Ukungatyhafi Nakuba Sidiniwe
“UYehova, uMdali weziphelo zomhlaba, . . . unika odiniweyo amandla; nalowo ungenamandla makhulu umenza aphuphume ukomelela okupheleleyo.”—ISAYA 40:28, 29.
1, 2. (a) Sisiphi isimemo esichukumis’ intliziyo esibhekiswa kubo bonke abo bafuna ukuba yinxalenye yonqulo olunyulu? (b) Yintoni enokuba yingozi kuthi ngokomoya?
NJENGOKO singabafundi bakaYesu, siqhelene nesimemo sakhe esichukumis’ intliziyo esithi: “Yizani kum, nonke nina nibulalekayo nenisindwa ngumthwalo, yaye ndiza kunihlaziya. . . . Kuba idyokhwe yam yeyobubele nomthwalo wam ukhaphukhaphu.” (Mateyu 11:28-30) Kwakhona amaKristu athenjiswa ngokufumana ‘amaxesha okuhlaziyeka avela kuYehova.’ (IZenzo 3:19) Ngokuqinisekileyo nawe uyahlaziywa kukufunda inyaniso eseBhayibhileni, yaye ukwahlaziywa nakukuba nethemba eliqaqambileyo ngekamva, kwanakukuphila ngokuvisisana nemigaqo kaYehova.
2 Kodwa ke, abanye babanquli bakaYehova bathwaxwa ziimeko ezibenza bazive bediniwe. Maxa wambi ezi meko zidimazayo ziba zezethutyana nje elifutshane. Ngamany’ amaxesha zisithwaxa kangangexesha elide. Ekugqibeleni, abanye basenokuvakalelwa kukuba iimbopheleleko zabo njengamaKristu zibonakala ziluxanduva kunokuba zibahlaziye njengoko uYesu wayethembisile. Iingcamango ezinjalo ezidimazayo zinokulonakalisa ulwalamano lomKristu kunye noYehova.
3. Kwakutheni ukuze uYesu anikele isiluleko esikuYohane 14:1?
3 Ngaphambi nje kokubanjwa nokubulawa kwakhe, uYesu wathi kubafundi bakhe: “Ningazivumeli iintliziyo zenu zikhathazeke. Bonisani ukholo kuThixo, bonisani ukholo nakum.” (Yohane 14:1) Ngexesha lokuthetha kukaYesu la mazwi, abapostile babeza kujamelana neziganeko ezothusayo. Zaziza kulandelwa kukuqhambuka kwentshutshiso. UYesu wayesazi ukuba abapostile bakhe babenokukhubeka ngenxa yokudimazeka. (Yohane 16:1) Ukuba babengazilawuli iimvakalelo zabo ezibuhlungu, zazinokubenza buthathaka ngokomoya baze bayeke ukukholosa ngoYehova. Kukwanjalo ke nangamaKristu namhlanje. Ukudimazeka kangangexesha elide kunokubangela intlungu engathethekiyo kuze kusityhafise. (Yeremiya 8:18) Oko kunokusenza sibe buthathaka ngokweemvakalelo nangokomoya, side siphelelwe nangumdla wokukhonza uYehova.
4. Yintoni enokusinceda silondoloze iintliziyo zethu zokomfuziselo ukuze zingadinwa?
4 Lifaneleke ngokwenene icebiso leBhayibhile elithi: “Ngaphezu kwako konke okunye okumele kulondolozwe, londoloza intliziyo yakho, kuba iphuma kuyo imithombo yobomi.” (IMizekeliso 4:23) IBhayibhile isinika amacebiso anokusinceda sikhusele iintliziyo zethu ekudimazekeni nasekudinweni ngokomoya. Noko ke, okokuqala sifanele simazi unobangela wokudinwa kwethu.
UbuKristu Abuloxanduva
5. Kukuphi ukuphikisana okubonakala kukho ngokuphathelele ukuba ngumKristu?
5 Liyinyaniso elokuba, ukuba ngumKristu kufuna ukuba sizibhokoxe. (Luka 13:24) UYesu wathi: “Nabani na ongasithwaliyo isibonda sakhe sentuthumbo, andilandele, akanakuba ngumfundi wam.” (Luka 14:27) La mazwi asenokubonakala ephikisana noko uYesu wayekuthethile ngaphambili esithi umthwalo wakhe ukhaphukhaphu yaye uyahlaziya, kodwa eneneni awaphikisani.
