ISAHLUKO SESHUMI ELINESIBINI
“Wayengathethi Kubo Ngaphandle Kwangomzekeliso”
1-3. (a) Liliphi ilungelo elikhethekileyo ababenalo abafundi ababehamba noYesu, yaye wakwenza njani kwaba lula ngabo ukukhumbula oko wayekufundisa? (b) Kutheni kulula nje ukuyikhumbula imizekeliso echukumisayo?
ABAFUNDI ababehamba noYesu babenelungelo elikhethekileyo. Babefunda ngokungqalileyo kuMfundisi Omkhulu. Babeliva ilizwi lakhe njengoko wayebachazela ngeLizwi likaThixo yaye ebafundisa inyaniso echulumancisayo. Ngoko babemele bawagcine engqondweni nasentliziyweni amazwi akhe, kuba lalingekafiki ixesha lokuba amazwi akhe abhalwe.a Noko ke, uYesu wakwenza kwaba lula ngabo ukukhumbula iimfundiso zakhe. Wakwenza njani oko? Ngendlela awayefundisa ngayo, ingakumbi ukusebenzisa kwakhe ngobuchule imizekeliso.
2 Eneneni, imizekeliso echukumisayo ayilibaleki msinyane. Omnye umbhali wathi imizekeliso “iguqula iindlebe zibe ngamehlo,” yaye “yenza abaphulaphuli bazakhele umfanekiso-ngqondweni waloo nto kuzekeliswa ngayo.” Ekubeni kulula ukuyiqonda into xa uyibona emfanekisweni, ngoko imizekeliso yenza ukuba kwaneengcamango ezintsonkothileyo ziqondeke lula. Imizekeliso yenza siyiqonde intsingiselo yoko kuthethwayo, kuze kubetheleleke engqondweni yethu.
3 Akakho omnye umntu emhlabeni owakha wayisebenzisa ngobuchule imizekeliso njengoYesu Kristu. Kude kube ngoku, imizekeliso yakhe isakhumbuleka lula. Kwakutheni ukuze uYesu ayisebenzise kakhulu le ndlela yokufundisa? Yintoni eyayenza yachukumisa imizekeliso yakhe? Sinokufunda njani ukusebenzisa le ndlela yokufundisa?
Isizathu Sokuba UYesu Afundise Ngemizekeliso
4, 5. Kwakutheni ukuze uYesu asebenzise imizekeliso?
4 IBhayibhile isinika izizathu ezibini ezibalulekileyo zokuba uYesu asebenzise imizekeliso. Okokuqala, oko kwakuzalisekisa isiprofeto. KuMateyu 13:34, 35, sifunda oku: “Zonke ezi zinto uYesu wazithetha ngemizekeliso kwizihlwele. Eneneni, wayengathethi kubo ngaphandle kwangomzekeliso; ukuze kuzaliseke oko kwakuthethwe ngomprofeti owathi: ‘Ndiza kuwuvula umlomo wam ngemizekeliso.’” Lo mprofeti okhankanywe nguMateyu ngulowo wabhala iNdumiso 78:2. Loo mdumisi waphefumlelwa nguThixo ukuba akubhale oko kwiinkulungwane ngaphambi kokuzalwa kukaYesu. Phawula nje oko kuthethwa koko. Kangangamakhulu eminyaka ngaphambili, uYehova wayeqonda ukuba uMesiya wayeza kufundisa ngemizekeliso. Ngoko ngokuqinisekileyo uYehova umele ukuba uyixabisile le ndlela yokufundisa.
5 Okwesibini, uYesu wathi wayesebenzisa imizekeliso ukuze ahlukanise abo baneentliziyo ‘ezilukhuni.’ (Mateyu 13:10-15; Isaya 6:9, 10) Imizekeliso yakhe yayizibhenca njani iintshukumisa zabantu? Maxa wambi wayefuna abo baphulaphuleyo babuze inkcazelo engakumbi ukuze bafumane intsingiselo epheleleyo yoko akuthethayo. Abo bathobekileyo babekulungele ukubuza, kodwa abakhukhumeleyo nabangenamdla babengakulungelanga. (Mateyu 13:36; Marko 4:34) Ngoko imizekeliso kaYesu yayibatyhilela inyaniso abo babeyilangazelela ngokusuk’ entliziyweni; kwangaxesha-nye imizekeliso yakhe yayiyifihla inyaniso kwabo babenekratshi.
