Isahluko 10
Xa Ilungu Lentsapho Ligula
1, 2. USathana wayisebenzisa njani intlekele nokugula ukuzama ukwaphula ingqibelelo kaYobhi?
NGOKUQINISEKILEYO indoda enguYobhi imele ibalwe kwabo babenandipha ubomi bentsapho obonwabisayo. IBhayibhile imbiza ngokuthi ‘ngomkhulu kubo bonke oonyana basempumalanga.’ Wayenoonyana abasixhenxe neentombi ezintathu, abantwana abalishumi bebonke. Kwakhona wayemi kakuhle ngezinto zokuxhasa intsapho yakhe. Okubaluleke ngakumbi, wayekhokela kwizinto zokomoya yaye wayeluxhalabele ulwalamano lwabantwana bakhe noYehova. Konke oku kwamenza wanentsapho emanyeneyo neyonwabileyo.—Yobhi 1:1-5.
2 USathana, olutshaba olukhulu lukaYehova uThixo, wayibona le meko kaYobhi. USathana, osoloko efuna iindlela zokwaphula ingqibelelo yabakhonzi bakaThixo, wahlasela uYobhi ngokutshabalalisa intsapho yakhe. Ngoko, “wambetha uYobhi ngamathumba amabi, wathabathela entendeni yonyawo lwakhe, wesa elukakayini lwakhe.” Ngaloo ndlela uSathana wayezimisele ukumehlisel’ intlekele nokumgulisa ukuze aphule ingqibelelo kaYobhi.—Yobhi 2:6, 7.
3. Ziziphi iimpawu zesigulo sikaYobhi?
3 IBhayibhile ayisichazi ngokwezamayeza isigulo sikaYobhi. Noko ke, iyasichazela iimpawu zaso. Inyama yakhe yayizele ziimpethu, yaye ulusu lwakhe luneenkokho, lubolile. Umoya kaYobhi wawunevumba elibi, yaye umzimba wakhe wawunuka. Wayegcuma ziintlungu. (Yobhi 7:5; 19:17; 30:17, 30) Ngenxa yeengqaqambo uYobhi wayehlala eluthuthwini yaye ezikhuhla ngesitya sodongwe esaphukileyo. (Yobhi 2:8) Wayengumbono olusizi ngokwenene!
4. Yiyiphi ingxaki zonke iintsapho eziba nayo ngamaxesha athile?
4 Wawuya kwenza ntoni ukuba wawunesifo esibuhlungu ngolo hlobo? Namhlanje, uSathana akasababethi ngesigulo esifana nesikaYobhi abakhonzi bakaThixo. Sekunjalo, ngenxa yokungafezeki kwabantu, iingcinezelo zobomi bemihla ngemihla, nokonakala kwendawo esihlala kuyo, simele silindele ukuba ngamathub’ athile, amalungu entsapho aya kugula. Nokuba singazikhusela kangakanani na, sonke sisemngciphekweni wokugula, nangona bembalwa abanokugula njengoYobhi. Xa ukugula kungena kwintsapho yethu, kunokuba lucelomngeni lokwenene. Ngoko ke masibone indlela iBhayibhile esinceda ngayo sihlangabezane nolu tshaba loluntu lungayekeleliyo.—INtshumayeli 9:11; 2 Timoti 3:16.
UVAKALELWA NJANI NGAKO?
5. Amalungu entsapho adla ngokwenza ntoni xa kukho ukugula kokwexeshana?
5 Ukuphazanyiswa kobomi obuqhelekileyo bentsapho, ingakhathaliseki into ebuphazamisayo, kusoloko kuyingxaki, yaye kuba yingxaki ngokukhethekileyo xa buphazanyiswa kukugula okungapheliyo. Nokuba kukugula kokwexeshana kuye kufuneke uhlengahlengiso, utshintsho nokuzincama okuthile. Amalungu entsapho angaguliyo kusenokufuneka azole ukuze eli ligulayo likwazi ukuphumla. Kusenokufuneka ayeke ukwenza ezinye izinto. Sekunjalo, kwiintsapho ezininzi kwanabantwana abaselula bayamvela umntakwabo okanye umzali ogulayo, nangona maxa wambi kusenokufuneka bakhunjuzwe ukuba bamcingele. (Kolose 3:12) Xa ikukugula kokwexeshana, intsapho idla ngokungabi nengxaki yokwenza okufunekayo. Ngapha koko, ngalinye kumalungu entsapho linethemba lokucingelwa ngolo hlobo nalo xa ligula.—Mateyu 7:12.
