Abantu Ehlabathini Lonke Bayamanyana—Njani?
UNOKULICHAZA njani igama elithi “umanyano”? Kwabanye, eli gama lithetha ukungabikho kongquzulwano okanye ingxwabangxwaba. Ngokomzekelo, ukuba amazwe amabini okanye angakumbi enza isivumelwano soxolo, kusenokutshiwo ukuba amanyene. Kodwa ngaba kunjalo ngokwenene? Kusenokwenzeka ukuba akunjalo.
Cinga ngoku: Ukutyhubela imbali, kuye kwenziwa amawaka ezivumelwano zoxolo zaze zophulwa. Ngoba? Ngenxa yokuba iinkokeli zehlabathi zizixhalabise ngolongamo lwazo kunoxolo nomanyano. Kwakhona amanye amazwe oyika oko kunokwenzeka ukuba akanazo izixhobo zokulwa zakutshanje.
Ngoko into yokuba izizwe ezibini zingalwi ayithethi kuthi zimanyene yaye ziseluxolweni. Eneneni, ngaba amadoda amabini akhombene ngemipu aseluxolweni kuba nje ingekho edubule kuqala? Akukho ngqiqweni ukuqiqa ngaloo ndlela! Kodwa yiloo meko kanye azifumanisa ekuyo amazwe amaninzi namhlanje. Ukwanda kokungathembani kwenza abantu babe noloyiko lokuba ezi zixhobo ziya kusetyenziswa ngenye imini. Kuye kwenziwa ntoni ukuthintela le ntlekele?
Ukoyika Inyukliya—Isisongelo Somanyano
Abantu abaninzi bathembele kwisivumelwano sokuthintela ukwanda kwezixhobo zenyukliya esibizwa ngokuba yiNuclear Non-Proliferation Treaty (NPT). Esi sivumelwano sowe-1968, siyakwalela ukwakhiwa kwezixhobo zenyukliya kumazwe angenazo yaye siyakuthintela ukwandiswa kwazo kumazwe asele enazo. Usukelo lweNPT, kukuba ekugqibeleni zitshatyalaliswe izixhobo, yaye amazwe ali-180 akuvumile oku.
Nangona la mazwe enze okufanelekileyo, abanye bathi iNPT ifuna nje amanye amazwe angenazo izixhobo zenyukliya angabi sazakha. Ngoko ke, kuthiwa amanye amazwe asityikityileyo eso sivumelwano kusenokwenzeka ukuba atshintsh’ ingqondo. Eneneni, amanye amazwe akubona kuphosakele ukuba angavunyelwa ukuzakhela izixhobo acinga ukuba ziza kuwakhusela.
Enye into ephinda ixake—mhlawumbi ide ibangele ingozi—kukuba alikho ilizwe elalelwe ukuba lenze izixhobo ezibangela amandla enyukliya. Oku kuye kwabangela ukuba abanye boyike besithi amazwe asebenzisa izixhobo ezibangela amandla enyukliya ngenjongo yokudala uxolo, kusenokwenzeka ukuba enza izixhobo zenyukliya ngokufihlakeleyo.
Kwanamazwe anezixhobo zenyukliya anokuyigatya into ethethwe yiNPT. Abagxeki bathi bubuyatha ukulindela amazwe anezixhobo ezomeleleyo ukuba aziphelise okanye azinciphise. Enye ingxelo ithi, “ukuze oku kwenzeke . . . kungafuneka amazwe alwayo abe nobuhlobo yaye athembane kakhulu [kangangokuba kunzima ukukholelwa ukuba] oku kungaze kwenzeke.”
Imigudu yabantu yokudala umanyano—enoba inyaniseke kangakanani na—ililize. Oku akubamangalisi abafundi beBhayibhile, kuba iLizwi likaThixo lithi: “Asikokomntu ohambayo ukwalathisa inyathelo lakhe.” (Yeremiya 10:23) Ngokuphandle iBhayibhile ithi: “Kukho indlela ethe tye phambi komntu, kodwa ukuphela kwayo ziindlela zokufa.” (IMizekeliso 16:25) Oorhulumente babantu basikelwe umda ngokuphathelele ukudala umanyano. Sekunjalo, likho ithemba.
