Incwadi YeBhayibhile 31—Obhadiya
Umbhali: NguObhadiya
Ukugqitywa Kokubhalwa Kwayo: Malunga nowama-607 B.C.E.
1. Yintoni ebonisa ukuba asingomthunywa obalulekileyo koko sisigidimi asithunyiweyo?
KWIINDINYANA nje ezingama-21, uObhadiya, eyona ncwadi imfutshane kwiZibhalo zesiHebhere, uvakalisa umgwebo kaThixo owaphumela ekuphelisweni kohlanga, ngoxa exela kwangaphambili uloyiso lokugqibela loBukumkani bukaThixo. Amazwi entshayelelo abekwe lula ngale ndlela: “Umbono kaObhadiya.” Ukuba wazalwa nini ezalelwa phi, engowasiphi isizwe, iinkcukacha ngobomi bakhe—akuxelwanga nanye kwezi zinto. Ngelicacileyo, ingcombolo engomprofeti asinto ibalulekileyo; into ebalulekileyo sisigidimi, ibe kufanelekile ukuba kube njalo, kuba njengokuba wavakalisayo uObhadiya, ‘siludaba oluvela kuYehova.’
2. Similisela ingqalelo kweliphi ilizwe isiprofeto sikaObhadiya, kwaye yintoni eyayibenza bazive benqabisekile abemi balo?
2 Olu daba lumilisela ingqalelo yalo eyintloko kuEdom. Ilizwe lakwaEdom, elikwaziwa njengeNtaba yakwaSehire, elinabele ngasezantsi ukusuka kuLwandle Olufileyo ligudle elaseArabha, lililizwe elimagqagala, elineentaba eziphakamileyo nemiwewe yemiwonyo. Kwiindawo ezithile, ulundi lweentaba olujonge empumalanga yelaseArabha lufikelela kumphakamo we-1 700 leemitha. Isixeko sakwaTeman sasidume ngobulumko nobugorha babemi baso. Indlela kanye owawumi ngayo umhlaba welizwe lakwaEdom, owawuneendlela zemveli zokuzikhusela, yenza ukuba abemi bawo bazive benqabisekile kwaye benekratshi.a
3. Ngaba amaEdom ayenze njengabazalwana kumaSirayeli?
3 AmaEdom ayeyinzala kaEsawu, umntakwabo Yakobi. Igama likaYakobi latshintshwa laba nguSirayeli, kwaye ke ngenxa yoko amaEdom ayezizalamane ezisondeleyo zamaSirayeli; kangangokuba ayejongwa ‘njengabazalwana.’ (Dut. 23:7) Ukanti ihambo yamaEdom yayahluke gqitha kwindlela abaphathana ngayo abazalwana. Ngaphambi nje kokuba amaSirayeli angene kwiLizwe Ledinga, uMoses wathumela kukumkani wakwaEdom ecela imvume yokucanda ngoxolo kwilizwe lakhe, kodwa ngelibonakalisa ubutshaba, ngokungenalusini amaEdom ala aza akuxhasa ukwala kwawo ngokumisa imikhosi exhobileyo. (Num. 20:14-21) Nangona oyiswayo nguDavide, kamva enza iyelenqe nama-Amon namaMowabhi ngokuchasene noYuda ngemihla kaYehoshafati, amvukela unyana kaYehoshafati, uKumkani uYehoram, aza athimba amaSirayeli awayengamabanjwa eGaza naseTire, aza ahlasela elakwaYuda ngemihla kaKumkani uAhazi ukuba athabathe amabanjwa angakumbi.—2 Kron. 20:1, 2, 22, 23; 2 Kum. 8:20-22; Amos 1:6, 9; 2 Kron. 28:17.
4. (a) Sisiphi isenzo esilizothe ekubonakala ukuba saba sisiseko sesihlabo sikaObhadiya kuEdom? (b) Bubuphi ubungqina obumisela owama-607 B.C.E., njengomnyaka ekunokwenzeka ukuba yabhalwa ngawo le ncwadi?
