Ukuphila Ubomi Obunenjongo
“Yonk’ into ephefumlayo—mayidumise uYa.”—INDUMISO 150:6.
1. Chaza imizamo yomnye umfana yokufuna ukuphila ubomi obunenjongo.
“NDAFUNDELA ezonyango kuba ndandifuna ukusebenzisela ubomi bam ekuncedeni abanye abantu. Kwakhona ndandicinga ukuba ukwaziwa njengogqirha nokuba sisinhanha kwakuza kundenza ndonwabe. Ndithe ndakuqonda ukuba ugqirha akaloncedo kangako ekuphuculeni ubomi babantu, ndaphelelwa lithemba. Emva koko ndazimisela ukuba ngumzobi, kodwa imizobo yam ayizange ibancede nganto abantu, yaye kwandikhathaza oko. Ukusuk’ apho ndafundela ubutitshala, yaye kungabanga thuba lide ndafumanisa ukuba ndihlohla ulwazi kuphela, olungabancedi nganto abantu ukuba bafumane ulonwabo lokwenene,” utsho njalo uSeung Jin, okhulele eKorea.a Njengabanye abantu abaninzi, uSeung Jin wayefuna ukuphila ubomi obunenjongo.
2. (a) Yintoni esimele siyazi ukuze siphile ubomi obunenjongo? (b) Sazi njani ukuba uMdali wayenenjongo ngokusibeka apha?
2 Ukuze siphile ubomi obunenjongo simele sisazi isizathu sokuphila, yaye sibe nosukelo ebomini. Ngaba kunokwenzeka oko? Ewe kunako! Kwainto yokuba sinengqondo, isazela nengqiqo, ibonisa ukuba uMdali wasibeka ngenjongo kulo mhlaba. Ngoko kusengqiqweni ukugqiba ngelithi, sinokuphila ubomi obunenjongo kuphela ukuba siphila ngokuvisisana nenjongo yoMdali.
3. Yintoni ebandakanywa yinjongo kaThixo ngoluntu?
3 IBhayibhile ibonisa ukuba injongo kaThixo ngathi ibandakanya izinto eziliqela. Ngokomzekelo, indlela emangalisayo esenziwe ngayo ibonisa ukuba uThixo unothando olunzulu ngathi. (INdumiso 40:5; 139:14) Ngoko ukuphila ngokuvisisana nenjongo kaThixo kuthetha ukuba sifanele sibathande ngokunzulu abanye abantu njengoThixo. (1 Yohane 4:7-11) Kukwathetha nokuba sifanele sithobele imiyalelo kaThixo, esincedayo ukuba siphile ngokuvisisana nenjongo yakhe yothando.—INtshumayeli 12:13; 1 Yohane 5:3.
4. (a) Yintoni efunekayo ukuze siphile ubomi obunenjongo? (b) Yiyiphi eyona njongo ibalulekileyo ebomini?
4 Kwakhona uThixo wayenenjongo yokuba abantu bonwabe yaye bahlalisane ngoxolo nabanye abantu kunye nendalo iphela. (Genesis 1:26; 2:15) Kodwa yintoni esifanele siyenze ukuze sonwabe, sikhuseleke, yaye sibe seluxolweni? Kanye njengokuba umntwana esonwaba yaye eziva ekhuselekile xa ekufuphi nabazali bakhe, nathi sifanele sibe nolwalamano oluhle noBawo wethu wasezulwini ukuze siphile ubomi obunenjongo. (Hebhere 12:9) UThixo wenza kube lula ukuba nolwalamano olunjalo kunye naye ngokuthi asivumele sisondele kuye nangokuthi aphulaphule imithandazo yethu. (Yakobi 4:8; 1 Yohane 5:14, 15) Ukuba ‘sihamba noThixo’ ngokholo size sibe ngabahlobo bakhe, oko kuya kumvuyisa yaye kumdumise uBawo wethu wasezulwini. (Genesis 6:9; IMizekeliso 23:15, 16; Yakobi 2:23) Leyo yeyona njongo ibalulekileyo ebomini. Umdumisi wathi: “Yonk’ into ephefumlayo—mayidumise uYa.”—INdumiso 150:6.
