Ngubani Ofanele Afundise Abantwana NgoThixo?
“Umfundi akakho ngaphezu komfundisi wakhe, kodwa wonk’ ubani oyalelwa ngokugqibeleleyo uya kuba njengomfundisi wakhe.”—LUKA 6:40.
BAMBI abazali bavakalelwa kukuba abafaneleki ukufundisa abantwana babo ngoThixo. Basenokucinga ukuba abanakukwazi ukubafundisa kuba bengenamfundo yaneleyo okanye bengenalwazi lwaneleyo ngonqulo. Ngenxa yoko, basenokutyekela ekubeni lo msebenzi bawushiyele kwizalamane okanye kubefundisi.
Ngubani oyena mntu ukufanelekelayo ukufundisa abantwana ngonqulo nemilinganiselo yokuziphatha? Khawuve oko kuthethwa yiBhayibhile ngalo mbandela, uze ukuthelekise noko kuye kwafunyaniswa ngabaphandi.
Yintoni Indima Katata?
Oko kufundiswa yiBhayibhile: “Boyise, musani ukubacaphukisa abantwana benu, kodwa qhubekani nibakhulisela kwingqeqesho nasekweyiselweni kwengqondo kuYehova.”—Efese 6:4.
Oko kuye kwafunyaniswa ngabaphandi: Bancedakala njani ootata xa bebambelela kwiinkolelo zabo zonqulo? Inqaku elithi Fathers’ Religious Involvement and Early Childhood Behavior, elapapashwa ngowama-2009 lathi: “Xa amadoda enonqulo olufanayo, oko kunokuwanceda abe ngootata ababhetele. Unqulo lunceda abantu bakwazi ukuphila ngendlela efanelekileyo.”
IBhayibhile ibalaselisa ukubaluleka kwendima katata ekukhuliseni nasekuqeqesheni abantwana. (IMizekeliso 4:1; Kolose 3:21; Hebhere 12:9) Kodwa ngaba eso siluleko siyasebenza namhlanje? Ngowama-2009 iYunivesithi yaseFlorida yapapasha inqaku elalithetha ngempembelelo yootata ebantwaneni. Abaphengululi baye bafumanisa ukuba abantwana abaqeqeshwe ngooyise xa bekhula baba novelwano baze bazithembe. Akufane kwenzeke ukuba amakhwenkwe ahamb’ emosha ngoxa bona abantwana abangamantombazana bezinza. Kucacile ukuba isiluleko seBhayibhile sisasebenza.
Ibaluleke Kangakanani Indima Kamama?
Oko kufundiswa yiBhayibhile: “Ungawushiyi umthetho kanyoko.”—IMizekeliso 1:8.
Oko kuye kwafunyaniswa ngabaphandi: Ngowama-2006 iHandbook of Child Psychology yathi: “Ngokomlinganiselo, oomama bachitha ixesha elingakumbi ngama-65 ukuya kwama-80 ekhulwini nabantwana babo kunootata yaye kuphantse kube njalo kumazwe amaninzi.” Ekubeni ingumama ochitha ixesha elininzi nomntwana, intetho, izenzo nesimo sengqondo sakhe sinempembelelo emntwaneni.
Xa umama notata besebenzisana ukuze bafundise abantwana babo inyaniso ngoThixo, ubuncinane babapha izipho ezibini ezixabisekileyo. Okokuqala, abantwana bafumana ithuba lokwakha ubuhlobo noBawo wabo wasezulwini, ubuhlobo obunokubanceda kubomi babo bonke. Okwesibini, abantwana bafunda kumzekelo wabazali babo indlela indoda nomfazi abafanele basebenzisane ngayo ukuze baphumeze izinto ezibalulekileyo. (Kolose 3:18-20) Ngoxa abanye benokuncedisa utata nomama, yimbopheleleko yabazali ukufundisa abantwana ngoThixo nangendlela uThixo afuna intsapho isebenze ngayo.
Abazali bafanele babafundise njani abantwana babo? Ziziphi ezona ndlela ziphumelelayo?