4 Obu butshaba bafikelela kwincopho ngowama-607 B.C.E. xa iYerusalem yatshatyalaliswa yimikhosi yamaBhabhiloni. Asikuphela nje ukuba amaEdom akuthakazelela oku kodwa ada abakhuthaza abo bahlaseli ukuba bayitshabalalise ngokupheleleyo. Ankqangaza esithi, “Yidilizeni, yidilizeni kude kuse elusekweni lwayo.” (INdu. 137:7) Xa kwenziwa amaqashiso ngamaxhoba, ayephakathi kwabo bathi babelana ngoko kwakuphangiwe; kwaye xa iimbacu zamaYuda zazizama ukusaba kwilizwe lazo, ayivala indlela aza azibuyisela kutshaba lwazo. Kubonakala ukuba lolu gonyamelo olwenzeka ngethuba lokutshatyalaliswa kweYerusalem olusisiseko samazwi ahlabayo awabhalwa nguObhadiya, kwaye alithandabuzeki elokuba abhalwa ngoxa sasikhumbuleka kakuhle engqondweni isenzo esilizothe sikaEdom. (Obha. 11, 14) Ekubeni kubonakala ukuba noEdom ngokwakhe wathinjwa waza waphangwa nguNebhukadenetsare kwisithuba seminyaka emihlanu emva kokutshatyalaliswa kweYerusalem, le ncwadi ifanele ukuba yabhalwa ngaphambi koko; owama-607 B.C.E. ugqalwa njengonyaka ekunokwenzeka ukuba yabhalwa ngawo.
5. (a) Yintoni eyingqina njengeyeyokwenene neyinyaniso ingxelo kaObhadiya? (b) UObhadiya wazizalisekisa njani iimfuneko zomprofeti wokwenyaniso, kwaye kutheni lifanelekile nje igama lakhe?
5 Sazaliseka sonke isiprofeto sikaObhadiya ngokuchasene noEdom! Sifikelela kwincopho yaso, esi siprofeto sithi: “Indlu kaEsawu [imele] ibe ziindiza, batshise phakathi kwabo, babadle, kungabikho usalayo wasendlwini kaEsawu; ngokuba uYehova uthethile.” (Indi. 18) UEdom wayephile ngekrele waza wafa ngekrele, ibe awusekho umlibo wenzala yakhe. Ngaloo ndlela le ngxelo ingqineka iyeyokwenene kwaye iyinyaniso. UObhadiya wayenazo zonke iimfaneleko zomprofeti wokwenyaniso: Wayethetha egameni likaYehova, isiprofeto sakhe samzukisa uYehova, kwaye saba yinyaniso njengoko imbali yamva yakungqinelayo. Ngokufanelekileyo igama lakhe lithetha “uMkhonzi kaYehova.”
OKUQULETHWE YEKAOBHADIYA
6. UYehova uthetha njani ngoEdom, kwaye uya kumthoba phi?
6 Umgwebo phezu koEdom (Indi. 1-16). Uthi akuyalelwa nguYehova, uObhadiya awazise umbono wakhe. Kumenywa iintlanga ukuba zithelele emfazweni ngokuchasene noEdom. UThixo uyalela esithi, “Sukani nime, sisukele phezulu kulo [elakwaEdom], silwe nalo.” Ngokulandelayo, esalathisela ingqalelo yakhe kwelakwaEdom, uyayihlolisisa imeko yalo. UEdom uluhlanga nje oluncinane phakathi kweentlanga kwaye udelekile, ukanti uzikhukhumalisile. Uziva enqabisekile kuba ehleli phakathi kweengxondorha eziphakamileyo, eqinisekile ukuba akukho bani unokumthoba. Noko ke, uYehova uvakalisa ukuba enoba indawo ahlala kuyo ibiphakame njengeyokhozi, nokuba ebenokuhlala phakathi kweenkwenkwezi, ebeya kumhlisa apho. Ulindelwe sisohlwayo.—Indi. 1.
