‘Ukuzicikida Oko Sikuko’—Ngexesha leSikhumbuzo
“Ukuba besiya kuzicikida oko sikuko, ngeba asigwetywa . . . ukuze singasingelwa phantsi.‘—1 KORINTE 11:31, 32, “NW.”
1. AmaKristu okwenyaniso ngokuqinisekileyo afuna ukuphepha ntoni, ibe ngoba?
EKUPHELA kwento engafunwa ngumKristu kukugwetywa nguYehova njengongafanelekanga. Ukungamkholisi “umgwebi wehlabathi lonke” kunokukhokelela ekubeni ‘sisingelwe phantsi kunye nehlabathi’ size siphulukane nosindiso. Oko kunjalo enoba sinethemba lokuphila ezulwini noYesu okanye lobomi obungenasiphelo kumhlaba oyiparadisi.—Genesis 18:25; 1 Korinte 11:32, NW.
2, 3. Kukuwuphi umbandela esinokuthi sigwetywe njengabangafanelekanga, ibe uPawulos uthini ngoku?
2 Kweyoku-1 yabaseKorinte isahluko 11, umpostile uPawulos uthetha ngenkalo esinokuthi sigwetywe ngayo. Ngoxa kwintetho yakhe wayebhekisa kumaKristu athanjisiweyo, isiluleko sakhe sibalulekile kuthi sonke, ingakumbi ngeli xesha lonyaka. Ukuzicikida oko sikuko kunokusinceda ukuba sizuze inkoliseko kaThixo size singagwetywa. Ethetha ngesikhumbuzo saminyaka le seSidlo seNkosi Sangokuhlwa, uPawulos wabhala esithi:
3 “INkosi uYesu, ngobusuku eyanikelwa ngabo, yathabatha isonka, yaza yakuba ibulele, yasiqhekeza, yathi, Thabathani, nidle, ngumzimba wam to [“oku kufuzisela umzimba wam,” NW], owaphulelwa nina; oku kwenzeleni ukundikhumbula. Kwangokunjalo yathabatha nayo indebe, emva kokuba kudliwe, isithi, Le ndebe ingumnqophiso omtsha osegazini lam; ngamaxesha onke enisukuba niyisela, oku kwenzeleni ukundikhumbula. Kuba ngamaxesha onke enisukuba nisidla eso sonka, niyisele loo ndebe, niyakwazisa ukufa kweNkosi, ide ifike.”—1 Korinte 11:23-26.a
4. Yintoni eya kwenzeka ngobusuku buka-Aprili 10, 1990?
4 Emva kokutshona kwelanga ngoAprili 10, 1990, amaNgqina kaYehova aya kuba neSikhumbuzo sokufa kukaYesu. Ngokuqhelekileyo iqela elihlanganiseneyo liya kuba libandla elinye; ngaloo ndlela kuya kubakho indawo yabantu abangekabi ngawo amaNgqina. Le ntlanganiso iya kuqhutywa njani? Kuya kubakho intetho esekelwe eBhayibhileni. Emva koko, kwakuba kuthandaziwe, kuya kudluliselwa isonka. Omnye umthandazo uya kuvulela ukudluliselwa kwendebe. Kunokuba oku kwenziwe ngokwesiko lakudala okanye ngenkqubo engqongqo, izonka eziliqela okanye iindebe nendlela oku okudluliselwa ngayo kucwangciswa ngokuvumelana neemeko zasekuhlaleni. Eyona nto ibalulekileyo ikukuba ezi zinto zifumaneke kubo bonke abakhoyo, nakubeni inkoliso iya kusuka nje izigqithise ingakhange ithabathe kuzo. Noko ke, zintoni ezi zidluliselwayo, yaye zinayiphi intsingiselo. Ngaphezu koko, yintoni esimele siyiqwalasele kwangaphambili ukuze sizicikide oko sikuko?
