Makungabikho Namnye Owonakalisa Imikhwa Yakho Elungileyo
“Musani ukulahlekiswa. Unxulumano olubi lonakalisa imikhwa elungileyo.”—1 KORINTE 15:33, NW.
1, 2. (a) Umpostile uPawulos wayevakalelwa njani ngamaKristu aseKorinte, yaye ngoba? (b) Ngokukhethekileyo sisiphi isiluleko esiza kusiqwalasela?
HAYI indlela oluchukumisa ngayo uthando lobuzali! Lushukumisa abazali ukuba bazincame ngenxa yabantwana babo, babafundise baze babacebise. Kusenokuba umpostile uPawulos wayengengobawo unabantwana bokwemvelo, kodwa wawabhalela oku amaKristu aseKorinte: “Ningafanelana ninabakhaphi bemawaka alishumi kuKristu, ababaninzi bona ooyihlo; kuba kuKristu Yesu nizelwe ndim lo, ngazo iindaba ezilungileyo.”—1 Korinte 4:15.
2 Ngaphambilana, uPawulos wayeye eKorinte, apho washumayela kumaYuda namaGrike. Wancedisa ekusekeni ibandla eKorinte. Kwenye incwadi uPawulos wayifanisa indlela abanyamekela ngayo abanye neyomdlezana, kodwa wayenjengobawo kwabaseKorinte. (1 Tesalonika 2:7) Njengokuba esenza ubawo wokwemvelo onothando, uPawulos wabaluleka abantwana bakhe bokomoya. Unokungenelwa kwisiluleko sakhe asinikela ngendlela yobuzali kumaKristu aseKorinte: “Musani ukulahlekiswa. Unxulumano olubi lonakalisa imikhwa elungileyo.” (1 Korinte 15:33, NW) Kwakutheni ukuze uPawulos ababhalele oko abaseKorinte? Sinokusisebenzisa njani esi siluleko?
Isiluleko Esanikelwa Kubo Nesinikelwa Kuthi
3, 4. Yintoni esiyaziyo ngeKorinte yenkulungwane yokuqala nabemi bayo?
3 Ngenkulungwane yokuqala, isazi ngenzululwazi yokuma komhlaba esingumGrike uStrabo sabhala oku: “Kuthiwa iKorinte ‘ityebile’ ngenxa yorhwebo oluqhutywa kuyo, ekubeni ikwi-Isthmus yaye inamazibuko amabini, elinye kwicala elijongene neAsia, nelinye kwicala elijongene neItali; yaye oku kwenza kube lula ukuba la mazwe mabini athengiselane.” Sihlandlo ngasinye emva kweminyaka emibini izihlwele zabantu zazithontelana eKorinte zize kwiMidlalo edumileyo yaseIsthmus.
4 Kuthekani ngabantu besi sixeko esasisisazulu sezinto zaseburhulumenteni nesonqulo lwesini luka-Aphrodite? UNjingalwazi T. S. Evans wachaza esithi: “Abemi balapho babemalunga nama-400 000. Yayilibutho elihambele phambili, kodwa elalingoovula-zibhuqe, ewe, laliziphethe kakubi. . . . Abemi abangamaGrike baseAchaïa babesoloko bethe phithi kukufuna nokulangazelela izinto ezintsha. . . . Ukuzingca kwabo kwakunokuvelisa ngokulula umoya wamahlelo.”
5. Yiyiphi ingozi ababejamelene nayo abazalwana baseKorinte?
5 Ekuhambeni kwexesha ibandla laqhekeka ngenxa yabathile ababesatyekele ekubonakaliseni ikratshi. (1 Korinte 1:10-31; 3:2-9) Eyona ngxaki inkulu yayikukuba abathile babesithi: “Akukho luvuko lwabafileyo.” (1 Korinte 15:12; 2 Timoti 2:16-18) Enoba yayiyintoni na eyona nto babeyikholelwa (okanye ababengayikholelwa), uPawulos kwakufanele abalungise ngobungqina obucacileyo bokuba uKristu ‘wayevukile kwabafileyo.’ Ngaloo ndlela, amaKristu ayenokuba nentembelo yokuba uThixo uya kuwazuzisa “uloyiso olo, ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu.” (1 Korinte 15:20, 51-57) Ukuba wawulapho, ngaba ngewawuphenjelelwe ngumoya onjalo?
