Xelisa Ukholo Lwabo
Waphalaz’ imbilini Yakhe KuThixo Ngomthandazo
UHANA wayemaxhaphetshu elungiselela uhambo yaye wayengafuni ukucinga ngeengxaki zakhe. Kwakufanele kube mnandi ngezi zihlandlo; kuba nyaka ngamnye uElikana umyeni wakhe wayedla ngokuthabatha intsapho yakhe aye kunqula nayo emnqubeni eShilo. UYehova wayefuna kube mnandi ngezo zihlandlo. (Duteronomi 16:15) Akuthandabuzeki ukuba ukususela ebuntwaneni uHana wayevuya xa ekuloo mibhiyozo. Kodwa ke ubomi bakhe babutshintshile.
Wayesikelelwe ngomyeni owayemthanda. Noko ke, uElikana wayenomnye umfazi. Igama lakhe lalinguPenina yaye wayenokwenza nantoni na ukuze agculele uHana. UPenina wade wenza necebo lokuba amenze buhlungu uHana xa kusiyiwa kule mithendeleko. Wayenza njani loo nto? Owona mbuzo ubalulekileyo uthi, ukholo lukaHana kuYehova lwamnceda njani wakwazi ukuhlangabezana nale meko? Ukuba kukho izinto ezikwenza ungonwabi usenokukhuthazwa leli bali likaHana.
“Kutheni Intliziyo Yakho Imbi Nje?”
IBhayibhile ithetha ngeengxaki ezimbini ezazinkulu kubomi bukaHana. Ingxaki yokuqala wayengenanto ingako awayenokuyenza ngayo kanti eyesibini yona yayingaphaya kwamandla akhe. Okokuqala, wayekumtshato wesithembu yaye wayecatshukelwa ngumfazi wesibini. Okwesibini wayeludlolokazi. Le yintlungu engathethekiyo kuye nawuphi na umfazi onqwenela ukuba nabantwana; kodwa ngexesha likaHana yayiyibuhlungu nangakumbi loo nto. Intsapho nganye yayifuna abantwana ukuze umnombo wayo uqhubeke. Umntu ongafumani bantwana wayegculelwa aze ahlazeke.
Mhlawumbi uHana ngewayekwazile ukuyinyamezela le meko ukuba wayengagculelwa nguPenina. Akuzange kwamnandi ukutshatela esithenjini. Ubutshaba, usukuzwano nokusoloko unentliziyo elihlwili yayizizinto zomhla nezolo. Esi sithethe sasahluke gqitha kumtshato owawumiselwe nguThixo kumyezo wase-Eden.a (Genesis 2:24) IBhayibhile ayithethi kakuhle ngesithembu yaye usukuzwano olwalugquba kwintsapho kaElikana lwenza kucace ukuba kwakutheni.
UElikana wayemthanda gqitha uHana. Imbali yamaYuda ithi waqala watshata uHana waza kamva wathatha noPenina. Kodwa ke uPenina owayemmonela uHana wazama iindlela ezahlukeneyo zokumenza buhlungu. Eyona nto wayebhetele ngayo uPenina kunoHana yayikukuba yena wayekwazi ukufumana abantwana. UPenina wazala abantwana abaninzi yaye wayesiba nekratshi elingakumbi qho ezala umntwana. Kunokuba amvele uHana aze amthuthuzele, uPenina wamgculela ngokungafumani kwakhe abantwana. IBhayibhile ithi uPenina wamqumbisa kakhulu uHana “ukuze amenze azive ephazamisekile.” (1 Samuweli 1:6) UPenina wayeyenza ngabom le nto. Wayefuna ukumenza buhlungu uHana kwaye waphumelela.