“Oku Kufuzisela Umzimba Wam”
5, 6. (a) UYesu wenza ntoni ngesonka? (b) Yayiluhlobo olunjani lwesonka awalusebenzisayo?
5 Sikufundile oko uPawulos ‘wakwamkela eNkosini’ mayela neSikhumbuzo. Kukwakho iingxelo ezabhalwa ngababhali abathathu beVangeli, owayekho omnye wabo xa uYesu wayemisela esi sikhumbuzo. (1 Korinte 11:23; Mateyu 26:26-29; Marko 14:22-25; Luka 22:19, 20) Ezi ngxelo zithi uYesu okokuqala wathabatha isonka, wabulela, waza wasiqhekeza emva koko wasidlulisela kwabanye. Sasiyintoni eso sonka? Ngokuvisisana noko, yintoni esetyenziswayo namhlanje? Inayiphi intsingiselo okanye ifuzisela ntoni?
6 Into awayeyiphethe yayikoko kwakusetyenziswa kwisidlo sePasika yamaYuda, eyokuqala eyayisisonka esingenagwele, uMoses awayesibiza ngokuba ‘zizonka ezingenagwele, isonka seentsizi.’ (Duteronomi 16:3; Eksodus 12:8) Esi sonka sasenziwe ngomgubo wengqolowa ongenagwele, tyuwa okanye zinongo. Ngenxa yokuba sasingenagwele (ngesiHebhere, mats·tsahʹ), esi sonka sasimcaba yaye sinkumnkum; kwakufuneka senziwe amaqhekeza atyekayo.—Marko 6:41; 8:6; IZenzo 27:35.
7. AmaNgqina kaYehova asebenzisa ntoni endaweni yesonka ebudeni beSikhumbuzo?
7 UYesu wasebenzisa isonka esingenagwele kwiSidlo seNkosi Sangokuhlwa, ngoko amaNgqina kaYehova enza okufanayo namhlanje. Imatzoth eqhelekileyo yamaYuda isetyenziselwa le njongo ukuba ayenziwanga ngezinto ezongezelelekileyo, ezinjengemithombo, amatswele, okanye amaqanda. (Imatzoth enezo zinto ayingekhe iyifanelekele inkcazelo ‘yesonka seentsizi.’) Okanye abadala bebandla basenokufuna uthile ukuba enze isonka esingenagwele ngentlama yomgubo wengqolowa namanzi. Ukuba umgubo wengqolowa awufumaneki, kunokwenziwa isonka esingenagwele ngomgubo werhasi, werayisi, wombona, okanye okunye ukutya okuziinkozo. Intlama inokwenziwa mcaba ize yojiwe ngesitya esiqatywe intwana yamafutha.
8. Kutheni isonka esingenagwele singumfuziselo ofanelekileyo nje, yaye ukuthabatha kuso kubonisa ntoni? (Hebhere 10:5-7; 1 Petros 4:1)
8 Isonka esinjalo sifanelekile kuba asinagwele, nto leyo iBhayibhile eyisebenzisa ukufuzisela ukonakala okanye isono. UPawulos waluleka wenjenje mayela nomntu oziphethe kakubi ngokwesini ebandleni: ‘Igwele elincinane libilisa intlama iphela. Likhupheni ngoko kuthi to igwele elidala, ukuze nibe yintlama entsha, ekubeni ningabangenagwele. Kuba nathi siyibingelelwe neyethu ipasika, enguKristu. Ngoko ke ukwenza umthendeleko, masingawenzi sinegwele elidala, negwele lobubi, nelokungendawo; masiwenze sinezonka ezingenagwele, ezingenasibhidi, ezinenyaniso.’ (1 Korinte 5:6-8; thelekisa uMateyu 13:33; 16:6, 12.) Isonka esingenagwele singumfuziselo ofanelekileyo womzimba kaYesu wobuntu, kuba ‘wayengcwele, engenabubi, engenabala, ehlukile kubo aboni.’ (Hebhere 7:26) UYesu wayekho ekumzimba wakhe wobuntu ofezekileyo xa wathi kubapostile: “Thabathani nidle [esi sonka], sifuzisela umzimba wam.” (Mateyu 26:26, A New Translation of the Bible, nguJames Moffatt) Ukudla eso sonka kuthetha ukuba ubani uyakholelwa kwingenelo yedini lentlawulelo kaYesu ngenxa yakhe yaye uyalamkela. Noko ke, kukho okungakumbi okubandakanyekileyo.