6, 7. Kutheni sisithi unqulo lwethu alusenzi sidinwe?
6 Ukuzibhokoxa emsebenzini, nangona kudinisa emzimbeni, kusenokwanelisa kuze kuhlaziye xa kusenziwa ngenjongo entle. (INtshumayeli 3:13, 22) Yiyiphi injongo entle ngakumbi kunaleyo yokwabelana nabamelwane bethu ngenyaniso emangalisayo eseBhayibhileni? Kwakhona, umgudu esiwenzayo ukuze siphile ngokuvisisana nemilinganiselo kaThixo ephakamileyo yokuziphatha awuyonto xa uthelekiswa neengenelo esizinandiphayo ngenxa yoko. (IMizekeliso 2:10-20) Kwanaxa sitshutshiswa, sikugqala njengelungelo elizukileyo ukubandezeleka ngenxa yoBukumkani bukaThixo.—1 Petros 4:14.
7 Ngokwenene umthwalo kaYesu uyahlaziya, ingakumbi xa uthelekiswa nobumnyama bokomoya abakubo abo baphantsi kwedyokhwe yonqulo lobuxoki. UThixo uyasithanda yaye akasithwalisi uxanduva olungeyomfuneko. “Ayinzima imiyalelo” kaYehova. (1 Yohane 5:3) UbuKristu bokwenyaniso, obusekelwe eZibhalweni, abuloxanduva. Ngokucacileyo ke ngoko, unqulo lwethu alusenzi sidinwe size sidimazeke.
‘Yothula Bonke Ubunzima’
8. Yintoni edla ngokuba ngunobangela wokudinwa ngokomoya?
8 Nakuphi na ukudinwa ngokomoya esikuvayo kudla ngokubangelwa bubunzima esibuthwaliswa yile nkqubo yonakeleyo yezinto. Ngenxa yokuba “ihlabathi liphela lisemandleni ongendawo,” sijikelezwe yimpembelelo embi enokusidinisa ize iphazamise ulungelelwano lwethu lobuKristu. (1 Yohane 5:19) Ukusukela izinto ezingabalulekanga kunokusizisela ubunzima kuze kuyiphazamise inkonzo yobuKristu. Ubunzima obunjalo bunokusenza siphelelwe ngamandla okanye side siwe ngokomoya. Ngenxa yoko, iBhayibhile isibongoza ukuba “sibothule bonke ubunzima.”—Hebhere 12:1-3.
9. Ukusukela izinto eziphathekayo kunokusidinisa njani?
9 Ngokomzekelo, ukubalaselisa kwehlabathi udumo, imali, ulonwabo, ukukhenketha, nezinto eziphathekayo kunokuyichaphazela indlela esicinga ngayo. (1 Yohane 2:15-17) Amanye amaKristu enkulungwane yokuqala aziqwebela ubutyebi, nto leyo eyabenza nzima gqitha ubomi bawo. Umpostile uPawulos uchaza athi: “Abo bazimisele ukuba zizityebi beyela ekuhendweni nasemgibeni, nakwiminqweno emininzi engekho ngqiqweni neyenzakalisayo, ekhokelela entshabalalweni nasekonakaleni. Kuba ukuthanda imali yingcambu yazo zonke iintlobo zobubi, yaye ngenxa yokusukelana nolo thando bambi baye balahlekana nokholo, bezingxwelerha ngeentlungu ezininzi.”—1 Timoti 6:9, 10.
10. Sinokufunda ntoni ngobutyebi kumzekeliso kaYesu womhlwayeli?
10 Xa siziva sidiniwe yaye sidimazekile ekukhonzeni kwethu uThixo, akungebi mhlawumbi oko kubangelwa kukuba sivumele izinto eziphathekayo zathabathel’ indawo izinto zokomoya? Umzekeliso kaYesu womhlwayeli ubonisa ukuba loo nto inako ukwenzeka. Kulo mzekeliso uYesu ufanisa “amaxhala ale nkqubo yezinto namandla akhohlisayo obutyebi neminqweno yezinye izinto” kunye nameva ‘angenelayo aze ayiminxe’ imbewu yelizwi likaThixo ezintliziyweni zethu. (Marko 4:18, 19) Ngenxa yoko, iBhayibhile isiluleka isithi: “Musani ukuba ngabathandi bemali, kunoko yanelani zizinto ezikhoyo. Kuba uthe: ‘Andiyi kuze ndikushiye, ndingayi kuze ndikutyeshele.’”—Hebhere 13:5.