6. Isiluleko sikaPawulos esikweyoku-1 kwabaseKorinte 15:33 sasinikelwa koobani ngokuyintloko?
6 Eqhubeka nokunikel’ ubungqina bokuba abafileyo baza kuvuswa, uPawulos wawaxelela oku: “Musani ukulahlekiswa. Unxulumano olubi lonakalisa imikhwa elungileyo.” Ngokuyintloko esi siluleko sasinikelwa kwabo babenxulumana nebandla ababeyikhanyela imfundiso yovuko. Ngaba babethandabuza nje kuphela ingongoma ethile ababengayiqondi? (Thelekisa uLuka 24:38.) Akunjalo. UPawulos wabhala ukuba ‘abathile phakathi kwenu bathi akukho luvuko,’ ngoko abo babebandakanyekile babekhanyela, babetyekele kuwexuko. UPawulos wayesazi kakuhle ukuba babenokuyonakalisa imikhwa elungileyo nendlela abacinga ngayo abanye.—IZenzo 20:30; 2 Petros 2:1.
7. Yiyiphi imeko esinokuyisebenzisa kuyo eyoku-1 kwabaseKorinte 15:33?
7 Sinokusisebenzisa njani isiluleko sikaPawulos esithetha ngonxulumano? Wayengathethi ukuba asifanele sivume ukunceda umntu othile ebandleni okufumanisa kunzima ukuqonda indinyana okanye imfundiso ethile yeBhayibhile. Eneneni, uYuda 22, 23 usikhuthaza ukuba sibonakalise inceba ekuncedeni abantu abanyanisekileyo abanamathandabuzo anjalo. (Yakobi 5:19, 20) Noko ke, isiluleko sikaPawulos esinikelwe ngendlela yobuzali, ngokuqinisekileyo sifanele sisetyenziswe ukuba umntu othile uqhubeka esenza oko sikwaziyo ukuba kuchasene nenyaniso yeBhayibhile okanye uqhubeka egxeka okanye enesimo sengqondo esingakhiyo. Sifanele sikulumkele ukunxulumana nomntu onjalo. Kambe ke, ukuba umntu othile uye waba ngumwexuki ngokupheleleyo, kuya kufuneka abalusi bokomoya bathabath’ amanyathelo ukuze bakhusele umhlambi.—2 Timoti 2:16-18; Tito 3:10, 11.
8. Sinokuzenza njani izinto ngobulumko xa uthile engavumelani nemfundiso yeBhayibhile?
8 Kwakhona sinokusisebenzisa isiluleko sikaPawulos esinikelwe ngendlela yobuzali esikweyoku-1 kwabaseKorinte 15:33 kwabo bangaphandle ebandleni abaxhasa iimfundiso zobuxoki. Sinokutsaleleka njani ukuba sinxulumane nabo? Oku kusenokwenzeka ukuba asahlukanisanga phakathi kwabo basenokuncedwa bafunde inyaniso nabo bacel’ umngeni ukuze babethelele imfundiso yobuxoki. Ngokomzekelo, kumsebenzi wethu wokunikela ubungqina, sisenokudibana nomntu ongavumelaniyo nengongoma ethile kodwa akulungele ukuyixubusha ngokubhekele phaya. (IZenzo 17:32-34) Oko akufanele kube yingxaki, kuba ngovuyo sichazela nabani na ofuna ngokwenene ukwazi inyaniso yeBhayibhile, side sibuyele ukuze sinikele ubungqina obeyisayo. (1 Petros 3:15) Kodwa, bambi basenokuba abanamdla wokwenene wokufumana inyaniso yeBhayibhile.
9. Sifanele sisabele njani kucelomngeni olujoliswa kwiinkolelo zethu?
9 Abantu abaninzi basenokuxoxa kangangeeyure ezininzi, iveki emva kwenye, kodwa kungekuko ukuba bafuna inyaniso. Bafuna nje ukusingela phantsi ukholo lomnye umntu ngoxa beqhayisa ngokufunda kwabo isiHebhere, isiGrike, okanye inzululwazi yendaleko. Xa edibana nabo, amanye amaNgqina aye aziva ecelwa umngeni yaye ngenxa yoko aye anxulumana nabo ixesha elide ephulaphule iinkolelo zonqulo lobuxoki, intandabulumko, okanye imposiso yezenzululwazi. Sifanele siqonde ukuba uYesu akazange akuvumele kwenzeke kuye oko, nangona ngewayeboyisile kwiingxoxo abefundisi bonqulo ababefundiswe isiHebhere okanye isiGrike. Xa wayecelwa umngeni, uYesu wayephendula ngokufutshane andule ke anikele ingqalelo kwakhona kwabathobekileyo, izimvu zokwenene.—Mateyu 22:41-46; 1 Korinte 1:23–2:2.
