Isahluko Seshumi Elinesibini
‘Hlala Uyilindile’
1, 2. (a) Yiyiphi imibuzo osenokuzibuza yona? (b) Yiyiphi imeko ababephila kuyo abanye babaprofeti abali-12, yaye sisiphi isimo sengqondo awayenaso uMika?
LITHUBA elingakanani ulindele imini kaYehova ukuze ishenxise ubungendawo emhlabeni? Lithuba elingakanani okulungeleyo ukulilinda? Ebudeni beli thuba, sisiphi isimo sengqondo nezenzo omele uzihlakulele ebomini bakho? Ngokuqinisekileyo impendulo yakho iya kwahluka kuleyo yabantu becawa abenza oko bakuthandayo, kodwa belindele ukuya ezulwini.
2 Ngoxa ulindele loo mini inkulu, kuya kukunceda gqitha ukufunda iincwadi ezabhalwa ngabaprofeti abali-12. Abaninzi babo baprofeti babephila ngexesha owawukufuphi ngalo umgwebo kaThixo. Ngokomzekelo, uMika wayekhonza njengomprofeti ngexesha okwakusondele kakhulu ngalo ukutshatyalaliswa kweSamariya ngama-Asiriya ngowama-740 B.C.E. (Bona isicangca esikwiphepha 20 nelama-21.) Ekuhambeni kwethuba, imini kaYehova yafikela uYuda. Ekubeni uMika wayengawazi ngokuchanileyo umhla womgwebo kaThixo, ngaba wagqiba kwelokuba ahlale angenzi nto, enethemba lokuba uza kufika ngokukhawuleza? Yena ngokwakhe uMika uthi: “Mna ke, ndiza kuhlala ndikhangele kuYehova. Ndiza kubonisa isimo sengqondo sokulindela kuThixo wosindiso lwam. UThixo wam uya kundiva.” (Mika 7:7) Ewe, uMika wayeqinisekile ngoko kuzayo, yaye wayefana nomlindi othe qwa nohleli phezu kwenqaba ende.—2 Samuweli 18:24-27; Mika 1:3, 4.
3. Njengoko babephila ngaphambi nje kokutshatyalaliswa kweYerusalem, sisiphi isimo sengqondo ababenaso uHabhakuki noZefaniya?
3 Ngoku, khangela uZefaniya noHabhakuki kwisicangca. Phawula ukuba ngexesha labo kwakusondele kakhulu ukutshatyalaliswa kweYerusalem ngowama-607 B.C.E. Sekunjalo, babengazi enoba umgwebo kaThixo wawukufuphi okanye ukude kusini na. (Habhakuki 1:2; Zefaniya 1:7, 14-18) UZefaniya wabhala wathi: “‘Hlalani nilindele kum,’ utsho uYehova, ‘de ibe yimini yokuvuka kwam ukuba ndithimbe, kuba isigwebo sam kukuhlanganisa iintlanga, . . . ndithululele kuzo isiqalekiso sam, wonke umsindo wam ovuthayo.’” (Zefaniya 3:8) Kuthekani ngoHabhakuki, owayephila emva nje kwexesha likaZefaniya? UHabhakuki wabhala wathi: “Umbono usengowexesha elimisiweyo, yaye uqhubeka ukhawulezela ekupheleni, ibe awuyi kuxoka. Kwanokuba unokulibala, hlala uwulindile; kuba uya kuba yinyaniso nakanjani na. Awuyi kufika emva kwexesha.”—Habhakuki 2:3.
