Ngubani Inkokeli Efanelekileyo Namhlanje?
Ngowe-1940, kwakukho ingxaki ngokuphathelele iinkokeli kwiPalamente yaseBritani. UDavid Lloyd George oneminyaka engama-77 ubudala, owayephulaphule ingxoxo ethile, wayekhokela iBritani xa yoyisa kwiMfazwe Yehlabathi I, yaye kuba wachitha ixesha elininzi kwezobupolitika wakwazi ukuhlolisisa ngokwenene umsebenzi wamagosa aphakamileyo. Ethetha kwiNdlu Engezantsi ngoMeyi 8, wathi: “Ilizwe lilungele ukwenza nantoni na lo gama nje lineenkokeli, lo gama nje uRhulumente eluxela ngokucacileyo usukelo lwakhe yaye lo gama nje ilizwe linethemba lokuba abo bakhokelayo benza okusemandleni abo.”
AMAZWI kaLloyd George enza kucace ukuba abantu balindele ukuba iinkokeli zabo zilawule ngokufanelekileyo zize zenze imigudu enyanisekileyo ukuze zikwazi ukuphucula iimeko. Omnye umququzeleli wonyulo uzibona ngale ndlela izinto: “Xa abantu bevotela umongameli, bavotela umntu abaza kumphathisa ubomi babo, ikamva labo nelabantwana babo.” Kunzima gqitha ukwenza umsebenzi onjalo. Kutheni kunjalo?
Ihlabathi lethu lizele ziingxaki ezingenakuconjululwa. Ngokomzekelo, yiyiphi inkokeli eye yabonakala inobulumko yaye inamandla kangangokuba inokuphelisa ulwaphulo-mthetho nemfazwe? Ngubani phakathi kweenkokeli zanamhlanje onazo izinto okanye onemfesane ngolo hlobo ukuba anike wonke umntu ukutya, amanzi acocekileyo aze abanyange? Ngubani onolwazi nofuna ukukhusela aze alungise imeko-bume? Ngubani ofanelekileyo nonamandla ngokwaneleyo okuqinisekisa ukuba bonke abantu baphila ubomi obude nobonwabisayo?
Abantu Abakwazi Ukulawula
Liyinyaniso elokuba ezinye iinkokeli ziye zakwazi ukuphumelela ngokomkhamo othile. Noko ke, inkoliso inokulawula amashumi ambalwa eminyaka—kwandule ke kulandele bani? Enye yezona nkokeli zifanelekileyo ezakha zaphila, uKumkani uSolomon kaSirayeli wamandulo, wazibuza loo mbuzo. Waqukumbela ngelithi: “Mna, ndakuthiya ukusebenza nzima endakwenzayo phantsi kwelanga, ekubeni ndiya kukushiya nomntu oya kubakho emva kwam. Yaye ngubani na okwaziyo ukuba uya kuba sisilumko okanye uya kuba sisidenge? Kanti uya kukulawula konke ukusebenza kwam nzima endakusebenzayo nendabonisa ubulumko ngako phantsi kwelanga. Kwanako oku kungamampunge.”—INtshumayeli 2:18, 19.
USolomon wayengazi enoba ilandela lakhe liya kuqhubeka nomsebenzi wakhe olungileyo okanye lizonakalise izinto kusini na. KuSolomon, ukudedelana kweenkokeli enye emva kwenye “kungamampunge.” Ezinye iinguqulelo zeBhayibhile zikubiza oku ngokuthi “lilize.” Enye inguqulelo ithi: “Akukho ngqiqweni.”
Maxa wambi, ugonyamelo lulo olubangela ukuba kutshintshwe inkokeli. Iinkokeli ezilawula kakuhle ziye zabulawa ngoxa zisalawula. UAbraham Lincoln, umongameli oxatyiswayo waseUnited States, wakha wathi kubantu ababemphulaphule: “Ndinyulelwe ukuba ndilawule okwexeshana, yaye kungekudala ndiza kushenxa.” Enyanisweni walawula ixesha elifutshane. Phezu kwako konke akwenzileyo nomnqweno wakhe wokufuna ukwenzela abantu okungakumbi, uMongameli uLincoln walawula ilizwe lakhe iminyaka emine kuphela. Xa eqala ukulawula okwesihlandlo sesibini, wabulawa ngumntu owayefuna enye inkokeli.
