Okulungileyo Nokubi—Unokusenza Njani Isigqibo?
NGUBANI onegunya lokumisela imilinganiselo yokulungileyo nokubi? Loo mbuzo wabuzwa kwasekuqaleni kwembali yoluntu. Ngokutsho kwencwadi yeBhayibhile iGenesis, uThixo wabeka umthi owawukumyezo wase-Eden ‘njengomthi wokwazi okulungileyo nokubi.’ (Genesis 2:9) UThixo wayalela isibini sokuqala ukuba singatyi kulo mthi. Noko ke, utshaba lukaThixo, uSathana uMtyholi wasixelela ukuba, ukuba sithe satya kulo mthi, amehlo aso aya “kuvuleka” yaye siya kuba ‘njengoThixo, sazi okulungileyo nokubi.’—Genesis 2:16, 17; 3:1, 5; ISityhilelo 12:9.
UAdam noEva kwakufanele benze ukhetho—ngaba babefanele bamkele imilinganiselo kaThixo yokulungileyo nokubi okanye balandele eyabo? (Genesis 3:6) Bakhetha ukungamthobeli uThixo baza batya kuloo mthi. Esi senzo sincinane sasithetha ntoni? Ngokwala ukuhlonela imilinganiselo ababeyinikwe nguThixo, bagqiba ngelithi bona nenzala yabo banokuziphilela ngemilinganiselo yabo yokulungileyo nokubi. Uluntu luye lwaphumelela kangakanani kwilinge lokufuna ukuzilawula njengoThixo?
Iingcamango Ezingafaniyo
Emva kokuhlolisisa iimfundiso zeenkcuba-buchopho ezaziwayo kangangeenkulungwane, iEncyclopædia Britannica ithi ukususela ngexesha lesithandi sobulumko esingumGrike uSocrates ukusa kwinkulungwane yama-20, bekusoloko “kuphikiswana ngoko ukulunga kukuko nemilinganiselo yokulungileyo nokubi.”
Ngokomzekelo, iiSophist yayiliqela elidumileyo labafundisi bamaGrike kwinkulungwane yesihlanu ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo. Babefundisa ukuba imilinganiselo yokulungileyo nokubi yayimiselwa ngabantu. Omnye waba bafundisi uthi: “Nantoni na eyayibonakala ifanelekile yaye yamkelekile kwisixeko ngasinye, yayifanelekile yaye yamkelekile kweso sixeko, lo gama nje sicinga njalo.” Ngokwalo mlinganiselo, uJodie, okhankanywe kwinqaku elandulelayo, ufanele ayigcine le mali, ekubeni inkoliso yabantu abakwindawo ahlala kuyo, okanye “besixeko,” mhlawumbi bebeza kwenjenjalo.
UImmanuel Kant, isithandi sobulumko senkulungwane ye-18 esaziwayo, wavakalisa ingcamango eyahlukileyo. Ulindixesha othi Issues in Ethics uthi: “UImmanuel Kant nabanye abanjengaye . . . bathi umntu unelungelo lokuzikhethela ngokwakhe.” Ngokwengcamango kaKant, lo gama nje ewahlonela amalungelo abanye oko akwenzayo kuxhomekeke ngokupheleleyo kuye. Akafanele avumele iingcamango zoninzi lwabantu zimisele imilinganiselo aphila ngayo.
Ngoko uJodie wayicombulula njani le ngxaki? Wenza ukhetho lwesithathu. Wasebenzisa imfundiso kaYesu Kristu, imigaqo yakhe exatyiswa ngamaKristu nabo bangengawo amaKristu. UYesu wafundisa esithi: “Zonke izinto, ngoko, enifuna abantu bazenze kuni, yenzani ngokunjalo nani kubo.” (Mateyu 7:12) Lo mntu wayemthengisela indlu wothuka xa uJodie wamnika ii-$82 000. Xa wabuzwa isizathu sokuba angayithabathanga, uJodie wachaza ukuba ungomnye wamaNgqina kaYehova waza wathi: “Le mali ibingeyoyam.” UJodie wakubona kubalulekile ukuthobela amazwi kaYesu abhalwe eBhayibhileni kuMateyu 19:18 athi: “Uze ungebi.”
Ngaba Sinokuthembela Kwiingcamango Zomndilili?