4. Yayinjani imeko ngexesha lokuprofeta kukaZefaniya noHabhakuki, yaye babenasiphi isimo sengqondo?
4 Kuya kusinceda kakhulu ukuhlolisisa ukuba yayinjani na imeko ngexesha lokuvakaliswa kwesigidimi esikuZefaniya 3:8 nesikuHabhakuki 2:3. Ngexesha kanye amaYuda ayesithi, “uYehova akayi kwenza okulungileyo, engayi kwenza nokubi,” uZefaniya wavakalisa “imini yomsindo kaYehova.” Ngaloo mini, amaYuda anxaxhayo kwaneentshaba zikaThixo zaziza kufikelwa ngumgwebo wakhe. (Zefaniya 1:4, 12; 2:2, 4, 13; 3:3, 4) Ngaba ucinga ukuba uZefaniya wayekoyika ukuza kwengqumbo kaThixo? Kunokuba akoyike, ‘wayekulindele.’ Usenokubuza ukuba, ‘Kuthekani ngoHabhakuki?’ Naye ‘wayekulindele.’ Kucacile ukuba uZefaniya noHabhakuki babengakuthabathi lula oku, beqhubeka nobomi bemihla ngemihla ngokungathi akukho nto iza kwenzeka. (Habhakuki 3:16; 2 Petros 3:4) Kunoko, kubalulekile ukuphawula ukuba bobabini ‘bahlala belindile.’ Yaye njengoko usazi: Oko aba baprofeti babini babekulindile kwazaliseka ngowama-607 B.C.E. Ngoko ukuhlala kwabo ‘belindile’ kwangqineka kulikhondo lobulumko.
5, 6. Ekubeni sisazi ukuba sele likufuphi ixesha lokuzaliseka kwenjongo kaThixo, sisiphi isimo sengqondo esifanele sibe naso?
5 Nawe unokuqiniseka ukuba “imini yomsindo kaYehova” iza kufika ngokwenene nxamnye nale nkqubo yezinto. Siyathemba ukuba akukuthandabuzi oko. NjengoZefaniya noHabhakuki, akwazi ukuba iza kufika nini kanye kanye loo mini. (Marko 13:32) Kodwa ngokuqinisekileyo iza kufika, yaye ukuzaliseka kweziprofeto zeBhayibhile ngexesha lethu kubonisa ukuba sele ikufuphi. Ngoko, oko uYehova wakugxininisayo kwabo baprofeti kuyasebenza nakuwe—‘Hlala uyilindile.’ Yaye hlala ukhumbula ukuba: UThixo wethu, nguye kuphela “omsebenzelayo lowo uhlala enolindelo lwakhe.”—Isaya 64:4.
6 Unokubonisa isimo sengqondo esifanelekileyo, ubonise nangezenzo ukuba unentembelo yokuba “imini yomsindo kaYehova” iza kufika kanye ngexesha elifanelekileyo. Ngaloo ndlela uya kuba wenza ngokuvisisana noko kwathethwa nguYesu. Wabongoza abapostile nawo onke amaKristu athanjisiweyo esithi: “Izinqe zenu mazihlale zibhinqiwe nezibane zenu zivutha, nibe njengabantu abalindele inkosi yabo . . . Anoyolo loo makhoboka ethi inkosi yawo yakufika iwafumane elindile! Inene ndithi kuni, Iya kubhinqa ize iwangqendevise etafileni yaye iya kusondela, iwalungiselele.” (Luka 12:35-37) Ngoko, ukuba nesimo sengqondo esifanelekileyo, kubonisa ukuba unentembelo yokuba imini enkulu kaYehova iza kufika kanye ngexesha elifanelekileyo.
‘HLALANI NILINDILE’ YAYE “NILUNGILE”
7, 8. (a) Umonde kaThixo ube nawuphi umphumo? (b) UPetros usibongoza ukuba sibe nasiphi isimo sengqondo?
7 Abakhonzi bakaThixo banamhlanje bebelindile ngaphambi kokumiselwa koBukumkani bukaThixo ezulwini ngowe-1914, ukuza kuthi ga ngoku. Ngokuqinisekileyo bebengalindanga behleli phantsi besonge izandla. Kunoko, bebekhuthele ekwenzeni umsebenzi wokushumayela abawunikwe nguThixo. (IZenzo 1:8) Kodwa khawukhe ucinge ngale mibuzo ilandelayo: Ukuba imini enkulu kaYehova yayifike ngowe-1914, ngekwakwenzeke ntoni ngawe? Kwanokuba yayifike kwiminyaka engama-40 edluleyo, ngaba ngelo xesha ‘wawunehambo engcwele nezenzo zozinikelo lobuthixo’? (2 Petros 3:11) Kuthekani ngamalungu entsapho yakho angamaNgqina okanye abahlobo bakho abasebandleni? Ngoko kucacile ukuba, eli xesha lokulinda liye lakuvulela ithuba losindiso, wena kunye nabanye abaninzi abanjengawe, njengoko eyesi-2 kaPetros 3:9 ibonisa. Ukungayitshabalalisi kukaYehova le nkqubo ingendawo yezinto zisuka nje emva kokumiselwa koBukumkani, kuvulele abaninzi ithuba lokuguquka, kanye njengokuba nabemi baseNineve baguqukayo baza basindiswa. Sonke sinesizathu sokuvumelana namazwi ompostile uPetros athi: “Wugqaleni umonde weNkosi yethu njengosindiso.” (2 Petros 3:15) Nangoku lisekho ixesha lokuba abantu baguquke okanye batshintshe indlela abaphila nabacinga ngayo.
