Isahluko 19
Ukutywinwa KoSirayeli KaThixo
Umbono 4—ISityhilelo 7:1-17
Umbandela: I-144 000 liyatywinwa, yaye isihlwele esikhulu sibonwa simi phambi kwetrone kaYehova naphambi kweMvana
Ixesha lokuzaliseka: Ukususela ekubekweni kukaKristu Yesu etroneni ngowe-1914 ukusa kuLawulo lwakhe Lweminyaka Eliwaka
1. “Ngubani na onako ukuma” ebudeni bomhla omkhulu wengqumbo kaThixo?
“NGUBANI na onako ukuma?” (ISityhilelo 6:17) Ewe, ngenene ngubani onokuma? Xa umhla omkhulu wengqumbo kaThixo uphanzisa inkqubo kaSathana, abalawuli nezizwe zehlabathi basenokuthi ngokufanelekileyo baphakamise loo mbuzo. Kubo kuya kubonakala ngokungathi ishwangusha elisondelayo liya kutshabalalisa bonke abantu. Kodwa ngaba lobatshabalalisa bonke? Okuvuyisayo kukuba, umprofeti kaThixo usiqinisekisa ngokuthi: “Kuya kuthi wonk’ ubani obiza egameni likaYehova asindiswe.” (Yoweli 2:32) Umpostile uPetros noPawulos bayasiqinisekisa eso sibakala. (IZenzo 2:19-21; Roma 10:13) Ewe, abo babiza egameni likaYehova baya kusindiswa. Bangoobani aba? Siza kubona njengoko umbono olandelayo utyhilwa.
2. Kutheni kukhwankqisa nje ukuba kuya kubakho abasindi ngemini yomgwebo kaYehova?
2 Ngokwenyaniso kuyinto ekhwankqisayo ukuba kubekho umntu osindayo ngemini yomgwebo kaYehova, kuba omnye wabaprofeti bakaThixo uwuchaza ngala mazwi: “Khangela! Kuphume isaqhwithi somoya sikaYehova, umsindo ngokwawo, isivuthuvuthu esitshayela siye phambili. Siya kuvuthuza phezu kwentloko yabangendawo. Umsindo kaYehova ovuthayo awuyi kubuya de abe uziphumezile, de abe uzifezile iingcinga zentliziyo yakhe.” (Yeremiya 30:23, 24) Kungxamisekile ukuba sithabathe amanyathelo ukuze simelane neso saqhwithi!—IMizekeliso 2:22; Isaya 55:6, 7; Zefaniya 2:2, 3.
Imimoya Emine
3. (a) Nguwuphi umsebenzi okhethekileyo owenziwa ziingelosi obonwa nguYohane? (b) Ifuzisela ntoni ‘imimoya emine’?
3 Ngaphambi kokuba uYehova abonakalise lo msindo, iingelosi zenza umsebenzi okhethekileyo. UYohane ubona oku embonweni: “Emva koko ndabona iingelosi ezine zimi kwiimbombo zone zomhlaba, zibambe ngokuqinileyo imimoya yomine yomhlaba, ukuze kungabikho moya uvuthuza emhlabeni okanye elwandle okanye nakuwuphi na umthi.” (ISityhilelo 7:1) Kuthetha ntoni oku kuthi namhlanje? Le ‘mimoya mine’ ingumqondiso ocacileyo womgwebo wentshabalalo oza kuphunyezwa kwibutho lasemhlabeni elingendawo, ‘kulwandle’ olungazolanga lwabantu abachas’ umthetho nakubalawuli abanjengemithi emide abaxhaswa baze bancedwe ngabantu bomhlaba.—Isaya 57:20; INdumiso 37:35, 36.
4. (a) Zifuzisela ntoni iingelosi ezine? (b) Uya kuba yintoni umphumo kwintlangano kaSathana yasemhlabeni xa kuvulelwa imimoya emine?