10. Kutheni efanele alumke amaKristu aneenkqubo zekhompyutha?
10 Iikhompyutha zanamhlanje ziye zabangela ezinye iindlela zonxulumano olubi. Ezinye iinkampani zivumela abo bazixhasayo ukuba bathumele umyalezo othile besebenzisa ikhompyutha nomnxeba apho abantu abaneenkqubo zekhompyutha banokuwufunda khona; ngaloo ndlela umntu unokuthumela ngekhompyutha umyalezo onokufundwa ngabo bonke abaxhasi. Oku kuye kwakhokelela koko kubizwa ngokuba ziingxoxo zekhompyutha ngemibandela yonqulo. UmKristu usenokutsaleleka kwiingxoxo ezinjalo yaye usenokuchitha iiyure ezininzi nomntu oneengcamango zomwexuki osenokuba ususiwe kubudlelane ebandleni. Ulwalathiso olukweyesi-2 kaYohane 9-11 luxhasa isiluleko sikaPawulos esinikelwe ngendlela yobuzali esithetha ngokuphepha unxulumano olubi.a
Kuphephe Ukulahlekiswa
11. Imeko yezorhwebo yaseKorinte yayinikela liphi ithuba?
11 Njengoko sesiphawulile, iKorinte yayisisazulu sezorhwebo, esasineevenkile kunye namashishini amaninzi. (1 Korinte 10:25) Abantu abaninzi ababesiza kwiMidlalo yaseIsthmus babehlala ezintenteni, yaye ebudeni beso siganeko abarhwebi babesenza izindlwana eziphathwayo okanye iindawo ezinophahla zokuthengisela. (Thelekisa IZenzo 18:1-3.) Oku kwabangela ukuba uPawulos afumane umsebenzi wokwenza iintente apho. Yaye wayenokusebenzisa indawo awayesebenzela kuyo ukuhambisela phambili iindaba ezilungileyo. UNjingalwazi J. Murphy-O’Connor ubhala oku: “UPawulos wayenethuba lokuthetha nabantu kwivenkile ekwindawo yentengiso enabantu abaninzi . . . kwisitrato esinabantu abaninzi, kungekuphela nje nabo wayesebenza nabo, kodwa nesihlwele esasingaphandle. Ngamaxesha ekwakungathengwa kakhulu ngawo wayesima emnyango aze ethethe nabo babenokumphulaphula . . . Kumele ukuba ubuntu bakhe nolweyiseko awayenalo ngokukhawuleza lwamenza ‘umntu obalaseleyo’ elumelwaneni, yaye oku kumele ukuba kwatsala abo babefuna ulwazi, kungekuphela nje amavila kodwa kwakhona nabo bafuna ulwazi ngokwenene. . . . Abafazi abatshatileyo nezicaka zabo, ababevile ngaye, babenokumtyelela besenza ngathi bazokuthenga. Ngamaxesha embandezelo, xa etshutshiswa okanye ephathwe kakubi, amakholwa ayenokuya kuye ngokungathi angabathengi. Kwakhona le ndawo wayesebenzela kuyo yayisenza ukuba adibane namagosa kamasipala.”
12, 13. Eyoku-1 kwabaseKorinte 15:33 inokusetyenziswa ngokufanelekileyo njani kwindawo yempangelo?
12 Ngoko ke, uPawulos ufanele ukuba wabona ukuba kungakho “unxulumano olubi” kwindawo awayesebenzela kuyo. Nathi sifanele sibe njalo. Okuphawulekayo kukuba, uPawulos wathetha ngesimo sengqondo ababenaso abanye: “Masesisidla, sisela, kuba ngomso siya kufa.” (1 Korinte 15:32) Ngokukhawuleza emva koko wanikela esi siluleko ngendlela yobuzali: “Musani ukulahlekiswa. Unxulumano olubi lonakalisa imikhwa elungileyo.” Indawo yempangelo kunye nokufuna ukuzonwabisa kunokunxulunyaniswa njani nonobangela wengozi?