8 Kusenokwenzeka ukuba, umKristu angabi namdla kangako kwimeko yexesha likaMika, uZefaniya noHabhakuki. Usenokuqiqa ngelithi, “Yimbali yakudala leyo!” Kodwa yintoni esinokuyifunda kuyo? Sele silikhankanyile icebiso likaPetros lokuba amaKristu abe ‘nehambo engcwele nezenzo zozinikelo lobuthixo.’ Emva kokuthetha loo mazwi, uPetros wagxininisa enye into esimele siyenze—wathi simele ‘sihlale sibulindile yaye sibukhumbula ubukho bemini kaYehova.’ (2 Petros 3:11, 12) Ngoko, sifanele ‘sihlale siyikhumbula’ loo mini, sihlale ‘siyilindile.’
9. Kutheni kufanelekile ukuba ‘sihlale sikhangele’?
9 Enoba sineminyaka nje embalwa okanye emininzi sikhonza uYehova, ngaba ‘sihleli sikhangele yaye sibonisa isimo sengqondo sokulinda’ esifanayo nesaboniswa nguMika? (Roma 13:11) Liyinyaniso elokuba, besingathanda ukwazi ixesha esiya kufika ngalo isiphelo, nokwazi ukuba lingakanani ixesha eliseleyo ngaphambi kokufika kwaso. Kodwa masiyamkele into yokuba asinakuze sikwazi oko. Khumbula amazwi kaYesu athi: “Ukuba umnini-ndlu ebesazi ukuba isela liza ngawuphi na umlindo, ebeya kuhlala ephaphile aze angavumi ukuba indlu yakhe iqhekezwe. Ngenxa yoku nani hlalani nilungile, kuba uNyana womntu uza ngelixa eningacinganga ukuba lilo.”—Mateyu 24:43, 44.
10. Yintoni oyifundayo kwindlela awayephila ngayo umpostile uYohane nakwisimo sakhe sengqondo?
10 Oko kwathethwa nguYesu kuyafana noko kwabhalwa nguMika, uZefaniya noHabhakuki. Ukanti uYesu wayengabhekisi kubantu bexesha lamandulo, kodwa wayebhekisa kubalandeli bakhe abasithi. AmaKristu amaninzi azinikeleyo aye alisebenzisa ngokunyanisekileyo icebiso likaYesu; aye ‘ahlala elungile,’ yaye elindile. Umpostile uYohane wayengumzekelo omhle woko. Wayengomnye wabafundi abane ababuza uYesu kwiNtaba yemiNquma ngokupheliswa kwenkqubo yezinto. (Mateyu 24:3; Marko 13:3, 4) Kwakungowama-33 C.E. ngoko, kodwa kwakungekho sicangca sexesha wayenokukhangela kuso uYohane ukuze abone ukuba kwakuza kwenzeka nini oko. Ngoku, cinga ngeminyaka engama-60 eyalandelayo. UYohane wayeyindoda eyalupheleyo, kodwa akazange adinwe aze ayeke ukuhlala elindile. Kunoko, xa weva uYesu esithi: “Ewe; ndiyeza ngokukhawuleza,” uYohane wathi: “Amen! Yiza, Nkosi Yesu.” UYohane akazange azisole ngendlela awabuphila ngayo ubomi bakhe. Wayeqinisekile ukuba xa uYehova ezisa umgwebo wakhe, uza kuvuza ngamnye ngokwemisebenzi yakhe. (ISityhilelo 22:12, 20) Nokuba wawuza kufika nini na loo mgwebo, uYohane wayefuna ukuhlala ‘elungile,’ njengoko iNkosi uYesu yayicebisile. Ngaba nawe uvakalelwa ngendlela efanayo?
