Zefaniya
1 Eli lilizwi likaYehova elafika kuZefaniya unyana kaKushi unyana kaGedaliya unyana ka-Amariya unyana kaHezekiya ngemihla kaYosiya*+ unyana ka-Amon+ ukumkani wakwaYuda:
2 “Ndiza kuphelisa yonke into phezu komhlaba,” utsho uYehova.+
3 “Ndiza kutshabalalisa umntu nerhamncwa.
Ndiza kutshabalalisa iintaka zezulu neentlanzi zolwandle,+
Isikhubekiso*+ kunye nabantu abenza ububi,
Kwaye ndiza kulushenxisa uluntu phezu komhlaba,” utsho uYehova.
4 “Ndiza kolulela isandla sam kuYuda
Nakubo bonke abantu baseYerusalem,
Ibe ndiza kuyincothula neengcambu inkonzo kaBhahali kule ndawo,+
Negama lababingeleli balo thixo wasemzini kunye nabanye ababingeleli,+
5 Nabo baqubuda eluphahleni kumkhosi wamazulu,+
Nabaqubudayo, befunga ukuba bangakuYehova+
Ngoxa bekwafunga ukuba bangakuMalekam,+
6 Nabo bajikayo ekulandeleni uYehova+
Nabangamfunanga uYehova okanye babuze kuye.”+
7 Yithi cwaka phambi kweNkosi enguMongami uYehova, kuba imini kaYehova isondele.+
UYehova ulungiselele umbingelelo; ubangcwalisile abo abamemileyo.
8 “Ngemini yombingelelo kaYehova ndiza kuziphendulisa iinkosana,
Oonyana bakakumkani,+ nabo bonke abo banxiba isinxibo sasemzini.
9 Ndiza kubaphendulisa bonke abo bakhwela eqongeni* ngaloo mini,
Abo bagcwalisa indlu yenkosi yabo ngobundlobongela nenkohliso.
10 Ngaloo mini,” utsho uYehova,
“Kuza kuvakala isikhalo esivela kwiGeyithi Yeentlanzi,+
Isijwili esivela kwisiXeko Esitsha,+
Nesithonga esikhulu sokuwa ezindulini.
11 Yenzani isijwili, nina bemi baseMaketeshe,*
Kuba bonke oosomashishini baphelisiwe.
Batshatyalalisiwe bonke abo babeka isilivere esikalini.
12 Ngelo xesha ndiza kuyigocagoca iYerusalem ngezibane,
Ndibaphendulise abo bangakhathaliyo,* abathi ezintliziyweni zabo,
‘UYehova akazukwenza okulungileyo, engazukwenza nokubi.’+
13 Ubutyebi babo buza kuphangwa nezindlu zabo zitshatyalaliswe.+
Baza kwakha izindlu, kodwa abazukuhlala kuzo.
Baza kutyala imithi yeediliya, kodwa abazukusela wayini yazo.+
14 Imini enkulu kaYehova isondele!+
Isondele yaye ikhawuleza kakhulu!+
Isandi semini kaYehova sikrakra.+
Ngaloo mini kuza kukhala nekroti.+
Imini yentlungu nokungcungcutheka,+
Imini yesaqhwithi nosizi,
Imini yobumnyama nesithokothoko,+
Imini yamafu nentsunguzi yobumnyama,+
16 Imini yokukhaliswa kophondo neyokuhlaba umkhosi,+
Nxamnye nezixeko ezikhuselekileyo neenqaba eziphakamileyo ezikoneni.+