13 AmaKristu afanele abe nobuhlobo kwabo asebenza nabo, yaye amava amaninzi abonisa indlela oku okunokuba nomphumo ngayo ekuvuleni ithuba lokunikela ubungqina. Noko ke, umntu osebenza naye usenokubucingela ngenye indlela obo buhlobo, njengobuthetha ukunxulumana naye ukuze nizonwabise kunye. Unokukumemela kwisidlo sasemini, ukuba ukhe ufumane intwana yesiselo esinxilisayo emva komsebenzi, okanye ekuzonwabiseni okuthile ngempela-veki. Lo mntu usenokubonakala enobubele yaye enyanisekile, yaye isimemo sakhe sinokubonakala sinyanisekile. Kodwa, uPawulos uyasicebisa: “Musani ukulahlekiswa.”
14. Amanye amaKristu alahlekiswe njani lunxulumano?
14 Wambi amaKristu aye alahlekiswa. Ngokuthe ngcembe aye aba nesimo sengqondo sokungakhathali ngokuphathelele ukunxulumana nabantu asebenza nabo. Mhlawumbi oko kuqalise ngokuba nomdla kumdlalo okanye kwindlela ethile yokuzonwabisa. Okanye umntu ongengomKristu emsebenzini usenokuba unobubele yaye uluncedo kakhulu, nto leyo ekhokelele ekuchitheni ixesha elininzi naye, ade akhethe ukunxulumana naye kunokunxulumana nabathile ebandleni. Ngoko olo nxulumano lusenokukhokelela ekuphosweni nje yintlanganiso enye. Lusenokuthetha ukuzikhupha ebusuku kakhulu ngenye imini de ubani angayi kubulungiseleli basentsimini ngentsasa elandelayo. Olu nxulumano lusenokuphumela ekubukeleni umfanekiso oshukumayo okanye ivideo ngokuqhelekileyo umKristu ebengayi kuyibukela. Sisenokucinga ngale ndlela, ‘Unotshe, oko akusoze kwenzeke kum.’ Kodwa inkoliso yabo baye balahlekiswa isenokuba ekuqaleni yayithetha ngaloo ndlela. Kufuneka sizibuze, ‘Ndizimisele kangakanani ukusebenzisa isiluleko sikaPawulos?’
15. Sisiphi isimo sengqondo esilungeleleneyo esifanele sibe naso ngabamelwane?
15 Oko sisandul’ ukukuqwalasela ngokuphathelele umsebenzi kuyasebenza nakunxulumano lwethu nabamelwane. Ngokuqinisekileyo, amaKristu kwiKorinte yamandulo ayenabo abamelwane. Kwezinye iindawo kuqhelekile ukuba nobuhlobo nokuxhasa abamelwane. Kwimimandla esemaphandleni abamelwane basenokuthembela omnye komnye ngenxa yokuhlala kwabo kude nabanye abantu. Kwamanye amazwe amaqhina eentsapho omelele ngokukhethekileyo, nto leyo ekhokelela ekubeni ngamaxesha amaninzi bamemelane ezidlweni. Licacile elokuba, imbono elungeleleneyo ibalulekile, njengoko uYesu wabonisayo. (Luka 8:20, 21; Yohane 2:12) Kwiindlela esiqhubana ngazo nabamelwane kunye nezalamane zethu, ngaba sityekele ekuqhubekeni sisenza izinto ngendlela esasizenza ngayo ngaphambi kokuba sibe ngamaKristu? Kunoko, ngaba ngoku asifanele sihlolisise iindlela esiqhubana ngazo nabo size ngenyameko sibeke imida efanelekileyo?
16. Amazwi kaYesu akuMateyu 13:3, 4 afanele aqondwe njani?
16 Ngesinye isihlandlo uYesu walifanisa ilizwi loBukumkani nembewu ‘eyawa ngasendleleni, zeza iintaka zayidla zayigqiba.’ (Mateyu 13:3, 4, 19) Ngelo xesha, umhlaba ongasendleleni wawugangatheka njengoko abantu abaninzi babenyuka besihla benyathela kuwo. Kunjalo nangabantu abaninzi. Ubomi babo buzaliswe ngabamelwane, zizalamane, nabanye abantu abafikayo baphinde bemke, bebaxakekisa. Ngokungathi kunjalo, oku kuyawugangatha umhlaba weentliziyo zabo, kuwenza uqine ukuze imbewu yenyaniso ingamili. Kunokwenzeka into efanayo nakulowo sele engumKristu.
