“Ndongezelele Ukholo Apho Ndisilela Khona!”
“Uyise womntwana lowo, wathi: ‘Ndiyakholwa! Ndongezelele ukholo apho ndisilela khona!’”—MARKO 9:24, NW.
1. Yintoni eyabangela ukuba omnye ubawo athi, “Ndongezelele ukholo apho ndisilela khona”?
UYISE wenkwenkwe eneedemon wayemi phambi koYesu Kristu. Hayi indlela loo ndoda eyayikulangazelela ngayo ukuba umntwana wayo aphiliswe! Abafundi bakaYesu babeswele ukholo olwaneleyo lokukhupha loo demon, kodwa lo bawo wabongoza: “Ndiyakholwa! Ndongezelele ukholo apho ndisilela khona!” Wandula ke uYesu, ngamandla awayewanikwe nguThixo, wayikhupha loo demon, ngokungathandabuzekiyo elomeleza ukholo loyise waloo nkwenkwe.—Marko 9:14-29, NW.
2. Ngokuphathelele ukholo, ziziphi izinto ezimbini amaKristu angenazintloni ngazo?
2 Njengoyise waloo nkwenkwe owayenethemba, umkhonzi kaYehova onyanisekileyo akanazintloni ukuthi: “Ndiyakholwa!” Abagxeki basenokuwakhanyela amandla kaThixo, ukunyaniseka kweLizwi lakhe, kwanobukho bakhe. Kodwa amaKristu okwenyaniso avuma ngokulula ukuba ayakholwa kuYehova uThixo. Kanti, xa bethetha ngasese noYise wasezulwini emthandazweni, kwa-aba bantu banye basenokwenza isibongozo esithi: “Ndongezelele ukholo apho ndisilela khona!” Oku bakwenza bengenazintloni, besazi ukuba kwanabapostile bakaYesu Kristu bacela bathi: “Songezelele ukholo.”—Luka 17:5.
3. Yintoni ephawulekayo ngendlela uYohane awalisebenzisa ngayo igama “ukholo” kwincwadi yakhe yeVangeli, yaye kutheni kwakufanelekile nje oku?
3 IZibhalo zamaKristu zesiGrike ngokukhethekileyo zinokuninzi ezikuthethayo ngokholo. Enyanisweni, incwadi yeVangeli kaYohane isebenzisa amagama awahlukahlukeneyo ahlobene nelithi “ukholo” izihlando ezingaphezu kwama-40 ekhulwini ngaphezu kwazo zonke ezinye iincwadi zeVangeli ezintathu zidibene. UYohane ubethelela ukuba ukuba nokholo akwanele; ukulubonakalisa kubalulekile. Ebhala malunga nowama-98 C.E., uYohane wabona umoya wowexuko uqalisa ukuthwethwa ukuze ubambise amaKristu anokholo olubuthathaka. (IZenzo 20:28-30; 2 Petros 2:1-3; 1 Yohane 2:18, 19) Ngoko kwakubalulekile ukubonakalisa ukholo, ukulungqina ngezenzo zokuhlonel’ uThixo. Kwakuseza kufika amaxesha anzima.
4. Kutheni kungekho nto ingenakwenzeka kwabo banokholo?
4 Ukholo lunceda amaKristu amelane nazo naziphi na iinzima. UYesu waxelela abafundi bakhe ukuba ukuba ‘babenokholo olungangokhozo lwemostade,’ akukho nto yayinokubanqabela. (Mateyu 17:20) Ngaloo ndlela, wagxininisa amandla okholo, isiqhamo somoya oyingcwele. Ngaloo ndlela uYesu wabethelela oko kwakunokwenziwa ngumoya kaThixo, okanye amandla asebenzayo, kungekhona okwakunokwenziwa ngabantu. Abo bakhokelwa nguwo imiqobo emincinane abayenzi inge ziintaba. Ukusebenzisa ubulumko ababufumana kumoya kaThixo kuyabanceda bagcine izinto zingeendawo zazo. Kwaneengxaki ezinzulu ziba ncinane xa kuhlangatyezwana nazo ngamandla okholo.—Mateyu 21:21, 22; Marko 11:22-24; Luka 17:5, 6.
Ukuthandazela Ukuba Ukholo Lungapheli
5-7. (a) Ngawaphi amazwi asisilumkiso uYesu awawathethayo ngokuphathelele ukholo xa wayesungula iSikhumbuzo? (b) Ukholo lukaPetros lwamnceda njani akwazi ukomeleza abazalwana bakhe?
5 Ngowama-33 C.E., uYesu wenza umsitho wePasika nabafundi bakhe okokugqibela. Waza, emva kokugxotha uYuda Sikariyoti, waqalisa umsitho weSikhumbuzo, esithi: “Ndinimisela ubukumkani, njengokuba uBawo endimisele mna . . . Simon, Simon, uyabona, uSathana ubenibanga, ukuba anele njengengqolowa. Ke mna ndikhungile ngawe, ukuba ukholo lwakho lungapheli; nawe ke, xa ubuye wabuya, uze ubazimase abazalwana bakho.”—Luka 22:28-32.