Iwayini Enentsingiselo
9. Nguwuphi omnye umfuziselo uYesu awathi ufanele usetyenziswe?
9 UYesu wasebenzisa omnye umfuziselo: “Wayithabatha nendebe, wabulela, wabanika, esithi, Selani kuyo nonke; kuba ligazi lam eli [“oku kufuzisela igazi lam,” NW] lomnqophiso omtsha, eliphalala ngenxa yabaninzi, ukuze kuxolelwe izono.” (Mateyu 26:27, 28) Yintoni eyayikuloo ndebe yomthendeleko awayidlulisayo, yaye inayiphi intsingiselo kuthi njengoko sizabalazela ukuzicikida oko sikuko?
10. Iwayini yamkeleka njani kwiPasika yamaYuda?
10 Xa uMoses wathethayo okokuqala ngesidlo sePasika, akazange athethe ngasiselo. Abaphengululi abaninzi bakholelwa kwelokuba iwayini yaqala ukusetyenziswa kwiPasika kamva gqitha, mhlawumbi kwinkulungwane yesibini Ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo.b Enoba kwakutheni na, ukusetyenziswa kwewayini kwesi sidlo kwakuyinto eqhelekileyo ngenkulungwane yokuqala, yaye uYesu akazange akwalele. Wasebenzisa iwayini yePasika xa wayemisela iSikhumbuzo.
11. Yiwayini eluhlobo luni efanelekele ukusetyenziswa ebudeni beSidlo seNkosi Sangokuhlwa?
11 Ekubeni iPasika yamaYuda yayiqhutywa sekukudala emva kokuvunwa kweediliya, kusenokwenzeka ukuba uYesu wayesebenzisa, kungekhona incindi yeziqhamo engatsalanga, kodwa iwayini ebomvu eyayinokuthi ngokulula ifanekisele igazi lakhe. (Thelekisa ISityhilelo 14:20.) Akuzange kufuneke ukuba igazi likaKristu lixutywe nanto, ngoko iwayini esulungekileyo ifanelekile, kuneentlobo zewayini ezixutywe negrangqa (ezinjengeport, isherry, okanye imuscatel) okanye enezinongo okanye amaqwili athile awongezelelekileyo (ivermouth, iDubonnet, okanye iziselo ezininzi ezinxilisayo eziselwa ngaphambi kokutya). Noko ke, asinasizathu sakuxhalabela indlela eyenziwe ngayo iwayini, enoba kugalelwe intwana yeswekile ebudeni bokutsala kwayo ukuze ibe nenkcasa okanye inokuthile okunxilisayo okanye kusetyenziswe isulfure encinane ukuyenza ingonakali.c Amabandla amaninzi asebenzisa iwayini ebomvu ethengiswayo (enjengeChianti, iBurgundy, iBeaujolais, okanye iclaret) okanye iwayini ebomvu ngokuqhelekileyo eyenziwa ekhaya. Iwayini nesonka ziyimifuziselo nje, okanye imiqondiso; ngenxa yoko, nayiphi na engasetyenziswanga kunokugodukwa nayo ize isetyenziswe kamva njengokunye ukutya nje okuqhelekileyo okanye isiselo.
