Ukusuka KwiSidlo SePasika Ukuya Elusindisweni
“Ndophakamisa indebe yosindiso, ndinqule igama likaYehova.”—INDUMISO 116:13.
1. Yiyiphi ingoma yakudala ethandwayo ngabantu esenokuchaphazela ikamva lakho?
UBUYA kuyithanda njani ingoma evunywa ngawe uzuza ikamva elide nelonwabisayo? Enyanisweni, kudala abantu beyithanda ingoma enjalo. Kanti, unamathuba amahle kunenkoliso yabantu okuyazi nokuyinandipha le ngoma inentsingiselo. AmaYuda ayibiza ngokuthi yiHallel (Indumiso). Iqanjwe ngokusuka kwiNdumiso 113 ukuya kweye-118, isibongoza ukuba sivume sithi “Haleluya,” okanye “Mdumiseni uYehova.”
2. Le ngoma isetyenziswa njani, ibe inxulumene njani neSidlo sePasika?
2 AmaYuda avuma iHallel kwinkonzo yawo yePasika, ngoma leyo ngokucacileyo eyayivunywa kude kudala xa uThixo wayenetempile apho kwakubingelelwa khona ngezilwanyana. Namhlanje, ivunywa kumakhaya amaYuda ebudeni benkonzo yePasika nasebudeni besidlo esibizwa ngokuba siSidlo sePasika. Kodwa bambalwa kwabo bayivumayo kwiSidlo sabo sePasika abayaziyo intsingiselo yokwenene yeNdumiso 116:13 ethi: “Ndophakamisa indebe yosindiso, ndinqule igama likaYehova.” Noko ke, kutheni le nto usindiso lunxulunyaniswa nePasika, yaye ngaba kunokwenzeka ukuba ukusindiswa kwakho kube kubandakanyekile?
IPasika—Umsitho Wosindiso
3. Iyintoni imvelaphi yeSidlo sePasika?
3 Khumbula ukuba amaSirayeli ayengamakhoboka eYiputa phantsi koFaro owayewacinezela. Ekugqibeleni, uYehova waphakamisa uMoses ukuba akhokelele abantu Bakhe enkululekweni. Emva kokuba uThixo ehlise izibetho ezisithoba eYiputa, uMoses wavakalisa eseshumi. UYehova wayeza kubulala amazibulo kwindlu nganye yomYiputa. (Eksodus 11:1-10) Noko ke, awamaSirayeli ayenokusindiswa. Njani? Kwakufuneka axhele imvu, aqabe igazi layo emigubasini nasemiqadini, aze ahlale phakathi esidla elo xhwane, isonka esingenagwele nemithana ekrakra. Ebudeni beso Sidlo sePasika, uThixo wayeza ‘kugqitha’ angawabulali amazibulo awo.—Eksodus 12:1-13.
4, 5. IPasika yakhokelela njani kusindiso lwabaninzi? (INdumiso 106:7-10)
4 Ngenxa yeso sibetho seshumi, uFaro wamxelela oku uMoses: “Sukani niphume phakathi kwabantu bam, nina aba noonyana bakaSirayeli, nihambe niye kumkhonza uYehova.” (Eksodus 12:29-32) Akuba emkile amaHebhere ‘nenkitha engumxube’ yabo babehambisana nawo, uFaro wayiguqula ingqondo yakhe waza wawasukela. Wandula ke uThixo ngokumangalisayo wabanceda abantu bakhe ukuze basinde ngokubaweza kuLwandle Olubomvu, apho uFaro nomkhosi wakhe owawusukela bafela khona.—Eksodus 12:38; 14:5-28; INdumiso 78:51-53; 136:13-15.
5 KuLwandle Olubomvu uMoses wawaxelela oku amaSirayeli: “Musani ukoyika; misani, nilubone usindiso lukaYehova aya kunenzela lona namhla.” Kamva avuma le ngoma: “Uqhayiya lam, ungoma yam nguYehova; waba lusindiso kum. UloThixo wam endimzukisayo.” (Eksodus 14:13; 15:2) Ewe, ukuhlangulwa kukaSirayeli, kwisibetho seshumi nakuLwandle Olubomvu, kwakulusindiso. Umdumisi wayenokumchaza kakuhle uYehova njengoThixo “osebenza usindiso phakathi kwehlabathi lonke.”—INdumiso 68:6, 20; 74:12-14; 78:12, 13, 22.
