi kwabahlobo noluphakathi kweentsapho. Khawucinge nje ngale mizekelo.
UDaniel:a “Ndandicinga ukuba umhlobo wam uThomas yindoda ezilungeleyo nenenyani. Sasivana, de wathenga imoto yam. Nangona ndandingazi ukuba imoto inengxaki, uThomas wavuma ukuba uza kuyithenga njengokuba injalo. Emva kweenyanga ezintathu, imoto yonakala. Wayesithi ndimqhathile ibe wayenomsindo efuna ndibuyise imali yakhe. Yandothusa gqitha loo nto! Xa ndazama ukumcacisela, wavutha ngumsindo. Xa kufikwa kwimali, wayengenguye laa Thomas uzilungeleyo ndimaziyo.”
UEsin: “Ndim noNesrim abantwana basekhaya. Kangangendlela esasivana ngayo, ndandingatsho ukuba siya kuze sixatyaniswe yimali. Kodwa ke, kwenzeka kanye loo nto. Xa abazali bethu bafayo, basishiyela intwana yelifa, bathi ze sahlulelane ngokulinganayo. Udadewethu akazange abathobele abazali, kuba efuna ukufumana elininzi. Wabanomsindo kuba ndakhetha ukuthobela abazali. Usaqumbe usisifu kunanamhla.”
IMALI NOMKHETHE
Ukungayijongi kakuhle imali kunokusenza sibacingele kakubi abanye. Ngokomzekelo, xa isityebi sibona umntu ohlwempuzekileyo sisenokucinga ukuba loo nto ibangelwe bubuvila. Ngoxa umntu ongenazinto kangako esenokucinga ukuba lowo unezinto ezininzi unyolukile okanye uthanda izinto eziphathekayo. ULeanne, intwazana ekwintsapho yezityebi, iyazi kuyo le ntlungu. Ibalisa ithi:
Icebiso leBhayibhile ngemali lisasebenza nanamhlanje njengokuba kwakunjalo ukubhalwa kwayo
“Abantu babesithi xa bethetha ngam ndiyilaa ntombazan’ isuka emalini. Babedla ngokuthi: ‘Ukuba ufuna into, yitsho nje kutata wakho’ okanye bathi ‘Asizozityebi sonke ibe kwawethu amakhaya akuqhutywa moto zintle njengezakowenu.’ Ndathi kwiitshomi zam maziyeke ukuthetha ezo zinto, ndazichazela nesizathu sokuba zindikhathaza. Ndandingafuni abantu xa bethetha ngam bathi laa ntomb’ isuka emalini, kodwa ndandifuna bathi ndingumntu onobubele.”
OKUFUNDISWA YIBHAYIBHILE
IBhayibhile ayithi kuphosakele ukuba nemali okanye ibagxeke abo banayo. Akuyongxaki ukuba nemali eninzi, ingxaki ikwindlela umntu ayijonga ngayo okanye indlela afuna ukuyifumana ngayo. Icebiso leBhayibhile ngemali lisasebenza nanamhlanje njengokuba kwakunjalo ukubhalwa kwayo. Khawucinge nje ngale mizekelo.
IBHAYIBHILE ITHI: “Musa ukubulalekela ukuzuza ubutyebi.”—IMizekeliso 23:4.
Ngokutsho kwencwadi ethi The Narcissism Epidemic, abantu abafuna ukuba zizityebi badla “ngokuba nezigulo zengqondo, nezinye njengomqala, umqolo nentloko ebuhlungu ibe badla ngokuba ziindlamanzi ezisebenzisa iziyobisi. Ukuzilahlela nofele kuba ufuna ukuba sesingawothiyo umlilo, kukushiya ungonwabanga.”
IBHAYIBHILE ITHI: “Musani ukuba ngabathandi bemali, kunoko yanelani zizinto ezikhoyo.”—Hebhere 13:5.
Nomntu owanelisekileyo ukhe axhalatyiswe yimali, kodwa elo xhala alide limze entloko. Ngokomzekelo, endaweni yokuba limze entloko, uye acinge njengoPawulos owathi: “Eneneni ndiyazi ukuba kunjani ukuhlwempuzeka, ndiyazi ukuba kunjani ukuba nentabalala. Kuzo zonke izinto nakuzo zonke iimeko ndiye ndayifunda imfihlelo yokuba kunjani ukuhlutha nokulamba, neyokuba kunjani ukuba nentabalala nokuswela.”—Filipi 4:12.
IBHAYIBHILE ITHI: “Okholosa ngobutyebi bakhe—uya kuwa.”—IMizekeliso 11:28.
Abaphandi bathi imitshato emininzi iqhawuka ngenxa yeengxaki zemali. Abanye bade bazibulale ngenxa yemali. Kwabanye abantu imali ibaluleke ngaphezu komtshato okanye ubomi babo! Ngokwahlukileyo, abo bayaziyo indawo emele ibe kuyo imali ebomini, abathembeli kuyo. Kunoko bayabubona ubulumko bamazwi kaYesu athi: “Kwanaxa umntu enentabalala ubomi bakhe abuphumi kwizinto anazo.”—Luka 12:15.
UYIJONGA NJANI IMALI?
Ukuzibuza imibuzo kusenokukunceda ubone indlela oyijonga ngayo imali. Ngokomzekelo, khawuzibuze le mibuzo ilandelayo.
Ngaba ndiyazithanda iindlela zokwenza imali ezikhawulezayo?
Ngaba kunzima ukwenzela abanye izinto kwezakho iindleko?
Ngaba abahlobo bam ngabantu abathanda ukuthetha ngemali nezinto abanazo?
Ngaba imali ndiyifumana ngokuxoka okanye ngondlela mnyama?
Ngaba imali indenza ndizive ndingumntu ebantwini?
Ngaba ndisoloko ndicinga ngemali?
Ngaba indlela endiyijonga ngayo imali ichaphazela impilo nentsapho yam?
Funda ukuba nezinwe
Ukuba impendulo yakho iye yanguewe komnye wale mibuzo, zama ukuyeka ukucinga nokubawela izinto eziphathekayo. Sukuba ngumhlobo wabantu abathanda imali nezinto abanazo. Kunoko, yiba ngumhlobo wabo baziphethe kakuhle kunabo bathanda izinto abanazo.
Ungaze uvumele ukuthanda imali kube yeyona nto iphambili ebomini bakho. Kunoko, yibeke kwindawo yayo, ingabaluleki ngaphezu kwabahlobo, intsapho, kunye nempilo yakho. Xa usenza oko, uyakubonisa ukuba imali uyibeka kwindawo yayo.
a Amagama akweli nqaku atshintshiwe.