Nezona nkokeli zifanelekileyo azikwazi ukuqiniseka ngekamva lazo. Ngoko ke, ngaba ufanele uthembele kuzo ngelakho ikamva? IBhayibhile ithi: “Musani ukukholosa ngezidwangube, nangonyana womntu wasemhlabeni, lowo ungenalo usindiso. Uyaphuma umoya wakhe, abuyele yena emhlabeni wakhe; ngaloo mini ziyatshabalala iingcamango zakhe.” IBhayibhile yesiXhosa iguqulele inxalenye yokugqibela yendinyana 4 ngokuthi: “Ngaloo mini ayatshitsha amabhongo akhe.”—INdumiso 146:3, 4.
Kusenokungabi lula ukuba uliphulaphule icebiso lokungathembeli kwiinkokeli zabantu. Noko ke, iBhayibhile ayithi abantu abanakuze babe nenkokeli efanelekileyo nezinzileyo. KuIsaya 32:1 kuthiwa: “Khangela! Ukumkani uya kulawula ngobulungisa.” UYehova uThixo, uMdali womntu, walungiselela “ukumkani,” iNkokeli, eya kuthi kungekudala ilawule wonke umhlaba. Ungubani loo kumkani? Isiprofeto seBhayibhile siyamxela.
Eyona Nkokeli Ifanelekileyo
Kwiminyaka engamawaka amabini eyadlulayo, ingelosi yathi kwibhinqa eliselula nelingumYuda uMariya: “Uya kukhawula esibelekweni sakho uze uzale unyana, umbize ngokuba nguYesu igama lakhe. Yena uya kuba mkhulu, abizwe ngokuba nguNyana wOyena Uphakamileyo; yaye uYehova uThixo uya kumnika itrone kaDavide uyise, kwaye uya kulawula njengokumkani phezu kwendlu kaYakobi ngonaphakade, yaye ubukumkani bakhe abuyi kuba nasiphelo.” (Luka 1:31-33) Ewe, uYesu waseNazarete nguKumkani ekuthethwa ngaye kwisiprofeto seBhayibhile.
Imifanekiso yonqulo idla ngokumbonisa uYesu elusana, umntu obuthathaka nowenza nantoni na ayenziswayo. Le mifanekiso ayibenzi abantu bathembele kuye njengoMlawuli. Noko ke, uYesu Kristu ekuthethwa ngaye eBhayibhileni wakhula waza waba yindoda enamandla neqolileyo enenzondelelo nekwaziyo ukwenza izinto. Yaye wayenazo nezinye iimpawu ezimenza afaneleke njengenkokeli. (Luka 2:52) Ngezantsi kudweliswe iinkalo ezimbalwa ezibalaseleyo zobuntu bakhe.
UYesu wagcina ingqibelelo ngokupheleleyo. Wayenyanisekile ethe tye kangangokuba wathi kwiintshaba zakhe mazize nobungqina besizathu sokuba zimtyhola. Azizange zikwazi. (Yohane 8:46) Iimfundiso zakhe ezazingenankwalambisa zeyisela abantu abaninzi ukuba babe ngabalandeli bakhe.—Yohane 7:46; 8:28-30; 12:19.
UYesu wayezahlulele ngokupheleleyo kuThixo. Wayezimisele ukugqiba umsebenzi wakhe awayewabelwe nguThixo yaye wayengenakuphazanyiswa nayintoni na—nangumntu nayidemon. Ugonyamelo lwalungamoyikisi. (Luka 4:28-30) Ukudinwa nokulamba akuzange kumdimaze. (Yohane 4:5-16, 31-34) Nakuba abahlobo bakhe bamlahla, akazange aphambuke kusukelo lwakhe.—Mateyu 26:55, 56; Yohane 18:3-9.
