Lutsha—Zibekeleni Usukelo Oluzukisa UThixo
“Yiba nosukelo lokuziqeqesha ngozinikelo lobuthixo.”—1 TIMOTI 4:7.
1, 2. (a) Yintoni eyabangela ukuba uPawulos ancome uTimoti? (b) Ulutsha lwanamhlanje luzibekela njani ‘usukelo lokuziqeqesha ngozinikelo lobuthixo’?
“ANDINAMNTU wumbi onokuninyamekela ngokwenene njengaye. . . . Waba likhoboka kunye nam ekuhambiseleni phambili iindaba ezilungileyo, kanye njengomntwana okunye noyise.” (Filipi 2:20, 22) Umpostile uPawulos waquka la mazwi oncomelo kwileta yakhe awayeyibhalela amaKristu enkulungwane yokuqala aseFilipi. Wayethetha ngabani? Wayethetha ngoTimoti, umfana awayesebenza kunye naye njengomveleli ohambahambayo. Khawucinge nje indlela amele ukuba wavuya ngayo uTimoti kukuva indlela uPawulos amthanda namthembe ngayo!
2 Ulutsha olukhulileyo ngokomoya olufana noTimoti luxabisekile kakhulu kubantu bakaYehova. (INdumiso 110:3) Namhlanje, intlangano kaThixo isikelelekile ngokuba nolutsha oluninzi olukhonza njengoovulindlela, abavangeli basemazweni, amatsha-ntliziyo asebenza kwizakhiwo nabasebenzi baseBheteli. Abanye abanconywa kakhulu ngabo bazibhokoxayo kwimisebenzi yebandla ngoxa benezinye iimbopheleleko. Ulutsha olunjalo lufumana ulwaneliseko lokwenene ngenxa yokuzibekela usukelo oluzukisa uBawo wethu osezulwini, uYehova. Ngokwenene, ‘lunosukelo lokuziqeqesha ngozinikelo lobuthixo.’—1 Timoti 4:7, 8.
3. Yiyiphi imibuzo eza kuxutyushwa kweli nqaku?
3 Njengomntu osemtsha, ngaba unosukelo oluthile lokomoya ozibekele lona? Unokulufumana phi uncedo nokhuthazo lokwenjenjalo? Unokuyixhathisa njani ingcinezelo yomoya weli hlabathi wokuthanda izinto eziphathekayo? Unokulindela ziphi iintsikelelo ukuba uzibekela usukelo oluzukisa uThixo? Masifumane iimpendulo zale mibuzo ngokuhlolisisa ubomi bukaTimoti nomsebenzi awayewenza.
Imvelaphi KaTimoti
4. Chaza ngokufutshane ngomsebenzi owawusenziwa nguTimoti njengomKristu.
4 UTimoti wakhulela eListra, idolophana eyayikwiphondo laseGalati elaliphantsi kolawulo lwamaRoma. Kusenokwenzeka ukuba wafunda ngobuKristu xa wayekwishumi elivisayo, xa uPawulos wayeshumayela eListra malunga nowama-47 C.E. Ngokukhawuleza, uTimoti waduma kakuhle kubazalwana abangamaKristu ababehlala apho. Xa uPawulos ebuyela eListra kwiminyaka emibini kamva, weva nangenkqubela kaTimoti, wamnyula ukuba ahambe naye kumsebenzi wobuvangeli. (IZenzo 14:5-20; 16:1-3) Njengoko uTimoti ekhula, wanikwa iimbopheleleko ezingakumbi, kuquka umsebenzi obalulekileyo wokomeleza abazalwana. Xa uPawulos wayebhalela uTimoti ekwintolongo yaseRoma malunga nowama-65 C.E., uTimoti wayengumdala ongumKristu e-Efese.
5. Ngokutsho kweyesi-2 kuTimoti 3:14, 15, ziziphi izinto ezimbini ezanceda uTimoti wenza isigqibo sokuzibekela usukelo lokomoya?
5 Ngokucacileyo, uTimoti wakhetha ukuzibekela usukelo lokomoya. Kodwa yintoni eyamshukumisela ukuba enjenjalo? Kwileta yakhe yesibini eya kuTimoti, uPawulos wakhankanya izinto ezimbini. Wathi: “Yima ezintweni owazifundayo waza weyiselwa ekuzikholelweni, ubazi abantu owazifunda kubo, kuba uyaze kwasebusaneni imibhalo engcwele.” (2 Timoti 3:14, 15) Masiqale sihlolisise indlela amanye amaKristu awamnceda ngayo uTimoti ukuba enze ukhetho awalwenzayo.