6, 7. Kwakutheni ukuze kumiselwe iPasika, ukanti kutheni ngoku igcinwe ngendlela eyahlukileyo kweyayigcinwe ngayo iPasika yokuqala?
6 Kwafuneka ukuba amaHebhere ayigcine iPasika njengesikhumbuzo sokusindiswa. UThixo wathi: “Le mini yoba sisikhumbuzo kuni, niyenze umthendeleko kuYehova; ezizukulwaneni zenu.” (Eksodus 12:14) KwiSidlo ngasinye sePasika, ubawo wayeza kukhumbuza intsapho yakhe ngolo sindiso. UYehova wayalela esithi: “Xa bathe oonyana benu kuni, Iyintoni na le nkonzo kuni? nithi ke, Ngumbingelelo wepasika kuYehova, owagqitha ezindlwini zoonyana bakaSirayeli eYiputa; ekubulaleni kwakhe amaYiputa, wazihlangula izindlu zethu.”—Eksodus 12:25-27.
7 Isibakala sokuba amaYuda abe asasigcinile iSidlo sePasika unanamhla singqina ubunyaniso obungokwembali baloo ngxelo. Noko ke, zimbi zezinto azenzayo, zahlukile koko uThixo wakuyalelayo. IThe Origins of the Seder ithi: “IBhayibhile iquka iingxubusho ezibhekele phaya ezingePasika nezingoMsitho Wesonka Esingenagwele; phofu ke, le nkcazelo ayivisisani nendlela olugcinwa ngayo olu suku mva nje. Ngokukhethekileyo, isiko leBhayibhile ligxininisa kwidini lepasika, nto leyo engasabalaseliswayo kuncwadi lwasemva kwamaxesha okubhalwa kweBhayibhile.” Isizathu esiyintloko sikukuba amaYuda awanayo itempile yokubingelela ngezilwanyana.
8. Sisiphi isizathu esikhethekileyo esinaso sokucinga ngenyameko ngePasika?
8 Ngokuyingenelo amaKristu anokuyihlolisisa yonke imisitho uThixo awawayalela ngayo amaSirayeli amandulo,a kodwa ngoku sifanele siqwalasele ngokukhethekileyo iinkalo ezithile zePasika. UYesu, owayengumYuda, wayigcina iPasika. Kwisihlandlo sokugqibela esenjenjalo, wabalaselisa ekuphela komsitho ongcwele wamaKristu—iSidlo seNkosi Sangokuhlwa, isikhumbuzo sokufa kukaYesu. Ngoko to msitho wamaKristu unxulunyaniswa nePasika.
Okungaphezu Kwexhwane LePasika
9, 10. Ixhwane lePasika lalilidini elikhethekileyo okanye elifaneleke njani?
9 AmaHebhere 10:1 asixelela ukuba ‘uMthetho wawusisithunzi sezinto ezilungileyo ezaziza kuza.’ ICyclopædia of Biblical, Theological, and Ecclesiastical Literature, kaM’Clintock noStrong, ithi: “Akukho simbi isithunzi sezinto ezilungileyo esiza kuza esiqukiweyo emthethweni esinokukhuphisana nomsitho wePasika.” Ngokukhethekileyo ixhwane lePasika lalinentsingiselo edlulela ngaphaya komsitho osisikhumbuzo sendlela uThixo awasindisa ngayo amazibulo waza emva koko wasindisa onke amaHebhere ewakhupha eYiputa.
10 Elo xhwane lalikhetheke ngenxa yeenkalo ezininzi. Ngokomzekelo, amadini amaninzi ezilwanyana oMthetho kaMoses ayenikelwa ngumntu omnye ngenxa yezono okanye izikreqo zakhe, yaye iinyama ezithile zesilwanyana sedini zazitshiselwa esibingelelweni. (Levitikus 4:22-35) Inyama ethile kuloo mthendeleko yayinikwa umbingeleli omkhulu okanye abanye ababingeleli. (Levitikus 7:11-38) Noko ke, ixhwane lePasika lalingasetyenziswa esibingelelweni, ibe lalinikelwa liqela labantu, ngokuqhelekileyo intsapho, elalidliwa yiyo.—Eksodus 12:4, 8-11.