UYesu wayebaxhalabele gqitha abantu. Wayesondla abalambileyo. (Yohane 6:10, 11) Wayebathuthuzela abadandathekileyo. (Luka 7:11-15) Wayephilisa iimfama, izithulu aze ancede nabo bagulayo. (Mateyu 12:22; Luka 8:43-48; Yohane 9:1-6) Wakhuthaza nabapostile bakhe ababezibhokoxa emsebenzini. (Yohane, isahluko 13–17) Waba “ngumalusi omhle” owayenyamekela izimvu zakhe.—Yohane 10:11-14.
UYesu wayefuna ukusebenza. Wahlamba iinyawo zabapostile ukuze abafundise isifundo esibalulekileyo. (Yohane 13:4-15) Kodwa neenyawo zakhe zazingcola njengoko wayeshumayela iindaba ezilungileyo kwiindlela zakwaSirayeli ezinothuli. (Luka 8:1) Kwanaxa wayefuna ukuphumla “kwindawo engasese,” wayesinceda isihlwele xa sasifuna ukufundiswa okungakumbi. (Marko 6:30-34) Ngoko ke wawamisela umzekelo wenkuthalo onke amaKristu.—1 Yohane 2:6.
UYesu wasigqiba isabelo sakhe waza wawushiya umhlaba. UYehova uThixo wamvuza ngobukumkani nokungafi emazulwini ngenxa yokuthembeka kwakhe. IBhayibhile ithi xa ithetha ngoYesu ovusiweyo: “UKristu, ekubeni ngoku eye wavuswa kwabafileyo, akasafi; ukufa akuseyiyo inkosi phezu kwakhe.” (Roma 6:9) Unokuqiniseka ukuba uyeyona Nkokeli ifanelekileyo kubantu bonke. Xa uKristu Yesu elawula umhlaba ngokupheleleyo, akusayi kubakho mfuneko yokukhokelwa ngomnye umntu, okanye kufuneke sinyule mntu wumbi ukuba alawule. Akasayi kubhukuqwa ngoxa esalawula, yaye umsebenzi wakhe awusayi kupheliswa okanye wonakaliswe lilandela elingafanelekanga. Kodwa yintoni ngokwenene aya kuyenzela uluntu?
Oko Kuya Kwenziwa Yile Nkokeli
INdumiso 72 iprofeta ngeenkcukacha zendlela lo Kumkani ungafiyo aya kulawula ngayo. Kwindinyana 7 neye-8, sifunda oku: “Ngomhla wakhe uya kuhluma olilungisa, nobuninzi boxolo ide ingabi sabakho inyanga. Uya kuba nabalawulwa abasukela elwandle baye kufikelela elwandle basukele eMlanjeni base eziphelweni zehlabathi.” Phantsi kolawulo lwakhe olufanelekileyo, abemi bomhlaba baya kunqabiseka ngonaphakade. Uya kutshabalalisa zonke izixhobo ezikhoyo aze aphelise umnqweno wokuqhway’ uqhushululu ezintliziyweni zabantu. Namhlanje abantu abahlasela abanye njengeengonyama ezikhohlakeleyo okanye abanjengeebhere ezindlongondlongo kubamelwane babo baya kutshintsha isimo sabo sengqondo ngokupheleleyo. (Isaya 11:1-9) Kuya kuzala uxolo.
INdumiso 72 ihlabela mgama isithi kwindinyana 12 ukuya kweye-14: “Uya kumhlangula lowo ulihlwempu ukhalela uncedo, kwanalowo uxhwalekileyo nabani na ongenamncedi. Uya kuba nosizi ngesisweli nangehlwempu, nemiphefumlo yabangamahlwempu uya kuyisindisa. Uya kuwukhulula umphefumlo wabo kwingcinezelo nakugonyamelo. Negazi labo liya kuxabiseka emehlweni akhe.” Abo basweleyo, abangamahlwempu nabaxhwalekileyo baya kuba yinxalenye yentsapho yabantu abonwabileyo nabamanyeneyo phantsi kolawulo loKumkani uYesu Kristu. Baya kuvuya, bangabi sezintlungwini okanye baphelelwe lithemba.—Isaya 35:10.
