“Bahlukaniswe Ziilwimi Ngoxa Bemanyaniswe Luthando”
Intlangulo. Inkululeko. Usindiso. Kangangeenkulungwane abantu bebesoloko belangazelela ukukhululeka ebunzimeni nakwizinto ezixhalabisayo. Singakwazi njani ukujamelana neengxaki zobomi? Ngaba abantu baya kuze bahlangulwe? Ukuba kunjalo, baya kuhlangulwa njani?
LOWO yayingumbandela owawuxutyushwa kwiindibano zesithili zeentsuku ezintathu zamaNgqina kaYehova, ezaqalisa ngoMeyi 2006. Umxholo wazo wawusithi “Intlangulo Isondele!”
Kwezisithoba kwezi ndibano kwakukho iindwendwe ezivela kumazwe ahlukeneyo. Zaqhutywa ngoJulayi nangoAgasti 2006, ePrague, ikomkhulu laseCzech Republic; eBratislava, ikomkhulu laseSlovakia; eChorzow nasePoznan, ePoland;a nakwizixeko ezihlanu zaseJamani—eDortmund, eFrankfurt, eHamburg, eLeipzig, naseMunich. Xa bebonke ababekho kuzo babengaphezu kwama-313 000.
Kwakunjani kwezo ndibano? Yintoni eyafunyaniswa ngamajelo eendaba? Basala bevakalelwa njani bona abo babeye kwezo ndibano?
Amalungiselelo
Ezo ndibano zazilindelwe ngamehlo abomvu ziindwendwe namaNgqina asekuhlaleni kuba zazisazi ukuba iza kuba zizihlandlo zokomoya ezingalibalekiyo. Kwakungelula kwaphela ukulungiselela iindawo ezaziza kuhlala kuzo ezo ndwendwe. Ngokomzekelo, kwindibano yaseChorzow, amaNgqina asePoland amkela emakhayeni awo iindwendwe eziphantse zibe li-13 000 ezivela eMpuma Yurophu. Ezo ndwendwe zeza zivela eArmenia, eBelarus, e-Estonia, eGeorgia, eKazakhstan, eKyrgyzstan, eLatvia, eLithuania, eMoldova, eRashiya, eTajikistan, eTurkmenistan, eUkraine, eUnited States, naseUzbekistan.
Iindwendwe ezininzi zaqalisa ukwenza amalungiselelo kusasele iinyanga ngaphambili. UTatiana, umvangeli wexesha elizeleyo waseKamchatka, usingasiqithi weRashiya ongakwicala lomntla-mpuma weJapan, waqalisa ukuzongela imali yolo hambo kusasele unyaka wonke. Wayeza kuhamba iikhilomitha ezimalunga nama-10 500. Waqala wahamba ngenqwelo-moya iiyure ezi-5, emva koko ngololiwe phantse iintsuku ezintathu waza wagqibela ngokuchitha iiyure ezingama-30 ehamba ngebhasi ukuze aye kufika eChorzow.
Amawaka amatsha-ntliziyo asebenza ngaphambi kwezo ndibano elungisa amabala neendawo ezikufuphi ukuze afanelekele ukunqula. (Duteronomi 23:14) Ukwenza nje umzekelo omnye, eLeipzig amaNgqina alapho acoca ibala, aza athembisa ukwenjenjalo nasemva kwendibano. Ngenxa yoko, abaphathi belo bala bayibuyisa intywenka yemali eyayiza kugubungela indleko zokucoca.
Izimemo
Ehlabathini lonke amabandla aye azibhengeza ngokubanzi iiNdibano ezazinomxholo othi “Intlangulo Isondele!” Abo babeza kuya kwezi ndibano zikhethekileyo baluphumeza ngentumekelelo eli phulo. Baqhubeka bebhengeza le ndibano de kwangorhatya kusuku olungaphambi kwayo. Ngaba loo nzondelelo yabo yathwala isiqhamo?