6. Yintoni edla ngokwenzeka ngamanye amaxesha xa elinye ilungu lentsapho lihlaselwa sisigulo esinzulu nesihlala ixesha elide?
6 Noko ke, kuthekani ukuba kukugula okunzulu yaye kuza kuphazamisa kakhulu yaye kangangethuba elide? Ngokomzekelo, kuthekani ukuba omnye entsatsheni ufe amalungu omzimba, akakwazi kuzenzela nto ngenxa yesifo sika-Alzheimer, okanye udodotyaliswa sisifo esithile? Okanye kuthekani ukuba ilungu lentsapho ligula ngengqondo, njengeschizophrenia? Into edla ngokwenzeka kukulisizela—nikhathazwe kukuba lowo nimthandayo egula kakhulu. Noko ke, usizi lusenokulandelwa zezinye iimvakalelo. Ekubeni amalungu entsapho ekhathazeke gqitha yaye engasenankululeko kangako ngenxa yokugula komntu omnye, asenokuba nengqumbo. Asenokuzibuza: “Kutheni oku kumele kwehlele mna?”
7. Xa kwakugula umyeni wakhe wenza ntoni umkaYobhi, yaye yintoni ekubonakala ukuba wayilibala?
7 Kubonakala ukuba wacinga ngolo hlobo nomkaYobhi. Khumbula ukuba, wayesele ephulukene nabantwana bakhe. Njengokuba kwakusenzeka ezo ntlekele, ngokuqinisekileyo ingqondo yakhe yayisele ithatha ibeka. Ekugqibeleni, xa wabona indoda yakhe eyayikade ikhuthele yaye ikhaliphile inesifo esibuhlungu nesilizothe, kubonakala ukuba wayilibala eyona nto yayibaluleke ngaphezu kwazo zonke ezo ntlekele—ulwalamano yena nendoda yakhe ababenalo noThixo. IBhayibhile ithi: “Wathi umkakhe kuye, Usabambelele na ekugqibeleleni kwakho? Mlahle uThixo, ufe.”—Yobhi 2:9.
8. Xa ilungu lentsapho ligula kakhulu, sisiphi isibhalo esiya kunceda amanye amalungu entsapho ukuba ahlale enesimo sengqondo esifanelekileyo?
8 Abaninzi bayaphazamiseka, bade bacaphuke, xa ubomi babo butshintshwa ngesiquphe kukugula komnye umntu. Sekunjalo, umKristu oyicingisisayo le meko ufanele aqonde ukuba oku kumnika ithuba lokubonisa ukunyaniseka kothando lwakhe. Uthando lokwenyaniso “luzeka kade umsindo yaye lunobubele . . . [yaye] alufuni ezalo izilangazelelo . . . Luthwala izinto zonke, lukholelwa izinto zonke, luthemba izinto zonke, lunyamezela izinto zonke.” (1 Korinte 13:4-7) Ngoko ke, kunokuvumela ukukhathazeka kusilawule, kubalulekile ukuba senze konke okusemandleni ethu sikulawule.—IMizekeliso 3:21.
9. Ziziphi iziqinisekiso ezinikelweyo ezinokunceda intsapho ngokomoya nangokweemvakalelo xa elinye ilungu ligula ngokunzulu?