4 Akuthandabuzeki ukuba, ezi ngelosi zine zimela amaqela amane eengelosi, asetyenziswa nguYehova ukuthintela ukuphunyezwa komgwebo de kufike ixesha elimisiweyo. Xa iingelosi zivulela loo mimoya yengqumbo kaThixo ukuba ibhudle ukusuka ngasentla, ezantsi, empuma nasentshona, intshabalalo iya kuba nkulu. Ngomlinganiselo omkhulu, iya kufana nokusebenzisa kukaYehova imimoya emine ukuze achithachithe amaElam amandulo, ewatshabalalisa yaye ewatshayela. (Yeremiya 49:36-38) Iya kuba sisaqhwithi somoya omkhulu otshabalalisa ngakumbi ‘kunomoya ovuthuzayo’ owasetyenziswa nguYehova ekutshabalaliseni uhlanga lwama-Amoni. (Amosi 1:13-15) Ayikho inxalenye yentlangano kaSathana yasemhlabeni eya kukwazi ukuma ngomhla womsindo kaYehova, xa ethethelela ulongamo lwakhe ngonaphakade kanaphakade.—INdumiso 83:15, 18; Isaya 29:5, 6.
5. Isiprofeto sikaYeremiya sisinceda njani siqonde ukuba imigwebo kaThixo iya kuquka wonke umhlaba?
5 Ngaba sinokuqiniseka ukuba imigwebo kaThixo iya kudlavula wonke umhlaba? Khawuphulaphule kwakhona umprofeti wakhe uYeremiya: “Khangela! Kuphuma intlekele eluhlangeni ukusa eluhlangeni, nesivuthuvuthu esikhulu siya kuvuswa kweyona mimandla ithe qelele yomhlaba. Yaye abo babuleweyo nguYehova ngaloo mini ngokuqinisekileyo baya kususela kwesinye isiphelo somhlaba base kwesinye isiphelo somhlaba.” (Yeremiya 25:32, 33) Kusebudeni besi saqhwithi somoya obuya kuthi ubumnyama bugubungele eli hlabathi. Imibutho yalo elawulayo iya kugungqiswa ide ingabikho. (ISityhilelo 6:12-14) Kodwa ikamva aliyi kuba mfiliba kumntu wonke. Ngoko, ithintelwa ngenxa yoobani le mimoya mine?
Ukutywinwa Kwabakhonzi BakaThixo
6. Ngubani oxelela iingelosi ukuba zibambe imimoya emine, yaye oku kuvumela ixesha lokuba kwenzeke ntoni?
6 UYohane uyaqhubeka echaza indlela abathile abaya kuphawulwa ngayo ukuze basinde, esithi: “Ndabona enye ingelosi inyuka ivela empumalanga, inetywina loThixo ophilayo; yaza yadanduluka ngelizwi elikhulu kwiingelosi ezine ezazinikwe ukuba ziwonakalise umhlaba nolwandle, isithi: ‘Musani ukuwonakalisa umhlaba nolwandle nemithi, de kube semva kokuba siwatywinile amakhoboka oThixo wethu emabunzini awo.’”—ISityhilelo 7:2, 3.
7. Ngubani ngenene ingelosi yesihlanu, yaye bubuphi ubungqina obusinceda sifumane igama layo?
7 Nangona le ngelosi yesihlanu ingachazwa igama layo, bonke ubungqina bubonisa ukuba imele ukuba yiNkosi enguYesu ozukisiweyo. Ngokuvisisana nokuba uYesu esisiPhatha-zingelosi, apha uboniswa enegunya kwezinye iingelosi. (1 Tesalonika 4:16; Yude 9) Uyenyuka ephuma ngasempuma, ‘njengookumkani abavela ekuphumeni kwelanga’—uYehova noKristu wakhe—abazele ukuza kuphumeza umgwebo, njengoko wenzayo ukumkani uDariyo noKoreshi xa bathi bathoba iBhabhiloni yamandulo. (ISityhilelo 16:12; Isaya 45:1; Yeremiya 51:11; Daniyeli 5:31) Le ngelosi ikwafana noYesu ngendlela yokuba iphathiswe umsebenzi wokutywina amaKristu athanjisiweyo. (Efese 1:13, 14) Ngokungakumbi, xa kuvulelwa le mimoya, nguYesu okhokela imikhosi yasezulwini ekuphumezeni umgwebo kwiintlanga. (ISityhilelo 19:11-16) Ngoko, ngokusengqiqweni uYesu ebeya kuba ngulowo uyalela ukuba kuthintelwe ukutshatyalaliswa kwentlangano kaSathana yasemhlabeni de kutywinwe abakhonzi bakaThixo.