11. UYehova wayeligqala njani ixhwane lePasika, yaye oku kwakukhokelela entwenini? (Numeri 9:13)
11 UYehova wayelixabise kunene ixhwane lePasika kangangokuba walibiza ngokuthi ‘umbingelelo wam.’ (Eksodus 23:18; 34:25) Abaphengululi baye bathi “idini lePasika yayilidini likaYehova elaliwadlula onke amanye.” Alinakukhanyelwa elokuba, eli xhwane lalisalathisela, okanye lifuzisela idini likaYesu. Oku sikwazi ngenxa yokuba umpostile uPawulos wambiza uYesu ngokuba ‘uyipasika yethu, esiyibingelelweyo.’ (1 Korinte 5:7) UYesu wabizwa ngokuba ‘yiMvana kaThixo’ nangokuba ‘yiMvana eyaxhelwayo.’—Yohane 1:29; ISityhilelo 5:12; IZenzo 8:32.
Igazi Elisindisa Ubomi
12. Igazi lexhwane lalinayiphi indima kwiPasika yokuqala?
12 Mandulo phayaa eYiputa igazi lexhwane lalibalulekile ukuze ubani asindiswe. Xa uYehova wawabulalayo amazibulo, wagqitha kwizindlu ezazinegazi emigubasini. Ngaphezu koko, ngenxa yokuba amaHebhere ayengazilelanga kufa kwamazibulo awo, ayekwimeko entle yokuqhathula ewela uLwandle Olubomvu esiya enkululekweni.
13, 14. Igazi likaYesu libusindisa njani ubomi yaye kutheni lifuneka ukuze sisindiswe? (Efese 1:13)
13 Nanamhlanje igazi likwabandakanyekile elusindisweni—igazi likaYesu elaphalalayo. Ekubeni “yaye ke ikufuphi ipasika, umthendeleko wamaYuda” ngowama-32 C.E., uYesu wasixelela oku isihlwele esasimphulaphule: “Lowo uyidlayo eyam inyama, alisele elam igazi, unobomi obungunaphakade; ndaye mna ndiya kumvusa ngomhla wokugqibela. Kuba inyama yam ikukudla, inyaniso; negazi lam liluselo, inyaniso.” (Yohane 6:4, 54, 55) Onke amaYuda awayemphulaphule ayeya kucinga ngePasika eyayikufuphi nokuba igazi lexhwane lasetyenziswa eYiputa.
14 Ngoko uYesu wayengaxubushi ngemifuziselo eyayisetyenziswa kwiSidlo seNkosi Sangokuhlwa. Loo msitho mtsha wamaKristu wawungekamiselwa de kwangonyaka olandelayo, ngoko kwanabapostile abamvayo uYesu ngowama-32 C.E. babengazi nto ngawo. Sekunjalo, uYesu wayebonisa ukuba igazi lakhe lalifuneka ukuze ubani afumane usindiso olungunaphakade. UPawulos wacacisa: “Sinayo sikuye inkululeko ngokuhlawulelwa ngegazi lakhe, ukuxolelwa ke kweziphoso zethu, ngokobutyebi bobabalo lwakhe.” (Efese 1:7) Kungokuxolelwa ngesizinzi segazi likaYesu kuphela esinokuthi siphile ngonaphakade.
Luluphi Olo Sindiso Yaye Lolwaphi?
15. AmaHebhere aseYiputa, afumana luphi usindiso nawaphi amalungelo, ibe luluphi usindiso angazange alufumane? (1 Korinte 10:1-5)
15 Lusindiso olwalusikelwe umda kuphela olwalubandakanyekile kwiYiputa yamandulo. Akukho namnye owayephume eYiputa owayelindele ukufumana ubomi obungenasiphelo emva kwaloo Mfuduko. Enyanisweni, uThixo wanyula abaLevi ukuba babe ngababingeleli bolo hlanga, nabathile kwisizwe sakwaYuda ukuba babe ngookumkani bokwexeshana, kodwa bonke aba babeza kufa. (IZenzo 2:29; Hebhere 7:11, 23, 27) Ngoxa “inkitha engumxube” nayo eyalishiyayo elaseYiputa ingazange iwafumane loo malungelo, yona, ndawonye namaHebhere, yayinokuba nethemba lokufikela kwiLizwe Ledinga ize inandiphe ubomi obuqhelekileyo inqula uThixo. Sekunjalo, abakhonzi bakaYehova bangaphambi kokusekwa kobuKristu babenesizinzi sokuba nethemba lokuba, ngexesha elifanelekileyo, babenokunandipha ubomi obungenasiphelo emhlabeni, apho uThixo wayenenjongo yokuba uluntu luphile khona. Oku kwakuya kuvisisana nedinga likaYesu elikuYohane 6:54.