9 Yintoni enokwenziwa ukukhusela impilo-ntle yokomoya neyeemvakalelo zentsapho xa elinye lamalungu ayo lilele ngandletyana nye? Kakade ke, sigulo ngasinye sinyanyekelwa size sinyangwe ngendlela yaso, yaye bekungayi kuba kokufanelekileyo ukuba kule mpapasho sicebise naluphi na unyango lwezamayeza okanye indlela yokusinyamekela ekhaya. Sekunjalo, ngokomoya, uYehova “ungumphakamisi wabo bonke abagobileyo.” (INdumiso 145:14) UKumkani uDavide wabhala wathi: “Hayi, uyolo lwalowo unyamekela ihlwempu! Ngomhla wobubi uYehova uya kumhlangula. UYehova uya kumlondoloza amgcine, aphile. . . . UYehova uya kumxhasa elukhukweni lobulwelwe.” (INdumiso 41:1-3) UYehova ubagcina bephila abakhonzi bakhe ngokomoya, kwanaxa iimvakalelo zabo zilingwa ngaphezu kwamandla abo. (2 Korinte 4:7) Amalungu entsapho amaninzi anomntu ogula kakhulu kwintsapho yawo aye aphinda amazwi omdumisi athi: “Ndide ndacinezeleka kakhulu. Yehova, ndiphilise ngokwelizwi lakho.”—INdumiso 119:107.
UMOYA OPHILISAYO
10, 11. (a) Yintoni ebalulekileyo ukuze intsapho ihlangabezane ngokuphumelelayo nokugula? (b) Elinye ibhinqa lahlangabezana njani nokugula komyeni walo?
10 Umzekeliso weBhayibhile uthi: “Umoya wendoda uyasinyamezela isifo sayo; ke umoya odakumbileyo, ngubani na ongawuthwalayo?” (IMizekeliso 18:14) Ukugula kunokuwonakalisa umoya wentsapho ‘nomoya wendoda.’ Ukanti, “bubomi benyama intliziyo ephilileyo.” (IMizekeliso 14:30) Ukuphumelela okanye ukungaphumeleli kwentsapho ekuhlangabezaneni nokugula kuxhomekeke ngokuyintloko kwisimo sengqondo, okanye kumoya, wamalungu ayo.—Thelekisa IMizekeliso 17:22.
11 Omnye umfazi ongumKristu wanyamezela ukubukela indoda ingcungcuthekiswa kukufa kwamalungu omzimba wayo emva kweminyaka emithandathu kuphela betshatile. Ukhumbula oku: “Umyeni wam wayengakwazi ukuthetha kakuhle, yaye kwaba nzima gqitha ukuncokola naye. Ingqondo yayiba shushu kukuzama ukuqonda oko wayezama ukukuthetha.” Khawucinge indlela amele ukuba wayesentlungwini yaye ephazamiseke ngayo loo myeni wakhe. Senza ntoni esi sibini? Nangona sasihlala kude nebandla lamaKristu, lo dade wenza unakonako wokuhlala omelele ngokomoya ngokuhambisana nenkcazelo entsha yentlangano nangokuqhubeka ezondla ngokutya kokomoya okukwiphephancwadi IMboniselo noVukani! Oku kwamnika amandla okunyamekela umyeni wakhe awayemthanda kunene de wafa kwiminyaka emine emva koko.
12. Njengoko sibonile kwimeko kaYobhi, umntu ogulayo angaluncedo njani maxa wambi?
12 Kwimeko kaYobhi nguye, yena wayegula, owahlala omelele. Wabuza oku kumkakhe: “Siya kwamkela okulungileyo kuThixo, singamkeli nokubi, yini na?” (Yobhi 2:10) Alimangalisi elokuba umfundi uYakobi acaphule uYobhi njengomzekelo obalaseleyo womonde nonyamezelo! KuYakobi 5:11 sifunda oku: “Nivile ngonyamezelo lukaYobhi yaye niwubonile umphumo uYehova awawunikelayo, ngokuba uYehova unomsa wofefe olukhulu nenceba.” Ngokufanayo namhlanje, kwiimeko ezininzi isimo sengqondo senkalipho selungu lentsapho eligulayo siye sabanceda abanye entsatsheni abalahl’ ithemba.
13. Kukuphi ukuzithelekisa okungafanele kwenziwe yintsapho enomntu ogula ngokunzulu?
13 Abaninzi abaye bagulelwa entsatsheni bayavuma ukuba ekuqaleni kudla ngokuba nzima ukuba amalungu entsapho akwamkele oko. Bakwathi ibaluleke gqitha indlela ubani ayijonga ngayo le meko. Ekuqaleni kusenokuba nzima kwintsapho ukwenza uhlengahlengiso kwizinto eqhele ukuzenza. Kodwa ukuba ngokwenene umntu uyazama, unokuyamkela loo meko intsha. Xa sisenza oko, kubalulekile ukuba singathelekisi iimeko zethu nezabo bangagulelwayo kwezabo iintsapho, sicinge ukuba bona baphila kamnandi yaye thina ‘siseshweni!’ Eneneni, akakho umntu oyazi kakuhle imithwalo ethe zinzi emagxeni abanye abantu. Onke amaKristu ayathuthuzelwa ngamazwi kaYesu athi: “Yizani kum, nonke nina nixhamlekayo nenisindwa ngumthwalo, yaye ndiza kunihlaziya.”—Mateyu 11:28.