6. Yiyiphi injongo ebalulekileyo eyayifezwa yimizekeliso kaYesu?
6 Imizekeliso kaYesu yayifeza enye injongo ebalulekileyo. Yayivuselel’ umdla, ishukumisele abantu ekubeni baphulaphule. Babesiba nomfanekiso-ngqondweni owawusenza kube lula ukuqonda oko akuthethayo. Njengoko kuchaziwe ekuqaleni, imizekeliso kaYesu yayisenza kube lula ngabaphulaphuli ukukhumbula oko akuthethayo. INtshumayelo yaseNtabeni, ebhalwe kuMateyu 5:3–7:27, ingumzekelo obalaseleyo wendlela uYesu awayeyisebenzisa kakhulu ngayo imizekeliso. Enye ingxelo ithi, le ntshumayelo inezigaba zentetho ezingaphezu kwama-50. Ukuze ukuqonde oku, khumbula ukuba le ntshumayelo inokufundwa ngemizuzu emalunga nama-20. Oko kutheth’ ukuba, wayesebenzisa isigaba sentetho rhoqo emva kwemizuzwana engama-20! Ngokucacileyo, uYesu wayekuqonda ukubaluleka kokusebenzisa imizekeliso!
7. Kutheni sifanele sixelise indlela kaYesu yokusebenzisa imizekeliso?
7 Njengabalandeli bakaKristu, sifuna ukuxelisa indlela yakhe yokufundisa, kuquka ukusebenzisa kwakhe imizekeliso. Njengesinongo esenza ukutya kube nencasa ngakumbi, imizekeliso echukumisayo inokwenza imfundiso yethu ibe nomtsalane ngakumbi kwabanye. Kwakhona, imizekeliso ecingisiswe kakuhle inokwenza kube lula ngabanye ukuyiqonda inyaniso ebalulekileyo. Ngoku makhe sihlolisise ezinye zeenkalo ezenza ukuba imizekeliso kaYesu ichukumise. Oko kuya kusinceda sibone indlela esinokuyisebenzisa ngayo le ndlela ibalulekileyo yokufundisa.
Ukusebenzisa Uthelekiso Olulula
8, 9. UYesu walusebenzisa njani uthelekiso olulula, yaye yintoni eyenza ukuba uthelekiso lwakhe luchukumise?
8 Ekufundiseni kwakhe, uYesu wayedla ngokusebenzisa uthelekiso olulula, esebenzisa amagama nje ambalwa. Kodwa amazwi alula awayewasebenzisa ayezoba umfanekiso-ngqondweni ocacileyo yaye ayefundisa inyaniso ebalulekileyo yokomoya. Ngokomzekelo, xa wayebongoza abafundi bakhe ukuba bangazixhalabisi ngeemfuno zemihla ngemihla, walathisa ingqalelo yabo ‘kwiintaka zezulu’ ‘nakwiinyibiba zasendle.’ Iintaka azihlwayeli yaye azivuni, neenyibiba azisonti yaye aziluki. Sekunjalo, uThixo uyazinyamekela. Kulula ukuyibona ingongoma—eyokuba, ukuba uThixo unyamekela iintaka neentyatyambo, ngokuqinisekileyo uya kubanyamekela abantu ‘abaqhubeka befuna ubukumkani kuqala.’—Mateyu 6:26, 28-33.
9 Kwakhona uYesu wazisebenzisa kakhulu izafobe, eziluthelekiso olunamandla ngakumbi. Isafobe simntwisisa loo nto kuthelekiswa nayo. Nakule meko wayesenza uthelekiso olulula. Ngesinye isihlandlo wathi kubafundi bakhe: “Nilukhanyiselo lwehlabathi.” Yayicacile kubafundi ingongoma yeso safobe, eyokuba ngamazwi nangezenzo zabo babenokwenza ukukhanya kwenyaniso yokomoya kukhanyise kuze kuncede abanye bazukise uThixo. (Mateyu 5:14-16) Nazi ezinye izafobe ezasetyenziswa nguYesu: “Niyityuwa yehlabathi;” “mna ndingumdiliya, nina ningamasebe.” (Mateyu 5:13; Yohane 15:5) Ezi zigaba zentetho zilula, kodwa zinamandla.