16. Luhlobo olunjani losindiso abakhonzi bakaThixo bamandulo ababenokuba nethemba lwalo?
16 UThixo wasebenzisa abanye babakhonzi bakhe bamandulo ukuba babhale amazwi achukumisayo angokudalwa komhlaba ukuze umiwe nokuba abalungileyo baya kuhlala kuwo ngonaphakade. (INdumiso 37:9-11; IMizekeliso 2:21, 22; Isaya 45:18) Kanti, abanquli bokwenyaniso babenokulufumana njani usindiso olunjalo ukuba babefile? Ngokubabuyisela kukaThixo kubomi basemhlabeni. Ngokomzekelo, uYobhi wayebonakala enethemba lokuba wayeya kukhunjulwa aze abizelwe ebomini kwakhona. (Yobhi 14:13-15; Daniyeli 12:13) Ngokucacileyo, olunye uhlobo losindiso lububomi obungunaphakade emhlabeni.—Mateyu 11:11.
17. IBhayibhile ibonisa ukuba abanye banokuzuza luphi usindiso olwahlukileyo?
17 Kwakhona iBhayibhile ithetha ngokusindiselwa kubomi basezulwini, apho uYesu Kristu waya khona emva kokuvuswa kwakhe. “Osekunene kukaThixo, eye emazulwini, kwakubon’ ukuba kuthotyelwe phantsi kwakhe izithunywa zezulu, noomagunya, namandla.” (1 Petros 3:18, 22; Efese 1:20-22; Hebhere 9:24) Kodwa uYesu akayi kuba ngokuphela komntu othatyathelwe ezulwini. UThixo uye wamisela ukuba uya kuphinda athabathe abanye emhlabeni abambalwa ngentelekiso. UYesu waxelela abapostile oku: “Endlwini kaBawo zininzi iindawo zokuhlala. . . . Ndiyemka, ndiya kunilungiselela indawo; ukuba ke ndimkile ndaya kunilungiselela indawo, ndiya kubuya ndize, ndinamkelele kum ngokwam; ukuze apho ndikhona mna, nibe khona nani.”—Yohane 14:2, 3.
18. Ngoku sinasiphi isizathu sokunikela ingqalelo yethu kusindiso lobomi basezulwini?
18 Ngokuqinisekileyo ukusindiselwa kubomi basezulwini ndawonye noYesu kuzuke ngakumbi kunosindiso olwalusikelwe umda olwalubandakanyekile ngePasika yokuqala. (2 Timoti 2:10) Kwakungokuhlwa ngomhla weSidlo sePasika sokugqibela esifanelekileyo, awathi uYesu wamisela abalandeli bakhe umsitho omtsha, owawugxininisa ekusindiselweni kubomi basezulwini. Wabaxelela oku abapostile: “Oku kwenzeleni ukundikhumbula.” (Luka 22:19) Ngaphambi kokuba siqwalasele indlela amaKristu afanele awugcine ngayo to msitho, makhe siqwalasele umbandela ongexesha esifanele siwenze ngalo.
“Ixesha Elimisiweyo”
19. Kutheni kusengqiqweni nje ukunxulumanisa iPasika neSidlo SeNkosi Sangokuhlwa?
19 UYesu wayethe: “Asikuko nokuba ndinqwenile ukuyidla nani le pasika, ndingekabuva ubunzima.” (Luka 22:15) Emva koko wamisela iSidlo seNkosi Sangokuhlwa, eso abafundi bakhe babemele basigcine njengesikhumbuzo sokufa kwakhe. (Luka 22:19, 20) IPasika yayisenziwa kanye ngonyaka. Ngenxa yoko, kusengqiqweni ukuba iSidlo seNkosi Sangokuhlwa senziwe kanye ngonyaka. Nini? Ngokusengqiqweni, ngentlakohlaza ngexesha lePasika. Oku bekuya kuthetha ukuba kuxa ingumhla kaNisan 14 (ngokwekhalenda yamaYuda), kunokuba sisoloko sisenziwa ngoLwesihlanu ngenxa yokuba olo yayilusuku lweveki uYesu awafa ngalo.