Umthombo Womanyano Lokwenene
IBhayibhile iqulethe isithembiso sikaThixo sokuba ihlabathi liya kumanyana kodwa kungekhona ngemigudu yabantu. UMdali—onenjongo yokuba uluntu luphile eluxolweni ehlabathini lonke—uya kufeza oko abantu bangenako ukukwenza. Kusenokuba nzima ngabanye abantu ukuba bakukholelwe oku. Sekunjalo, injongo kaThixo kwasekuqaleni yayikukuba abantu baphile ngoxolo nangemvisiswano.a Imibhalo emininzi eBhayibhileni inikela ubungqina bokuba uThixo usenenjongo yokuba abantu bamanyane. Makhe siqwalasele nje imizekelo embalwa:
• “Yizani, nibone imisebenzi kaYehova, indlela amise iziganeko ezikhwankqisayo ngayo emhlabeni. Uphelisa iimfazwe kuse esiphelweni somhlaba. Waphula isaphetha nomkhonto; iinqwelo uzitshisa emlilweni.”—INDUMISO 46:8, 9.
• “Aziyi kwenzakalisa okanye zonakalise entabeni yam yonke engcwele; ngenxa yokuba umhlaba ngokuqinisekileyo uya kuzaliswa kukwazi uYehova njengamanzi egubungele ulwandle.”—ISAYA 11:9.
• “Okunene uya kuginya ukufa ngonaphakade, yaye iNkosi enguMongami uYehova ngokuqinisekileyo iya kosula iinyembezi ebusweni bonke. Nongcikivo Iwabantu bakhe uya kulususa emhlabeni wonke, kuba uYehova uthethile.”—ISAYA 25:8.
• “Thina ke silindele amazulu amatsha nomhlaba omtsha, ngokwesithembiso sakhe, apho kumi ubulungisa.”—2 PETROS 3:13.
• “[UThixo] uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule.”—ISITYHILELO 21:4.
Sinokuzithemba ezi zithembiso. Ngoba? Kuba njengoMdali, uYehova uThixo unamandla okumanyanisa abantu. (Luka 18:27) Kwaye unomnqweno wokwenjenjalo. Enyanisweni, iBhayibhile ithi ‘kukuthanda kukaThixo ukuba kuhlanganiselwe zonke izinto kwakhona kuKristu, izinto ezisemazulwini nezinto ezisemhlabeni.’—Efese 1:8-10.
Isithembiso sikaThixo ‘somhlaba omtsha’ apho “kumi ubulungisa” asikokunqwenela nje into entle. (2 Petros 3:13) Ngokuphathelele isithembiso sakhe, uYehova uThixo uthi: “Ilizwi lam . . . aliyi kubuyela kum ngaphandle kwemiphumo, kodwa ngokuqinisekileyo liya kukwenza oko ndiyoliswa kuko, likuphumelelise ngokuqinisekileyo oko ndilithumele kona.”—Isaya 55:11.
Ukumanyaniswa LiLizwi LikaThixo
Njengoko sele kukhankanyiwe kwinqaku elandulelayo, unqulo luye lwabahlukanisa abantu kunokuba lubamanyanise. Simele siwuthabathe nzulu lo mbandela, ekubeni xa siyamkela into yokuba kukho uMdali, ngaba akukho ngqiqweni ukulindela ukuba abakhonzi bakhe babe seluxolweni yaye bamanyane? Kunjalo kanye!
Into yokuba unqulo lubangela iyantlukwano ayithethi kuthi uYehova uThixo neLizwi lakhe babekek’ ityala. Kunoko, lunqulo olukhuthaza iinjongo zabantu kunokuxhasa injongo kaThixo. UYesu wathi iinkokeli zonqulo zomhla wakhe ‘ngabahanahanisi’ waza wathi ngazo: “Watyapha ukuprofeta ngani ulsaya, xa wathi, ‘Esi sizwana sindibeka ngemilebe yaso, kanti intliziyo yaso ikude lee kum. Sindinqulela ilize, kuba sifundisa iimfundiso eziyimiyalelo yabantu.’”—Mateyu 15:7-9.