Ukungenelwa Kwimpembelelo Eyakhayo
6. Luluphi uqeqesho olwafunyanwa nguTimoti yaye wasabela njani kulo?
6 UTimoti wakhulela kwikhaya elahluleleneyo ngokonqulo. Uyise wayengumGrike yaye unina uYunike noninakhulu uLoyisi babengamaYuda. (IZenzo 16:1) UYunike noLoyisi bafundisa uTimoti inyaniso ekwiZibhalo zesiHebhere ukususela ebusaneni. Emva kokuba beguqukele kubuKristu, ngokungathandabuzekiyo bamnceda ukuba akholelwe iimfundiso zamaKristu. Ngokucacileyo, uTimoti walwamkela olu qeqesho lubalaseleyo. UPawulos wathi: “Ndikhumbula ukholo olukuwe olungenalo naluphi na uhanahaniso, nolwahlalayo kuqala kunyokokhulu uLoyisi nakunyoko uYunike, kodwa endinentembelo yokuba lukho nakuwe.”—2 Timoti 1:5.
7. Ziziphi iintsikelelo ezinanditshwa lulutsha oluninzi yaye lunokungenelwa njani koku?
7 Namhlanje, ulutsha oluninzi lusikelelwe ngokuba nabazali, ootatomkhulu noomakhulu aboyik’ uThixo, abo njengoLoyisi noYunike bakuqondayo ukubaluleka kokuzibekela usukelo lokomoya. Ngokomzekelo, uSamira usazikhumbula iincoko ezinde awayedla ngokuba nazo nabazali bakhe ngoxa wayesekwishumi elivisayo. Uthi: “UTata noMama bandifundisa ukujonga izinto ngendlela uYehova azijonga ngayo nokugqala umsebenzi wokushumayela njengowona msebenzi ubalulekileyo ebomini. Babesoloko bendikhuthaza ukuba ndizibekele usukelo lokungenela inkonzo yexesha elizeleyo.” USamira walwamkela ukhuthazo lwabazali bakhe yaye ngoku unelungelo lokukhonza eBheteli kwilizwe awazalelwa kulo. Ukuba abazali bakho bakukhuthaza ukuba uzibekele usukelo lokomoya, cingisisa kakuhle ngecebiso labo. Banqwenela ngokunyanisekileyo ukuba uphumelele ebomini.—IMizekeliso 1:5.
8. UTimoti wangenelwa njani ngokuba nabahlobo abangamaKristu ababemkhuthaza?
8 Kubalulekile ukuba uzifunele abahlobo abangamaKristu abanokukukhuthaza. UTimoti wayesaziwa kakhulu ngabadala abangamaKristu ababesebandleni lakhe nabaseIkoniyo, eyayimalunga neekhilomitha ezingama-30 ukusuka ebandleni lakhe. (IZenzo 16:1, 2) Wazakhela ubuhlobo obusenyongweni noPawulos, indoda eyayikhuthele kakhulu. (Filipi 3:14) Iileta zikaPawulos zibonisa ukuba uTimoti wayelamkela icebiso yaye wayengaphozisi maseko ekuxeliseni imizekelo yokholo. (1 Korinte 4:17; 1 Timoti 4:6, 12-16) UPawulos wabhala: “Uyilandele ngokusondeleyo imfundiso yam, ikhondo lam lobomi, injongo yam, ukholo lwam, ukuzeka kade umsindo kwam, uthando lwam, unyamezelo lwam.” (2 Timoti 3:10) Ewe, uTimoti walandela ngqo emanyathelweni kaPawulos. Ngokufanayo, ukuba uzisondeza kubantu abomeleleyo ngokomoya ebandleni, baya kukunceda ukuba uzibekele usukelo lokomoya.—2 Timoti 2:20–22.
Fundisisa “Imibhalo Engcwele”
9. Ngaphandle kokukhetha abahlobo abafanelekileyo, yintoni omele uyenze ukuze uzibekele ‘usukelo lokuziqeqesha ngozinikelo lobuthixo’?
9 Ngaba umntu unokukwazi ukufikelela usukelo lokomoya ngenxa nje yokuba eye wakhetha abahlobo abafanelekileyo? Akunjalo. NjengoTimoti, ufanele uhlolisise ngenyameko “imibhalo engcwele.” Kusenokwenzeka ukuba akungomntu ukuthandayo ukufunda, kodwa khumbula ukuba uTimoti kwafuneka ‘abe nosukelo lokuziqeqesha ngozinikelo lobuthixo.’ Abadlali kuye kufuneke balolonge umzimba kangangeenyanga eziliqela ukuze bafikelele usukelo lwabo. Ngokufanayo, ukuze umntu afikelele usukelo lokomoya kufuneka azincame yaye azibhokoxe. (1 Timoti 4:7, 8, 10) Usenokuzibuza, ‘Ukufunda iBhayibhile kunokundinceda njani ndifikelele usukelo lwam?’ Masihlolisise iindlela ezintathu.