Yintoni Injongo Yakho Ebomini?
5. Kutheni kungebobulumko ukubeka kuqala iintswelo zokwenyama?
5 Enye injongo kaThixo ngathi kukuba sizinyamekele thina neentsapho zethu. Oku kuthetha ukunyamekela iintswelo zokwenyama nezokomoya. Noko ke, sifanele silumkele ukuba ukunyamekela kwethu iintswelo zokwenyama kungagqwesi ngaphezu kweentswelo ezibaluleke ngakumbi zokomoya. (Mateyu 4:4; 6:33) Ngelishwa, abantu abaninzi bachitha bonke ubomi babo ekufuneni izinto eziphathekayo. Kodwa enyanisweni izinto eziphathekayo azinakuzanelisa zonke iintswelo zethu. Kutshanje, xa bekudliwanw’ indlebe noosozigidi baseAsia, kuye kwaphawuleka ukuba abaninzi babo “baziva bengakhuselekanga yaye bekhathazekile, nangona behlonitshwa ekuhlaleni yaye bephila tofotofo.”—INtshumayeli 5:11.
6. Sisiphi isiluleko awasinikelayo uYesu ngokuphathelele ukusukela ubutyebi?
6 UYesu wathetha ‘ngamandla akhohlisayo obutyebi.’ (Marko 4:19) Bukhohlisa njani ubutyebi? Benza abantu bacinge ukuba baza konwaba, kodwa akunjalo. UKumkani uSolomon osisilumko wathi: “Nabani na othanda indyebo akaneliswa yingeniso.” (INtshumayeli 5:10) Kodwa ngaba kunokwenzeka ukuba umntu asukele izinto eziphathekayo aze kwangaxeshanye akhonze uThixo ngomphefumlo uphela? Hayi, akunakwenzeka. UYesu wakwenza kwacaca oku wathi: “Akukho bani unokukhonza iinkosi ezimbini; kuba usenokuyithiya enye aze ayithande enye, okanye anamathele kwenye aze ayidele enye. Aninakukhonza uThixo nobuTyebi.” UYesu wabongoza abalandeli bakhe ukuba baziqwebele, kungekhona izinto eziphathekayo emhlabeni, kodwa “ubuncwane ezulwini,” oko kuthetha ukuzenzela igama elihle kuThixo, ‘okwaziyo esikusweleyo singekamceli.’—Mateyu 6:8, 19-25.
7. Singabufumana njani ‘ubomi bokwenene’?
7 Umpostile uPawulos waliyala iqabane lakhe uTimoti ngokuphathelele ukusukela ubutyebi. Wathi kuye: ‘Bayale abo bazizityebi ukuba bangathembeli kubutyebi obungaqinisekanga, kodwa mabathembele kuThixo osinika zonke izinto ngokobutyebi ukuze sizinandiphe; bayale ukuba bangagogotyi lutho, kodwa balungele ukwabelana; ngokwenjenjalo baya kuba baziqwebela isiseko esihle nesikhuselekileyo sekamva, esikhokelela kubomi bokwenene.’—1 Timoti 6:17-19.
Buyintoni ‘Ubomi Bokwenene’?
8. (a) Kutheni abantu abaninzi besukela ubutyebi nodumo? (b) Yintoni abantu abanjalo abangayiqondiyo?
8 Inkoliso yabantu ibugqala ‘ubomi bokwenene’ njengobomi obutofotofo nobeziyolo. Elinye iphephancwadi laseAsia lithi: “Abantu ababukela imifanekiso eshukumayo okanye umabonwakude badla ngokunqwenela oko bakubonayo, bazakhele amaphupha obomi obutofotofo abasenokubuphila.” Abaninzi bachitha bonk’ ubomi babo besukela ubutyebi nodumo. Abanye baxolele ukungabunandiphi ubutsha babo, bangayikhathaleli nempilo yabo, intsapho yabo, kwanobumoya babo, kuba nje besukela ubutyebi. Bambalwa abaye babuyele ezingqondweni baze baqonde ukuba ukusukela ubutyebi ‘ngumoya wehlabathi’—indlela egqugqisileyo yokucinga ephembelela inkoliso yabantu ehlabathini ukuba yenze ngokuchasene nenjongo kaThixo. (1 Korinte 2:12; Efese 2:2) Yiloo nto ebangela ukuba kubekho abantu abaninzi kangaka abangonwabanga namhlanje!—IMizekeliso 18:11; 23:4, 5.