Kubonakala ngathi ixesha awayelithanda uPenina yayilela xa kusiyiwa kwimithendeleko yaminyaka le eShilo. UElikana wayenika ‘bonke oonyana neentombi zikaPenina’ izabelo ukuze banikele kuYehova. UHana owayengenabantwana wayefumana isabelo sakhe kuphela. UPenina wayemgculela ngendlela engathethekiyo uHana emkhumbuza ukuba wayeludlolokazi yaye loo nto yayimenza alile lo mfazi de kungangeni nokutya. UElikana wayebona ukuba uHana awayemthanda kakhulu wayebuhlungu kwaye engatyi ibe wazama ukumthuthuzela. Wabuza uHana esithi “kutheni ulila nje, yaye kutheni ungadli nje, kwaye kutheni intliziyo yakho imbi nje? Andilungile na kuwe ngaphezu koonyana abalishumi?”—1 Samuweli 1:4-8.
Iyancomeka into yokuba uElikana waqonda ukuba uHana wayekhathazwa kukungafumani bantwana. NoHana ufanele wakuxabisa kakhulu ukuqinisekiswa ukuba wayethandwa.b Kodwa uElikana akazange athethe nokuthetha ngenkohlakalo kaPenina yaye iBhayibhile ayisixeleli ukuba uHana wamxelela ngayo kusini na. Mhlawumbi wayecinga ukuba ukuyixela inkohlakalo kaPenina kwakuza kuyenza mandundu nangakumbi imeko yakhe. Ngaba uElikana wayeza kuyitshintsha imeko kaHana? Ngaba uPenina wayengazi kumthiya nangakumbi uHana baze nabantwana nezicaka zakhe bamncedise? UHana wayeza kuziva elikheswa emzini wakhe.
Enokuba uElikana wayesazi yonke into ngenkohlakalo kaPenina okanye akunjalo, uYehova uThixo wayeyibona yonke loo nto wayeyenza. ILizwi lakhe lisixelela yonke into ngaloo ndlela lilumkisa wonke umntu onomona nentiyo naxa zinokubonakala zincinane ezo zinto. Kwelinye icala, uHana owayenyanisekile nowayethanda uxolo wayenokuthuthuzelwa kukwazi ukuba uThixo othanda okusesikweni uza kuzilungisa zonke izinto ngexesha nangendlela yakhe. (Duteronomi 32:4) Mhlawumbi noHana wayeyazi loo nto kuba wakhala kuYehova ecela uncedo.
‘Akazange Aphinde Axhalabe’
Kwakusisiphithiphithi ngaloo ntseni. Wonke umntu kuquka nabantwana babelungiselela uhambo. Xa intsapho isiya eShilo kwakuza kufuneka ihambe iikhilomitha ezingama-30 kwezo nduli zakwaEfrayim.c Olu hambo lwaluthatha usuku ukuya kwezimbini ngeenyawo. UHana wayeyazi indlela awayeza kumphatha ngayo uPenina. Kodwa ke akazange ahlale ekhaya. Wabamisela umzekelo omhle abakhonzi bakaThixo banamhlanje. Akubobulumko ukuvumela ukuphathwa kakubi ngabanye kuphazamise ukunqula kwethu uThixo. Ukwenza loo nto bekuya kusenza siphoswe ziintsikelelo ezisenza sikwazi ukunyamezela.
Emva kohambo olude kuloo ndlela inyuka ezintabeni ekugqibeleni loo ntsapho inkulu yasondela eShilo. Apho yahlala kwinduli engqongwe ziinduli eziphakamileyo kunayo. Njengoko besondela, uHana ufanele ukuba wayecinga ngento awayeza kuyithandazela kuYehova. Ekufikeni kwabo intsapho yafumana into esiwa phantsi kwempumlo. Wathi esakufumana ithuba uHana wayishiya intsapho waza waya kwintente kaYehova. UMbingeleli omkhulu uEli wayelapho ehleli ngasemnyango. Kodwa uHana wayecinga ngoThixo wakhe. Wayeqinisekile ukuba wayeza kuviwa xa ethandaza elapho. Ukuba wayengekho umntu owayeyiqonda ingxaki yakhe, uYise wasezulwini wayeza kumva. Waba buhlungu kakhulu de walila.