10, 11. Kutheni iZibhalo ziya kukushukumisela ekubeni uzibekele usukelo lokomoya? Chaza umzekelo.
10 Okokuqala, iZibhalo ziya kukunceda uhlakulele intshukumisa efanelekileyo. Zityhila ubuntu obumangalisayo bukaBawo wethu osezulwini, indlela ebalaseleyo awabonakalisa uthando ngayo kuthi, nentsikelelo engunaphakade ayilungiselele abakhonzi bakhe abathembekileyo. (Amosi 3:7; Yohane 3:16; Roma 15:4) Njengoko usiya usiba nolwazi olungakumbi ngoYehova, nomnqweno wakho wokuzahlulela kuye uya kukhula.
11 AmaKristu amaninzi aselula athi ukufundisisa iBhayibhile rhoqo kuye kwawanceda gqitha ekubeni abe noxabiso olunzulu ngenyaniso. Ngokomzekelo, uAdele wakhuliselwa kwikhaya lamaKristu kodwa akazange azibekele sukelo lokomoya. Uthi: “Abazali bam babesiya nam kwiHolo yoBukumkani kodwa ndandingafundisisi kwaye ndingaphulaphuli nakwiintlanganiso.” Emva kokuba udadewabo ebhaptiziwe, uAdele waqalisa ukuba noxabiso ngenyaniso. Uthi: “Ndazibekela usukelo lokufunda iBhayibhile ndiyigqibe. Ndandifunda iindinyana ezimbalwa ndize ndibhale amagqabaza ngaloo nto ndigqiba kuyifunda. Ndisawagcinile nangoku loo manqaku. Ndafunda iBhayibhile ndayigqiba kwisithuba esingangonyaka.” Ngenxa yoko, uAdele washukunyiselwa ukuba azahlulele kuYehova. Nangona enesiphene, unguvulindlela okanye umshumayeli wexesha elizeleyo.
12, 13. (a) Ukufundisisa iBhayibhile kuya kunceda umntu oselula ukuba enze ziphi iinguqulelo, yaye njani? (b) Chaza imizekelo yobulumko bobuqili obufumaneka eLizwini likaThixo.
12 Okwesibini, iBhayibhile iya kukunceda ukuba wenze iinguqulelo ofanele uzenze kubuntu bakho. UPawulos wathi kuTimoti “imibhalo engcwele” ‘iyingenelo ekufundiseni, ekohlwayeni, ekulungelelaniseni izinto, ekuqeqesheleni ebulungiseni, ukuze umntu kaThixo awufanelekele aze awuxhobele ngokupheleleyo wonke umsebenzi olungileyo.’ (2 Timoti 3:16, 17) Xa usoloko ucinga ngemibandela ephathelele iLizwi likaThixo usebenzisa nemigaqo yeBhayibhile, uya kuvumela umoya kaThixo ukuba uphucule ubuntu bakho. Uya kukunceda uhlakulele iimpawu ezintle, njengokuthobeka, ukunyamezela, ukukhuthala nothando olunyanisekileyo ngamanye amaKristu. (1 Timoti 4:15) UTimoti wayenazo ezi mpawu yaye zamenza waba luncedo kakhulu kuPawulos nakumabandla awayekhonza kuwo.—Filipi 2:20-22.
13 Okwesithathu, iLizwi likaThixo liqulethe ubulumko bobuqili. (INdumiso 1:1-3; 19:7; 2 Timoti 2:7; 3:15) Buya kukunceda ukuba ubakhethe ngobulumko abahlobo bakho, ukhethe iindlela zokuzonwabisa ezakhayo, ukwazi nokujamelana nezinye iingxaki ezininzi. (Genesis 34:1, 2; INdumiso 119:37; 1 Korinte 7:36) Kubalulekile ukwenza izigqibo zobulumko ngoku ukuze ufikelele usukelo lwakho lokomoya.