NGABA ‘UHLALA ULINDILE’ OKANYE NGABA ‘WANELE’?
11. Yayiyintoni ingxaki yabantu bexesha likaMika noHoseya?
11 Phawula enye into esinokuyifunda kubaprofeti ababephila ngexesha owawusondele kakhulu ngalo umgwebo kaYehova nxamnye noSirayeli noYuda. Ngoxa uMika ‘wayehleli ekhangele yaye ebonisa isimo sengqondo sokulinda,’ abantu abaninzi bexesha lakhe abazange benjenjalo. Baba ‘ngabathiyi bokulungileyo nabathandi bobubi.’ UMika wayelumkisile wathi ukuba babengaguquki, nokuba ‘babenokumemeza kuYehova becela uncedo, wayengayi kubaphendula.’ (Mika 3:2, 4; 7:7) UHoseya, owayephila ngexesha likaMika, wasebenzisa intetho yabalimi xa wayebongoza abo babekubukhosi basentla bakwaSirayeli, esithi: “Zihlwayelele imbewu ngobulungisa; vuna ngokuvumelana nobubele bothando. Zikhubeleleni umhlaba olimekayo, xa kukho ixesha lokumfuna uYehova.” Nakuba kunjalo, abaninzi abazange baphulaphule. ‘Balima okungendawo,’ baza bavuna intswela-bulungisa. (Hoseya 10:12, 13) Benza baza bakhuthaza izenzo ezibi, ‘bakholosa ngendlela yabo’ kunokukholosa ngendlela kaYehova. Abanye namhlanje basenokubuza bathi, ‘Kwakunokwenzeka njani oko kubanquli benyaniso ababephila kwiLizwe Lesithembiso?’ UHoseya wabonisa ukuba ingxaki yayikwisimo sabo sengqondo, esimele sisiphephe thina ukuba sifuna ukuhlala siyilindile imini enkulu kaYehova. Babephila tofotofo yaye ‘babanele.’
12. (a) UHoseya wachaza yiphi imeko engathandekiyo ngamaSirayeli ngaphambi kowama-740 B.C.E.? (b) ‘Ukwanela’ kwabantu kwabonakala ngaziphi iindlela?
12 Bakuba abantu bakaThixo bengenile kwiLizwe Lesithembiso, ilizwe eliqukuqela ubisi nobusi, baphila ubomi obutofotofo. Waba yintoni umphumo woko? UHoseya wadlulisela amazwi kaYehova wathi: “Ngokuphathelele idlelo lakhe wanela. Wanela yaza yaphakama intliziyo yakhe. Kungenxa yoko le nto wandilibalayo.” (Hoseya 13:6) Kwiinkulungwane zangaphambili, uThixo wayebalumkisile abantu bakhe ngayo kanye loo ngozi. (Duteronomi 8:11-14; 32:15) Nakuba kunjalo, ngexesha likaHoseya noAmosi, amaSirayeli awela kuyo kanye loo ngozi—‘anela.’ UAmosi usinika iinkcukacha ezingakumbi. Ukhankanya ukuba abaninzi babenefanitshala yomgangatho ophezulu ezindlwini zabo, yaye ezinye iintsapho zazide zibe nayo nendlu yesibini. Babesidla izibiliboco, besela iwayini yodidi edidiyelwe kwiifatyi ezingayiwayo, yaye babethambisa ‘eyona oli intle,’ ekunokwenzeka ukuba yayitsho ngevumba elimnandi. (Amosi 3:12, 15; 6:4-6) Usenokuba uphawulile ukuba akukho nanye kwezo zinto eyayiphosakele, kodwa into eyayiphosakele kukunikela ingqalelo egqithiseleyo kuzo.