UKUZIBEKELA IZINTO EZIZA KUQALA
14. Zinokubekwa njani izinto ezifanele zize kuqala?
14 Xa kukho ogula ngokunzulu, intsapho iya kuncedwa kukukhumbula amazwi aphefumlelweyo athi: “Ke zona [iingcinga] zima ngamaphakathi.” (IMizekeliso 15:22) Ngaba intsapho ingadibana ize ixubushe imeko ebangelwa koko kugula kwaloo mntu? Ngokuqinisekileyo kufanelekile ukwenza oko ngomthandazo ize ifune ukhokelo kwiLizwi likaThixo. (INdumiso 25:4) Yintoni emele ixutyushwe apho? Kaloku, kukho izigqibo ekufuneka zenziwe ngonyango, ngemali nangentsapho. Ngubani oza kumnyamekela ngokuyintloko? Intsapho inokusebenzisana njani ukuze ixhase lowo umnyamekelayo? Amalungiselelo enziweyo aza kulichaphazela njani ilungu ngalinye lentsapho? Iintswelo zokomoya nezinye iintswelo zalowo umnyamekela ngokuyintloko ziza kwaneliswa njani?
15. UYehova uzixhasa njani iintsapho ezinomntu ogula ngokunzulu?
15 Ukuthandazela ukhokelo lukaYehova ngokuzingisileyo, ukucamngca ngeLizwi lakhe nokulandela ngenkalipho indlela esiyiboniswa yiBhayibhile kuba neentsikelelo ezingathethekiyo. Isifo selungu lentsapho eligulayo asisoloko sinesiqabu. Kodwa ukwayama ngoYehova kusoloko kunemiphumo emihle kuzo zonke iimeko. (INdumiso 55:22) Umdumisi wabhala wathi: “Isuka inceba yakho, Yehova, indixhase. Ebuninzini beengcinga-ngcinga zam ngaphakathi kwam, iintuthuzelo zakho ziyawuyolisa umphefumlo wam.”—INdumiso 94:18, 19; kwakhona bona INdumiso 63:6-8.
UKUNCEDA ABANTWANA
16, 17. Ziziphi iingongoma ezimele zichazwe xa kuxutyushwa nabantwana abaselula ngomntakwabo ogulayo?
16 Ukugula okunzulu kunokubangela ingxaki kubantwana baloo ntsapho. Kubalulekile ukuba abazali bancede abantwana baqonde izinto ekuye kwafuneka zenziwe noko banokukwenza ukunceda. Ukuba ngumntwana ogulayo, abantakwabo bamele bancedwe baqonde ukuba ukunyanyekelwa ngakumbi kwalo ugulayo akuthethi kuthi bona abathandwa. Kunokubavumela bamqumbele okanye bammonele, abazali banokunceda abanye abantwana bamanyane ngakumbi baze babe nomsa wokwenene njengokuba besebenzisana ekusingatheni imeko ebangelwe koko kugula.
17 Abantwana abancinane bakhawuleza baqonde xa kufikelelwa iimvakalelo zabo kunaxa bechutyelwa ingcombolo ende nenzima ngemeko yezonyango. Ngoko banokuboniswa imeko elikuyo elo lungu lentsapho ligulayo. Ukuba abantwana abangaguliyo bayancedwa babone indlela isigulo salo mntwana ugulayo esimvimba ngayo amathuba okwenza izinto bona abazithabatha lula, mhlawumbi ‘banganomsa wobuzalwana’ baze babe ‘nemfesane yofefe.’—1 Petros 3:8.