“Yilwa Umlo Omhle”
14. Kutheni ukuzibekela usukelo lokomoya kungekho lula?
14 Ukubeka usukelo oluzukisa uYehova kwindawo yokuqala lelona khondo lobulumko kodwa akunto ilula. Ngokomzekelo, xa umele ukhethe umsebenzi, unokufumana ingcinezelo kwizalamane, oontanga bakho nootitshala abakunqwenelela okuhle, abakholelwa ukuba imfundo enomsila nomsebenzi ohlawula imali eninzi ukhokelela kwimpumelelo nakulonwabo lokwenene. (Roma 12:2) NjengoTimoti, kuya kufuneka ‘ulwe umlo omhle wokholo, ukuze ububambe ngokuqinileyo ubomi obungunaphakade’ obulungiselelwe nguYehova.—1 Timoti 6:12; 2 Timoti 3:12.
15. Yiyiphi inkcaso ekusenokwenzeka ukuba uTimoti wayejamelene nayo?
15 Kunokuba nzima nangakumbi xa amalungu entsapho yakho angakholwayo engavumelani nokhetho olwenzileyo. Kusenokwenzeka ukuba noTimoti kwafuneka oyise loo nkcaso. Ngokutsho kwenye incwadi, kusenokwenzeka ukuba intsapho yakuloTimoti “yayizizifundiswa ezikwazizinhanha.” Kusenokwenzeka ukuba uyise wayelindele ukuba afumane imfundo enomsila ukuze aqhubeke enyamekela ishishini lakowabo.a Cinga nje indlela anokuba wasabela ngayo uyise kaTimoti xa efumanisa ukuba uTimoti ukhethe ukuhamba noPawulos owayengumvangeli wasemazweni, msebenzi lowo wawuneengozi yaye kungekho mthombo uqinisekileyo wokufumana imali!
16. Omnye umfana oselula wahlangabezana njani nenkcaso yomzali wakhe?
16 AmaKristu aselula namhlanje ajamelene neengxaki ezifanayo. UMatthew, okhonza kwiofisi yesebe yamaNgqina kaYehova, uthi: “Ukuqalisa kwam ukuba nguvulindlela, uTata wadana ngeyona ndlela. Wayevakalelwa kukuba ‘ndidlale’ ngemfundo yam kuba ndikhethe umsebenzi wokucoca ukuze ndizixhase ngoxa ndisenza umsebenzi wokushumayela. Wayedla ngokundigculela, andixelele ngemali endinokuyifumana xa ndinokufuna umsebenzi endinokuphangela kuwo yonke imihla.” UMatthew wahlangabezana njani nale nkcaso? “Ndanamathela kucwangciso lwam lokufunda iBhayibhile yaye ndandithandaza rhoqo, ingakumbi xa ndiziva ndicaphuka.” UMatthew uye wavuzwa ngenxa yoko kuzimisela kwakhe. Ekuhambeni kwexesha, waba nolwalamano oluhle noyise. Uye wasondela ngakumbi kuYehova. UMatthew uthi: “UYehova uye wandinyamekela, wandikhuthaza yaye wandinceda ukuze ndingenzi izigqibo zobuyatha. Ibingayi kwenzeka yonke loo nto ukuba ndandingazibekelanga usukelo lokomoya.”
Nikela Ingqalelo Kusukelo Lokomoya
17. Abanye basenokubadimaza njani bengaqondi abo baceba ukungenela inkonzo yexesha elizeleyo? (Mateyu 16:22)
17 Abanye abantu abanokukudimaza kusukelo lwakho lokomoya bengaqondi, ngamanye amakholwa. Abanye basenokubuza, ‘Kutheni ufuna ukuba nguvulindlela? Usenokuphila ubomi nje obuqhelekileyo kwangaxeshanye ushumayele. Hamba uye kufuna umsebenzi ohlawula umvuzo oncumisayo ukuze ube nemali.’ Eli cebiso lisenokubonakala lilihle, kodwa ukuba uyalamkela ngaba uya kube unosukelo lokuziqeqesha ngozinikelo lobuthixo?
18, 19. (a) Unokuyinikela njani ingqalelo kusukelo lokomoya? (b) Chaza izinto ozincamileyo wena, njengomntu osemtsha ngenxa yoBukumkani.
18 Kuyabonakala ukuba amanye amaKristu awayephila ngexesha likaTimoti ayecinga ngale ndlela. (1 Timoti 6:17) Ukuze ancede uTimoti anikele ingqalelo kusukelo lokomoya, uPawulos wamkhuthaza, esithi: “Akukho joni lizibandakanya kumashishini ezorhwebo, ukuze likholise umphathi walo.” (2 Timoti 2:4) Ijoni elisemsebenzini alinakuzivumela liphazanyiswe zezinye izinto. Lifanele lihlale lilungele ukulandela imiyalelo yomphathi walo kuba ubomi balo nobabanye abantu buxhomekeke kulo. Njengejoni likaKristu, nawe umele unikele ingqalelo kusukelo lokomoya, uphephe ukuzixakekisa ngokusukela izinto eziphathekayo ezingeyomfuneko nto leyo inokukuthintela ukuba ungakwazi ukubufeza ngokupheleleyo ubulungiseleli bakho obusindis’ ubomi.—Mateyu 6:24; 1 Timoti 4:16; 2 Timoti 4:2, 5.