8. Kuyintoni ukutywinwa, yaye kwaqala nini?
8 Kuyintoni oku kutywinwa, yaye bangoobani aba bakhonzi bakaThixo? Ukutywinwa kwaqala ngePentekoste yowama-33 C.E. xa amaKristu okuqala angamaYuda athanjiswa ngomoya oyingcwele. Kamva, uThixo waqhubeka ebiza ‘abantu beentlanga’ waza wabathambisa. (Roma 3:29; IZenzo 2:1-4, 14, 32, 33; 15:14) Umpostile uPawulos wabhala ngesiqinisekiso anaso amaKristu athanjisiweyo sokuba ‘angakaKristu,’ waza wongezelela ukuba uThixo “ukwabeke netywina lakhe kuthi yaye ubeke umqondiso woko kuzayo, oko kukuthi, umoya, ezintliziyweni zethu.” (2 Korinte 1:21, 22; thelekisa iSityhilelo 14:1.) Ngaloo ndlela, xa la makhoboka esamkelwa njengoonyana bakaThixo bokomoya, kwangaphambili afumana umqondiso welifa lawo lasezulwini—itywina, okanye uphawu. (2 Korinte 5:1, 5; Efese 1:10, 11) Emva koko anokuthi: “Umoya lowo ngokwawo ungqinelana nomoya wethu ukuba singabantwana bakaThixo. Ukuba, ngoko, singabantwana, sikwaziindlalifa: eneneni iindlalifa zikaThixo, kodwa iindlalifa ezimanyene noKristu, ukuba nje sibandezeleka ndawonye naye ukuze sizukiswe ndawonye naye.”—Roma 8:15-17.
9. (a) Kukuphi ukunyamezela okufunekayo koonyana bakaThixo abasaseleyo abazelwe ngomoya? (b) Ukuvavanywa kwabathanjisiweyo kuya kuqhubeka ithuba elide kangakanani?
9 “Ukuba nje sibandezeleka ndawonye naye”—kuthetha ntoni oko? Ukuze azuze isithsaba sobomi, amaKristu athanjisiweyo amele anyamezele, athembeke de kube sekufeni. (ISityhilelo 2:10) Asingomcimbi nje wokuthi ‘wakuba usindisiwe, usoloko usindisiwe.’ (Mateyu 10:22; Luka 13:24) Kunoko, alulekwa ngale ndlela: “Yenzani unako-nako wokuqinisekisa ngobizo lwenu nokunyulwa kwenu.” Njengompostile uPawulos, ekugqibeleni amele athi: “Ndiwulwile umlo omhle, ugqatso ndilubaleke kwada kwesa ekugqibeleni, ukholo ndilugcinile.” (2 Petros 1:10, 11; 2 Timoti 4:7, 8) Ngoko apha emhlabeni ukuvavanywa nokuhluzwa koonyana bakaThixo abaseleyo abazelwe ngomoya kumele kuqhubeke de uYesu neengelosi ezimphelekayo balifake ngokupheleleyo itywina “emabunzini” abo bonke aba, bebafanisa ngokupheleleyo ngendlela engenakutshitshiswa, ‘njengamakhoboka oThixo wethu’ avavanyiweyo nathembekileyo. Ngoko elo tywina liba luphawu oluhlala luhleli. Ngokucacileyo, xa kuvulelwa imimoya emine yembandezelo, wonke uSirayeli wokomoya uya kuba etywinwe ngokupheleleyo, nakubeni abambalwa beya kuba besaphila enyameni. (Mateyu 24:13; ISityhilelo 19:7) Onke amalungu aya kuba ephelele!—Roma 11:25, 26.
Bangaphi Abatywinwayo?
10. (a) Ziziphi izibhalo ezibonisa ukuba inani labatywiniweyo lilinganiselwe? (b) Bangaphi abatywiniweyo, yaye badweliswe njani?