Elinye iNgqina lasePoland, uBogdan ladibana nendoda esele ikhulile eyayifuna ukuya kuloo ndibano kodwa isithi ubugcwabalalana bayo babungenakuyithwala iye eChorzow ekumgama weekhilomitha ezili-120. Kwathi kanti kukho isitulo esingenamntu kwibhasi eyayiqeshwe libandla. UBogdan uthi: “Sayixelela loo ndoda ukuba yayinokuhamba nathi ngaphandle kwentlawulo ukuba nje yayinokufika kuloo ndawo sikhwelela kuyo nge-5:30 kusasa.” Loo ndoda yavuma yaza yabakho endibanweni. Kamva yabhalela abazalwana isithi: “Ngokuya kwam kule ndibano, nditsho ndazimisela ukuguquka ndenze okulungileyo.”
EPrague indoda eyayihlala kwenye yezo hotele zazineendwendwe zaseBritani yaxelela omnye wazo ngokuhlwa ukuba nayo yayiyile endibanweni ngaloo mini. Yatsalwa yintoni ukuba iye apho? Yathi emva kokufumana izimemo kubavakalisi abalishumi abahlukeneyo kwizitrato zeso sixeko, yaziva inyanzelekile ukuba iye! Yayichukumiseke gqitha yaye yayifuna ukufunda okungakumbi.—1 Timoti 2:3, 4.
Ukondliwa Kucwangciso Lwemfundiso YeBhayibhile
Kolu cwangciso kwaxutyushwa ngeendlela zokusingatha iingxaki ezahlukahlukeneyo. Isiluleko esingqalileyo seZibhalo sacacisa indlela ezinokuconjululwa okanye zinyanyezelwe ngayo ezi ngxaki.
Abo bakhathazwa kukwaluphala, impilo enkenenkene, ukufelwa zizihlobo, okanye ezinye iingxaki bakhuthazwa ngeBhayibhile ukuze bakhangele phambili benembono efanelekileyo ngobomi. (INdumiso 72:12-14) Izibini ezitshatileyo nabazali beva isiluleko seBhayibhile sendlela yokufumana umtshato owonwabisayo nesokukhulisa abantwana ngokuphumelelayo. (INtshumayeli 4:12; Efese 5:22, 25; Kolose 3:21) Ulutsha olungamaKristu—oluchanabeke kwiingozi zengcinezelo yoontanga esikolweni ngoxa lufumana isiluleko sobulumko beLizwi likaThixo ekhaya nasebandleni—lwaxhotyiselwa ukuhlangabezana nale ngcinezelo nangendlela ‘yokusaba iinkanuko zobutsha.’—2 Timoti 2:22.
Ubuzalwana Bokwenene Bomhlaba Wonke
AmaNgqina kaYehova ahlala efumana ulwalathiso lweZibhalo kwiindibano zawo. (2 Timoti 3:16) Noko ke, eyona nto yabangela ukuba ezi ndibano zibe zezikhethekileyo yayibubukho babantu bezizwe ngezizwe. Zonke iindibano ezikhethekileyo zazifundisa into enye ngeelwimi ezahlukeneyo. Suku ngalunye, amalungu eQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova ayenikela iintetho neengxelo ezivela kwamanye amazwe nto leyo eyayizenza zikhetheke ezi ndibano. Ezi ntetho neengxelo zaziguqulelwa ukuze kungenelwe abantu beelwimi ezahlukeneyo ababelapho.
Iindwendwe zazilangazelela ukubona abazalwana noodade abavela kwamanye amazwe. Omnye umzalwana wathi: “Ukwahlukana kweelwimi kwakungeyongxaki kwaphela. Kunokuba kube yingxaki, kwakuzenza zibe mnandi gqitha ezo ndibano. Iindwendwe ezazilapho zazineemvelaphi ezahlukeneyo, kodwa zonke zimanyaniswe lukholo olunye.” Abo babekwindibano eseMunich bakubeka ngolu hlobo oku: “Bahlukaniswe ziilwimi ngoxa bemanyaniswe luthando.” Kungakhathaliseki ilizwe abavela kulo nolwimi lwabo, abo babelapho babeziva bephakathi kwabahlobo babo bokwenene—abazalwana noodade bokomoya.—Zekariya 8:23.