12. UYesu wacacisa ukuba iwayini yayinayiphi intsingiselo engokomfuziselo?
12 Isibakala sokuba uYesu wathetha ngegazi lakhe ngobusuku bePasika sisenokuba sakhumbuza ngegazi lexhwane emva phayaa eYiputa. Kodwa phawula indlela uYesu awakwahlula ngayo oku xa wathi: “Le ndebe ingumnqophiso omtsha osegazini lam, eliphalalela nina.” (Luka 22:20) Ngaphambilana uThixo wayesele enze umnqophiso nohlanga lukaSirayeli wokwenyama, yaye wasungulwa ngegazi lezilwanyana ekwakusenziwa ngazo amadini. Kwakukho ukunxulumana okuthile phakathi kwegazi laloo madini negazi likaYesu. Zombini ezo ntlobo zegazi zazibandakanyekile ekusunguleni kukaThixo umnqophiso nohlanga olungabantu bakhe. (Eksodus 24:3-8; Hebhere 9:17-20) Imbalasene yomnqophiso womthetho yayikukuba uSirayeli wokwenyama wayenethemba lokubumba uhlanga lookumkani abangababingeleli. (Eksodus 19:5, 6) Noko ke, emva kokuba uSirayeli wasilelayo ukugcina umnqophiso kaYehova, wathi wayeya kuwubhangisa “owokuqala umnqophiso” uze uthatyathelwe indawo ‘ngumnqophiso omtsha.’ (Hebhere 9:1, 15; Yeremiya 31:31-34) Indebe yewayini uYesu ngoku awayidlulisela kubapostile bakhe ababethembekile yayifuzisela to mnqophiso mtsha.
13, 14. (a) Kuthetha ukuthini ukuba kumnqophiso omtsha? (b) Ukuthabatha kukabani kwimifuziselo kubonisa ntoni?
13 AmaKristu aqukwa kulo mnqophiso mtsha abumba uhlanga olungokomoya lwababingeleli abangookumkani. (Galati 6:16) Umpostile uPetros wabhala: “Nisisizukulwana esinyuliweyo, isibingeleli esibukumkani, uhlanga olungcwele, abantu abayinqobo, ukuze nivakalise isidima salowo wanibizayo ukuba niphume ebumnyameni, ningene ekukhanyeni kwakhe okungummangaliso.” (1 Petros 2:9) Kucacile ukuba luluphi na usindiso alufumanayo—bubomi basezulwini njengabalawuli kunye noYesu. ISityhilelo 20:6 siyakungqina oku ngokuthi: “Unoyolo, ungcwele, lowo unesabelo eluvukweni lokuqala; . . . baya kusuka babe ngababingeleli bakaThixo nabakaKristu, babe ngookumkani kunye naye iminyaka eliwaka.”
14 Enyanisweni, emva kokuba uYesu eyalele abapostile bakhe ukuba bathabathe kwisonka newayini ezazingumfuziselo, wabaxelela ukuba babeya ‘kudla, basele, esithebeni sakhe ebukumkanini bakhe, bahlale etroneni, begweba izizwe ezilishumi elinambini zakwaSirayeli.’ (Luka 22:28-30) Ngenxa yoku, ukuthabatha kwimifuziselo yeSikhumbuzo kuthetha okungakumbi nje kunokukholelwa kwidini likaYesu. Wonke umKristu umele ayamkele intlawulelo aze abe nokholo ukuba uza kufumana ubomi obungunaphakade naphi na. (Mateyu 20:28; Yohane 6:51) Kodwa ukuthabatha kwimifuziselo kubonakalisa ukuba ubani ukumnqophiso omtsha, enyulelwe ukuba kunye noYesu eBukumkanini bakhe.
