Umvuzo Wokuzingisa
YAYILIBHINQA elingumGrike elalihlala eFenike ngomnyaka wama-32 C.E. Intombi yalo yayigula ngokungaginyisi mathe, ibe eli bhinqa lalizama amacebo alusizi lifuna unyango. Lakuba livile ngomhambi othile owayetyelele kummandla walo—umntu wasemzini odume ngokuba namandla okuphilisa abagulayo—lazimisela ukubonana naye lize licele uncedo.
Lakuba lidibene naye, laguqa ngamadolo, licela lisithi: “Ndenzele inceba, Nkosi nyana kaDavide; intombi yam iphethwe yidemon kakubi.” Ngaloo ndlela, eli bhinqa lingumGrike lalicela uYesu ukuba aphilise intombi yalo.
Ngaba unokuyithelekelela inkalipho nokuzithoba okwakufuneka ukuze lenze oku? UYesu wayengumntu obekekileyo onamandla nodumileyo, yaye ngaphambilana wayekwenze kwacaca ukuba akafuni namnye umntu ukuba amazi apho akhoyo. Wayehambe nabapostile bakhe ukuya eFenike ukuze bafumane ukuphumla ababekufuna gqitha, ingekuko ukusebenza phakathi kwabangakholwayo beeNtlanga. Ukongezelela, uYesu wayengumYuda lona lalingoweeNtlanga, ibe ngokungathandabuzekiyo laliyazi indlela amaYuda awayekuphepha ngayo ukunxulumana nabantu abacekisekayo beentlanga. Sekunjalo, lanamathela kwisigqibo salo sokufunela umntwana walo unyango.
UYesu nabapostile bakhe bazama ukulidimaza eli bhinqa ekubeni lifune uncedo ngelo xesha. Ekuqaleni, uYesu akazange aliphendule. Kwandula ke, ngenxa yokumbongoza kwalo ngokuphindaphindiweyo, nangokuzingisileyo, abapostile becaphuka bamxelela oku uYesu: “Mndulule, ngokuba usilandela ekhala.”
Kodwa lalingazimiselanga ukunikezela. Kunoko, laqubuda ezinyaweni zikaYesu, lisithi: “Nkosi ndisize.”
Elalathisa imbopheleleko yakhe eyintloko koonyana bakaSirayeli yaye, kwangaxeshanye, evavanya ukholo nozimiselo lwalo, uYesu walicacisela ngovelwano esithi: “Asinto intle ukusithabatha isonka sabantwana [bakwaSirayeli] siphoswe ezinjaneni [abeeNtlanga].”
Kunokuba likhutyekiswe kukujongelwa phantsi kwesizwe salo, ngokuthobeka lazingisa lisenza isicelo salo ngokuphendula lisithi: “Ewe, Nkosi; kuba neenjana zidla kwiimvuthuluka eziwa etafileni yabaninizo.”
UYesu wakuvuza ukuzingisa kweli bhinqa lingumGrike ngokuncoma ukholo lwalo nangokulenzela oko lalikucela. Khawuthelekelele uvuyo elaba nalo xa labuyela ekhaya laza lafumana intombi yalo iphile qete!—Mateyu 15:21-28; Marko 7:24-30.
Njengelaa bhinqa lenkulungwane yokuqala, kufuneka sizingise kwimigudu yethu yokukholisa uYehova size sifumane inkoliseko yakhe. Njengakwimeko yebhinqa elingumGrike, iBhayibhile iyasiqinisekisa ukuba ukuzingisa kwethu “ekwenzeni okulungileyo” kuya kuba nomvuzo.—Galati 6:9.
Kuyintoni ukuzingisa? Kutheni kuyimfuneko nje? Ngabaphi oothunywashe abanokusenza siphulukane nolu phawu, size sinikezele? Nguwuphi umvuzo esinokulindela ukuwufumana ukuba sikuqhelisela ngoku ukuzingisa ekukhonzeni uMdali noBawo wethu, uYehova?
Esinye isichazi-magama sichaza isenzi esithi “zingisa” ngokuthi “kukubambelela ngokuthe nkqi nangokunyanisekileyo kwinjongo, kwimeko, okanye kwisigqibo esithile, phezu kwayo nje imiqobo, izilumkiso, okanye iziphazamiso. . . . kukuqhubeka uphila; ukuphila ixesha elide.”