17. Ukunxulumana nabamelwane kunye nabanye abantu kunokusichaphazela njani?
17 Bambi abamelwane nezalamane zehlabathi basenokuba nobuhlobo yaye babe luncedo, nangona ngokuqhubekayo bengabonakalisi mdla kwizinto zokomoya nasekuthandeni ubulungisa. (Marko 10:21, 22; 2 Korinte 6:14) Isibakala sokuba singamaKristu asifanele sithethe ukuba asiyi kuba nabuhlobo, singabi nalo uthando ngabamelwane. UYesu wasiluleka ngelithi sifanele sibonakalise umdla wokwenene kwabanye. (Luka 10:29-37) Kodwa ngokufanayo isiluleko esiphefumlelweyo nesibalulekileyo sikaPawulos sithi sifanele silulumkele unxulumano lwethu. Njengoko sisebenzisa esinye isiluleko, sifanele singasilibali nesinye. Ukuba asihlali siyikhumbula yomibini le migaqo, imikhwa yethu isenokuchaphazeleka. Injani imikhwa yakho xa ithelekiswa neyabamelwane okanye izalamane zakho ngokuphathelele ukunyaniseka okanye ukuthobela umthetho kaKesare? Ngokomzekelo, basenokuvakalelwa kukuba ngexesha lokuhlawula irhafu, kuyathetheleleka ukungazichazi ezinye iimali ezingenileyo njengomvuzo okanye ingeniso yezoshishino, yaye basenokuvakalelwa kukuba oko kubalulekile ukuze uphile. Basenokuthetha ngeembono zabo ngendlela echuliweyo ngoxa kuphungwa ikofu, okanye ebudeni botyelelo olufutshane. Oko kunokuyichaphazela njani indlela ocinga ngayo nemikhwa yakho yokunyaniseka? (Marko 12:17; Roma 12:2) “Musani ukulahlekiswa. Unxulumano olubi lonakalisa imikhwa elungileyo.”
Nemikhwa Yabantu Abaselula
18. Kutheni eyoku-1 kwabaseKorinte 15:33 isebenza nakulutsha?
18 Abantu abaselula bachatshazelwa kakhulu koko bakubonayo nabakuvayo. Ngaba akukhange uphawule abantwana abanezimbo ezifana kakhulu nezabazali okanye ezabantakwabo? Ngoko, asifanele simangaliswe kukuba abantwana benokuphenjelelwa kakhulu ngabo badlala nabo okanye bafunda nabo. (Thelekisa uMateyu 11:16, 17.) Ukuba unyana okanye intombi yakho inxulumana nolutsha oluthetha ngendelelo nabazali balo, kutheni ucinga ukuba oko akuyi kubachaphazela abantwana bakho? Kuthekani ukuba basoloko besiva olunye ulutsha lusebenzisa intetho engamanyala? Kuthekani ukuba oontanga babo esikolweni okanye elumelwaneni bathabatheka luhlobo olutsha lwezihlangu okanye ifashoni yamatye anqabileyo okuzihombisa? Ngaba sifanele sicinge ukuba amaKristu aselula akayi kuchatshazelwa yimpembelelo enjalo? Ngaba uPawulos wathi eyoku-1 kwabaseKorinte 15:33 isebenza kubantu abakubudala obuthile?
19. Yiyiphi imbono abazali abafanele bazame ukuyibethelela ebantwaneni babo?
19 Ukuba ungumzali, ngaba uyasiphaphela eso siluleko njengoko uqiqa nabo uze wenze izigqibo ngokuphathelele abantwana bakho? Kusenokukunceda ukuqonda ukuba akuthethi kuthi lonke ulutsha abantwana bakho abanxulumana nalo elumelwaneni okanye esikolweni alulunganga. Olunye lusenokuba luyathandeka yaye lunesimilo, njengabanye abamelwane bakho, izalamane, nabo usebenza nabo. Zama ukunceda abantwana bakho bakubone oku baze baqonde ukuba usisebenzisa ngokulungeleleneyo isiluleko sikaPawulos esanikelwa ngobulumko nangendlela yobuzali kwabaseKorinte. Njengoko bebona indlela ozenza ngolungelelwano ngayo izinto, oko kusenokubanceda bakuxelise.—Luka 6:40; 2 Timoti 2:22.