11. Sinokuziyeka njani izinto ezinokusidinisa?
11 Maxa wambi into ebenza bube nzima ubomi bethu, asikokuqokelela izinto ezingakumbi, kodwa koko sikwenzayo ngezinto esele sinazo kakade. Abanye basenokuziva bexinezelekile ngokweemvakalelo ngenxa yeengxaki zempilo, ukulahlekelwa ngabathandekayo ekufeni, okanye ezinye iimbandezelo. Baye babona kuyimfuneko ukwenza utshintsho ngamaxesha athile. Esinye isibini esitshatileyo siye sagqiba kwelokuba siziyeke ezinye iindlela zokuzonwabisa nokwenza ezinye izinto zobuqu ezingabalulekanga kangako. Siye sapakisha yonke into enxulumene nazo saza sayibeka elugcinweni. Nathi kunokusinceda ukuhlolisisa izinto esiqhele ukuzenza kwanezinto esinazo, size sishenxise bonke ubunzima obungeyomfuneko ukuze singadinwa size sityhafe emiphefumlweni yethu.
Ukuba Nengqiqo Nokuthozama Kubalulekile
12. Yintoni esifanele siyiqonde ngeziphoso zethu?
12 Iziphoso zethu, kwanokuba zincinane, zinokubenza nzima ngokuthe ngcembe ubomi bethu. Hayi indlela ayinyaniso ngayo amazwi kaDavide athi: “Iziphoso zam zidlule phezu kwentloko yam; njengomthwalo onzima zinzima kakhulu kum.” (INdumiso 38:4) Ngokufuthi, ukwenza utshintsho oluncinane kuyayishenxisa imithwalo enzima.
13. Ukuba nengqiqo kunokusinceda njani sibe nembono elungeleleneyo ngobulungiseleli bethu?
13 IBhayibhile isikhuthaza ukuba sivelise “ubulumko bobuqili namandla okucinga.” (IMizekeliso 3:21, 22) Ithi ‘ubulumko obuvela phezulu bunengqiqo.’ (Yakobi 3:17) Bambi baye bazithwalisa ubunzima ngokuzama ukuzibhokoxa ngomlinganiselo ofana nowabanye kubulungiseleli bobuKristu. Kodwa ke, iBhayibhile isicebisa ngokuthi: “Ngamnye makangqine oko ukuko umsebenzi wakhe, uya kwandula ke abe nesizathu sokugcoba ngaye siqu, kungekhona ngokuzithelekisa nomnye umntu. Kuba ngamnye uya kuthwala owakhe umthwalo.” (Galati 6:4, 5) Enyanisweni, umzekelo omhle wamaKristu esikhonza kunye nawo unokusikhuthaza ukuba sikhonze uYehova ngentliziyo epheleleyo, kodwa ukusebenzisa ubulumko nengqiqo kuya kusinceda sizibekele usukelo ngokuvumelana neemeko zethu.
14, 15. Sinokubusebenzisa njani ubulumko ekunyamekeleni iintswelo zethu zokwenyama nezingokweemvakalelo?
14 Ukusebenzisa ingqiqo kwanakwiimeko ezibonakala zingabalulekanga kangako kunokusinceda siphephe ukuziva sidiniwe. Ngokomzekelo, ngaba sinemikhwa elungeleleneyo nenik’ impilo? Cinga nje ngesinye isibini esitshatileyo esikhonza kwenye yeeofisi zamasebe zamaNgqina kaYehova. Siye sayibona indlela ukusebenzisa ubulumko okukuthintela ngayo ukudinwa. Umfazi uthi: “Kungakhathaliseki ukuba mninzi kangakanani umsebenzi esinawo, sizama ukuba silale ngexesha elifanayo busuku ngabunye. Kwakhona senza umthambo rhoqo. Oku kuye kwasinceda ngokwenene. Siye safunda ukwenza izinto ngokomlinganiselo wamandla esinawo. Sizama ukuba singazithelekisi nabo babonakala benamandla okwenza okungakumbi kunathi.” Ngaba nathi sitya ngokusempilweni size silale ngokwaneleyo? Ukunyamekela impilo yethu kunokukunciphisa ukudinwa ngokweemvakalelo nangokomoya.