13. Yintoni awayesilela kuyo amaSirayeli, lawo ayezizityebi nalawo ayengamahlwempu?
13 Enyanisweni, asinguye wonk’ ubani owayephila tofotofo ‘nowayanele’ kubukhosi basentla. Abanye babehlwempuzekile yaye beboph’ amabande ukuze bondle iintsapho zabo. (Amosi 2:6; 4:1; 8:4-6) Kuyafana nanamhlanje kwiinxalenye ezininzi zomhlaba. Ngaba isiluleko sikaThixo esikuHoseya 13:6 sasisebenza nakwabo babengamahlwempu kwaSirayeli, yaye ngaba siyasebenza namhlanje? Ngokuqinisekileyo kunjalo. UYehova wayebonisa ukuba enoba umnquli wokwenyaniso usisityebi okanye akasiso, umele alumkele ukunikel’ ingqalelo kakhulu kwizinto eziphathekayo ngokokude ‘amlibale uThixo.’—Luka 12:22-30.
14. Kutheni kufanelekile ukuba sizihlole enoba sisahleli silindile kusini na?
14 Ekubeni thina namhlanje sinemizekelo yexesha langaphambili, yaye sibona nokuzaliseka kweziprofeto ezininzi zeBhayibhile, sinesizathu esingakumbi sokuhlala siphaphile, yaye silindile. Kodwa kuthekani ukuba sekudlule ixesha elide, mhlawumbi amashumi eminyaka silindile? Kwixesha elidluleyo siye sazibhokoxa kubulungiseleli saza senza izigqibo zobuqu ezazibonisa ukuqiniseka kwethu ukuba imini kaYehova ikufuphi. Kodwa ayikafiki. Ngaba sisahleli silindile? Mhlawumbi usenokuzibuza, ‘Ngaba ndisalinde ngenzondelelo, okanye ndithande ukuyekelela mvanje?’—ISityhilelo 2:4.
15. Yintoni enokubonisa ukuba siye sayekelela ekulindeni kwethu?
15 Zininzi iindlela esinokuzihlola ngazo enoba sisahleli silindile kusini na, kodwa kutheni singazihloli kuzo kanye ezi nkalo basilela kuzo abantu bexesha lika-Amosi ‘ababanele’? Ngoxa sizihlolisisa, sinokuhlola enoba sinalo kusini na utyekelo ‘lokwanela.’ Ekuhambeni kwethuba umKristu obekade ephaphile usenokuyeka ukuhlala elindile aze aqalise ukufuna ubunewunewu obungakumbi ekhayeni lakhe, umnyobo wemoto, impahla engayiwayo, izithambiso nezacholo ezithi ndijonge, okanye iwayini nokutya kodidi oluphezulu. Akukho apho iBhayibhile ibonisa khona ukuba simele sizibandeze ulonwabo ngokungekho ngqiqweni. Umntu osebenza nzima “ufanele adle, asele aze ngokwenene abone okulungileyo kuko konke ukusebenza kwakhe nzima.” (INtshumayeli 3:13) Kodwa ingozi ibakho xa umKristu enikel’ ingqalelo ngakumbi nangakumbi ekutyeni, ekuseleni, nakwimbonakalo yobuqu. (1 Petros 3:3) UYesu wayiphawula ingozi elolo hlobo kwabathile abathanjisiweyo baseAsia Minor, nto leyo ebonisa ukuba amaKristu amele ahlale eyiphaphele le ngozi. (ISityhilelo 3:14-17) Ngaba kuye kwenzeka into efanayo nakuthi? Ngaba siye ‘sanela,’ mhlawumbi sazixakekisa ngezinto eziphathekayo? Ngaba siye sayekelela ekulindeni kwethu?—Roma 8:5-8.
