Oko Kuthethwa NguMthandazo WeNkosi Kuwe
UMTHANDAZO WENKOSI, njengoko wanikelwa nguYesu Kristu kwiNtshumayelo yaseNtabeni ufumaneka eBhayibhileni kuMateyu isahluko 6, indinyana 9 ukusa kweye-13. Ngaphambi nje kokuba enze lo mthandazo, uYesu wathi: “Xa uthandaza, ungaphindaphindani nento enye, njengokuba besenza abantu beentlanga, kuba becinga ukuba baya kuviwa ngenxa yokusebenzisa kwabo amazwi amaninzi.”—Mateyu 6:7.
Ngoko, licacile elokuba uYesu wayengafuni ukuba kuphindaphindwe kanye loo mazwi xa wayesenza uMthandazo weNkosi. Liyinyaniso elokuba, wawuphinda lo mthandazo ukuze kungenelwe abanye abantu. (Luka 11:2-4) Kodwa indlela oyiyo lo mthandazo yahlukile ngandlel’ ithile kwiingxelo zeVangeli zikaMateyu noLuka. Ukongezelela, kamva xa uYesu nabafundi bakhe babethandaza abazange babambelele ngokuthe ngqo kumazwi akumthandazo wakhe.
Kutheni uMthandazo weNkosi ubhalwe eBhayibhileni? Ngalo mzekelo, uYesu usifundisa indlela enokwamkeleka ngayo imithandazo yethu kuThixo. Kwakhona, kulo mthandazo sifumana iimpendulo kwimibuzo esisiseko ngobomi. Makhe sihlolisise inqanaba ngalinye lalo Mthandazo weNkosi.
Ngubani Igama LikaThixo?
“Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho.” (Mateyu 6:9) La mazwi aqalisa lo mthandazo asinceda sisondele kuThixo ngokumbiza ngokuba ‘nguBawo wethu.’ Njengomntwana osondele kumzali onothando nonenkathalo, sinokusondela kuBawo wethu osemazulwini siqinisekile ukuba ufuna ukusiphulaphula. UKumkani uDavide wacula: “Owu mphulaphuli wemithandazo, abantu bayo yonke inyama baya kuza kuwe.”—INdumiso 65:2.
UYesu usiyalela ukuba sithandazele ukuba igama likaThixo lingcwaliswe, okanye liphathwe njengelingcwele. Kodwa ngubani igama likaThixo? IBhayibhile iphendula ngala mazwi: “Wena, ogama linguYehova, nguwe wedwa Oyena Uphakamileyo phezu komhlaba wonke.” (INdumiso 83:18) Ngaba wakha walibona igama elithi Yehova eBhayibhileni?
Eneneni, igama likaThixo, uYehova libonakala izihlandlo eziphantse zibe ngama-7 000 kwimibhalo yeBhayibhile yamandulo. Noko ke, abanye abaguquleli baye balisusa eli gama kwiinguqulelo zabo zeBhayibhile. Yiyo le nto sithandazela ukuba igama loMdali wethu lingcwaliswe. (Hezekile 36:23) Enye indlela esinokwenza ngokuvisisana ngayo nalo mthandazo kukusebenzisa igama elithi Yehova xa sithandaza kuThixo.
Elinye ibhinqa elinguPatricia lakhuliswa njengomKatolika yaye laliqhelene gqitha noMthandazo weNkosi. Lasabela njani xa elinye lamaNgqina kaYehova lalibonisa igama likaThixo eBhayibhileni? Ladanduluka lathi: “Ndandingakwazi ukuyikholelwa loo nto. Ngoko ndathabatha eyam iBhayibhile ndaza ndalikhangela, ndalibona. Emva koko eli Ngqina landibonisa uMateyu 6:9, 10 landichazela nokuba igama likaThixo linxulumene noMthandazo weNkosi. Ndandichulumance gqitha ndaza ndalicela ukuba lindifundise iBhayibhile.”
Makwenzeke Ukuthanda KukaThixo Emhlabeni
“Mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengasezulwini.” (Mateyu 6:10) Iya kuzaliseka njani le nxalenye yomthandazo kaYesu? Abantu abaninzi bathelekelela ukuba ezulwini kukho uxolo nocwangco. IZibhalo zibhekisela kwizulu ‘njengendawo kaYehova yokuhlala ephakamileyo yobungcwele nobuhle.’ (Isaya 63:15) Yiyo le nto sithandazela ukuba ukuthanda kukaThixo kwenzeke emhlabeni “njengasezulwini”! Kodwa ngaba kuya kuze kwenzeke oko?