15 Abanye bethu baneentswelo ezikhethekileyo. Ngokomzekelo, omnye udade ongumKristu uye wakhonza njengomlungiseleli wexesha elizeleyo kwizabelo eziliqela ezilucelo-mngeni. Uye waneengxaki ezinkulu zempilo, kuquka umhlaza. Yintoni emncedileyo wakwazi ukuhlangabezana nezi ngcinezelo? Uthi: “Ndikugqala njengento ebalulekileyo ukuzenzela ixesha lokukhe ndiphumle ndedwa kungekho ziphazamiso. Xa ndiziva ngathi ndiza kuxinezeleka ndize ndidinwe, ndiye ndizihlalele ndedwa, ndiphumle ndize ndifunde okuthile.” Ukusebenzisa ubulumko nengqiqo kusinceda siqonde size sanelise iintswelo zethu zobuqu ukuze sikwazi ukuphepha ukudinwa ngokomoya.
UYehova UThixo Uyasomeleza
16, 17. (a) Kutheni kubaluleke gqitha nje ukunyamekela impilo yethu yokomoya? (b) Yintoni esifanele siyiquke kucwangciso lwethu lwemihla ngemihla?
16 Noko ke, eyona nto ibaluleke kakhulu kukunyamekela impilo yethu yokomoya. Xa sinolwalamano olusondeleyo noYehova uThixo, nokuba siyadinwa emzimbeni, asisayi kuze sidinwe kukumnqula. UYehova “unika odiniweyo amandla; nalowo ungenamandla makhulu umenza aphuphume ukomelela okupheleleyo.” (Isaya 40:28, 29) Umpostile uPawulos, owazibonela ngokoqobo indlela ayinyaniso ngayo la mazwi, wabhala wathi: “Asiyeki, kodwa kwanokuba umntu esinguye ngaphandle uya esonakala, ngokuqinisekileyo umntu esinguye ngaphakathi wenziwa mtsha kwakhona imihla ngemihla.”—2 Korinte 4:16.
17 Phawula ibinzana elithi “imihla ngemihla.” Oku kubhekisela ekusebenziseni kwethu amalungiselelo kaYehova imihla ngemihla. Omnye umvangeli wasemazweni oye wakhonza ngokuthembeka kangangeminyaka engama-43 uye wahlangabezana neemeko ezidinisayo emzimbeni nezidimazayo. Kodwa akazange atyhafe. Uthi: “Ndiyenze isiqhelo into yokuvuka ekuseni ukuze ndichithe ixesha ndithandaza kuYehova ndize ndifunde neLizwi lakhe, ngaphambi kokuba ndenze nawuphi na umsebenzi. Lo mkhwa wamihla le undincedile ndakwazi ukunyamezela de kube ngoku.” Ngokwenene sinokuqiniseka ukuba uYehova uya kusomeleza ukuba sithandaza rhoqo kuye, ewe “imihla ngemihla,” size sicamngce ngeempawu zakhe eziphakamileyo nangezithembiso zakhe.
18. Luluphi ukhuthazo elunikelayo iBhayibhile kwabathembekileyo abakhulileyo nabagulayo?
18 Oku kuluncedo ngokukhethekileyo kwabo badimazekileyo ngenxa yokwaluphala nokukhathazwa yimpilo. Basenokudinyazwa, kungekhona kukuzithelekisa nabanye, kodwa kukuthelekisa oko bakufezayo ngoku kunye noko babekade bekufeza ngaphambili. Kukhuthaza gqitha ukwazi ukuba uYehova ubaxabisile abantu abakhulileyo! IBhayibhile ithi: “Isithsaba sokuhomba zizimvi xa sifunyanwa endleleni yobulungisa.” (IMizekeliso 16:31) UYehova uyawazi umlinganiselo wamandla ethu yaye ukuxabisa gqitha ukumnqula kwethu ngentliziyo iphela phezu kwabo nje ubuthathaka bethu. Yaye uThixo uya kuhlala eyikhumbula imisebenzi emihle esisele siyenzile. IZibhalo zisiqinisekisa ngokuthi: “UThixo akanantswela-bulungisa ukuba angawulibala umsebenzi wenu nothando enalubonisayo ngegama lakhe, ngokuthi nilungiselele abangcwele yaye nisaqhubeka nibalungiselela.” (Hebhere 6:10) Siyivuyela ngokwenene into yokuba phakathi kwethu kukho abo baye bazingqina benyanisekile kuYehova kangangeminyaka emininzi!