10 UYesu wathi kwabo baza kutywinwa: “Musani ukoyika, mhlambi mncinane, ngenxa yokuba kukholekile kuYihlo ukuninika ubukumkani.” (Luka 12:32) Ezinye izibhalo, ezinjengeSityhilelo 6:11 neyabaseRoma 11:25, zibonisa ukuba inani lalo mhlambi mncinane ngenene lilinganiselwe ibe, enyanisweni, limiselwe kwangaphambili. Amazwi alandelayo kaYohane ayakuqinisekisa oku: “Ndaliva inani labo batywinwayo, ikhulu elinamashumi amane anesine lamawaka, abatywinwa bephuma kuzo zonke izizwe zoonyana bakaSirayeli: Kwisizwe sakwaYuda kwatywinwa ishumi elinesibini lamawaka; kwisizwe sakwaRubhen ishumi elinesibini lamawaka; kwisizwe sakwaGadi ishumi elinesibini lamawaka; kwisizwe sakwa-Ashere ishumi elinesibini lamawaka; kwisizwe sakwaNafetali ishumi elinesibini lamawaka; kwisizwe sakwaManase ishumi elinesibini lamawaka; kwisizwe sakwaSimeyon ishumi elinesibini lamawaka; kwisizwe sakwaLevi ishumi elinesibini lamawaka; kwisizwe sakwaIsakare ishumi elinesibini lamawaka; kwisizwe sakwaZebhulon ishumi elinesibini lamawaka; kwisizwe sakwaYosefu ishumi elinesibini lamawaka; kwisizwe sakwaBhenjamin kwatywinwa ishumi elinesibini lamawaka.”—ISityhilelo 7:4-8.
11. (a) Kutheni le nto izizwe ezili-12 zingenakubhekisela kuSirayeli wokoqobo nowokwenyama? (b) Kutheni iSityhilelo sidwelisa izizwe ezili-12? (c) Kutheni le nto kuSirayeli kaThixo singekho isizwe esisesasebukhosini okanye esinababingeleli sodwa?
11 Ngaba oku akubhekiseli kuSirayeli wokoqobo nowokwenyama? Akunjalo, kuba iSityhilelo 7:4-8 asimchazi ngokoludwe lwezizwe zakhe eziqhelekileyo. (Numeri 1:17, 47) Ngokucacileyo, uludwe olulapha alwenzelwanga ukufanisa amaYuda okwenyama ngokwezizwe zawo kodwa lwenzelwe ukubonisa indlela efanayo ayilwe ngayo uSirayeli wokomoya ngokwentlangano. Oku kwenziwe kwalungelelana. Amalungu olu hlanga lutsha amele abe li-144 000—abe li-12 000 kwisizwe ngasinye kwezili-12. Kulo Sirayeli kaThixo asikho isizwe esisesasebukhosini okanye esinababingeleli sodwa. Lonke uhlanga luza kulawula njengookumkani, ibe lonke uhlanga luza kukhonza njengababingeleli.—Galati 6:16; ISityhilelo 20:4, 6.
12. Kutheni kufanelekile ukuba abadala abangama-24 bavume phambi kweMvana ingoma yamazwi eSityhilelo 5:9, 10?
12 Nangona amaYuda okwemvelo nabantu abaguqukele kubuYuda baba ngabokuqala ukunikwa ithuba lokunyulelwa ukuba nguSirayeli wokomoya, liqaqobana nje kuphela lolo hlanga elathi lasabela. Ngoko ke uYehova wasidlulisela esi simemo kwabeeNtlanga. (Yohane 1:10-13; IZenzo 2:4, 7-11; Roma 11:7) NjengamaEfese, ngaphambili ‘awayehlukanisiwe kwisizwe sikaSirayeli,’ ngoku abangemaYuda babenokutywinwa ngomoya kaThixo baze babe yinxalenye yebandla lamaKristu athanjisiweyo. (Efese 2:11-13; 3:5, 6; IZenzo 15:14) Ngoko, kufanelekile ukuba abadala abangama-24 bavume ingoma phambi kweMvana bathi: “Ngegazi lakho wathengela uThixo abantu bephuma kuzo zonke izizwe neelwimi nabantu neentlanga, waza wabenza baba bubukumkani nababingeleli kuThixo wethu, yaye baza kulawula njengookumkani phezu komhlaba.”—ISityhilelo 5:9, 10.
13. Kutheni uYakobi ongumntakwabo Yesu ngonina ngokufanelekileyo wabhekisa incwadi yakhe ‘kwizizwe ezilishumi elinesibini ezichithachithekileyo’?
13 Ibandla lamaKristu ‘lisisizwe esinyuliweyo, ububingeleli basebukhosini, uhlanga olungcwele.’ (1 Petros 2:9) Xa lithabathel’ indawo uSirayeli wokwemvelo njengohlanga lukaThixo, liba nguSirayeli omtsha oko kukuthi ‘uSirayeli wokwenene.’ (Roma 9:6-8; Mateyu 21:43)a Ngenxa yesi sizathu, kwakufaneleke ngenene ngoYakobi ongumntakwabo Yesu ngonina ukuba abhekise incwadi yakhe awayibhala njengomalusi ‘kwizizwe ezilishumi elinesibini ezichithachithekileyo,’ oko kukuthi, kwibandla elisehlabathini lonke lamaKristu athanjisiweyo elaliya kuthi ekuhambeni kwexesha libe namalungu ali-144 000.—Yakobi 1:1.