Umprofeti kaYehova uDaniyeli waxela kusengaphambili: “UThixo wezulu uya kumisa ubukumkani obungenakuze bonakaliswe. Yaye obo bukumkani abuyi kudluliselwa kubo nabaphi na abanye abantu. Buya kuzityumza buziphelise zonke ezi zikumkani [zasemhlabeni], buze bona bume ukusa kwixesha elingenammiselo.” (Daniyeli 2:44) Obu Bukumkani, okanye urhulumente wasezulwini, kungekudala uya kuzisa uxolo emhlabeni wonke ngaphantsi kolawulo lobulungisa.—2 Petros 3:13.
Ukuthandazela ukuba uBukumkani bukaThixo bufike nokuba ukuthanda kwakhe kwenziwe emhlabeni kubonisa ukholo oluqinisekileyo. Umpostile uYohane ongumKristu wabhala: “Ndeva ilizwi elikhulu livela etroneni lisithi: ‘Khangela! Intente kaThixo iphakathi koluntu, yaye uya kuhlala nalo, lube ngabantu bakhe. Naye abe nguThixo walo. Uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule.’” UYohane wongezelela wathi: “Waza Lowo uhleli etroneni wathi: . . . ’Bhala kuba la mazwi athembekile yaye ayinyaniso.’”—ISityhilelo 21:3-5.
Ukuthandazela Izinto Esizifunayo
Ngoko wakuthethayo uYesu kumthandazo ongumzekelo wayebonisa ukuba into emele ibe phambili xa sithandaza ligama likaThixo nokuthanda kwakhe. Sekunjalo, kumthandazo ongumzekelo kukho nezicelo zobuqu ezibhekiswa kuYehova.
Nasi esokuqala: “Siphe namhlanje isonka sethu sale mini.” (Mateyu 6:11) Apha akuceli ukuba nezinto eziphathekayo. UYesu wasikhuthaza ukuba sithandazele “isonka sethu sale mini ngokwemfuneko yemini le.” (Luka 11:3) Ngokuvisisana noMthandazo weNkosi, sinokuthandaza sinokholo lokuba uThixo uya kusipha izicelo zethu zemihla ngemihla ukuba siyamthanda size simthobele.
Ukuba nexhala ngokugqithiseleyo ngemeko yezoqoqosho kunokusibangela ukuba singayikhathaleli intswelo yethu yokomoya size ngaloo ndlela singakwazi ukwenza oko akulindeleyo kuthi uThixo. Kodwa ukuba sikubeka kuqala ebomini bethu ukukhonza uThixo, sinokuqiniseka ukuba izicelo zethu ezinjengokutya, nempahla uya kuziva. UYesu wathi: “Qhubekani . . . nifuna kuqala ubukumkani nobulungisa [bukaThixo], yaye zonke ezinye izinto ziya kongezelelwa kuni.” (Mateyu 6:26-33) Ukufuna ubulungisa bukaThixo kulucelomngeni, ekubeni sonke sinesono yaye sifuna ukuxolelwa. (Roma 5:12) UMthandazo weNkosi uyathetha ngalo mbandela.
Imithandazo Yethu Nokuxolelwa
“Sixolele amatyala ethu, njengokuba nathi sibaxolele abanamatyala kuthi.” (Mateyu 6:12) Xa yena uLuka ethetha ngala “matyala” kuMthandazo weNkosi, uthi ‘zizono.’ (Luka 11:4) Ngaba uYehova uThixo uya kuzixolela ngokwenene izono zethu?
Nakuba uKumkani uDavide kaSirayeli wamandulo wenza izono ezinzulu, waguquka yaye wathandaza: “Wena, Yehova, ulungile yaye ukulungele ukuxolela; buninzi ububele bakho bothando kubo bonke abo babiza kuwe.” (INdumiso 86:5) Oko kukhuthaza ngokwenene! UBawo wethu osezulwini ‘ukulungele ukuzixolela’ izono zabo baguqukayo baze babuyele kuye. Kanye njengokuba amatyala ethu enokucinywa, uYehova uThixo unokuzixolela ngokupheleleyo izono zethu.
Noko ke, uYesu usixelela oko simele sikwenze: Ukuze sikwazi ukuxolelwa nguThixo, simele sibaxolele abanye. (Mateyu 6:14, 15) Nangona indoda elungileyo uYobhi yaphathwa kakubi ngabahlobo bayo abathathu, yabaxolela, yada yabathandazela. (Yobhi 42:10) Ukuba siyabaxolela abo basonayo, siya kumkholisa uThixo size sikwazi ukufumana inceba yakhe.
