Eyokuqala KuTimoti
6 Bonke abaphantsi kwedyokhwe yobukhoboka bamele baqhubeke bebahlonipha ngokupheleleyo abanikazi babo,+ ukuze kungaze kuthethwe kakubi ngegama likaThixo nangemfundiso yakhe.+ 2 Ngaphezu koko, abo bangamakhoboka amaKristu bamele bangawadeleli kuba engabazalwana. Kunoko, bamele bakhuthale kakhulu, kuba abo babasebenzelayo ngabazalwana ababathandayo.
Qhubeka ufundisa ezi zinto yaye ubacenga ukuba bazenze. 3 Ukuba kukho umntu ofundisa into eyahlukileyo kule, engavumelani nemfundiso ephilileyo+ esuka kwiNkosi yethu uYesu Kristu, yaye engavumelani kunye nemfundiso esibonisa indlela emasimkhonze ngayo uThixo,+ 4 ukhukhumele likratshi ibe akukho nto ayaziyo.+ Uthe phithi kukuxambulisana nokuphikisana ngamagama.+ Ezi zinto zenza kubekho umona, ukungavisisani, ukungcoliswa kwamagama abantu,* ukungathembani, 5 ukuphikisana ngezinto ezingenamsebenzi okubangelwa ngabantu abaneengqondo ezonakeleyo+ nabangasayaziyo inyaniso, bekhonza uThixo kuba nje kukho into abayifunayo.+ 6 Nyhani ke, inkulu into umntu ayifumanayo xa ezinikele kuThixo,+ ngaphezu koko uyaneliseka. 7 Asizanga nanto emhlabeni, ngoko ke asizukuphuma nanto.+ 8 Ukuba sinokutya* nento yokunxiba,* masaneliswe zezo zinto.+
9 Kodwa abo bazimisele ukuba zizityebi beyela esilingweni nasemgibeni,+ nakwiminqweno emininzi yobudenge, zinto ezo ezibazisela intlekele nokufa.+ 10 Kuba ukuthanda imali yingcambu yazo zonke izinto ezibuhlungu, yaye kubenze balulahla ukholo abanye, bezizisela iintlungu ezininzi.+
11 Kodwa wena mntu kaThixo, zibaleke ezi zinto. Zimisele ukuba lilungisa, ukuba nokholo, ukuba nothando, ukunyamezela, ukuzinikela kuThixo nokuzola.+ 12 Lulwele ngamandla akho onke ukholo; bambelela kwithemba lobomi obungunaphakade owabizelwa kubo waza washumayela ngabo kumntu wonke phambi kwamangqina amaninzi.
13 Ndikuyalela phambi koThixo ogcina zonke izinto ziphila, noKristu Yesu, owathetha ngokuphandle phambi koPontiyo Pilato,+ 14 ukuba uyithobele ngokupheleleyo nangendlela engenakukhalazeleka le miyalelo, ide ibonakaliswe iNkosi yethu uYesu Kristu,+ 15 ibe yena okuphela kwakhe Onegunya nowonwabileyo, uza kuzibonakalisa ngexesha elibekiweyo. Yena unguKumkani wookumkani neNkosi yeenkosi,+ 16 nguye kuphela ongenakufa,*+ ohlala ekukhanyeni okungenakufikeleleka,+ ekungekho namnye umntu owakha wambona okanye onako ukumbona.+ Makanikwe imbeko aze abe namandla ngonaphakade. Amen.
17 Bayalele abo bazizityebi kweli hlabathi* ukuba bangaziphakamisi, yaye bangathembeli kubutyebi obungazukuhlala bukhona,+ kodwa bathembele kuThixo, osinika zonke izinto ezisonwabisayo.+ 18 Bakhuthaze ukuba benze izinto ezilungileyo, benze izinto ezininzi ezintle, babe nobubele, yaye bakulungele ukupha abanye,+ 19 bezibekela isiseko esihle nesikhuselekileyo sobutyebi bexesha elizayo,+ ukuze bafumane ubomi benene.+
20 Timoti, yikhusele into oyiphathisiweyo,+ ungazimameli iintetho ezingakhiyo eziphikisana noThixo, nezinto ezithethwa ngabantu abacinga ukuba bayazi, kodwa olo “lwazi” lwabo luphikisana nenyaniso.+ 21 Abanye baye balushiya ukholo ngenxa yokuqhayisa ngolo lwazi.
Kwanga uThixo anganenzela ububele.*