UHana wayethandaza kuYehova ngentliziyo elila. Imilebe yakhe yayibebezela. Wathandaza ixesha elide aphalaz’ imbilini yakhe kuYise. Akazange athandazele ukuba uThixo anelise umnqweno wakhe wokuzala umntwana nje kuphela. UHana wayengafuni kufumana iintsikelelo kuThixo nje kuphela kodwa wayefuna ukumenzela okuthile. Wenza isifungo esithi ukuba wayenokufumana unyana wayeza kunikela ngaye ukuze akhonze uYehova.—1 Samuweli 1:9-11.
UHana wabamisela umzekelo omhle bonke abakhonzi bakaThixo xa kufikelelwa kumthandazo. UYehova ukhuthaza bonke abantu bakhe ukuba bathandaze kuye ngokukhululekileyo, bephalaza kuye zonke izinto ezibaxhalabisayo kanye njengokuba esenza umntwana omthembayo umzali wakhe. (INdumiso 62:8; 1 Tesalonika 5:17) Umpostile uPetros waphefumlelwa ukuba abhale athi ngokuthandaza kuYehova: “Liphoseni kuye lonke ixhala lenu, kuba unikhathalele.”—1 Petros 5:7.
Noko ke, abantu abaqondi baze babe novelwano njengoYehova. Njengoko uHana wayelila yaye ethandaza wothuswa lilizwi. YayinguEli, umbingeleli omkhulu, owayembukele njengoko wayethandaza. Wathi: “Kuya kude kube nini na unxila? Yisuse iwayini yakho kuwe” UEli wayibona imilebe kaHana eyayibebezela njengoko wayenesingqala yaye ebonakala ekhathazekile. Kunokuba ambuze ukuba wayekhathazwa yintoni, wasuka wathi wayenxilile.—1 Samuweli 1:12-14.
Umele ukuba waba buhlungu gqitha uHana xa wathi ebandezelekile wasuka watyholwa ngento awayengayenzanga, ingakumbi ekubeni wayetyholwa ngumntu owayesesikhundleni esiphezulu ngolo hlobo. Nakuba kunjalo waphinda wamisela umzekelo omhle wokuba nokholo. Akazange avumele ukungafezeki komnye umntu kuphazamise ukunqula kwakhe uYehova. Wamphendula ngembeko uEli waza wamcacisela ngemeko yakhe. UEli waphendula ngelizwi eliphantsi mhlawumbi ezibona naye ukuba wayethethe engacinganga esithi: “Hamba ngoxolo, yaye ngamana uThixo kaSirayeli angenza ngokwesibongozo sakho osicelileyo kuye.”—1 Samuweli 1:15-17.
Waba yintoni umphumo wokuthandaza nokunqula kukaHana uYehova kwintente yokuhlangana? Eli bali lihlabela mgama lisithi: “Wahamba ke umfazi lowo, wadla, nobuso bakhe ababi saba bobuxhalabileyo.” (1 Samuweli 1:18) KwiThe Jerusalem Bible le vesi ithi: “Ubuso bakhe abuzange buphinde bukhathazeke.” UHana wafumana isiqabu. Kwakungathi loo ngxaki yakhe uyidlulisele kumntu onamandla angaphezu kwakhe, uYise wasezulwini. (INdumiso 55:22) Ngaba ikho ingxaki engaphezu kwamandla akhe? Yayingekho ngelo xesha, ayikho ngoku yaye ayisoze ibe kho.
Xa kunzima yaye sikhathazekile kuhle ukuba nathi silandele umzekelo kaHana size siphalaz’ imbilini yethu kulowo iBhayibhile imbiza ngokuba ‘ngumphulaphuli wemithandazo.’ (INdumiso 65:2) Ukuba sithandaza sinokholo, nathi siya kufumanisa ukuba intlungu ithatyathelw’ indawo ‘luxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda.’—Filipi 4:6, 7.