IBhayibhile ibabongoza ngokuphindaphindiweyo abakhonzi bakaYehova ukuba bazingise ekwenzeni ukuthanda kwakhe. Ngokomzekelo, sixelelwa ukuba ‘sifune tanci ubukumkani bukaThixo,’ ‘sibambe leyo intle,’ ‘sizingise emthandazweni,’ yaye ‘singethi amandla’ ekwenzeni okulungileyo.—Mateyu 6:33; 1 Tesalonika 5:21; Roma 12:12; Galati 6:9.
Kubomi bemihla ngemihla, ukuzingisa luphawu sonke esimele sibe nalo yaye silukhulise ukuze siqhubeke siphila. Ngaphandle kwalo ayikho into exabiseke ngokwenene, nehlala ihleli esinokuyenza. Khawucinge ngomzekelo womntwana omncinane ozama ukuqingqa. Kunqabile ukubona imveku efunda ukuma ize ihambe ngokulula ngosuku olunye. Xa sasingabantwana, mhlawumbi sonke sazama saza sasilela izihlandlo ezininzi ngaphambi kokuba sifumane impumelelo ekuhambeni. Ngekwakwenzeke ntoni ukuba sakuba siwile okokuqala nje, sasigqibe kwelokuba siyeke ukuzama? Ngesisakhasa ngezandla namadolo nangoku! Ukuzingisa kubalulekile ukuze sifikelele usukelo oluxabisekileyo nokuze sandise ubuchule obufunekayo nokuzihlonela. Kunjengokuba intetho eqhelekileyo isitsho, “Umzingisi akanashwa.”
Oovulindlela abanamava bayaqonda ukuba impumelelo ayiqinisekiswa bubuchule okanye iziphiwo. Ifuna sibambelele ngokuthe nkqi, sizimisele ukwenza ukuthanda kukaYehova ngokuzeleyo, nokuba nenkalipho ngamaxesha eziphazamiso zokwexeshana, kwanokudandatheka. Usukelo lokuba nesabelo ngonaphakade kwiintsikelelo zikaThixo lumele lugcinwe luqaqambile.
Ewe, sonke thina bafuna inkoliseko kaYehova nabafuna ukuphumelela kugqatso lobomi kufuneka sizingise, sizondelele, yaye sinyamezele. Ngaphandle kwezi mpawu, kunokwenzeka ukuba siphulukane nenkoliseko kaYehova nomvuzo wobomi bokwenene.—INdumiso 18:20; Mateyu 24:13; 1 Timoti 6:18, 19.
Ngokufuthi kunzima ngakumbi ngomKristu ukuba azingise kwimisebenzi yakhe yokomoya kunokuba kunjalo ngezinye iimbopheleleko. Indoda isenokuqhubeka izibhokoxa emsebenzini wempangelo ukuze inyamekele iimfuno zokwenyama zentsapho yayo, kodwa ‘isenokudinwa gqitha’ ukuba ingaqhuba isifundo seBhayibhile esithe rhoqo nomfazi nabantwana bayo. Ngabaphi oothunywashe abenza ukuzingisa emisebenzini yamaKristu kube nzima kangaka kwabaninzi?
Omnye uthunywashe kukutyhafa, okubangelwa kukusilela nobuthathaka bethu. Ukuba sisoloko sicinga ngeempazamo zethu, sisenokuphelelwa lithemba size sinikezele, sivakalelwa kukuba uYehova akanakuze akwazi ukuzixolela zonke izono zethu.
Omnye uthunywashe yimeko yehlabathi yokuziphatha okubi, ukonakala, nentiyo. (1 Yohane 2:15, 16) Omnye ‘wemikhwa elungileyo’ onokonakaliswa yimpembelelo yehlabathi kukuzingisa kobuKristu.—1 Korinte 15:33.
Ukuzingisa kwethu emsebenzini wokushumayela kunokwenziwa buthathaka yinkcaso okanye ukungabi namdla kwabantu kwinkonzo yethu engcwele. Ngenxa yokudimazeka, sisenokugqiba kwelokuba abantu abakwintsimi yethu abayifuni tu kwaphela inyaniso. Oku kunokusenza sizibuze ukuba, ‘Kunceda ntoni ukubashumayeza?’ size silahle ilungelo lethu elikhethekileyo lenkonzo yobulungiseleli.
Kwakhona sisenokuphenjelelwa ngumoya weli hlabathi wokuzifica. Kutheni sifanele sitsale nzima size sizinikele kangaka ngoxa wonke ubani ebonakala onwabile okanye ezipholele?—Thelekisa uMateyu 16:23, 24.