10. Yiyiphi imizekelo ebonisa indlela onokuyisebenzisa ngayo imizekeliso ekufundiseni kwakho?
10 Unokuyisebenzisa njani imizekeliso ekufundiseni kwakho? Akuyomfuneko ukwenza amabali amade nantsonkothileyo. Zama ukucinga ngothelekiso olulula. Masithi uxubusha umbandela wovuko, yaye ufuna ukuzekelisa ukuba ukuvusa abafileyo akuyongxaki kuYehova. Luluphi uthelekiso ocinga ngalo? IBhayibhile ithelekisa ukufa nokulala. Ngoko usenokuthi, “Ukuvusa abafileyo kulula kuThixo njengokuvusa umntu oleleyo.” (Yohane 11:11-14) Masithi ufuna ukuzekelisa ukuba abantwana bafuna uthando ukuze bakhule kakuhle. Nguwuphi umzekelo onokuwusebenzisa? IBhayibhile isebenzisa olu faniso: Abantwana ‘banjengezithole zomnquma.’ (INdumiso 128:3) Ngoko usenokuthi, “Uthando olubonakaliswa emntwaneni lufana nokukhanya kwelanga namanzi agalelwa emthini.” Xa ufaniso lulula, kuba lula ngabaphulaphuli ukuyifumana ingongoma.
Ukuzekelisa Ngeziganeko Zemihla Ngemihla
11. Chaza imizekelo yendlela imizekeliso kaYesu eyayibonisa ngayo izinto awaziphawula ekukhuleni kwakhe eGalili.
11 UYesu wayebalasele ekusebenziseni imizekeliso ephathelele ubomi babantu. Imizekeliso yakhe emininzi yayithetha ngeemeko zemihla ngemihla ekucacileyo ukuba waziphawula ekukhuleni kwakhe eGalili. Khawucinge nje okomzuzwana ngokukhula kwakhe. Wambona kangaphi unina esila ingqolowa ibe ngumgubo, afake igwele entlameni, elumeka isibane, okanye etshayela endlwini? (Mateyu 13:33; 24:41; Luka 15:8) Wababona kangaphi abalobi beentlanzi bethoba iminatha yabo kuLwandle lwaseGalili? (Mateyu 13:47) Wababona kangaphi abantwana bedlala kwindawo yemarike? (Mateyu 11:16) Ngokungathandabuzekiyo, uYesu wazibona nezinye izinto eziqhelekileyo ezikhankanyiweyo kwimizekeliso yakhe emininzi—njengokuhlwayelwa kwembewu, imisitho yomtshato, namasimi avuthiweyo okudla okuziinkozo.—Mateyu 13:3-8; 25:1-12; Marko 4:26-29.
12, 13. Kutheni ibalulekile nje into yokuba uYesu wazekelisa ngendlela ephakathi ‘kweYerusalem neYeriko’ ukuze aphuhlise ingongoma yakhe kumzekeliso womSamariya olungileyo?
12 Kwimizekeliso yakhe, uYesu wakhankanya iinkcukacha ezazisaziwa ngabo babephulaphule. Ngokomzekelo, wawuqalisa ngokuthi umzekeliso womSamariya olungileyo: “Umntu othile wayesihla evela eYerusalem esiya eYeriko waza wagaxeleka kubaphangi, abathi bamhluba baza bambetha, bemka, bemshiya esecicini lokufa.” (Luka 10:30) Phawula ukuba uYesu wazekelisa ngendlela ephakathi ‘kweYerusalem neYeriko’ ukuze aphuhlise ingongoma yakhe. Xa wayesenza lo mzekeliso, wayekwilizwe lakwaYuda, elingekude eYerusalem; ngoko akuthandabuzeki ukuba abo babephulaphule babeyazi le ndlela wayethetha ngayo. Le ndlela yayidume ngokuba yingozi, ingakumbi kumntu ohamba yedwa. Yayiphumela kummandla okwanti, owawuneendawo ezininzi ababenokuncathama kuzo abaphangi.
13 UYesu wakhankanya nezinye iinkcukacha ngale ndlela ‘ivela eYerusalem isiya eYeriko.’ Emzekelisweni wakhe ukhankanye ukuba kwaqala kwagqitha umbingeleli, kwaza kwalandela umLevi—kodwa akukho namnye kubo owemayo ukuze ancede loo mntu wayelixhoba. (Luka 10:31, 32) Ababingeleli babekhonza etempileni eYerusalem, bencediswa ngabaLevi. Ababingeleli nabaLevi abaninzi babehlala eYeriko xa bengasebenzi etempileni; iYeriko yayikumgama nje weekhilomitha ezingama-23 ukusuka eYerusalem. Ngoko kwakuqhelekile ukubabona kuloo ndlela. Kwakhona phawula ukuba uYesu wathi lo mntu “wayesihla evela eYerusalem”—enganyuki. Abo babephulaphule babekuqonda oku. IYerusalem yayikummandla ongasentla kweYeriko. Ngoko xa umntu “evela eYerusalem” “wayesihla.”b Ngokucacileyo uYesu wayecinga ngabaphulaphuli bakhe xa esenza imizekeliso.