“Akukho Liwa LinjengoThixo Wethu”
Ngentsasa elandelayo uHana wabuyela emnqubeni noElikana. Mhlawumbi wayemchazele ngesicelo nangesifungo sakhe kuba uMthetho kaMoses wawuyivumela ukuba indoda isichithe isifungo esasenziwe ngumfazi ngaphandle kwemvume yayo. (Numeri 30:10-15) Kodwa ke loo ndoda inyanisekileyo ayizange iyenze loo nto. Kunoko yanqula uYehova kunye noHana emnqubeni ngaphambi kokuba babuyele ekhaya.
Waqonda nini uPenina ukuba wayengazukuphinda akwazi ukugculela uHana? IBhayibhile ayisichazeli kodwa ibinzana elithi ‘akazange aphinde axhalabe’ libonisa ukuba uHana wonwaba ukususela ngelo xesha ukusa phambili. Kungekudala noPenina waqonda ukuba uHana wayengasakhathazeki. NeBhayibhile ayiphindi ithethe ngaye.
Njengoko iinyanga zaziqengqeleka, uHana waya esonwaba ngakumbi. Kaloku wayekhulelwe. Uvuyo lukaHana aluzange lumenze alibale ukuba yayivela phi le ntsikelelo. Umntwana wakhe wamthiya igama elinguSamuweli elithetha ukuthi “Igama likaThixo” ekubonakala ukuba libhekisela ekubizeni igama likaThixo njengoko uHana wenzayo. Ngaloo nyaka akazange ahambe noElikana nentsapho ukuya eShilo. Wahlala nomntwana wakhe iminyaka emithathu de walunyulwa. Wazomeleza elungiselela imini awayeza kwahlukana ngayo nalo nyana wakhe uthandekayo.
Kwakungenakuba lula ukwahlukana naye. UHana wayesazi ukuba uSamuweli wayeza kuphathwa kakuhle eShilo, mhlawumbi ngabanye babafazi ababekhonza apho. Sekunjalo wayesemncinane kakhulu yaye ngumphi umama ongakufuniyo ukuhlala nomntwana wakhe? Nakuba kunjalo uHana noElikana abazange babe madolw’ anzima ukumzisa. Benza amadini endlwini kaThixo baza basa uSamuweli kuEli bemkhumbuza ngesifungo esenziwa nguHana kwiminyaka engaphambili.
UHana wathandaza kuThixo yaye uThixo wabona kufanelekile ukuwuquka kwiLizwi lakhe eliphefumlelweyo loo mthandazo. Ukuba ufunda amazwi akhe kweyoku-1 kaSamuweli 2:1-10, uya kuphawula ukuba ukholo lwakhe lubonakala kwivesi nganye. Wamdumisa uYehova ngokuwasebenzisa ngendlela emangalisayo amandla akhe—ngokukwazi ukuthoba abo banekratshi, ngokusikelela abo bacinezelekileyo nangokuphelisa kwakhe ubomi okanye ukubusindisa ekufeni. Wamdumisa uYise ngobungcwele, okusesikweni nokuthembeka kwakhe. Wayefanele uHana ukuthandaza athi: “Akukho liwa linjengoThixo wethu.” UYehova uthembeke ngokupheleleyo, akatshintshi yaye uligwiba labo bonke abo bacela uncedo kuye.
USamuweli wayesikelelekile ngokuba nomama onokholo kuYehova. Nangona wayemkhumbula unina njengoko wayekhula, akazange azive elahliwe. UHana wayesiya eShilo unyaka nonyaka aze aphathele unyana wakhe ingubo engenamikhono ukuze ayisebenzise xa ekhonza ententeni. Le ngubo yayibonisa ukuba wayemthanda unyana wakhe. (1 Samuweli 2:19) Sinokuba nomfanekiso wakhe emnxibisa loo ngubo aze amjonge encumile njengoko emkhuthaza. USamuweli wayesikelelekile ngokuba nomama onjengoHana yaye wathi esakuba mdala waba yintsikelelo kubazali bakhe nakuSirayeli wonke.