20. Kutheni amaNgqina kaYehova enomdla kuNisan 14?
20 Ngoko uNisan 14 wayeya kuba lusuku uPawulos awayecinga ngalo xa wabhalayo esithi: “Kuba ngamaxesha onke enisukuba nisidla eso sonka, niyisele loo ndebe, niyakwazisa ukufa kweNkosi, ide ifike.” (1 Korinte 11:26) Kwiinkulungwane ezimbini ezalandelayo, amaKristu amaninzi awayewugcinile umhla kaNisan 14, athi aziwa ngokuba ngamaQuartodecimans, ukususela kwigama lesiLatini elithetha “olwe-14.” OkaM’Clintock nokaStrong banikela le ngxelo: “Iicawa zaseAsia Minor zazisenza umsitho wokufa kweNkosi ngosuku olwalungqinelana nolwe-14 kwinyanga enguNisan, suku olo, ngokoluvo lwayo yonke iCawa yamandulo, eyabethelelwa ngalo. Namhlanje, amaNgqina kaYehova aqhuba iSidlo seNkosi Sangokuhlwa nyaka ngamnye ngosuku olungqinelana noNisan 14. Noko ke, bambi baye baphawula ukuba, oku kusenokwahluka kusuku lwaxa amaYuda ayesenza iPasika yawo. Kutheni?
21. Kwakufuneka lixhelwe nini ixhwane lePasika, kodwa enza ntoni amaYuda namhlanje?
21 Usuku lwamaHebhere lwalususela ekutshoneni kwelanga (malunga nentsimbi yesithandathu) ukuya ekutshoneni kwelanga kusuku olulandelayo. UThixo wayalela ukuba ixhwane lePasika lixhelwe ngoNisan 14 “phakathi kobusuku obubini.” (Eksodus 12:6, NW) Laliya kuba nini elo xesha? AmaYuda anamhla anamathela kwimbono yabefundisi bawo yokuba ixhwane kwakufuneka lixhelwe ngasekupheleni koNisan 14, phakathi kwexesha lokuqalisa kokuthambeka kwelanga (malunga nentsimbi yesithathu) nokutshona kwalo. Ngenxa yoku, iSidlo sabo sePasika babesenza emva kokutshona kwelanga, xa sekuqalise uNisan 15.—Marko 1:32.
22. Siyintoni isizathu esenza ukuba umhla weSikhumbuzo ube usenokwahluka kumhla amaYuda enza ngawo iPasika yawo? (Marko 14:17; Yohane 13:30)
22 Noko ke, sinesizathu esihle sokuliqonda ngokwahlukileyo elo binzana. Ngokucacileyo iDuteronomi 16:6 yawaxelela amaSirayeli ukuba “alixhele idini lepasika, ngokuhlwa, ukutshona kwelanga.” (Inguqulelo eyiTanakh yamaYuda) Oku kubonisa ukuba ukuthi “phakathi kobusuku obubini” kubhekisela kwixesha langorhatya, ukususela ekutshoneni kwelanga (ukuqalisa kosuku lukaNisan 14) ukuya kubusuku bokwenene. AmaYuda amandulo angamaKaraiteb ayekuqonda ngale ndlela oku, njengokuba kunjalo nangamaSamariyac de kube namhlanje. Ukwamkela kwethu ukuba ixhwane lePasika lalixhelwa lize lidliwe “ngexesha layo” ngoNisan 14, kungekhona ngoNisan 15, sesinye sezizathu zokuba usuku lwethu lweSikhumbuzo maxa wambi lusahluka kusuku lwamaYuda.—Numeri 9:2-5.
23. Kutheni kusongezelelwa iinyanga kwikhalenda yamaYuda, yaye oku kusingathwa njani ngamaYuda anamhlanje?
23 Esinye isizathu esibangela ukuba usuku lwethu lwahluke kolo lwamaYuda sesokuba asebenzisa ikhalenda emiselwe kwangaphambili, inkqubo engazange isekwe de kwayinkulungwane yesine yeXesha lethu Eliqhelekileyo. Esebenzisa le nkqubo, asenokumisela iintsuku ezingqamana noNisan 1 okanye zemisitho amashumi eminyaka okanye iinkulungwane kusengaphambili. Ngaphezu koko, kwakufuneka ukuba ikhalenda yonyaka yamandulo ibe nenyanga ye-13 eyayisongezelelwa ngamaxesha athile ukuze ikhalenda ibe iya kuhambisana namaxesha onyaka. Ikhalenda yamaYuda yanamhla yongezelela le nyanga ngamaxesha amiselweyo; kumjikelo weminyaka eli-19, yongezelelwa kunyaka wesi-3, 6, 8, 11, 14, 17 nowe-19.