18. Abantwana abadala banokuncedwa njani baqonde iingxaki ezibangelwe kukugula, yaye oku kungayingenelo njani kubo?
18 Abantwana abadala bamele bancedwe baqonde ukuba intsapho isengxakini ibe oko kufuna ukuba ngamnye kuyo ancame izinto ezithile. Ekubeni kufuneka kuhlawulwe ugqirha namatyala amayeza, abazali basenokungakwazi ukunika abanye abantwana izinto ebebeya kuthanda ukubanika zona. Ngaba oku kuya kubaqumbisa abantwana baze bavakalelwe kukuba bavinjwa okuthile? Okanye ngaba baya kuyiqonda le meko baze bakulungele ukuncama ezo zinto kufuneka bezincamile? Ubukhulu becala oko kuxhomekeke kwindlela oxutyushwa ngayo loo mbandela entsatsheni nomoya ewukhuthazayo. Eneneni, kwiintsapho ezininzi ukugula kwelungu lentsapho kuqeqeshe abantwana balandele isiluleko sikaPawulos esithi: “Ningenzi nanye into ngokusukuzana okanye ngokuzigwagwisa, kodwa ngokuthobeka kwengqondo nibagqala abanye njengabongamileyo kunani, niphosa iliso, kungekhona kwizilangazelelo zobuqu kwimibandela nje yenu, kodwa nakwizilangazelelo zobuqu kuleyo yabanye.”—Filipi 2:3, 4.
INDLELA ESILUJONGA NGAYO UNYANGO LWEZAMAYEZA
19, 20. (a) Ziziphi iimbopheleleko ezithwalwa ziintloko-ntsapho xa kukho ilungu lentsapho eligulayo? (b) Nangona ingeyoncwadi yezonyango, iBhayibhile ilunikela njani ukhokelo ekusingatheni ukugula?
19 AmaKristu alungeleleneyo akaluchasi unyango lwezamayeza lo gama nje lungangqubani nomthetho kaThixo. Xa ilungu leentsapho zawo ligula, ayakhawuleza afune indlela yokunceda elo ligulayo. Sekunjalo, kusenokubakho iimbono ezingqubanayo zabezonyango ekufuneka ziqwalaselwe. Ngaphezu koko, kwiminyaka yakutshanje kuye kwavela izifo nezigulo ezitsha, yaye uninzi lwazo, ayikho indlela yonyango eyamkelwa ngumntu wonke. Maxa wambi kude kube nzima nokuxilongwa ngokuchanileyo. Ngoko, yintoni afanele ayenze umKristu?
20 Nangona omnye umbhali weBhayibhile wayengugqirha yaye umpostile uPawulos wanikela icebiso lonyango kumhlobo wakhe uTimoti, iZibhalo zinikela ukhokelo lokuziphatha nolokomoya, aziyoncwadi yezonyango. (Kolose 4:14; 1 Timoti 5:23) Ngenxa yoko, kwiimeko zonyango lwamayeza, iintloko-ntsapho ezingamaKristu kufuneka zizenzele izigqibo zazo ezilungeleleneyo. Mhlawumbi zisenokuvakalelwa kukuba kufuneka zifumane iimbono ezahlukahlukeneyo zeengcali. (Thelekisa IMizekeliso 18:17.) Ngokuqinisekileyo ziya kuthanda ukulifumanela olona nyango lusemgangathweni elo lungu lentsapho ligulayo, yaye inkoliso yazo idla ngokulufuna koogqirha abaqhelekileyo bezonyango. Bambi basenokwaneliswa ngakumbi zezinye iindlela zonyango. Nako oku, sisigqibo sobuqu. Sekunjalo, xa esingatha iingxaki zempilo, amaKristu akayeki ukuvumela ‘ilizwi likaThixo libe sisibane seenyawo zawo, libe kukukhanya emendweni wawo.’ (INdumiso 119:105) Aqhubeka elandela ukhokelo oluseBhayibhileni. (Isaya 55:8, 9) Ngaloo ndlela, ayaziphepha iindlela zokuxilonga ezinxibelelene nokusebenzelana nemimoya, yaye ayaluphepha unyango oluvukela imigaqo yeBhayibhile.—INdumiso 36:9; IZenzo 15:28, 29; ISityhilelo 21:8.
21, 22. Elinye ibhinqa laseAsia laqiqa njani ngemigaqo yeBhayibhile, yaye isigqibo elasenzayo saba sesichane njani kwimeko yalo?