20. Lutsha, luluphi ucelomngeni enijamelene nalo?
20 Nina bantu baselula, zamani ukuqonda indlela eninokusisebenzisa ngayo isiluleko sikaPawulos, nisazi ukuba sibalulekile kuwo onke amaKristu, aselula okanye akhulileyo. Oku kuya kuba lucelomngeni, kodwa kutheni ungakulungeli ukuhlangabezana nolo celomngeni? Yazi ukuba isibakala sokuba ubuqhelene nolunye ulutsha ukususela ebuntwaneni asithethi ukuba alunakuyichaphazela imikhwa yakho, alunakuyonakalisa imikhwa oyihlakulelayo njengomntu oselula ongumKristu.—IMizekeliso 2:1, 10-15.
Inyathelo Elingqalileyo Lokulondoloza Imikhwa Yethu
21. (a) Yiyiphi imfuneko esinayo ngokuphathelele unxulumano? (b) Kutheni sinokuqiniseka ukuba olunye unxulumano lunokuba yingozi?
21 Sonke siyalufuna unxulumano. Noko ke, sifanele sisiphaphele isibakala sokuba izinxulumani zethu zinokuyichaphazela imikhwa yethu, ngendlela elungileyo okanye engalunganga. Oko kwaba njalo ngoAdam nangabo bonke abantu ukutyhubela iinkulungwane ukususela ngoko. Ngokomzekelo, uYehoshafati, ukumkani olungileyo wakwaYuda, wayenandipha inkoliseko nentsikelelo kaYehova. Kodwa emva kokuvumela unyana wakhe ukuba atshate intombi kaKumkani uAhabhi wakwaSirayeli, uYehoshafati waqalisa ukunxulumana noAhabhi. Olo nxulumano lubi lwaphantse lwambulalisa uYehoshafati. (2 Kumkani 8:16-18; 2 Kronike 18:1-3, 29-31) Ukuba senza ukhetho olungelolwabulumko ngezinxulumani zethu, sisenokuba sengozini efanayo.
22. Yintoni esifanele sinikel’ ingqalelo kuyo, yaye ngoba?
22 Ngoko, masinikel’ ingqalelo kwisiluleko sothando uPawulos asinikela sona kweyoku-1 kwabaseKorinte 15:33. Lawo asingomazwi nje esinokuba siye saweva ngokufuthi nesinokuwacengceleza. Abonakalisa uthando lobuzali awayenalo uPawulos ngabazalwana bakhe noodade baseKorinte, yaye, nothando analo ngathi. Yaye ngokungathandabuzekiyo aqulethe isiluleko uBawo wethu wasezulwini asinikelayo kuba ufuna imigudu yethu iphumelele.—1 Korinte 15:58.
[Umbhalo osemazantsi]
a Enye ingozi kwiinkqubo ezinjalo sisihendo sokukhuphela iinkqubo okanye iimpapasho ezingafanelanga zikhutshelwe ngaphandle kwemvume yabanini bezo zinto okanye yabayili bazo, nto leyo eya kungqubana nemithetho yamazwe ngamazwe yokukhuphela izinto.—Roma 13:1.
Uyakhumbula Na?
◻ Sisiphi isizathu esikhethekileyo esabangela ukuba uPawulos abhale eyoku-1 kwabaseKorinte 15:33?
◻ Sinokusisebenzisa njani isiluleko sikaPawulos kwindawo yempangelo?
◻ Yiyiphi imbono elungeleleneyo esifanele sibe nayo ngabamelwane?
◻ Kutheni eyoku-1 kwabaseKorinte 15:33 ngokukhethekileyo ifanelekile kulutsha?
[Umfanekiso okwiphepha 17]
UPawulos wasebenzisa indawo yempangelo ukuze ahambisele phambili iindaba ezilungileyo
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Olunye ulutsha lunokuyonakalisa imikhwa yakho yobuKristu