7. UEdom uza kuphanziswa ukusa kuwuphi umkhamo?
7 Kuza kwenzeka ntoni kuye? Ukuba amasela ebeya kumngenela uEdom, ebeya kuzithabathela kuphela oko akufunayo. Kwanabavuni beediliya bebengashiya okunokubhikicwa. Kodwa okusabalindeleyo oonyana bakaEsawu kubi ngakumbi kunoku. Ubutyebi babo buya kuthinjwa ngokupheleleyo. Amahlakani kaEdom ngawo aya kumjikela. Abo bebengabahlobo bakhe abasenyongweni baya kumbambisa ngomnatha njengalowo ungenakuqonda. Amadoda akhe adume ngobulumko namagorha akhe adume ngobukroti akayi kuba luncedo kuye ngemini yeshwangusha lakhe.
8. Kutheni le nto isohlwayo sikaEdom siqatha kangaka?
8 Kodwa kutheni emele afumane isohlwayo esiqatha kangaka? Kungenxa yogonyamelo olwenziwa ngoonyana bakaEdom koonyana bakaYakobi, abazalwana babo! Bakuvuyela ukuwa kweYerusalem bade bathelela abahlaseli ekwabeni ixhoba. Ngamazwi ahlaba kabukhali, ngokungathi uObhadiya uyazibonela ezi zenzo zingcolileyo, kuthiwa kuEdom: Akumele kuyivuyelela inkxwaleko yomzalwana wakho. Akumele kubathintela abasabayo bakhe uze ubanikele kutshaba. Umhla wokuziphendulela kuYehova usondele, kwaye uya kuphenduliswa. Indlela owenze ngayo koba njalo nakuwe.
9. Kukuphi ukubuyiselwa okuxelwa kwangaphambili?
9 Ukubuyiselwa kwendlu kaYakobi (Indi. 17- 21). Ngokuchaseneyo noko, indlu kaYakobi iza kubuyiselwa. Kuya kubuyela amadoda kwiNtaba yeZiyon. Aya kuyidla indlu kaEsawu njengomlilo usidla umququ. Aya kulihlutha ilizwe lasezantsi, iNegebhi, kwaneleentaba lakwaEsawu neShepela (elasezithabazini); ngasentla baya kulithabatha ilizwe lakwaEfrayim nelakwaSamari, nommandla oye kuma kwelaseTsarefati (eTsarefa); ngasempuma baya kufumana umhlaba waseGiliyadi. UEdom onekratshi umele athi shwaka, uYakobi umele abuyiselwe, “ubukumkani bube bobukaYehova.”—Indi. 21.
ISIZATHU SOKUBA IBE YINGENELO
10. Ziziphi ezinye iziprofeto ezakuxela kwangaphambili ukutshatyalaliswa kukaEdom, kwaye kutheni kuya kuba yingenelo nje ukuziqwalasela ezi kunye nencwadi kaObhadiya?
10 Engqinela ukuqiniseka kokuzaliseka kwesi sigidimi somgwebo ngokuchasene noEdom, uYehova waba nezinye izihlabo ezikwanjalo ezavakaliswa ngabanye babaprofeti bakhe. Ezibalaseleyo phakathi kwazo zezo zabhalwa kuYoweli 3:19; kuAmosi 1:11, 12; kuIsaya 34:5-7; kuYeremiya 49:7-22; kuHezekile 25:12-14; 35:2-15. Ngelicacileyo izihlabo zangaphambili zibhekisela kwizenzo zobutshaba zamaxesha awadlulayo, ngoxa ezo zamva zikukumangalelwa kukaEdom ngenxa yehambo yakhe engenakuxoleleka, ekubhekiselwe kuyo nguObhadiya, ngethuba lokuthinjwa kweYerusalem ngamaBhabhiloni. Kuya kulomeleza ukholo lwethu kumandla kaYehova okunikela isiprofeto ukuba sihlola indlela awamehlela ngayo uEdom la mashwangusha awaxelwa kwangaphambili. Ngaphezu koko, kuya kwakha intembelo kuYehova njengoThixo osoloko eyizalisekisa injongo yakhe ayivakalisileyo.—Isa. 46:9-11.