9. Yintoni abangenakuze bayifeze abantu, yaye ngoba?
9 Kuthekani ngabo bazibhokoxayo ekuncedeni abanye, bezama ukuphelisa indlala, ukugula, nokungekho sikweni? Imizamo yabo emihle idla ngokunceda. Kodwa ke, phezu kwayo nje imizamo yabo emihle, abanakuze baziphucule iimeko kweli hlabathi. Ngoba? Ngenxa yokuba eneneni “ihlabathi liphela lisemandleni ongendawo”—uSathana—yaye akafuni ukuba litshintshe.—1 Yohane 5:19.
10. Abo bathembekileyo baza kubunandipha nini ‘ubomi bokwenene’?
10 Hayi indlela ekulusizi ngayo kwabo bangenalo elinye ithemba ngaphandle kokuphila kweli hlabathi! UPawulos wathi: “Ukuba besithembele kuKristu kobu bomi kuphela, singabona bokusizelwa kubantu bonke.” Walek’ umsundulu ngokuthi: “Masidle size sisele, kuba ngomso siza kufa.” (1 Korinte 15:19, 32) Kodwa kukho ikamva eliqaqambileyo, “amazulu amatsha nomhlaba omtsha, ngokwesithembiso [sikaThixo], apho kumi ubulungisa.” (2 Petros 3:13) Ngelo xesha, amaKristu anokunandipha ‘ubomi bokwenene,’ oko kukuthi, “ubomi obungunaphakade” obufezekileyo, enoba kusezulwini okanye ngaphantsi kolawulo lothando lorhulumente woBukumkani bukaThixo!—1 Timoti 6:12.
11. Kutheni kuyeyona nto ibalulekileyo ukusebenzela uBukumkani bukaThixo?
11 BuBukumkani bukaThixo kuphela obuya kuziphelisa ngokupheleleyo iingxaki zoluntu. Ngoko ukusebenzela uBukumkani bukaThixo kuqala kuyeyona nto ibalulekileyo. (Yohane 4:34) Oko kuya kwenza ukuba sibe nolwalamano oluhle noBawo wethu wasezulwini. Kwakhona siya kuba noyolo lokusebenza nezigidi zabazalwana noodade bokomoya, nabo abanenjongo efanayo ebomini.
Ukuncama Izinto Ezithile
12. Chaza indlela ‘ubomi bokwenene’ obahluke ngayo kubomi esibuphilayo kule nkqubo.
12 IBhayibhile ithi eli hlabathi “liyadlula nenkanuko yalo.” Akukho nanye into ekweli hlabathi likaSathana eya kusinda, kuquka udumo nobutyebi balo, “kodwa lowo wenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade.” (1 Yohane 2:15-17) Ngokwahlukileyo kubutyebi obungaqinisekanga, udumo lokwexeshana, nolonwabo lwenkohliso lwale nkqubo, ‘ubomi bokwenene’—ubomi obungunaphakade eBukumkanini bukaThixo—abunasiphelo, ngoko simele sikulungele ukuncama izinto ezithile ukuze sibufumane.
13. Yintoni esayincamayo esinye isibini?
13 Makhe sihlolisise umzekelo kaHenry noSuzanne. Banentembelo epheleleyo kwisithembiso sikaThixo sokuba uya kubanceda bonke abo babeka uBukumkani bakhe kuqala ebomini babo. (Mateyu 6:33) Ngoko baye bakhetha ukuhlala endlwini engabizi kangako ukuze endaweni yokuba baphangele bobabini, babe nexesha elaneleyo lezinto zokomoya nelokuba kunye namantombazana abo amabini. (Hebhere 13:15, 16) Omnye umhlobo wabo wayengabuboni ubulumko bokhetho lwabo. Wathi kuSuzanne: “S’thandwa, ukuze ufumane indlu ebhetele, kuza kufuneka usebenze ngamandla.” Kodwa uHenry noSuzanne babesazi ukuba ukubeka uYehova kuqala ‘kusinika ithemba kobu bomi nakobo buzayo.’ (1 Timoti 4:8; Tito 2:12) Ekukhuleni kwawo, amantombazana abo aba ngabashumayeli abanenzondelelo bexesha elizeleyo. Njengentsapho, bavakalelwa kukuba akukho nto bayisweleyo konke konke; kunoko, bazuze lukhulu ngokuzibekela ‘ubomi bokwenene’ njengeyona njongo iphambili ebomini babo.—Filipi 3:8; 1 Timoti 6:6-8.