USirayeli KaThixo Namhlanje
14. Yintoni ebonisa ukuba amaNgqina kaYehova ebesoloko enembono yokuba i-144 000 linani lokoqobo labo babumba uSirayeli wokomoya?
14 Okubangel’ umdla kukuba, uCharles T. Russell, waqonda ukuba i-144 000 linani lokoqobo labantu ababumba uSirayeli wokomoya. KwiThe New Creation, Umqulu VI weStudies in the Scriptures, eyapapashwa ngowe-1904, wabhala oku: “Sinazo zonke izizathu zokukholelwa ukuba inani eliqinisekileyo neliqingqiweyo labakhethiweyo [abathanjiswa abanyuliweyo] lelo lichazwe kangangezihlandlo eziliqela kwiSityhilelo (7:4; 14:1); elileli, i-144 000 ‘elihlawulelweyo phakathi kwabantu.’” KwiNcwadi Yokuqala ethi, Light, eyapapashwa ngaBafundi BeBhayibhile ngowe-1930, ngokufanayo kwathiwa: “Ngaloo ndlela amalungu omzimba kaKristu ali-144 000 xa ewonke aboniswa njengakhethiweyo nathanjisiweyo, okanye atywiniweyo.” AmaNgqina kaYehova ebesoloko enembono yokuba amaKristu athanjisiweyo alinani lokoqobo elili-144 000 abumba uSirayeli wokomoya.
15. Ngaphambi nje kwemini yeNkosi, abafundi beBhayibhile abanyanisekileyo babecinga ukuba amaYuda okwemvelo ayeya kunandipha ntoni emva kokuphela kwamaXesha eeNtlanga?
15 Sekunjalo, ngaba uSirayeli wokwemvelo namhlanje akafanelwe kukufumana ubabalo oluthile olukhethekileyo? Kwixesha nje elingaphambi kwemini yeNkosi, xa abafundi beBhayibhile abanyanisekileyo babezifumanisa ngokutsha iinyaniso ezininzi ezisisiseko zeLizwi likaThixo, kwakucingwa ukuba ekupheleni kwamaXesha eeNtlanga amaYuda ayeya kuphinda anandiphe ilungelo lokuma phambi koThixo. Ngaloo ndlela, incwadi kaC. T. Russell ethi The Time Is at Hand (Umqulu II weStudies in the Scriptures), eyapapashwa ngowe-1889, yathi uYeremiya 31:29-34 ubhekisela kumaYuda okwemvelo, yaza yathi: “Ihlabathi lingqinela isibakala sokuba ukohlwaywa kukaSirayeli ngokuba phantsi kolawulo lweeNtlanga bekuqhubeka ukususela ngoB.C. [607], ibe kusaqhubeka, yaye asikho isizathu sokulindela ukulungelelaniswa kwakhona kwakhe ngokohlanga ngaphambi koA.D. 1914, osisiphelo ‘samaxesha azo asixhenxe’—ayiminyaka engama-2520.” Kwakubonakala ukuba amaYuda ayeya kuthi ngoko abuyiswe njengohlanga, ibe eli themba kubonakala ukuba laqaqamba ngowe-1917, xa isiBhengezo sikaBalfour sathembisa ngokuxhasa elaseBritani ngokwenza iPalestina ikhaya lamaYuda.
16. Yiyiphi imigudu eyenziwa ngamaNgqina kaYehova ukuze afikelele amaYuda okwemvelo ngesigidimi samaKristu, ibe waba yintoni umphumo?