19 Kunokuba uzibekele usukelo lokuphila ubomi obutofotofo, hlakulela umoya wokuzincama. “Njengejoni likaKristu uYesu, kulungele ukungabi nazo izinto ezenza ubomi bube tofotofo.” (2 Timoti 2:3, The English Bible in Basic English) Xa wayehamba noPawulos, uTimoti wafunda ukwaneliseka naphantsi kwezona meko zinzima. (Filipi 4:11, 12; 1 Timoti 6:6-8) Nawe unokwenza okufanayo. Ngaba ukulungele ukuzincama ngenxa yoBukumkani?
Iintsikelelo Ngoku Nakwikamva
20, 21. (a) Chaza ezinye zeentsikelelo ezifumaneka ngokuzibekela usukelo lokomoya. (b) Uzimisele ukwenza ntoni?
20 Kangangeminyaka eli-15, uTimoti wasebenza noPawulos ngokusondeleyo. UTimoti wazibonela ngawakhe xa kuqaliswa amabandla amatsha njengoko iindaba ezilungileyo zaya kufikelela phantse kuwo wonke ummandla okumntla weMeditera. Wayonwabile yaye anelisekile nangaphezu kokuba kwakunokuba njalo ukuba wayekhethe ukuphila ubomi “obuqhelekileyo.” Ngokuzibekela usukelo lokomoya, nawe uya kufumana iintsikelelo zokomoya ezimangalisayo. Uya kusondela ngakumbi kuYehova yaye amanye amaKristu aya kukuthanda aze akuhlonele. Kunokuba ufumane intlungu nenkxwaleko ebangelwa kukufuna ubutyebi bezinto eziphathekayo, uya kufumana ulonwabo lokwenene olubangelwa kukupha ngesisa. Okona kuxabiseke nangakumbi, uya kufumana ‘ubomi benene.’—1 Timoti 6:9, 10, 17-19; IZenzo 20:35.
21 Ngoko, ukuba akukakwenzi oko, siyakukhuthaza ukuba uqalise ngokukhawuleza ukuzibekela usukelo lokuziqeqesha ngozinikelo lobuthixo. Zisondeze kumalungu ebandla anokukunceda ufikelele usukelo lwakho lokomoya, uze ucele amacebiso kubo. Ufundisiso lweLizwi likaThixo oluthe rhoqo malube yeyona nto ibalulekileyo. Zimisele ukuxhathisa umoya weli hlabathi wokuthanda izinto eziphathekayo. Hlala ukhumbula ukuba uThixo “osinika zonke izinto ngokobutyebi ukuze sizinandiphe” uthembisa ukukunika iintsikelelo eziyintabalala ngoku nakwikamva ukuba uzibekela usukelo oluzukisa yena.—1 Timoti 6:17.
[Umbhalo osemazantsi]
a AmaGrike ayeyixabise gqitha imfundo. UPlutarch, owayephila ngaxeshanye noTimoti, wabhala: “Imfundo esemgangathweni ikhokelela kwimpumelelo. . . . Ikhokelela ekuziphatheni kakuhle naselonwabeni. . . . Zonke ezinye iingenelo esizifumanayo ebomini azinamsebenzi yaye asimele sizixhalabise kangako ngazo.”—Moralia, I, “The Education of Children.”
Ngaba Usakhumbula?
• Abantu abaselula banokulufumana phi uncedo ukuze bakwazi ukuzibekela usukelo lokomoya?
• Kutheni ukufundisisa iBhayibhile ngenyameko kubaluleke kangaka?
• Abantu abaselula banokuwuxhathisa njani umoya weli hlabathi wokuthanda izinto eziphathekayo?
• Ziziphi iintsikelelo ezifumaneka ngokuzibekela usukelo lokomoya?
[Umfanekiso okwiphepha 24]
UTimoti wazibekela usukelo oluhle
[Imifanekiso ekwiphepha 25]
Ziziphi izinto ezanceda uTimoti?
[Imifanekiso ekwiphepha 26]
Ngaba uzibekela usukelo lokomoya?