16. Kutheni kungayi kuba yingenelo nje kubantwana bethu ukubakhuthaza ukuba basukele ubomi obutofotofo?
16 Ukuyekelela kwethu ekulindeleni imini enkulu kaYehova kunokubonakala kumacebiso esiwanika abantwana bethu okanye abanye abantu. UmKristu usenokuqiqa ngelithi: ‘Ndiye ndayeka imfundo okanye umsebenzi ophucukileyo kuba ndicinga ukuba isiphelo sisondele kakhulu. Ngoku ndifuna ukuqiniseka ukuba abantwana bam bafumana imfundo eya kubenza banandiphe ubomi obutofotofo.’ Mhlawumbi abanye babeqiqa ngaloo ndlela ngexesha likaHoseya. Ukuba kunjalo, ngaba icebiso abalinika abantwana babo lokuba baphile ubomi obutofotofo laba yingenelo kubo? Yaye ukuba nabo abantwana babo baye basukela ubomi obutofotofo, waba yintoni umphumo woko ngowama-740 B.C.E., xa iSamariya yatshatyalaliswa ngama-Asiriya?—Hoseya 13:16; Zefaniya 1:12, 13.
YIBA NOLINDELO OLUSENGQIQWENI
17. Sinokumxelisa njani uMika?
17 Njengabanquli bokwenyaniso bamandulo, nathi sinokuba nentembelo yokuba oko uThixo akuthembisileyo kuya kuzaliseka ngexesha elifanelekileyo, ngexesha lakhe elimiselweyo. (Yoshuwa 23:14) Umprofeti uMika wenza ngobulumko xa wabonisa isimo sengqondo sokulindela kuThixo wosindiso lwakhe. Sinokujonga kwisicangca sexesha size sibone indlela okwakusondele ngayo ukutshatyalaliswa kweSamariya ngexesha likaMika. Kuthekani ngexesha esiphila kulo thina namhlanje? Xa sijonga emva ebomini bethu, ngaba siye senza ukhetho lobulumko, ngokuphathelele umsebenzi wempangelo, indlela esiphila ngayo, kwanobulungiseleli bexesha elizeleyo? Liyinyaniso elokuba, asiwazi “loo mhla nelo lixa.” (Mateyu 24:36-42) Kodwa alithandabuzeki elokuba, siya kuba senza ngobulumko ukuba sihlakulela isimo sengqondo esifanayo nesikaMika size senze ngokuvisisana naso. Yaye xa uMika evuzwa ngobomi kwiparadesi yasemhlabeni ebuyiselweyo, hayi indlela aya kukuvuyela ngayo ukwazi ukuba siye sangenelwa kwisigidimi sakhe sesiprofeto nakumzekelo wakhe wokholo! Siya kuba bubungqina obuphilayo bokuba uYehova unguThixo wosindiso!
18, 19. (a) Yiyiphi intlekele awalumkisa ngayo uObhadiya? (b) UObhadiya wawanika liphi ithemba amaSirayeli?
18 Intembelo yethu inesiseko esiqinileyo. Ngokomzekelo, cinga ngencwadi yesiprofeto emfutshane kaObhadiya. Ithetha ngomgwebo kaYehova nxamnye nabemi bakwaEdom abamphatha kakubi ‘umzalwana’ wabo, uSirayeli. (Obhadiya 12) Loo mgwebo wafika, njengoko kuchaziwe kwiSahluko 10 sale ncwadi. AmaBhabhiloni awayekhokelwa nguNabonidus ayoyisa iEdom, phakathi kwinkulungwane yesithandathu ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo, saza isizwe sakwaEdom satshabalala ngokupheleleyo. Kodwa kukho enye ingcamango ebalulekileyo kwisigidimi sikaObhadiya, enokuthanani nokuhlala kwethu siyilindile imini enkulu kaYehova.
19 Njengoko usazi, uThixo wawasebenzisa amaBhabhiloni awatshabalalisa iEdom, ukuba ohlwaye abantu bakhe ababengathembekanga. Ngowama-607 B.C.E., amaBhabhiloni ayitshabalalisa iYerusalem aza awasa ekuthinjweni amaYuda. Ngoko ilizwe lawo laba yinkangala. Ngaba kwaphelela apho? Akunjalo. Esebenzisa uObhadiya, uYehova waxela kwangaphambili ukuba amaSirayeli ayeza kuphinda abuyele elizweni lawo. KuObhadiya 17, sifunda esi sithembiso sikhuthazayo: “KwiNtaba yaseZiyon kulapho baya kuba khona abo basindileyo, yaye imele ibe yinto engcwele; yaye indlu kaYakobi imele izidle ilifa izinto enokuzithabatha.”