Musa Ukunikezela
19. Singenelwa njani xa sizixakekisa ngokwenza okuhle?
19 Abantu abaninzi bakholelwa ukuba ukuzibhokoxa ekwenzeni umthambo rhoqo kunokukuphelisa ukudinwa. Ngokufanayo, ukuxakeka rhoqo zizinto zokomoya kunokukuphelisa ukudinwa ngokweemvakalelo okanye ngokomoya. IBhayibhile ithi: “Masingayeki ukwenza okuhle, kuba sovuna ngexesha elililo ukuba asidinwa. Ngoko ke, lo gama ixesha lisasivumela, masenze okulungileyo kubo bonke, ngokukodwa kwabo bahlobene nathi elukholweni.” (Galati 6:9, 10) Phawula ibinzana elithi “ukwenza okuhle” nelithi “masenze okulungileyo.” Oku kubonisa ukuba kufuneka senze okuthile. Ngokwenene ukwenzela abanye izinto ezintle kunokusinceda ukuba singadinwa ekukhonzeni kwethu uYehova.
20. Ukuze siphephe ukudimazeka, ngabantu abanjani esifanele siphephe ukunxulumana nabo?
20 Kwelinye icala, ukunxulumana kwakunye nokwenza izinto nabantu abangayikhathalelanga imithetho kaThixo kunokuba luxanduva oludinisayo. IBhayibhile isilumkisa ngelithi: “Ubunzima belitye nomthwalo wentlabathi—kodwa ingqumbo yesidenge inzima ngaphezu kwazo zombini.” (IMizekeliso 27:3) Ukuze siphephe ukudimazeka nokudinwa, kuya kuba kuhle ukuba sikuphephe ukunxulumana nabantu abasoloko bekhalaza, behlab’ amadlala yaye begxeka abanye.
21. Sinokubakhuthaza njani abanye kwiintlanganiso zamaKristu?
21 Iintlanganiso zamaKristu zililungiselelo likaYehova lokusomeleza ngokomoya. Kuzo sinethuba elihle lokukhuthazana ngemiyalelo esiyifumanayo nangonxulumano oluhlaziyayo. (Hebhere 10:25) Sonke ebandleni sifanele sizabalazele ukwakhana xa sigqabaza ezintlanganisweni okanye xa sinesabelo eqongeni. Abo bakhokelayo ekufundiseni banembopheleleko ekhethekileyo yokukhuthaza abanye. (Isaya 32:1, 2) Kwanaxa kufuneka kunikelwe isiluleko, sifanele sinikelwe ngendlela ehlaziyayo. (Galati 6:1, 2) Ngokwenene uthando esinalo ngabanye luya kusinceda ukuba singadinwa ekukhonzeni kwethu uYehova.—INdumiso 133:1; Yohane 13:35.
22. Nangona singafezekanga, sinokomelela njani?
22 Mninzi umsebenzi obandakanyekileyo ekukhonzeni uYehova kweli xesha lesiphelo. Yaye nawo amaKristu ayadinwa engqondweni nangokweemvakalelo, aze axinezeleke njengamntu wonke. Singabantu abangafezekanga nababuthathaka njengodongwe. Kodwa ke, iBhayibhile ithi: “Obu buncwane sibuphethe ngezitya zodongwe, ukuze amandla angaphaya koko kuqhelekileyo abe ngakaThixo, angabi ngawethu.” (2 Korinte 4:7) Ewe, siyadinwa, kodwa masingatyhafi okanye sinikezele. Kunoko, “masomelele kakhulu size sithi: ‘UYehova ungumncedi wam.’”—Hebhere 13:6.
Impinda Emfutshane
• Bubuphi obunye ubunzima obuluxanduva esinokukwazi ukubushenxisa?
• Sinokuba nenxaxheba njani ‘ekwenzeni okulungileyo’ kumaKristu esikhonza kunye nawo?
• UYehova usomeleza njani xa sidiniwe okanye sidimazekile?
[Umfanekiso okwiphepha 23]
UYesu wayesazi ukuba ukudimazeka kangangexesha elide kwakunokubadimaza abapostile
[Umfanekiso okwiphepha 24]
Abanye baye baziyeka iindlela ezithile zokuzonwabisa nezinto zobuqu ezingabalulekanga kangako
[Umfanekiso okwiphepha 26]
Nangona sibuthathaka, uYehova ukuxabisa gqitha ukumkhonza kwethu ngentliziyo yethu yonke