Musa ‘Ukulisebenzisa Ngokupheleleyo Eli Hlabathi’
14. Ukulibala injongo yethu yokwenene kuyingozi ngayiphi indlela?
14 Kuyingozi gqitha ukuyilibala injongo yethu yokwenene size siyeke ukusukela ‘ubomi bokwenene.’ Siya kuba sengozini ‘yokuthabatheka ngamaxhala nobutyebi neziyolo zobu bomi.’ (Luka 8:14) Ukuthanda izinto eziphathekayo ‘namaxhala obomi’ kunokwenza ukuba sizifake zitshone iinzipho kule nkqubo yezinto. (Luka 21:34) Ngelishwa, abanye baye bathabatheka bubutyebi banamhlanje baza “balahlekana nokholo, bezingxwelerha ngeentlungu ezininzi,” bada baphulukana nolwalamano lwabo oluxabisekileyo noYehova. Enjani yona ilahleko, ngenxa yokunganamatheli kusukelo ‘lobomi obungunaphakade’!—1 Timoti 6:9, 10, 12; IMizekeliso 28:20.
15. Yangenelwa njani enye intsapho ‘ngokungalisebenzisi kwayo ngokupheleleyo ihlabathi’?
15 UPawulos wacebisa abo “balisebenzisayo eli hlabathi [ukuba] babe njengabangalisebenzisi ngokupheleleyo.” (1 Korinte 7:31) UKeith noBonnie balisebenzisa eli cebiso. UKeith uthi: “Ndaba ngomnye wamaNgqina kaYehova xa kanye ndandigqibezela izifundo zam zokuba ngugqirha wamazinyo. Ndandimele ndikhethe. Ndandisenokukhetha ukwamkela izigulana ezininzi ndize ndingenise intywenka yemali, kodwa oko kwakuza kuphazamisana nocwangciso lwethu lokomoya. Ndakhetha ukuwunciphisa umsebenzi wam, ukuze ndibe nexesha elaneleyo lezinto zokomoya nelokunyamekela intsapho yam, eyathi ekugqibeleni yaquka amantombazana amahlanu. Sasinemali elinganiselweyo, kodwa safunda ukonga, yaye sasikwazi ukuzifumana izinto esizisweleyo. Intsapho yethu yayimanyene kwaye yonwabile. Ekugqibeleni, sonke sangenela ubulungiseleli bexesha elizeleyo. Ngoku amantombazana ethu onwabile emitshatweni yawo, yaye amathathu kuwo anabantwana. Nezawo iintsapho zonwabile, njengoko ziqhubeka zibeka injongo kaYehova kuqala ebomini bazo.”
Ukubeka Injongo KaThixo Kuqala Ebomini Bakho
16, 17. Yiyiphi imizekelo yabantu abanobuchule ekhankanyiweyo eBhayibhileni, yaye bakhunjulwa ngantoni?
16 IBhayibhile inemizekelo yabo babephilela injongo kaThixo nabo bangazange benjenjalo. Loo mizekelo iluncedo kuzo zonke iindidi zabantu, kungakhathaliseki ubudala okanye iimeko zabo. (Roma 15:4; 1 Korinte 10:6, 11) UNimrodi wakha izixeko ezikhulu, kodwa wakwenza oko ngokuchasene noYehova. (Genesis 10:8, 9) Noko ke, abaninzi babeyimizekelo emihle. Ngokomzekelo, uMoses wayengenanjongo yakuqhubeka ekwisikhundla esiphakamileyo eYiputa. Kunoko, wayigqala imbopheleleko yakhe yokomoya ‘njengobutyebi obukhulu ngakumbi kunobuncwane baseYiputa.’ (Hebhere 11:26) Ugqirha uLuka kusenokwenzeka ukuba wanyanga uPawulos kunye nabanye ababegula. Kodwa uLuka waphilisa abantu abaninzi ngakumbi ngesigidimi awasishumayelayo nawasibhala eBhayibhileni. UPawulos naye, wayengadumanga njengengcali yezoMthetho, kodwa njengomvangeli wasemazweni, ‘umpostile weentlanga.’—Roma 11:13.