NoHana akazange alityalwe. UYehova wamsikelela ngabanye abantwana abahlanu. (1 Samuweli 2:21) Mhlawumbi eyona ntsikelelo kaHana ibalaseleyo yayilulwalamano awaba nalo noYise uYehova, olwaya lusomelela ngokuhamba kweminyaka. Ngamana kunganjalo nakuwe njengoko uxelisa uHana.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ukuba ufuna ukwazi isizathu sokuba avumele abantu bakhe batshate isithembu kangangexesha elithile funda inqaku elithi “Ngaba UThixo Uyasamkela Isithembu?” kwiphepha 30 kwiMboniselo kaJulayi 1, 2009.
b Nangona eli bali leBhayibhile lisithi uYehova ‘wayesivalile isibeleko sikaHana,’ abukho ubungqina obubonisa ukuba uThixo wayengamthandi lo mfazi uthobekileyo nothembekileyo. (1 Samuweli 1:5) Maxa wambi iBhayibhile iye ithi uThixo wenza izinto ezithile nangona enyanisweni wazivumela ukuba zenzeke.
c Ukubalwa kwalo mgama kusekelwe kuluvo lokuba idolophu yakulo Elikana iRama ikwayindawo enye nedolophu eyayibizwa ngokuba yiArimathiya ngexesha likaYesu.
[Ibhokisi ekwiphepha 17]
Imithandazo Emibini Ebalaseleyo
Imithandazo emibini kaHana ebhalwe kweyoku-1 kaSamuweli 1:11 nesahluko 2:1-10, ineenkalo eziliqela ezibalaseleyo. Makhe sithethe nje ngezimbalwa:
◼ UHana wawubhekisa ‘kuYehova wemikhosi’ owokuqala kule mithandazo mibini. Ungumntu wokuqala ukusebenzisa eli binzana eBhayibhileni. Eli binzana livela izihlandlo ezingama-285 eBhayibhileni yaye libhekisela ekulawuleni kukaThixo inani elikhulu loonyana bakhe abaziingelosi.
◼ Phawula ukuba uHana akazange awenze umthandazo wesibini xa kwakuzalwa unyana wakhe kodwa wawenza xa yena noElikana bamnikela ukuze akhonze uThixo eShilo. Ngoko uHana wayevuyiswa kukusikelelwa nguYehova kungekhona ukuthulisa umgculeli wakhe uPenina.
◼ Kusenokwenzeka ukuba uHana wayecinga ngenkabi yenkomo, isilwanyana esinamandla okuthwala izinto ezinzima nesibonisa amandla ngeempondo zaso xa wathi, “Uphondo lwam luphakanyisiwe ngoYehova.” Eneneni wayesithi: ‘Yehova undenze ndomelela.’—1 Samuweli 2:1.
◼ Amazwi kaHana athi ‘umthanjiswa’ kaThixo kuthiwa sisiprofeto. Eli gama liyafana nelithi “umesiya” yaye uHana ngumntu wokuqala ukulisebenzisa ebhekisa kukumkani owayeseza kuthanjiswa.—1 Samuweli 2:10.
◼ Malunga neminyaka eli-1 000 kamva umama kaYesu uMariya wacaphula amanye amazwi kaHana xa wayedumisa uYehova.—Luka 1:46-55.
[Umfanekiso okwiphepha 16]
UHana wayekhathazwa kukungafumani bantwana yaye uPenina wenza konke awayenokukwenza ukuze amenze buhlungu nangakumbi
[Umfanekiso okwiphepha 16, 17]
Ngaba nawe unokuxelisa uHana ngokuthandaza ngokunyanisekileyo?
[Umfanekiso okwiphepha 17]
Nangona uEli wamtyhola uHana akazange acaphuke