Amazwi Ombulelo
Imozulu embi ebudeni bezo ndibano zasePoland yazivavanya kanobom ezo ndwendwe. Izihlandlo ezininzi yayinganeli nje ukunetha kodwa yayibanda—malunga ne-14° ngokukaCelsius. Omnye umzalwana waseUnited States wathi: “Yaba yeyona ndibano ibandayo ndakha ndakuyo, ibe ndandingaluva kakuhle ulwimi ezazinikelwa ngalo iintetho. Kodwa ngenxa yobukho babazalwana bezizwe ngezizwe, ubumnandi obabulapho nobubele obungathethekiyo babo kwenza ayavakala loo ngqele. Le yaba yindibano engalibalekileyo!”
Enye into engalibalekiyo kwabo babekwezi ndibano zasePoland yaba kukukhululwa kwenguqulelo yesiPolish yeInsight on the Scriptures—neyaba ngumvuzo wokunyamezela kwabo ezo mvula zibandayo. Nokukhululwa kwempapasho entsha ethi Hlala Uyikhumbula Imini KaYehova kwabangela uvuyo kwiiNdibano ‘Zokusondela Kwentlangulo!’
Zikho nezinye izinto eya kuhlala ikhunjulwa ngazo loo ndibano ngabaninzi. UKristina, udade waseCzech owayelitsha-ntliziyo ekuphelekeni iqela leendwendwe ezithile zaphesheya kweelwandle ezazihamba ngebhasi ukhumbula oku: “Xa sasisahlukana omnye udade wandithabathela bucala, wandanga waza wathi: ‘Uye wasinyamekela ngendlela engathethekiyo! Ubusiphathela ukutya sihleli phantsi nkqu namanzi la okusela. Nangamso ungadinwa.’” Wayethetha ngelungiselelo lesidlo sasemini esasilungiselelwe iindwendwe zaphesheya kweelwandle. Omnye umzalwana uthi: “Lowo ngumsebenzi esingazange sawenza ngaphambili. Kwakufuneka silungiselele isidlo sasemini iindwendwe ezingama-6 500 ngosuku. Kwakuchukumisa gqitha ukubona abantu abaninzi kangako, kuquka abantwana bezinikela ngokuzithandela apho.”
Omnye udade owayeye kwindibano yaseChorzow evela eUkraine wathi: “Sichukumiseke gqitha luthando, inyameko nobubele babazalwana bethu. Siswele amazwi ombulelo.” Yena uAnnika oneminyaka esibhozo ubudala waseFinland wabhalela iofisi yesebe lamaNgqina kaYehova esePoland wathi: “Le ndibano ibe semagqabini ngaphezu kokuba bendilindele. Lilungelo elingenakuthelekiswa nanto ukuba kwintlangano kaYehova, kuba kuyo uba nabahlobo ehlabathini lonke!”—INdumiso 133:1.
Amagqabaza Abo Babebona Ezo Ndibano
Ngaphambi kwezi ndibano, kwalungiselelwa ukuba iindwendwe zikhe zibone iindawo ezithile. Kumaphandle aseBavaria, zamisa kwiiHolo zoBukumkani, apho zamkelwa khona ngamaNgqina alapho. Omnye owayekhokela iqela labakhenkethi nowayengelilo iNgqina wachukumiseka gqitha luthando lobuzalwana alwalulapho. Olunye undwendwe lwathi: “Xa ibhasi yayibuyela ehotele, lo mntu wasixelela ukuba sahluke gqitha kwabanye abakhenkethi. Sinxiba kakuhle, yaye sonke siyasebenzisana nabo. Akukho bantu baxabanayo okanye isiphithiphithi. Wayemangaliswa gqitha yindlela esiba ngabahlobo ngayo nakuba singazani.”