14. Sinokucinga njani ngabaphulaphuli xa sisenza imizekeliso?
14 Nathi, xa sisenza imizekeliso, sifanele sicinge ngabaphulaphuli. Yintoni esimele siyihlolisise ngabaphulaphuli bethu ukuze sikwazi ukukhetha imizekeliso efanelekileyo? Sisenokuhlolisisa iminyaka yabo, imvelaphi yabo, nemisebenzi yabo yempangelo. Ngokomzekelo, umzekeliso okhankanya ngokweenkcukacha ukulima usenokuqondwa lula ngabantu basemaphandleni, kungekhona abasezidolophini. Sisenokuzekelisa nangezinto abaziqhelileyo abo baphulaphuleyo—njengabantwana, izindlu, izinto zokuzonwabisa nokutya.
Ukusebenzisa Imizekeliso Yendalo
15. Kutheni ingamangalisi nje into yokuba uYesu wayenolwazi olunzulu ngendalo?
15 Imizekeliso eliqela kaYesu ibonisa ulwazi analo ngendalo, kuquka izityalo, izilwanyana, nemozulu. (Mateyu 16:2, 3; Luka 12:24, 27) Walufumana phi olo lwazi? Ngokungathandabuzekiyo, ekukhuleni kwakhe eGalili wayenethuba elihle lokondela indalo. Ngaphezu koko, uYesu ‘ulizibulo kwindalo yonke,’ yaye uYehova wamsebenzisa “njengomsebénzi onobuchule” ekudaleni zonke izinto. (Kolose 1:15, 16; IMizekeliso 8:30, 31) Ngoko ngaba iyamangalisa kusini na into yokuba uYesu wayenolwazi olunzulu ngendalo? Masibone indlela awalusebenzisa ngayo ngobuchule olo lwazi.
16, 17. (a) Yintoni ebonisa ukuba uYesu wayeqhelene kakhulu nezimvu? (b) Nguwuphi umzekelo obonisa ukuba ngokwenene izimvu ziyaliphulaphula ilizwi lomalusi wazo?
16 Khumbula ukuba uYesu wazichaza ‘njengomalusi omhle,’ bona abalandeli bakhe wabachaza ‘njengezimvu.’ Amazwi kaYesu abonisa ukuba wayeqhelene kakhulu nezimvu. Wayesazi ukuba kwakukho ulwalamano olukhethekileyo phakathi kwabelusi nezimvu zabo. Waphawula ukuba ezi zidalwa zazikuvumela ukukhokelwa, zize zilandele umalusi wazo ngokuthembekileyo. Kutheni izimvu zilandela umalusi wazo? “Ngenxa yokuba ziyalazi ilizwi lakhe,” watsho njalo uYesu. (Yohane 10:2-4, 11) Ngaba ngokwenene izimvu ziyalazi ilizwi lomalusi wazo?
17 Ngokusuka kumava obuqu, kwincwadi yakhe ethi The Historical Geography of the Holy Land, uGeorge A. Smith wabhala wathi: “Maxa wambi sasichitha imva kwemini siphumle ecaleni kwaloo maqula amanzi akwelakwaYuda, ekwakudla ngokufika kuwo abelusi abathathu okanye abane nemihlambi yabo. Loo mihlambi yayihlangana, yaye sasizibuza ngendlela abo belusi ababeza kuyahlukanisa ngayo imihlambi yabo. Kodwa emva kokuba ezo zimvu zigqibile ukusela nokudlala, ngamnye kwabo belusi wayesiya kwelakhe icala, aze abize ngendlela yakhe eyahlukileyo; yaye zazisahlukana ziye kubelusi bazo, zize zimke ngocwangco ngalaa ndlela bezifike ngayo.” Lowo ngowona mzekeliso ubalaseleyo uYesu awayenokugxininisa ngawo ingongoma yakhe, yokuba, ukuba siyazithobela iimfundiso zakhe size silandele ukhokelo lwakhe, uya kusinyamekela ngothando.
18. Sinokuyifumana phi inkcazelo ngendalo kaYehova?
18 Sinokufunda njani ukusebenzisa imizekeliso esekelwe kwindalo? Ukuzekelisa ngeempawu ezikhethekileyo zezilwanyana kunokuba lula kodwa kube nemfundiso enamandla. Sinokuyifumana phi inkcazelo ngendalo kaYehova? IBhayibhile inenkcazelo eninzi ngeempawu zezilwanyana, yaye maxa wambi yenza imizekeliso ngeempawu zezilwanyana. Ngokomzekelo, ithetha ngokukhawuleza njengebhadi okanye ihlosi, ukulumka njengenyoka, nokuba msulwa njengehobe.c (1 Kronike 12:8; Habhakuki 1:8; Mateyu 10:16) Eminye imithombo ebalulekileyo yenkcazelo yiMboniselo, uVukani!, nezinye iincwadi zamaNgqina kaYehova. Unokufunda lukhulu ngokuphawula indlela ezi mpapasho ezenza ngayo ufaniso olulula olusekelwe kwindalo emangalisayo kaYehova.