Imfuneko Yokuzicikida Ngexesha LeSikhumbuzo
15. UYesu walazisa njani okokuqala ithemba elitsha kubakhonzi bakaThixo?
15 Njengoko inqaku elandulelayo liye lacacisa, ngaphambi kwexesha lobukho bukaYesu abakhonzi bakaThixo ababenyanisekile babengenathemba lakuya zulwini. Babekhangele phambili ekuzuzeni ubomi obungunaphakade emhlabeni, ikhaya lokuqala loluntu. UYesu Kristu waba ngowokuqala ukuvuswa njengomntu ongumoya, yaye waba ngowokuqala kuluntu ukuthatyathelwa ezulwini. (Efese i: 20-22; 1 Petros 3:18, 22) UPawulos wakungqinisisa oku, ngokubhala athi: “Sinokungafihlisi nje ukungena kweyona ngcwele ngalo igazi likaYesu, ngendlela entsha, ephilileyo.” (Hebhere 10:19, 20) Ngoobani ababeza kulandela, emva kokuba uYesu wayivulayo loo ndlela?
16. Ikamva libaqulathele ntoni abo bathabathayo kwisonka nakwiwayini?
16 Ngobusuku uYesu awamisela ngabo iSidlo seNkosi Sangokuhlwa, waxelela abapostile bakhe abanyanisekileyo ukuba wayebalungiselela indawo ezulwini. (Yohane 14:2, 3) Noko ke, khumbula ukuba uYesu wakwathi abo basithabathayo isonka nendebe babeya kuba seBukumkanini bakhe baze bahlale ezitroneni ukuze bagwebe. Ngaba yayiya kuba ngabapostile kuphela? Akunjalo, kuba kamva umpostile uYohane waziswa ukuba namanye amaKristu ayeya kweyisa aze ‘ahlale noYesu etroneni yakhe,’ yaye bebonke babeya kuba ‘ngookumkani nababingeleli abalawula phezu komhlaba.’ (ISityhilelo 3:21; 5:10) UYohane wakwaziswa nangenani lamaKristu ‘awayethengwe emhlabeni’—i-144 000. (ISityhilelo 14:1-3) Ngenxa yokuba eli iliqela elincinane ngokwentelekiso, ‘umhlambi omncinane’ xa uthelekiswa nabo bonke abaye banqula uThixo ukutyhubela izizukulwana, ukuzicikida ngokukhethekileyo kuyafuneka ngexesha leSikhumbuzo.—Luka 12:32.
17, 18. (a) Agaxeleka kuwuphi umkhwa amaKristu athile aseKorinte? (b) Kwakutheni ukuze kube nzulu ngolo hlobo ukuzingxala ngokugqithiseleyo ngokutya nangesiselo? (Hebhere 10:28-31)
17 UPawulos wakuvelisa oku kwincwadi eyayisiya kwabaseKorinte ngexesha laxa abanye babapostile babesaphila naxa uThixo wayebongoza amaKristu “ukuba abe ngcwele.” UPawulos wathi kwakuvele umkhuba ombi phakathi kwabo babenyanzelekile ukuba bathabathe kwimifuziselo. Bambi babesitya ngaphambi kwexesha apho babesitya okanye basele ngokugqithiseleyo nto leyo eyayibenza bozele, baze bangaphaphi ngokwasengqondweni. Ngenxa yoko, babengenako ‘ukuwucalula umzimba,’ umzimba kaYesu wenyama owawufuziselwa sisonka. Ngaba oku kwakunzulu ngolo hlobo? Ewe! Ngokudla ngokungafanelekanga ‘babenetyala lomzimba negazi leNkosi.’ Ukuba babephaphile ngokwasengqondweni nangokomoya, ‘babenokuzicikida into ababeyiyo yaye babengasayi kugwetywa.’ (NW)—1 Korinte 1:2; 11:20-22, 27-31.
18 Yayiyintoni loo maKristu ekwakufuneka eyicikidile yaye njani? Ngokuyintloko, kwakufuneka aluxabise ngokusuka entliziyweni nasengqondweni ubizo lwawo lokuba phakathi kweendlalifa ezili-144 000 ezaziza kuzuza ubomi basezulwini. Akuqonda njani oku, yaye ngaba abaninzi namhlanje bafanele bakholelwe ukuba bayinxalenye yeti qela lincinane uThixo ebelinyula ukususela kumhla wabapostile?