21 Kwawucinge ngemeko yelinye ibhinqa laseAsia. Xa lalisandul’ ukuqalisa isifundo seBhayibhile ngokufundisisa nomnye wamaNgqina kaYehova, lazala umntwana oyintombazana phambi kwexesha owayenobunzima obuziigram ezili-1 470. Eli bhinqa lakhathazeka gqitha xa ugqirha wathi lo mntwana wayeza kukhubazeka kakhulu yaye wayengasokuze akwazi ukuhamba. Wacebisa ukuba lo mntwana malimse kwindawo yokunyamekela abantwana abanjalo. Umyeni walo wayengaqinisekanga ngalo mbandela. Ngubani elalinokuya kuye?
22 Lithi: “Ndiyakhumbula ndifunda eBhayibhileni ukuba ‘ilifa likaYehova ngoonyana; umvuzo sisiqhamo sesizalo.’” (INdumiso 127:3) Lagqiba kwelokuba ligoduke nalo eli ‘lifa’ lize lilinyamekele. Ekuqaleni kwakungelula, kodwa ngokuncedwa ngabahlobo abangamaKristu kwibandla lamaNgqina kaYehova lasekuhlaleni, eli bhinqa lakwazi ukumnyamekela nokwenza zonke izinto ezikhethekileyo ezazifuneka ekuxhaseni loo mntwana. Kwiminyaka eli-12 kamva, lo mntwana wayesiya kwiintlanganiso kwiHolo yoBukumkani yaye ekuvuyela ukuba kunye nabanye abantwana apho. Unina uthi: “Ndiyibulela kakhulu imigaqo yeBhayibhile ngokundiqhubela ekwenzeni okulungileyo. IBhayibhile yandinceda ndahlala ndinesazela esicocekileyo phambi kukaYehova uThixo yaye andazisola njengokuba ndandiya kuba njalo ubomi bam bonke.”
23. Yiyiphi intuthuzelo enikelwa yiBhayibhile kwabagulayo nakwabo babanyamekelayo?
23 Ukugula akuyi kuhlala kukho ngonaphakade. Umprofeti uIsaya wabhekisela kwixesha apho kungasayi kubakho ‘mmi uthi, Ndiyafa.’ (Isaya 33:24) Elo dinga liya kuzaliseka kwihlabathi elitsha elisemnyango. Noko ke, kude kube lelo xesha, kuya kufuneka sijamelane nokugula nokufa. Okuvuyisayo kukuba, iLizwi likaThixo lisinika ukhokelo noncedo. Imigaqo esisiseko yokuziphatha esiyinikwa yiBhayibhile ihlala ihleli, yaye izodlula lee iimbono eziguquguqukayo zabantu abangafezekanga. Ngenxa yoko, umntu olumkileyo uvumelana nomdumisi owabhala wathi: “Umyalelo kaYehova ugqibelele, ubuyisa umphefumlo; isingqino sikaYehova sinyanisekile, sinika isiyatha ubulumko. . . . Izigwebo zikaYehova ziyinyaniso, zibubulungisa kwaphela. . . . Ekuzigcineni mkhulu umvuzo.”—INdumiso 19:7, 9, 11.
LE MIGAQO YEBHAYIBHILE . . . INGAYINCEDA NJANI INTSAPHO ISINGATHE UKUGULA OKUNZULU NOKUPHAZAMISEKA OKUKUBANGELAYO?
Uthando luzeka kade umsindo yaye lunyamezela izinto zonke.—1 Korinte 13:4-7.
Kubalulekile ukuhlakulela umoya omhle.—IMizekeliso 18:14.
Kuhle ukufuna icebiso ngaphambi kokwenza izigqibo ezibalulekileyo.—IMizekeliso 15:22.
UYehova uyasixhasa xa ubomi bunzima.—INdumiso 55:22.
ILizwi likaYehova lisisikhokelo kwiimeko zonke.—INdumiso 119:105.
[Umfanekiso okwiphepha 118]
AmaKristu abonisa indlela olunzulu ngayo uthando lwawo xa amaqabane awo egula
[Umfanekiso okwiphepha 125]
Xa intsapho isebenzisana, iingxaki zinokusingathwa