Ukukulungela kukaThixo ukusiphulaphula kwizicelo zethu kumele kusishukumisele ekubeni sifune ukumkholisa. Yaye sinako ukwenza oko nangona singafezekanga. (Mateyu 26:41) Nalapha uYehova unako ukusinceda, kanye njengokuba uYesu wabonisayo xa wayequkumbela umthandazo wakhe ngokwenza isicelo esibalulekileyo.
Ukuthandazela Ukuhlakulela Ubulungisa
“Ungasingenisi ekuhendweni, kodwa sihlangule kulowo ungendawo.” (Mateyu 6:13) UYehova akasiyekeli ukuba sisilwe sisedwa isilingo okanye asibangele ukuba siwele esonweni. ILizwi lakhe lithi: “UThixo akanakulingwa ngezinto ezimbi yaye naye akalingi namnye.” (Yakobi 1:13) UThixo uyasivumela ukuba silingwe, kodwa unako ukusihlangula kuMhendi Omkhulu—‘ongendawo’ owaziwa njengoSathana uMtyholi.
Umpostile uPetros wabongoza amaKristu: “Hlalani nithe qwa, nilindile. Utshaba lwenu, uMtyholi, luhambahamba njengengonyama egqumayo, efuna ubani engamqwengayo.” (1 Petros 5:8) Kaloku, uSathana wada walinga umntu owayefezekile uYesu Kristu! Wayezimisele ukwenza ntoni uMtyholi? Wayefuna uYesu ayeke unqulo lokwenyaniso lukaYehova uThixo. (Mateyu 4:1-11) Ukuba uzimisele ukukhonza uThixo, injongo kaSathana kukukuqwenga nawe!
Esebenzisa ihlabathi elilawulwa nguye, uMtyholi unokusilinga size senze izinto ezingamkholisiyo uThixo. (1 Yohane 5:19) Ngoko kubalulekile ukuba sibhenele kuThixo rhoqo sicele uncedo, ingakumbi xa sijamelene nesilingo esingapheliyo. Yaye ukuba sikhonza uYehova ngendlela afuna ngayo kwiLizwi lakhe eliphefumlelweyo, iBhayibhile, uya kusihlangula ngokusinceda sikwazi ukuxhathisa uMtyholi. IBhayibhile isixelela oku: “UThixo uthembekile, yaye akayi kuniyekela nihendwe ngaphaya koko ninokukuthwala.”—1 Korinte 10:13.
Ukuba Nokholo KuThixo Kubalulekile
Kuvuyisa ngokwenene ukwazi ukuba uBawo wethu osemazulwini unomdla kuye ngamnye wethu! Wada wathuma uNyana wakhe uYesu Kristu ukuba asifundise ukuthandaza. Ngokuqinisekileyo le nkalo isenza sifune ukumkholisa uYehova uThixo. Sinokukwenza njani oko?
IBhayibhile ithi: “Ngaphandle kokholo akunakwenzeka ukumkholisa kakuhle [uThixo], kuba lowo uzayo kuThixo umele akholwe ukuba ukho nokuba ungumvuzi wabo bamfuna ngenyameko.” (Hebhere 11:6) Lunokufunyanwa njani olo kholo? IBhayibhile ithi: “Ukholo lulandela oko kuviweyo.” (Roma 10:17) AmaNgqina kaYehova ayakuvuyela ukuthetha ngeZibhalo nabo bonke abo balangazelela ukukhonza uThixo benokholo lokwenyaniso.
Sikholelwa ukuba le ngxubusho ngoMthandazo weNkosi iye yakwenza wayiqonda ngakumbi intsingiselo yawo. Ngokungenisa ulwazi olungakumbi ngoYehova noko aza kubavuza ngako abo “bamfuna ngenyameko,” unokulomeleza ukholo lwakho kuThixo. Kwanga ungafunda okungakumbi ngaye nangeenjongo zakhe ukuze ukwazi ukunandipha ulwalamano olusondeleyo noBawo wakho wasezulwini ngonaphakade.—Yohane 17:3.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 5]
“Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho. Mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengasezulwini. Siphe namhlanje isonka sethu sale mini; uze usixolele amatyala ethu, njengokuba nathi sibaxolele abanamatyala kuthi. Ungasingenisi ekuhendweni, kodwa sihlangule kulowo ungendawo.”—Mateyu 6:9-13
[Umfanekiso okwiphepha 7]
UYehova uyabanyamekela abo bamthandayo
[Umfanekiso okwiphepha 7]
UThixo uyasinceda sikwazi ukumxhathisa uMtyholi
[Umfanekiso okwiphepha 7]
Ukuba njengoYobhi, siyabaxolela abo basonayo, sinokungenelwa kwinceba kaThixo