19. Yiyiphi imeko eqiqisayo eyayesamele ebudeni beSikhumbuzo sowe-1989?
19 Enyanisweni, namhlanje ligcudwana lamaKristu okwenyaniso akuqondayo oku ngawo. Kwisikhumbuzo seSidlo seNkosi Sangokuhlwa sowe-1989, abangaphezu kwezi-9 479 000 bahlanganisana kumabandla amaNgqina kaYehova emhlabeni wonke. Ngabamalunga nama-8 700 abazivakalisa benethemba ‘lokusindiselwa kubukumkani basezulwini.’ (2 Timoti 4:18) Abaninzi—ewe, izigidi zamanye amaKristu anyanisekileyo nasikelelekileyo awayehlanganisene—baqonda ukuba ithemba labo lokwenene likukuphila ngonaphakade emhlabeni.
20. Abo be-144 000 baziswa njani ukuba babiziwe? (1 Yohane 2:27)
20 NgePentekoste yowama-33 C.E., uThixo waqalisa ukukhetha abali-144 000 ukuze baphile ezulwini. Njengoko eli themba lalilitsha, bengazange babe nalo abakhonzi bakaThixo bangaphambi kwexesha lobukho bukaYesu, abo banyuliweyo babeya kwazi okanye baqinisekiswe njani ngeli themba? Bakuqonda oku ngokuqinisekiswa ngumoya oyingcwele kaThixo. Oko akuthethi kuthi bawubona ngokoqobo to moya (awungomntu) okanye baba nombono othile engqondweni womoya uthetha nabo, kungekho namazwi bawevayo kummandla wemimoya. UPawulos uyacacisa: “UMoya ngokwakhe ungqinelana nomoya wethu, ukuba singabantwana bakaThixo. . . . Sikwaziindlalifa; iindlalifa zikaThixo, iindlalifa ke kunye noKristu; ukuba okunene siva ubunzima kunye naye ukuze sizukiswe nokuzukiswa kunye naye.”—Roma 8:16, 17.
21. (a) Abathanjiswa bazi njani ukuba banethemba lokuphila ezulwini? (1 Korinte 10:15-17) (b) Abathanjiswa bangabantu abanjani, yaye ngokuthobekileyo balingqina njani ithemba abanalo?
21 Obu bungqina, okanye ukukuqonda oku, kubenza bacinge baze babe nethemba elahlukileyo. Basengabantu, abazinandiphayo izinto ezilungileyo zendalo kaYehova yasemhlabeni, ukanti injongo eyintloko yobomi babo nento abayixhalabeleyo kukuba ziindlalifa kunye noKristu. Abakhange babe nembono elolo hlobo ngenxa yentabatheko. Bangabantu abaqhelekileyo abanembono nesimo sengqondo esilungeleleneyo. Noko ke, ekubeni bengcwaliswe ngomoya kaThixo, beyisekile lubizo lwabo, bengenamathandabuzo azingisileyo ngalo. Bayaqonda ukuba baya kusindiselwa ezulwini ukuba bazingqina bethembekile. (2 Tesalonika 2:13; 2 Timoti 2:10-12) Bekuqonda oko idini likaYesu likuthethayo kubo bekwaqonda nokuba bangamaKristu athanjiswe ngomoya, ngokuthobekileyo bayathabatha kwimifuziselo yeSikhumbuzo.