20, 21. Kutheni uObhadiya 17 esinik’ ithemba?
20 Imbali ingqina ukuba oko uYehova wakuthethayo esebenzisa uObhadiya kwenzeka. Kwenzeka kanye ngendlela uThixo awayechaze ngayo. Amawakawaka amaYuda namaSirayeli abuya ekuthinjweni ngowama-537 B.C.E. Ngoncedo lukaYehova, alitshintsha elo lizwe laliyinkangala laba yiparadesi entle. Ufundile kuIsaya 11:6-9 nesama-35:1-7 ngeziprofeto zotshintsho olumangalisayo olwenzekayo ngelo xesha. Okubaluleke kakhulu kukuba unqulo lokwenyaniso lwamiselwa kwakhona, netempile kaYehova yaphinda yakhiwa ngokutsha. Ngoko uObhadiya 17 ubobunye ubungqina bokuba izithembiso zikaYehova zithembekile. Zisoloko zizaliseka.
21 UObhadiya wasiqukumbela isiprofeto sakhe ngala mazwi achukumisayo: “Ubukumkani bumele bube bobukaYehova.” (Obhadiya 21) Njengoko unentembelo kweso sithembiso, ulindele ixesha elizukileyo laxa uYehova, ngoYesu Kristu, eza kulawula indalo iphela, kuquka isijikelezi-langa sethu. Enoba unethuba elifutshane okanye sele kuyiminyaka emininzi ulindele imini enkulu kaYehova, unokuqiniseka ukuba iza kufika.
22. Sisiphi isiqinisekiso nokhuthazo olufumaneka kuHabhakuki 2:3 nakuMika 4:5?
22 Ngoko kuhle ukuba sihlale sisikhumbula isiqinisekiso sikaHabhakuki, kuba sibhekisela kwixesha lethu. Sona sithi: “Umbono usengowexesha elimisiweyo, yaye uqhubeka ukhawulezela ekupheleni, ibe awuyi kuxoka. Kwanokuba unokulibala, hlala uwulindile; kuba uya kuba yinyaniso nakanjani na. Awuyi kufika emva kwexesha.” (Habhakuki 2:3) Kwanokuba imini enkulu kaYehova isenokubonakala ngathi ifika kade, ngokuqinisekileyo iza kufika ngexesha elifanelekileyo. UYehova usithembisa oko. Ngoko abo baneminyaka emininzi bekhonza uThixo kwanabo basandul’ ukumnqula, banokuqhubeka kunye ngentembelo njengoko uMika 4:5 ekhuthaza, esithi: “Thina siya kuhamba egameni likaYehova uThixo wethu ukusa kwixesha elingenammiselo, ewe ngonaphakade.”
IINGONGOMA ONOKUCAMNGCA NGAZO
• Sisiphi isimo sengqondo esikhuthazwa ukuba sibe naso kuMika 7:7; uHabhakuki 2:3; noZefaniya 3:8?
• Kutheni libalulekile yaye liyingenelo nje kuwe icebiso elikuYakobi 5:10, 11?
• Unokungenelwa njani ngokucamngca ngeyesi-2 kaPetros 3:9, 11, 12, 14?
UYA KUNGENELWA NJANI?
• Enoba usisityebi okanye ulihlwempu, sisiphi isifundo onokusifunda kuAmosi 3:15; 5:11; nakuHagayi 1:4-7?
• Nguwuphi umahluko okhoyo phakathi kokwanela nokuhlala ulindile?—Habhakuki 3:17, 18.
• Kutheni kubaluleke kakhulu ukuba uhlale ulindile?—Zefaniya 1:12-15.
[Umfanekiso okwiphepha 153]
UZefaniya
[Umfanekiso okwiphepha 154]
“‘Hlalani nilindele kum,’ utsho uYehova.”—Zefaniya 3:8
[Imifanekiso ekwiphepha 160]
Luluphi uhlobo lobomi okhuthaza abantwana bakho ukuba balusukele?
[Umfanekiso okwiphepha 163]
Sikhonza uYehova ngovuyo sinembono yobomi obungunaphakade