11, 12. (a) Kwenzeka njani ukuba abo ‘babexolelene’ noEdom bamjikele? (b) UEdom ‘wanqanyulwa ngonaphakade’ ngokwawaphi amanqanaba?
11 UObhadiya wayexele kwangaphambili ukuba “onke amadoda abenqophisene” noEdom, lawo “abexolelene” naye, ayeya kumjikela. (Obha. 7) Uxolo phakathi kwamaBhabhiloni namaEdom aluzange luhlale thuba lide. Ebudeni benkulungwane yesithandathu Ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo, imikhosi yamaBhabhiloni eyayikhokelwa nguKumkani uNabhonidus yalithimba elakwaEdom.b Sekunjalo, kwithuba elingangenkulungwane emva kokuba uNabhonidus walihlaselayo elo lizwe, uEdom ozithembileyo wayesenethemba lokuba wobuya avuke, kwaye ngokuphathelele oko, uMalaki 1:4 unikela le ngxelo: “Ekubeni ke uEdom esithi, Sivikivekile, [“kodwa,” NW] siya kubuya siwakhe amanxuwa; utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Baya kwakha bona, kodwa mna ndiya kugungxula.” Phezu kwayo nje imigudu kaEdom yokuzama ukuzomeleza, ngethuba lenkulungwane yesine Ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo, amaNabhataya ayesele ezinzile kwelo lizwe. Ekubeni ayetyhalelwe ngaphandle kwelizwe lawo, amaEdom ahlala kwinxalenye esemazantsi yelakwaYuda, eyathi yaziwa njengelakwaIdumeya (elakwaDuma). Akazange aphumelele ekulihlutheni kwakhona ilizwe lakwaSehire.
12 Ngokutsho kukaJosephus, kwinkulungwane yesibini Ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo, amasalela amaEdom oyiswa ngukumkani wamaYuda uJohn Hyrcanus I, aza anyanzelelwa ukuba aluke, kwaye ngokuthe ngcembe angeniswe kwaYuda engaphantsi kolawulo lwerhuluneli yamaYuda. Emva kokutshatyalaliswa kweYerusalem ngamaRoma ngowama-70 C.E., igama lawo lathi shwaka kwimbali.c Kwaba njengokuba wayekuxele kwangaphambili uObhadiya esithi: “Unqanyulwe ngonaphakade. . . . Kungabikho usalayo wasendlwini kaEsawu.”—Obha. 10, 18.
13. Yintoni eyenzekayo kumaYuda, ngokwahlukileyo koko kwenzeka kumaEdom?
13 Ngokuchasene nokuphanziswa kukaEdom, amaYuda abuyiselwa kwilizwe lawo lokuzalwa ngowama-537 B.C.E., ngaphantsi koZerubhabheli njengerhuluneli, apho ayakhayo kwakhona itempile eYerusalem aza azinza elizweni.
14. (a) Kunokufunyanwa siphi isilumkiso kwisiphelo sikaEdom? (b) Yintoni emele ivunywe ngabo bonke, njengokuba wenzayo uObhadiya, kwaye ngoba?
14 Enjani yona indlela elicace ngayo elokuba ikratshi nokuzidla kwandulela intlekele! Ngamana bonke abo baziphakamisayo ngekratshi nabathi ngenkohlakalo babuvuyele ubunzima obufikela abakhonzi bakaThixo bangafumana isilumkiso kwisiphelo sikaEdom. Njengokuba wenzayo uObhadiya, bonke mabavume ukuba “ubukumkani [mabube] bobukaYehova.” Bonke abo balwa ngokuchasene noYehova nabantu bakhe baya kunqanyulwa ngonaphakade, kodwa uBukumkani obuzukileyo bukaYehova negunya lakhe njengokumkani ziya kuthethelelwa ngonaphakade!—Indi. 21.
[Imibhalo esemazantsi]
a I-Insight on the Scriptures, Umqu. 1, iphepha 679.
b I-Insight on the Scriptures, Umqu. I, iphepha 682.
c IJewish Antiquities, XIII, 257, 258 (ix, 1); XV, 253, 254 (vii, 9).