Omnye umzalwana owayesebenza kwiSebe Lenkcazelo kwindibano eyayisePrague uthi: “Kusasa ngeCawa, kwafika umphathi wamapolisa awayejonge loo ndibano yethu. Wabona ukuba kugquba uxolo apho akukho msebenzi aza kuwenza. Wakhankanya nento yokuba abanye abantu abahlala kufuphi nelo bala babefuna ukwazi ngolo cwangciso. Wayesithi akukhankanya igama lamaNgqina kaYehova, babesuka bathi nyoxo, abe sele esithi kubo: ‘Ukuba abantu bebenokuzama nokuba kukancinane ukuziphatha njengamaNgqina kaYehova, amapolisa ebengayi kufuneka.’”
Abaninzi Sele Behlangulwe!
ILizwi likaThixo, iBhayibhile liyakwazi ukudibanisa abantu abahlukahlukeneyo, limanyanise amaKristu ngoxolo nobunye. (Roma 14:19; Efese 4:22-24; Filipi 4:7) Iindibano ezikhethekileyo ezithi “Intlangulo Isondele!” zakubonisa kakuhle oku. AmaNgqina kaYehova sele ehlangulwe kwizibetho ezininzi ezithwaxa eli hlabathi. Ukunganyamezelani, ubutshaba, ubuhlanga—xa sibala ezimbalwa nje kwiingxaki zoluntu—zonke ezi aphantse akwazi ukuzeyisa, ibe akhangele phambili xa sele zingasekho ezi ngxaki ehlabathini lonke.
Abo babekho kwezi ndibano bazibonela ngokwabo ukumanyana kwamaNgqina aphuma kumazwe ngamazwe anezithethe ezahlukeneyo. Oku kwacaca ngakumbi xa kwakuqukunjelwa ezi ndibano. Bonke batsho ngentswahla yezandla, besangana befotana okokugqibela. (1 Korinte 1:10; 1 Petros 2:17) Zonwabile yaye zeyisekile ukuba ayifikanga igalelekile intlangulo kuzo zonke iingxaki namaxhala, iindwendwe zabuyela kumazwe nasemabandleni zizimisele ngakumbi ukubambelela nkqi ‘kwilizwi lobomi’ likaThixo.—Filipi 2:15, 16.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ezinye iindawo ezintandathu ezazinezi ndibano kulo lonke elo lasePoland nenye eyayiseSlovakia zazinxityelelaniswe ngocingo kwiintetho ezazilungiselelwe iindibano zamazwe ngamazwe ezazikwelo cwangciso.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 10]
Abantu Abathetha Iilwimi Ezingama-25 Bathetha Ngazwinye
Kwezo ndibano zisithoba, ucwangciso lwaluqhutywa ngolwimi lwasekuhlaleni. Kwiindibano zaseJamani, iintetho zazinikelwa nangezinye iilwimi ezili-18. EDortmund iintetho zazinikelwa nangesiArabhu, isiFarsi, isiPhuthukezi, isiPanish, nesiRashiya; eFrankfurt ngesiNgesi, isiFrentshi neelwimi zaseSerbia/naseCroatia; eHamburg ngesiDanish, isiDatshi, isiSwedish nesiTamil; eLeipzig ngesiTshayina isiPolish nesiTurkish; kwaza eMunich yasisiGrike, isiTaliyane noLwimi Lwentetho Yezandla LwaseJamani. Kwindibano yasePrague zonke iintetho zazinikelwa ngesiCzech, isiNgesi nesiRashiya. EBratislava lwaluqhutywa ngesiNgesi, isiHungary, isiSlovak noLwimi Lentetho Yezandla LwaseSlovakia. EChorzow kwakuthethwa isiPolish, isiRashiya, isiUkraine noLwimi Lwentetho Yezandla lwasePoland. EPoznan babesebenzisa isiPolish nesiFinnish.
Xa zizonke ezi lwimi zazingama-25! Enyanisweni abantu ababekwezi ndibano babahlukaniswe ziilwimi, ngoxa babemanyaniswe luthando.
[Umfanekiso okwiphepha 9]
Iindwendwe zaseCroatia eFrankfurt zazixhelelwe eXhukwane ngokufumana “INguqulelo Yehlabathi Elitsha” ngolwimi lwazo