16 Emva kwemfazwe yehlabathi yokuqala, iPalestina yaba ngummandla ophantsi kolawulo lweBritani, ibe kwavuleka indlela yokuba amaYuda amaninzi abuyele kwelo lizwe. Ngowe-1948 kwayilwa iLizwe lakwaSirayeli elingokobupolitika. Ngaba oku kwakungabonisi ukuba amaYuda ayeza kufumana iintsikelelo ezingokobuthixo? Kangangeminyaka emininzi, amaNgqina kaYehova ayekholelwa ukuba oku kwakunjalo. Ngaloo ndlela, ngowe-1925 apapasha incwadi enamaphepha ali-128 ethi, Comfort for the Jews. Ngowe-1929 akhupha umqulu onomtsalane onamaphepha angama-360 othi, Life, owawuyilelwe ukutsala amaYuda nowawuxubusha ngencwadi yeBhayibhile kaYobhi. Kwenziwa imigudu emikhulu, ingakumbi kwisiXeko saseNew York, yokufikelela amaYuda ngesi sigidimi singoMesiya. Okuvuyisayo kukuba, abantu abambalwa basabela, kodwa uninzi lwamaYuda, njengookhokho bawo benkulungwane yokuqala, lwabuchasa ubungqina bobukho bukaMesiya.
17, 18. Yintoni eyaqondwa ngamakhoboka kaThixo asemhlabeni mayela nomnqophiso omtsha neziprofeto zeBhayibhile ezingokubuyiselwa kohlanga?
17 Kwacaca ukuba amaYuda, njengabantu nanjengohlanga, ayengenguye uSirayeli ochazwe kwiSityhilelo 7:4-8 okanye kwezinye iziprofeto zeBhayibhile ezithetha ngemini yeNkosi. Elandela isithethe, amaYuda aqhubeka ekuphepha ukusebenzisa igama likaThixo. (Mateyu 15:1-3, 7-9) Xa ixubusha uYeremiya 31:31-34, incwadi ethi Jehovah, eyapapashwa ngamaNgqina kaYehova ngowe-1934, ngokungathandabuziyo yathi: “Umnqophiso omtsha awunanto yakwenza nenzala yokwemvelo kaSirayeli noluntu ngokubanzi, kodwa . . . upheleliselwe kuSirayeli wokomoya.” Iziprofeto zeBhayibhile ezingokubuyiselwa kohlanga azinanto yakwenza namaYuda okwemvelo noSirayeli obunjwe ngokobupolitika, olilungu leZizwe Ezimanyeneyo nenxalenye yehlabathi uYesu awathetha ngalo kuYohane 14:19, 30 nese-18:36.
18 Ngowe-1931, enemincili, amakhoboka kaThixo asemhlabeni amkela igama elithi AmaNgqina kaYehova. Ngentliziyo epheleleyo ayenokuthi oku kuzalisekise amazwi eNdumiso 97:11 athi: “Ukukhanya likuhlwayelelwe ilungisa, novuyo baluhlwayelelwe abantliziyo zithe tye.”Ayeqonda ngokucacileyo ukuba nguSirayeli wokomoya kuphela owayengeniswe kumnqophiso omtsha. (Hebhere 9:15; 12:22, 24) USirayeli wokwemvelo ongasabeliyo wayengenanxaxheba apho, ibe noluntu ngokubanzi lwalungenayo. Oku kuqonda kwavulela indlela yokuba kuqaqambe ukukhanya kobuthixo, okubalaseleyo kwiingxelo zembali yolawulo lobuthixo. Oku kwakuya kutyhila indlela uYehova ayibonakalisa ngokunamandla ngayo inceba, ububele obunothando nenyaniso yakhe kubo bonke abantu abasondela kuye. (Eksodus 34:6; Yakobi 4:8) Ewe, bakho nabanye ngaphandle koSirayeli kaThixo ababeya kungenelwa kukubamba kweengelosi imimoya emine yentshabalalo. Bangoobani aba? Ngaba unokuba ngomnye wabo? Makhe sibone.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ngokufanelekileyo, igama elithi Sirayeli lithetha ukuthi ‘Osukuzana NoThixo.’—Genesis 32:28, umbhalo osemazantsi weNW eneembekiselo.
[Umfanekiso ozalise iphepha, kwiphepha 114]
[Imifanekiso ekwiphepha 116, 117]
Ukunyulwa ngokubanzi koSirayeli kaThixo wokwenyaniso kwasusela ngomhla wePentekoste yowama-33 C.E. kwaza kutsho ngowe-1935 xa, kwindibano engenakulibaleka ezimbalini yamaNgqina kaYehova eyayiseWashington, D.C., kwabalaseliswa ukuhlanganiswa kwesihlwele esikhulu esinethemba lokuphila emhlabeni (ISityhilelo 7:9)