Kusenokwenzeka ukuba abanye basenokuthi uJodie wayesisidenge ngokunyaniseka. Kodwa asinakuthembela kwiingcamango zomndilili. Ngokomzekelo, ukuba ubuphila kwindawo apho abantu abaninzi bekholelwa ukuba kwamkelekile ukubingelela ngabantwana, njengoko kwiindawo ezithile kwixesha elidluleyo abantu bebecinga njalo, ngaba bekuza kuthetha ukuba oko kulungile? (2 Kumkani 16:3) Kuthekani ukuba ubuzalelwe kwindawo apho abantu bebekujonga njengento elungileyo ukutya abantu? Ngaba oko bekuya kuthetha ukuba ukutya inyama yomntu bekungayi kuba yinto ephosakeleyo? Xa into ethile yenziwa ngabantu abaninzi akuthethi ukuba ilungile. Kwakudala iBhayibhile yalumkisa ngomgibe othile, isithi: “Uze ungalandeli isihlwele esineenjongo ezimbi.”—Eksodus 23:2.
UYesu Kristu wabonisa esinye isizathu sokulumka ukuba singalandeli umndilili ngokuphathelele oko kulungileyo noko kubi. Wabhenca uSathana ‘njengomlawuli wehlabathi.’ (Yohane 14:30; Luka 4:6) USathana usebenzisa amandla anawo ukuze alahlekise “umhlaba omiweyo uphela.” (ISityhilelo 12:9) Ngoko ke, ukuba uzimisela imilinganiselo yokulungileyo nokubi ngokusekelwe koko abantu bakucingayo, kusenokwenzeka ukuba unembono kaSathana ngokuphathelele imilinganiselo, yaye ngokuqinisekileyo oko bekuya kuba kukukhasel’ emlilweni.
Ngaba Unokusithemba Isigqibo Osenzayo?
Ngoko ke, ngaba mntu ngamnye ufanele azigqibele ngoko kulungileyo noko kubi? IBhayibhile ithi: “Ungayami ngokwakho ukuqonda.” (IMizekeliso 3:5) Ngoba? Kuba bonke abantu bazuza njengelifa isiphako esithile esinokubabangela bangenzi sigqibo esifanelekileyo. Xa uAdam noEva bavukela uThixo, bamkela imilinganiselo yomngcatshi ozingcayo uSathana baza bakhetha yena njengoyise wokomoya. Bandula ke badlulisela olo phawu lwentsapho—intliziyo enenkohliso ekwaziyo ukubona okulungileyo kodwa enotyekelo lokwenza okubi.—Genesis 6:5; Roma 5:12; 7:21-24.
Xa ithetha ngemilinganiselo, iEncyclopædia Britannica, ithi: “Akumangalisi ukubona abantu bekwazi oko bafanele bakwenze kodwa bandule benze oko kukholisa bona. Ukuzama ukubonisa abantu isizathu sokuba bafanele benze okulungileyo yingxaki ekhoyo kubantu abanemilinganiselo yaseNtshona.” IBhayibhile izibeka kakuhle izinto xa isithi: “Intliziyo inenkohliso kunayo nantoni na yaye iyatyhudisa. Ngubani na onokuyazi?” (Yeremiya 17:9) Ngaba ubunokumthemba umntu owaziwa ngokuba nenkohliso notyhudisayo?
Enyanisweni, nabo bangakholelwayo kuThixo bayakwazi ukwenza oko kulungileyo baze bakwazi ukuba nemilinganiselo efanelekileyo nebekekileyo. Noko ke, imigaqo efanelekileyo abayisebenzisa kwimilinganiselo yabo ivumelana nemilinganiselo yeBhayibhile. Nangona abantu abanjalo banokukhanyela ukuba uThixo ukho, iingcamango zabo zibonisa ukuba bazuze ilifa lokubonakalisa ubuntu bukaThixo. Oku kungqina ukuba njengokuba iBhayibhile ibonisa, umntu wadalwa “ngokomfanekiso kaThixo.” (Genesis 1:27; IZenzo 17:26-28) Umpostile uPawulos uthi: “Bona babonakalisa ukuba umthetho ubhalwe ezintliziyweni zabo.”—Roma 2:15.
Kakade ke, kuyenye into ukwazi oko kulungileyo; yaye kuyenye ukwenza oko kulungileyo. Ubani unokubambelela njani koko kulungileyo? Ekubeni umntu esenza into esentliziyweni, ukuhlakulela uthando ngoMbhali weBhayibhile uYehova uThixo, kunokumnceda ubani akwazi ukwenjenjalo.—INdumiso 25:4, 5.