24, 25. (a) Ngexesha likaYesu, iinyanga nemfuneko yokongezelelwa kwazo kwamiselwa njani? (b) AmaNgqina kaYehova awumisela njani umhla weSidlo seNkosi Sangokuhlwa?
24 Noko ke, uEmil Schürer uthi “ngexesha lobukho bukaYesu [amaYuda] ayengekabi nakhalenda imiselweyo, kodwa ngokusekelwe kumava, inyanga nganye entsha ayiqalisa ngokuvela kwenyanga ezeleyo, yaye ngokufanayo ngokusekelwe koko ayekuphawulile” okongezelela inyanga xa yayifuneka. “Ukuba kwakuphawulwe ukuba ngasekupheleni konyaka iPasika yayiya kufika ngaphambi kokuqalisa kwentlakohlaza [malunga noMatshi 21], kwakufakelwa inyanga ngaphambi kukaNisan.” (The History of the Jewish People in the Age of Jesus Christ, Umqulu 1) Ngaloo ndlela ngokuzenzekelayo kwakufakelwa inyanga eyongezelelekileyo, ingafakelwa ngokuzithandela komntu ngamnye.
25 IQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova liwufumanisa umhla weSidlo seNkosi Sangokuhlwa ngokuvisisana nenkqubo yamandulo. UNisan 1 ufunyaniswa ngokukhangela ixesha enokuphawulwa ngalo inyanga xa imnyama neyona ikufuphi nentlakohlaza ekutshoneni kwelanga eYerusalem. Ukubala iintsuku ezili-14 ukususela apho kufikisa ubani kuNisan 14, suku olo ngokuqhelekileyo lungqamana nosuku lwaxa inyanga isisonka. (Bona IMboniselo yesiNgesi kaJuni 15, 1977, iphepha 383-4.) Ngokwesizinzi sale nkqubo yeBhayibhile, amaNgqina kaYehova ehlabathini lonke aye axelelwa ukuba umsitho weSikhumbuzo kulo nyaka uya kuba semva kokutshona kwelanga ngoAprili 10.
26. Ziziphi iinkalo ezongezelelekileyo zeSidlo seNkosi Sangokuhlwa esimele siziqwalasele?
26 Olu suku lungqamana noNisan 14, suku olo uYesu awaqhuba ngalo iPasika efanelekileyo yokugqibela. Noko ke, ukwenziwa komsitho weSikhumbuzo kuzisa engqalelweni usindiso olungaphezu kolo lwalukhunjuzwa ngeSidlo sePasika samaYuda. Sonke sifanele sikuqonde oko kwenzekayo ebudeni beSidlo seNkosi Sangokuhlwa, intsingiselo yaso nendlela olubandakanyeke ngayo usindiso lwethu.
[Imibhalo esemazantsi]
a Bona IMboniselo ka-Agasti 15, 1980, iphepha 9-26.
b Lo kaM’Clintock nokaStrong bawachaza ‘njengawona mahlelo akudala nawona awayebalasele kwindlu yesikhungu yamaYuda, awayenenkqubo ekhethekileyo eyayinamathela ngokungqongqo kumthetho obhaliweyo.’
c Alixhela ixhwane ngokuhlwa . . . Ezinzulwini zobusuku intsapho nganye itya loo nyama . . . ize inyama namathambo ashiyekileyo zitshiswe ngaphambi kokuba kuse . . . Bambi abaphengululi baye bacinga ukuba unqulo lwamaSamariya lusenokuba lulufanekisela ngokusondeleyo unqulo lweBhayibhile lwangaphambi kokuba abafundisi abangamaYuda baluguqule.”—The Origins of the Seder.
Ubuya Kuphendula Njani?
◻ Kutheni iPasika ngokufanelekileyo inxulunyaniswa nosindiso?
◻ Idini likaYesu linokuphumeza okungakumbi njani kunoko kwaphunyezwa lixhwane lePasika?
◻ Luluphi usindiso olufumaneka ngoYesu?
◻ AmaNgqina kaYehova alimisela njani ixesha elifanelekileyo leSidlo seNkosi Sangokuhlwa?