Ziphephe Iziphazamiso Kule ‘Mini Yeendaba Ezilungileyo’
AMADODA amane aneqhenqa acinga ngento amele ayenze. Akukho mntu wayenikwe amalizo esangweni lesixeko. AmaSiriya awayengqonge isixeko ayethintela ukutya ukuba kungene eSamariya. Kwakungancedi nto ukungena esixekweni; amaxabiso okutya ayexhomile. Kwakusele kuvakala ukuba kukho abantu abatya abanye.—2 Kum. 6:24-29.
La madoda aneqhenqa azibuza, ‘Kutheni singangeni kwinkampu yamaSiriya? Asinanto enokusilahlekela.’ Kwathi kwakuba mnyama anduluka aya apho. Afika kukhal’ ibhungane kuloo nkampu. Kwakungekho balindi. Kwakubotshelelwe amahashe needonki kodwa kwakungekho majoni. La madoda mane aqwalasela intente ngaphakathi. Kwakungekho mntu kodwa ukutya neziselo zazikho ngobuninzi. Azinceda koko kutya nakwezo ziselo. La madoda abona igolide, isilivere, izambatho kunye nezinye izinto ezixabisekileyo. Athabatha oko akufunayo, akufihla, aphinda abuyela. Inkampu yonke yayishiywe yodwa. Ngokungummangaliso uYehova wabangela ukuba amaSiriya eve isandi somkhosi wamajoni. Ecinga ukuba ayahlaselwa, la maSiriya abaleka, eshiya yonke impahla ngasemva!
La madoda aneqhenqa azithabatha izinto ezixabisekileyo aza azifihla. Kodwa acinga ngamaSamariya awayesifa yindlala aza atyiwa sisazela. Athi enye kwenye: “Ayilunganga le nto siyenzayo. Le mini yimini yeendaba ezilungileyo!” La madoda aneqhenqa abaleka abuyela eSamariya ukuze achaze iindaba ezilungileyo zezi zinto azifumeneyo.—2 Kum. 7:1-11.
Nathi siphila kwixesha elinokubizwa ngokuba “yimini yeendaba ezilungileyo.” Esalatha kuphawu olubonakalayo ‘lomqondiso wokupheliswa kwenkqubo yezinto,’ uYesu wathi: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke kufike ukuphela.” (Mat. 24:3, 14) Kufanele kusichaphazele njani oku?
Izinto Ezisikhathazayo Zinokusisinda
Echwayitiswa koko akufumeneyo, la madoda aneqhenqa alibala okwexeshana ngeSamariya. Ayejonge oko ayenokukufumana. Ngaba kunokwenzeka into efanayo nakuthi? ‘Ukunqongophala kokutya’ yinxalenye yomqondiso wokupheliswa kwenkqubo yezinto. (Luka 21:7, 11) UYesu walumkisa abafundi bakhe: “Zilumkeleni ukuba iintliziyo zenu zingaze zisindwe kukuzingxala ngokutya nokusela kakhulu nangamaxhala obomi.” (Luka 21:34) NjengamaKristu, simele sikulumkele ukuvumela izinto ezisikhathazayo kubomi bethu bemihla ngemihla zisenze silibale ukuba siphila ‘kwimini yeendaba ezilungileyo.’
Omnye umKristu ogama linguBlessing, akazange avumele izilangazelelo zobuqu ukuba zimsinde. Wakhonza njengovulindlela, wafunda waza ekugqibeleni watshata nomzalwana okhonza eBheteli ibe naye wamkelwa njengelungu lentsapho yaseBheteli, eBenin. Uthi: “Ngoku ndicoca amagumbi okuhlala yaye ndiyasithanda isabelo sam.” UBlessing umele ukuba uyavuya xa ecinga ngeminyaka eli-12 ekwinkonzo yexesha elizeleyo nokwazi ukuba uye wagcina ingqalelo yakhe ikule ‘mini yeendaba ezilungileyo’ esiphila kuyo ngoku.