Ukuzimisela Ukwenza Okulungileyo
Inyathelo lokuqala lokufunda ukumthanda uThixo kukuqonda indlela esengqiqweni nesebenza ngayo imiyalelo yakhe. Umpostile uYohane uthi: “Kuba ukumthanda uThixo kuko ukuthi, siyigcine imiyalelo yakhe; kwaye ayinzima imiyalelo yakhe.” (1 Yohane 5:3) Ngokomzekelo, iBhayibhile iqulethe icebiso elinokunceda abaselula bahlule okulungileyo kokubi xa besenza isigqibo enoba bafanele basele iziselo ezinxilisayo, basebenzise iziyobisi okanye babe neentlobano zesini ngaphambi komtshato. IBhayibhile inokunceda izibini ezitshatileyo ziqonde indlela yokucombulula iingxaki yaye inokukhokela abazali xa bekhulisa abantwana.a Xa isetyenziswa, imilinganiselo yeBhayibhile izuzisa abaselula nabakhulileyo, enoba imvelaphi yabo injani ngokwentlalo, imfundo okanye ubuhlanga.
Kanye njengokuba ukuzondla ngokutya okunesondlo kukunika amandla okuba usebenze, ukufunda iLizwi likaThixo kukunika amandla okuphila ngemilinganiselo yakhe. UYesu ufanisa amazwi kaThixo nesonka esigcina ubani ephila. (Mateyu 4:4) Kwakhona wathi: “Okwam ukutya kukuba ndenze ukuthanda kondithumileyo.” (Yohane 4:34) Ukuzondla ngokutya okulilizwi likaThixo kwamnceda uYesu ukuba akwazi ukuxhathisa izilingo aze enze izigqibo zobulumko.—Luka 4:1-13.
Ekuqaleni, usenokukufumanisa kunzima ukondla ingqondo yakho ngeLizwi likaThixo uze ulandele imilinganiselo yakhe. Kodwa khumbula ukuba xa wawuselula, kusenokwenzeka ukuba wawungakuthandi ukutya owawufanele ukutye. Ukuze ukhule, kwafuneka ufunde ukukunandipha ukutya okunjalo okunempilo. Ngokufanayo, kusenokuthabatha ixesha ukuba uyithande imilinganiselo kaThixo. Ukuba uyazingisa, uya kuyithanda uze ukhule ngokomoya. (INdumiso 34:8; 2 Timoti 3:15-17) Uza kufunda ukuthembela kuYehova uze ufune ‘ukwenza okulungileyo.’—INdumiso 37:3.
Kusenokwenzeka ukuba akunakuze izifumanise ukwimeko efanayo nekaJodie. Sekunjalo, suku ngalunye wenza izigqibo ezisekelwe kwimilinganiselo, izigqibo ezincinane nezikhulu. Ngoko ke, iBhayibhile iyakubongoza isithi: “Kholosa ngoYehova ngayo yonke intliziyo yakho, ungayami ngokwakho ukuqonda. Uze umgqale yena ezindleleni zakho zonke, kwaye uya kuwenza uthi tye umendo wakho.” (IMizekeliso 3:5, 6) Ukufunda ukukholosa ngoYehova akuyi kukuzuzisa ngoku kuphela kodwa kwakhona uya kufumana nethuba lokuphila ngonaphakade, kuba ukuthobela uYehova uThixo kukhokelela ebomini.—Mateyu 7:13, 14.
[Umbhalo osemazantsi]
a Icebiso elisebenzayo elivela eBhayibhileni ngale mibandela ibalulekileyo neminye ifumaneka kwincwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo nethi Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho, ezipapashwe ngamaNgqina kaYehova.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 6]
Kusenokwenzeka ukuba iingcamango ezithandwa ngabantu ziphenjelelwa yimimoya engabonakaliyo
[Imifanekiso ekwiphepha 5]
Ukutyhubela iminyaka, iinkcuba-buchopho bezisoloko ziphikisana ngoko kulungileyo nokubi
USOCRATES
UKANT
UCONFUCIUS
[Inkcazelo]
Kant: Kwincwadi ethi The Historian’s History of the World; Socrates: Kwincwadi ethi A General History for Colleges and High Schools; Confucius: Sung Kyun Kwan University, Seoul, Korea
[Imifanekiso ekwiphepha 7]
IBhayibhile ayisincedi kuphela ukwahlula okulungileyo kokubi kodwa ikwasinceda ukuba senze okulungileyo