Ukuze sizingise ekwenzeni ukuthanda kukaYehova, kufuneka sambathe ubuntu bobuKristu size siphile ngokomoya, singaphili ngokwenyama. (Roma 8:4-8; Kolose 3:10, 12, 14) Ukuba nembono kaYehova ngombandela kuya kusenza sikwazi ukuqhubeka nemisebenzi yethu ebalulekileyo yokomoya.—1 Korinte 16:13.
Imizekelo Yokuzingisa
UYehova usibekele imizekelo emininzi elukhuthazo yabakhonzi abahlala benyanisekile yaye bethembekile kuye ukutyhubela iimvavanyo ezininzi ezinzima. Ngokuyiqwalasela, sibona indlela esinokukuphucula nesinokukuqhelisela ngayo ukuzingisa kobuKristu nesizathu sokuba kuxabiseke kangaka.
Owona mzekelo ubalaseleyo nguYesu, owabandezeleka gqitha ukuze azukise igama likaYehova. IBhayibhile isikhuthaza ukuba sizihlolisise ngenyameko izenzo zakhe zokuzinikela ngokuzingisileyo: “Ngako oko ke, sinelifu elingakanana nje elisingqongileyo lamangqina, masithi nathi, siwubekile nxamnye wonke umthwalo, naso isono esinokusirhawula ngokusisulu, silubaleke ngomonde ugqatso olubekwe phambi kwethu; sise amehlo kuyo iMbangi noMgqibelelisi wokholo lwethu uYesu, owathi, ngenxa yovuyo olwalubekwe phambi kwakhe, wawunyamezela [umthi wentuthumbo, NW], elidelile ihlazo, waza wahlala phantsi ngasekunene kwetrone kaThixo. Ewe, mqondeni lowo ukunyamezeleyo ukumphikisa okungaka kwaboni, ukuze ningadinwa, ingatyhafi imiphefumlo yenu.”—Hebhere 12:1-3.
Ugqatso lobomi lolomgama omde, alungomganyana nje omfutshane. Kungoko kufuneka sibe nenzondelelo enjengekaKristu. Usukelo lwethu, olukukufikelela kwisiphelo solo gqatso, lusenokungabonakali ebudeni beyona nxalenye inkulu yogqatso. Usukelo lwethu lumele luqaqambe kwiliso lethu lengqondo ukuze iingqondo zethu zikwazi ukulufikelela lonke olo gqatso lunzima. UYesu wayenaloo mbono engqondweni yakhe, lowo, ‘wovuyo olwalubekwe phambi kwakhe.’
Yintoni ebandakanyekileyo kolu vuyo lwamaKristu namhlanje? Phakathi kwezinye izinto, ngumvuzo wobomi bokungafi emazulwini kwabambalwa ize ibe bubomi obungunaphakade emhlabeni kwabaninzi. Kwakhona, yimvakalelo yolwaneliseko ebangelwa kukwazi kukabani ukuba uyivuyisile intliziyo kaYehova yaye uye waba nendima ethile ekungcwalisweni kwegama likaThixo.—IMizekeliso 27:11; Yohane 17:4.
Okuqukiweyo kolu vuyo lulwalamano olusondeleyo, noluchulumancisayo noYehova. (INdumiso 40:8; Yohane 4:34) Ulwalamano olunjalo luyomeleza yaye luyaphilisa, lumnika ubani amandla okubaleka ugqatso enonyamezelo yaye engayekeleli. Ukongezelela, uYehova uyalusikelela olo lwalamano ngokuthulula umoya wakhe oyingcwele kubakhonzi bakhe, umphumo ube kukwanda kovuyo nomsebenzi ovuyisayo.—Roma 12:11; Galati 5:22.
Kuyingenelo ukucinga ngomzekelo kaYobhi wokuzingisa elukholweni. Wayengafezekanga yaye enolwazi olusikelwe umda ngemeko awayekuyo. Ngoko ngamanye amaxesha, wayewela ekuzithetheleleni nasekuphelelweni lithemba. Noko ke, ngenzondelelo wabonisa uzimiselo oluqinileyo lokugcina ingqibelelo kuYehova angaze amshiye. (Yobhi 1:20-22; 2:9, 10; 27:2-6) UYehova wamvuza uYobhi ngokuzinikela kwakhe ngokuzingisileyo, emnika iintsikelelo zokomoya nezezinto eziphathekayo nethemba lobomi obungunaphakade. (Yobhi 42:10-17; Yakobi 5:10, 11) NjengoYobhi, sisenokufumana imbandezelo size silahlekelwe kokuthile okukhulu ebudeni bobomi bethu ngoku, kodwa kwakhona sinokuqiniseka ngeentsikelelo zikaYehova ekunyamezeleni kwethu ngokuthembeka.—Hebhere 6:10-12.