17 UDavide akakhunjulwa njengomphathi-mkhosi okanye njengemvumi nomqambi weengoma, kodwa ‘njengendoda evunyiweyo yintliziyo kaThixo.’ (1 Samuweli 13:14) UDaniyeli asimazi njengegosa laseburhulumenteni eBhabhiloni, kodwa njengomprofeti onyanisekileyo kaYehova; uEstere asimazi njengokumkanikazi wasePersi, kodwa njengomzekelo omhle wenkalipho nokholo; uPetros, uAndreya, uYakobi, noYohane, asibazi njengabalobi bodumo, kodwa njengabapostile bakaYesu. Yaye uYesu asimazi ‘njengomchweli,’ kodwa ‘njengoKristu.’ (Marko 6:3; Mateyu 16:16) Bonke babesazi kakuhle ukuba enoba babenabuphi na ubuchule, izinto eziphathekayo, okanye udumo, eyona nto ibalulekileyo ebomini babo, yayingeyomisebenzi yabo, kodwa yayikukukhonza uThixo. Babesazi ukuba eyona njongo ibalaseleyo ebomini kukuba nolwalamano oluhle noThixo.
18. Omnye umKristu oselula wagqiba ekubeni abusebenzise njani ubomi bakhe, yaye yintoni awayiqondayo?
18 USeung Jin okhankanywe ekuqaleni, naye wakuqonda oku ekugqibeleni. Uthi: “Endaweni yokuchitha ixesha lam kwezamayeza, ekuzobeni, nasekufundiseni, ndazimisela ukunikela ubomi bam ekukhonzeni uThixo. Ngoku ndikhonza apho kukho imfuneko enkulu yabafundisi beBhayibhile, ndinceda abantu ukuba bangene endleleni esa ebomini obungunaphakade. Ndandicinga ukuba ukuba ngumshumayeli wexesha elizeleyo akubangeli mdla kangako. Ngoku ubomi bam bubangel’ umdla ngeyona ndlela, njengoko ndizama ukuphucula ubuntu bam nobuchule bam bokufundisa abantu abaneemvelaphi ezahlukeneyo. Ngoku ndiyaqonda ukuba ukubeka injongo kaYehova kuqala ebomini bethu yeyona ndlela iyiyo yokuphila.”
19. Sinokuyifumana njani injongo yokwenene ebomini?
19 NjengamaKristu sinolwazi olusindis’ ubomi nethemba losindiso. (Yohane 17:3) Ngoko ‘masingabamkeli nje ububele obungasifanelanga bukaThixo size siyiphose injongo yabo.’ (2 Korinte 6:1) Kunoko, masisebenzise ubomi bethu ekudumiseni uYehova. Masiludlulisele kwabanye ulwazi esinalo oluzisa ulonwabo lokwenene nolukhokelela kubomi obungunaphakade. Ngaloo ndlela, siya kukubona ukuchana kwamazwi kaYesu, athi: “Kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.” (IZenzo 20:35) Yaye siya kuba siyifumene injongo yokwenene ebomini.
[Umbhalo osemazantsi]
a Amanye amagama atshintshiwe.
Ungachaza Na?
• Yiyiphi eyona njongo ibalaseleyo sinokuba nayo ebomini?
• Kutheni kungebobulumko ukuphilela izinto eziphathekayo?
• Bubuphi ‘ubomi bokwenene’ abuthembisayo uThixo?
• Sinokubunikela njani ubomi bethu ekufezeni injongo kaThixo?
[Imifanekiso ekwiphepha 18]
AmaKristu afanele ancame izinto ezithile