Indinyana 16 iyathembisa: “Kuya kubakho ukudla okuziinkozo okuninzi emhlabeni; encotsheni yeentaba kuya kubakho ukuphuphuma.” Izigidi zabantu emhlabeni namhlanje zithwaxwa yindlala. Ezobupolitika nokubawa kudla ngokubangela ukuba ukutya okwaneleyo kwahlulwe ngokungekho sikweni, kangangokuba izigidi, ingakumbi abantwana bafa ngenxa yokulamba. Kodwa phantsi kolawulo lukaYesu Kristu, iya kuphela le ngxaki. Umhlaba uya kuzala sisivuno sokutya okumnandi. Bonke abantu baya kufumana ukutya okwaneleyo.
Ngaba ungathanda ukuzuza kulawulo olufanelekileyo? Ukuba kunjalo, sikukhuthaza ukuba ufunde ngale Nkokeli eza kulawula emhlabeni wonke kungekudala. AmaNgqina kaYehova angakuvuyela ukukunceda wenjenjalo. Akusayi kuzisola, kuba uYehova uThixo ngokwakhe uthi ngoNyana wakhe: “Mna, ndimmisile ukumkani wam eZiyon, intaba yam engcwele.”—INdumiso 2:6.
[Ibhokisi ekwiphepha 5]
NGEQUBULISO UYABHUKUQWA
Ngokuqhelekileyo umlawuli udla ngokuxhomekeka kwintlonelo abalawulwa abanayo ngaye nangenkxaso yabo ukuba uzisa uxolo ngokomlinganiselo othile yaye baphila kwiimeko ezinqabisekileyo. Noko ke, ukuba abantu abamthembi ngenxa yesizathu esithile, kungekudala kusenokwenzeka ukuba mntu wumbi athabathe isihlalo sakhe. Ngezantsi kukho imizekelo yeemeko ezibangela ukuba ngequbuliso abalawuli abanempembelelo babhukuqwe.
Iimeko ezimbi zokuphila. Ngasekupheleni kwenkulungwane ye-18, abantu abaninzi baseFransi kwanyanzeleka ukuba banyamezele ukuhlawula irhafu eyayingumthwalo kubo ngoxa ukutya kwakunqongophele. Ezi meko zabangela IMvukelo yaseFransi, nto leyo eyabangela ukuba ngowe-1793 uKumkani uLouis XVI anqunyulwe intloko.
Imfazwe. IMfazwe Yehlabathi I yaphelisa ulawulo lwabalawuli abaninzi abanamandla embalini. Ngokomzekelo, ngowe-1917 ukunqongophala kokutya okwakubangelwa yimfazwe eSt. Petersburg, eRashiya, kwabangela iFebruary Revolution (IMvukelo kaFebruwari). Le mvukelo yabangela ukuba uCzar Nicholas II abhukuqwe kwaza kwaqalisa ukulawula amaKomanisi. NgoNovemba 1918, iJamani yayifuna uxolo, kodwa Amazwe Amanyeneyo ayengafuni ukuyeka ukulwa de kulawule enye inkokeli. Ngenxa yoko, uMlawuli waseJamani uWilhelm II wagxothelwa eNetherlands.
Ukufuna urhulumente owahlukileyo. Ngowe-1989 lwadilizwa uDonga LwaseBerlin. Iinkokeli ezazinamandla zaphelelwa ligunya njengoko abalawulwa bazo babengabufuni ubuKomanisi zaza zaseka iindlela ezahlukahlukeneyo zokulawula.
[Imifanekiso ekwiphepha 7]
UYesu wondla abalambileyo, waphilisa abagulayo, waza wawamisela umzekelo omhle onke amaKristu
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 4]
Lloyd George: Photo by Kurt Hutton/Picture Post/Getty Images