22. Yintoni eya kuqondwa yinkoliso yabo baya kubakho kwiSidlo seNkosi Sangokuhlwa?
22 Inkoliso yabo baya kuthi ngokuzolileyo bahlanganisane ngoAprili 10 abanalo elo themba, kuba uThixo akabathambisanga ngomoya, ebabizela kubomi basezulwini. Njengoko sesiphawulile, uThixo waqalisa ukulinyula i-144 000 ukususela emva phayaa ngemihla yabapostile. Kodwa emva kokuba olo bizo luye lwagqitywa, kulindelwe ukuba abanye abaze kumnqula babe nethemba awayenalo uMoses, uDavide, uYohane umBhaptizi nabanye abathembekileyo abafa ngaphambi kokuba uYesu avule indlela eya ezulwini. Ngaloo ndlela, namhlanje izigidi zamaKristu anyanisekileyo nanenzondelelo azithabathi kwimifuziselo yeSikhumbuzo. AmaKristu anjalo ayakuqonda oko akuko phambi koThixo ngengqiqo yokuba agcina ithemba lawo elifanelekileyo. Ayangenelwa kwigazi nakumzimba kaYesu ngokuxolelwa izono zawo aze ngoko afumane ubomi obungenasiphelo emhlabeni.—1 Petros 1:19; 2:24; ISityhilelo 7:9, 15.
23. Kutheni le nto iSikhumbuzo siya kuba sisihlandlo sovuyo nje? (Thelekisa eyesi-2 yeziKronike 30:21.)
23 Ngoko, masikhangele phambili kwisikhumbuzo esimyoli ngoAprili 10. Iya kuba lixesha lokusebenzisa ingqiqo kodwa elikwalelovuyo. Uvuyo kwiqaqobana elinethemba lokuphila ezulwini eliya kuthi ngokufanelekileyo nangokuthobekileyo lithabathe kwisonka nakwindebe yewayini. (ISityhilelo 19:7) Kwakhona kuya kuba luvuyo kwizigidi zamaKristu awonwabileyo aya kuthi ngaloo ngokuhlwa abukele aze afunde nanethemba lokuhlala esikhumbula emhlabeni ngonaphakade eso sikhumbuzo sibalulekileyo.—Yohane 3:29.
[Imibhalo esemazantsi]
a “Ngobusuku Eyanikelwa ngabo iNkosi uYesu yathabatha isonka; yabulela, Yasiqhekeza yaza yathi: ‘Ngumzimba wam lo, endiwunikela ngenxa yenu; oku kwenzeleni ukundikhumbula.’ Kwangokunjalo Yathabatha indebe emva kokuba isidlo sangokuhlwa sigqityiwe, yaza yathi: ‘Le ndebe ngumnqophiso omtsha, otywinwe ngegazi lam; ngalo lonke ixesha nilisela, oku kwenzeleni ukundikhumbula.’”—An Expanded Paraphrase of the Epistles of Paul, nguF. F. Bruce.
b Omnye umphengululi unikela le ngcamango ngesizathu sokongezelelwa kwewayini: “[IPasika] yayingasayi kuba sisihlandlo esikhethekileyo sonyaka esasihlanganisa amadoda akhulileyo kuphela; yayiza kuba sisihlandlo somsitho wentsapho, ekwakuza kuthi kuso ukuselwa kwewayini kube yinto eyamkelekileyo.”—The Hebrew Passover—From the Earliest Times to A.D. 70, nguJ. B. Segal.
c Kumaxesha amandulo ityuwa, indawo emhlophe eqandeni nezinye izinto ziye zasetyenziswa ukusulungekisa okanye ukwenza iwayini ibe nombala omhle ize ibe nencasa, amaRoma ayesebenzisa kwanesulfure njengesibulala-zintsholongwane xa esenza iwayini.
Ithini Impendulo Yakho?
◻ Kutheni kudluliselwa isonka esingenagwele ebudeni beSikhumbuzo, yaye sifuzisela ntoni?
◻ Iyintoni indebe edluliselwa ebudeni beSidlo seNkosi Sangokuhlwa, yaye ifuzisela ntoni?
◻ Kutheni kufuneka ukuzicikida mayela nomsitho weSikhumbuzo?
◻ Kutheni ukhangele phambili kwiSikhumbuzo esizayo nje?