Zilumkele Iziphazamiso Ezichitha Ixesha
Xa wayethumela abafundi abangama-70, uYesu wathi: “Isivuno, eneneni, sikhulu, kodwa abasebenzi bambalwa. Ngoko ke yibongozeni iNkosi yesivuno ukuba ikhuphe abasebenzi baye esivunweni sayo.” (Luka 10:2) Njengokuba ukuzilazila ngexesha lesivuno kunokubangela ukuba ubani aphulukane naso, ukutyeshela umsebenzi wokushumayela kusenokuphumela ekubeni abantu baphulukane nobomi babo. Ngoko uYesu wongezelela wathi: “Ningabulisi nabani na ngokumwola endleleni.” (Luka 10:4) Ngokolwimi lwantlandlolo, igama elithi ‘ukubulisa’ lisenokungabhekiseli nje kumbuliso othi “molo” okanye “bhota.” Lisenokuquka ukuwolana nokuncokola ixesha elide xa udibana nomhlobo. Ngoko uYesu wayalela abalandeli bakhe ukuba baphephe iziphazamiso ezingeyomfuneko baze balisebenzise ngobulumko ixesha labo. Isigidimi ababesishumayela sasingxamisekile.
Khawucinge nje ngexesha elinokuchithwa zizinto eziphazamisayo. Ukutyhubela iminyaka, umabonwakude ebesoloko eyeyona nto ichitha ixesha kwiindawo ezininzi. Kodwa kuthekani ngeefowuni neekhompyutha? Kuhlolisiso oluye lwenziwa kubantu abasele beqolile abali-1 000 eBritani, kuye kwafunyaniswa ukuba “ummi waseBritani uchitha imizuzu engama-88 efowunini, engama-62 kwicellphone, engama-53 kwie-mail, nengama-22 ethumela iiSMS.” Lilonke elo xesha liliphindaphinda kabini ixesha elisetyenzwa nguvulindlela ongumncedani kwinkonzo yasentsimini suku ngalunye! Lingakanani wena ixesha olichithela kwezi zinto?
UErnst noHildegard Seliger babelisebenzisa kakuhle ixesha labo. Xa bebobabini, bachitha iminyaka engaphezu kwengama-40 kwiinkampu zamabanjwa zamaNazi nakwiintolongo zobuKomanisi. Emva kokuba bekhululwe, bakhonza njengoovulindlela de baligqiba ikhondo labo lasemhlabeni.
Baninzi ababefuna ukubhalelana naba bakwaSeliger. Esi sibini sasinokuchitha ixesha laso elininzi sifunda kwaye sibhala iileta. Kunoko, izinto zokomoya zathabath’ indawo yokuqala ebomini baso.
Kakade ke, sonke siyakuxabisa ukugcina unxibelelwano nabo sibathandayo yaye akukho nto iphosakeleyo apho. Xa sicwangcise kakuhle, ukwenza izinto ezahlukahlukeneyo kuluncedo. Kodwa ke, bubulumko ukuzilawula izinto ezichitha ixesha lethu lokushumayela iindaba ezilungileyo.
Shumayela Iindaba Ezilungileyo Ngokucokisekileyo
Kuyintsikelelo ngokwenene ukuphila kule ‘mini yeendaba ezilungileyo.’ Masingavumeli nantoni na isiphazamise njengoko kwakunjalo ngamadoda amane aneqhenqa ekuthethwe ngawo ekuqaleni. Agqiba kwelithi: “Ayilunganga le nto siyenzayo.” Ngokufanayo, akulunganga ukuba sivumele izinto zobuqu okanye izinto eziphazamisayo ezichitha ixesha zisithintele ekubeni nenxaxheba ngokupheleleyo kubulungiseleli.
Sinomzekelo omhle esinokuwulandela kule nkalo. Ecinga ngeminyaka yokuqala engama-20 yobulungiseleli bakhe, umpostile uPawulos wabhala: ‘Ndizishumayele ngokucokisekileyo iindaba ezilungileyo ezingoKristu.’ (Roma 15:19) UPawulos akazange avumele nantoni na ukuba ithomalalise inzondelelo yakhe. Masibe nenzondelelo efanayo njengoko sivakalisa isigidimi esingoBukumkani kule ‘mini yeendaba ezilungileyo.’
[Umfanekiso okwiphepha 28]
UBlessing akazange avumele iimfuno zobuqu ziphazamise inkonzo yakhe yexesha elizeleyo
[Umfanekiso okwiphepha 29]
AbakwaSeliger balisebenzisa kakuhle ixesha labo