Ukusebenzisa Imizekelo Eqhelekileyo
19, 20. (a) Ukuze abhence inkolelo yobuxoki, uYesu wazekelisa njani ngesiganeko esasisandul’ ukwenzeka? (b) Sinokuyisebenzisa njani imizekelo namava eziganeko zokoqobo ekufundiseni kwethu?
19 Imizekeliso echukumisayo inokufunyanwa kwimizekelo yezinto ezenzeke ngokoqobo. Ngesinye isihlandlo uYesu wasebenzisa isiganeko esasisandul’ ukwenzeka ukuze abhence inkolelo yobuxoki yokuba iintlekele zehlela abo bafanelwe zizo. Wathi: “Abo balishumi elinesibhozo abawelwa yinqaba eSilowam, bafa, ngaba nicinga ukuba babenetyala [babenesono] ngakumbi kunabo bonke abanye abantu abangabemi eYerusalem?” (Luka 13:4) Eneneni, loo miphefumlo ili-18 ayizange itshabalale ngenxa yesono esithile esamcaphukisayo uThixo. Kunoko, ukufa kwayo ngephanyazo kwabangelwa “lixesha nasisihlo esingenakubonwa kwangaphambili.” (INtshumayeli 9:11) Ngoko uYesu wayigatya imfundiso yobuxoki ngokuthi azekelise ngesiganeko esasisaziwa kakuhle ngabo babemphulaphule.
20 Sinokuyisebenzisa njani imizekelo namava eziganeko zokoqobo ekufundiseni kwethu? Masithi uxubusha ngokuzaliseka kwesiprofeto sikaYesu esiphathelele umqondiso wobukho bakhe. (Mateyu 24:3-14) Usenokukhankanya iindaba zakutshanje eziphathelele iimfazwe, indlala, okanye iinyikima, ukuze ubalaselise iinkalo ezithile zomqondiso ezizalisekayo. Okanye masithi ufuna ukusebenzisa amava athile ukuze uzekelise iinguqu ezibandakanyekileyo ekwambatheni ubuntu obutsha. (Efese 4:20-24) Unokuwafumana phi amava anjalo? Unokucinga ngeemvelaphi ezahlukahlukeneyo zabo ukhonza nabo, okanye usebenzise amava akwenye yeempapasho zamaNgqina kaYehova.
21. Ukuba ngumfundisi onobuchule weLizwi likaThixo kunawuphi umvuzo?
21 Eneneni, uYesu wayenguMfundisi Obalaseleyo! Njengoko sibonile kweli candelo, ‘ukufundisa nokushumayela iindaba ezilungileyo’ kwakungowona msebenzi wakhe uphambili. (Mateyu 4:23) Kukwangowona msebenzi uphambili nakuthi. Ukuba ngumfundisi onobuchule kunomvuzo omkhulu. Xa sifundisa, sibapha okuthile abanye, yaye ukupha okunjalo kuzisa uyolo. (IZenzo 20:35) Olo luyolo lokwazi ukuba sinika abanye into exabiseke ngokwenene—inyaniso ngoYehova. Kwakhona siba nolwaneliseko lokwazi ukuba silandela umzekelo kaYesu, oyena Mfundisi ubalaseleyo wakha waphila emhlabeni.
a Kubonakala ukuba ingxelo yokuqala ephefumlelweyo yobomi bukaYesu basemhlabeni yayiyincwadi yeVangeli kaMateyu, eyabhalwa malunga neminyaka esibhozo emva kokufa kukaYesu.
b Kwakhona uYesu wathi umbingeleli nomLevi “babevela eYerusalem,” ngoko babesele bevela etempileni. Ngoko akukho bani wayenokubathethelela ngokuthi bamphepha loo mntu kuba becinga ukuba ufile yaye bengafuni ukuzingcolisa ngaphambi kokuba bakhonze etempileni.—Levitikus 21:1; Numeri 19:16.
c Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngokusebenzisa kweBhayibhile imizekeliso esekelwe kwiimpawu zezilwanyana, bona i-Insight on the Scriptures, Umqulu 1, iphepha 268, 270-1, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.