Ngokwahlukileyo koko, unqulo lokwenyaniso luyabamanyanisa abantu. Umprofeti ulsaya waprofeta: “Kuya kuthi ke ekupheleni kwemihla intaba yendlu kaYehova imiselwe ngokuqinileyo encotsheni yeentaba, ize ngokuqinisekileyo ivelele ngaphezu kweenduli; kwaye ziya kuba ngumsinga ukuya kuyo zonke iintlanga. Ngokuqinisekileyo uya kugweba phakathi kweentlanga aze alungelelanise imicimbi phakathi kwezizwana ezininzi. Ziwakhande amakrele azo abe ngamakhuba nemikhonto yazo ibe zizikere zokuthena imithi. Uhlanga aluyi kuphakamisela uhlanga ikrele, zingayi kuphinda zifunde nemfazwe kwakhona.”—Isaya 2:2, 4.
Namhlanje kumazwe angaphezu kwama-230, amaNgqina kaYehova ayasabela kulwalathiso oluvela kuYehova uThixo ngokuphathelele iindlela zomanyano. Yintoni ebangela ukuba amanyane? Umpostile uPawulos wabhala: “Yambathani uthando, kuba lungumxokelelwane ogqibeleleyo womanyano.” (Kolose 3:14) Igama lantlandlolo uPawulos alisebenzisayo elithi ‘umxokelelwane’ linokubhekisela kwimisipha yomzimba womntu. Imisipha enjalo iqine njengentambo, yaye yenza imisebenzi emibini ebalulekileyo. Igcina amalungu omzimba kwindawo efanelekileyo, yaye idibanisa amathambo.
Kunjalo ke nangothando. Olu phawu lwenza okungakumbi kunokuthintela abantu bangabulalani. Uthando lwamaKristu lwenza abantu beemvelaphi ezahlukahlukeneyo bahlale kunye ngoxolo. Ngokomzekelo, lwenza abantu baphile ngoMthetho Omkhulu. Njengoko kubhalwe kuMateyu 7:12, uYesu Kristu wathi: “Zonke izinto, ngoko, enifuna abantu bazenze kuni, yenzani ngokunjalo nani kubo.” Ukulandela olu khokelo kuye kwanceda abaninzi ukuba baloyise ikhethe.
“Ninothando Phakathi Kwenu”
AmaNgqina kaYehova azimisele ukuzingqina engabafundi bakaKristu ngokwenza oko kwathethwa nguYesu: “Bonke baya kwazi ukuba ningabafundi bam, ukuba ninothando phakathi kwenu.” (Yohane 13:35) Uthando olunjalo luye lwaboniswa ngamaxesha ezidubedube zobuhlanga nezobupolitika. Ngokomzekelo, ebudeni bokutshatyalaliswa kohlanga ngowe-1994 eRwanda, amaNgqina kaYehova abonakalisa uthando komnye nomnye. AmaNgqina angamaHutu abeka ubomi bawo esichengeni ukuze akhusele abazalwana bawo abangamaTutsi!
Kakade ke, akukho ngqiqweni ukulindela ukuba izizwe zehlabathi zikwazi ukuthandana njengabamelwane kangangokuba zide zimanyane. Ngokutsho kweBhayibhile, oku kuya kubangelwa nguYehova ngexesha lakhe. Kodwa ke, nangoku abantu ngabanye banokwambatha uthando baze bamanyane.
Kunyaka ophelileyo, amaNgqina kaYehova aye achitha iiyure ezingaphezu kwewaka lesigidi esiya ebantwini ethetha nabo ngeBhayibhile nokubaluleka kwayo kubomi banamhlanje. Ulwazi oluchanileyo ngeLizwi likaThixo luye lwamanyanisa izigidi zabantu, abanye babo ababethiyene. Aba baquka ama-Arabhu namaYuda, abantu basa-Armenia nabaseTurkey, amajamani namaRashiya.
Ngaba ungathanda ukwazi okungakumbi ngendlela iLizwi likaThixo iBhayibhile elibamanyanisa ngayo abantu? Ukuba uyafuna, nceda uqhagamshelane namaNgqina kaYehova asekuhlaleni, okanye ubhalele kwiadresi efanelekileyo ekwiphepha 2.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngenjongo kaThixo ngoluntu, bona isahluko 3 sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 4]
Kuye kwenziwa amawaka ezivumelwano zoxolo zaze zophulwa
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 7]
Ukusebenzisa imigaqo yeBhayibhile kuye kwafeza oko oorhulumente babantu bangenako ukukufeza
[Umfanekiso okwiphepha 5]
ILizwi likaThixo lalatha kuMthombo womanyano lokwenene
[Umfanekiso okwiphepha 7]
AmaNgqina kaYehova angamaHutu namaTutsi akha kunye indawo yokunqula