Kule mihla, amaNgqina kaYehova xa ewonke aye abonakalisa ukuzingisa kwamaKristu ekwenzeni ukuthanda kukaYehova. Ngokomzekelo, ukuzingisa kwawo kumsebenzi wendlu ngendlu nakwezinye iindlela zokushumayela esidlangalaleni kuye kwawenza aziwa ehlabathini lonke kunye nesigidimi sawo. Ijelo leendaba liye lenza iimbekiselo ezininzi kwinzondelelo nasekuzimiseleni kwawo ekushumayeleni iindaba ezilungileyo phezu kwayo nje inkcaso nezilingo. Omnye wale mifanekiso ehlekisayo wawunamazwi athi “Akukho mntu unokuwaphepha amaNgqina kaYehova!”—Mateyu 5:16.
UYehova uye wawusikelela umgudu ozingisileyo wamaNgqina ngeziqhamo ezandayo kubulungiseleli. Phawula amava amaNgqina athile anobuchule aseItali emva phayaa kwiminyaka yee-1960 xa kwakukho amaNgqina amalunga ne-10 000 ashumayela kuhlanga lwabantu abazizi-53 000 000. Kwenye idolophu eyayinabemi abangama-6 000, kwakungekho maNgqina. Abazalwana ababetyelela babengafumani ntsabelo intle kubulungiseli babo.
Ngalo lonke ixesha abazalwana bephuma ukuya kushumayela, uninzi lwamabhinqa, kwanamadoda edolophu lwaluqokelela amakhwenkwe, luwakhuthaza ukuba alandele amaNgqina aze abethe ikhwelo yaye enze ingxolo eninzi. Emva kwemizuzwana embalwa iqhubeka le nto, kwanyanzeleka ukuba abazalwana bahambe baye kwenye idolophu. Kwiinzame zabo zokunikela ubuncinane ubungqina obupheleleyo kube kanye kubo bonke abemi bale dolophu, abazalwana bagqiba kwelokuba bashumayele apho ngeentsuku ekuna kakhulu ngazo, benethemba lokuba abayi kuphazanyiswa ngala makhwenkwe. Baphawula into yokuba abantu baloo dolophu babengakulungelanga ukuzinethisa ukuze nje baphazamise abavakalisi. Ngale ndlela kwanikelwa ubungqina obuhle. Kwafunyanwa abantu abanomdla. Kwaqaliswa izifundo ezitsha zeBhayibhile. Ngokomphumo, akuzange kumiselwe nje ibandla elikhulayo kuloo dolophu kuphela kodwa umsebenzi wokushumayela waqalisa ukwenziwa nangeentsuku ekungani ngazo. UYehova uye waqhubeka ekusikelela ukuzingisa kwamaNgqina akhe kuloo mmandla nakulo lonke elaseItali. Ngoku kukho amaNgqina kaYehova angaphezu kwama-200 000 kwelo lizwe.
Umvuzo wokuzingisa ekwenzeni okulungileyo mkhulu. Ngamandla omoya kaThixo, amaNgqina kaYehova aye akwazi ukwenza umgudu ongenakufaniswa nanto embalini yoluntu, wokushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani, ezindlwini nakwezinye iindawo, kwizigidi zabantu. (Zekariya 4:6) Ngovuyo aye akubona ukuzaliseka kwesiprofeto seBhayibhile ngolwando nokomelela kwentlangano kaYehova yasemhlabeni. (Isaya 54:2; 60:22) Anesazela esicocekileyo kuThixo, yaye avuyiswa lithemba lobomi obungunaphakade. Okubaluleke nangaphezulu kukuba, anandipha ulwalamano olusondeleyo noMdali, uYehova uThixo.—INdumiso 11:7.
[Umfanekiso okwiphepha 25]
UYesu wakuvuza ukuzingisa ngokuthobekileyo kweli bhinqa lingumGrike
[Umfanekiso okwiphepha 26]
Ubomi kwiParadisi buqukiwe kuvuyo olubekwe phambi kwamaKristu namhlanje