6 UYesu wathandazela ukuba ukholo lukaSimon Petros lungapheli. Nangona uPetros ngokuqiniseka okugqithiseleyo waqhayisa esithi wayengayi kuze amkhanyele uYesu, kungekudala emva koko wenjenjalo izihlandlo ezithathu. (Luka 22:33, 34, 54-62) Enyanisweni, kwathi kusakubethwa uMalusi ngokufa nto leyo eyayixelwe kwangaphambili, izimvu zachithakala. (Zekariya 13:7; Marko 14:27) Noko ke, xa uPetros wabuyel’ ezingqondweni emva kokuwela kwakhe kumgibe wokoyika, wabomeleza abazalwana bakhe bokomoya. Waphakamisa umbandela wokuba kufunwe umntu owayeza kuthabatha indawo kaYuda Sikariyoti owayengathembekanga. Emela abapostile njengesithethi ngePentekoste yowama-33 C.E., uPetros wasebenzisa esokuqala ‘kwizitshixo’ uYesu awayemnike zona, evulela amaYuda indlela yokuba ngamalungu oBukumkani. (Mateyu 16:19; IZenzo 1:15–2:41) USathana wayefuna ukwela abapostile njengengqolowa, kodwa uThixo waqinisekisa ukuba ukholo lwabo alupheli.
7 Khawuthelekelele indlela anokuba uPetros wavakalelwa ngayo xa weva uYesu esithi: “Ndikhungile ngawe, ukuba ukholo lwakho lungapheli.” Khawufan’ ucinge! INkosi yakhe yayithandazele ukuba ukholo lukaPetros lungapheli. Yaye aluzange luphele. Enyanisweni, ngomhla wePentekoste, uPetros nabanye baba ngabantu bokuqala abathanjiswa ngomoya oyingcwele ukuba babe ngabantwana bakaThixo bokomoya, abanethemba lokuba ziindlalifa kunye noKristu kuzuko lwasezulwini. Ekubeni umoya oyingcwele wawusebenza kubo ngelo xesha ngomlinganiselo ongazange usebenze ngawo ngaphambili, babenokubonakalisa isiqhamo sawo, kuquka ukholo, ngaphezu kunanini ngaphambili. Enjani yona ukufaneleka impendulo kwisicelo sabo esithi: “Songezelele ukholo”!—Luka 17:5; Galati 3:2, 22-26; 5:22, 23.
Ukujamelana Neemvavanyo Ezizayo Ngokholo
8. Sisiphi isilumkiso esisexesheni intlangano eye yasinikela kuthi ngokuphathelele ukuzaliseka kweyoku-1 kwabaseTesalonika 5:3?
8 Njengenzaliseko yesiprofeto seBhayibhile, kungekudala siza kuva isibhengezo esithi “Luxolo nokunqaba!” (1 Tesalonika 5:3) Ngaba oku kungaluvavanya ukholo lwethu? Ewe, kuba sisengozini yokufikelwa singalindele koko kusenokubonakala ngathi kukuphumelela kweentlanga ekuziseni uxolo. Kodwa asiyi kuchatshazelwa ngumoya wabo babhengezi boxolo ukuba sihlala sikhumbula ukuba uYehova uThixo akasebenzisi namnye koothunywashe behlabathi ukuzalisekisa loo njongo. Uneyakhe indlela yokuzisa uxolo lokwenyaniso, yaye kuphela kungoBukumkani bakhe obulawulwa nguYesu Kristu. Ngenxa yoko, nayiphi na impumelelo iintlanga ezisenokuba nayo ekumiseleni uxolo, iya kuba yeyokwexeshana nje kuphela. Ukusinceda sihlale siphaphile kule nkalo, ‘umkhonzi othembekileyo noqondayo’ uya kuqhubeka epapasha izilumkiso ezisexesheni ukuze abakhonzi bakaYehova bangafunyanwa bengalindele seso sibhengezo senkohliso ‘Soxolo nokunqaba’ esivakaliswa ziintlanga zale nkqubo indala yezinto.—Mateyu 24:45-47.
9. Kutheni ukutshatyalaliswa kweBhabhiloni Enkulu kuya kufuna sibe nenkalipho nokholo?
9 Isibhengezo esithi “Luxolo nokunqaba!” siya kuba ngumqondiso ‘wentshabalaliso yebhaqo’ eya kufikela iBhabhiloni Enkulu, ubukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki. (ISityhilelo 17:1-6; 18:4, 5) Nako oku kuya kuluvavanya ukholo lwamaKristu. Ekubeni unqulo lobuxoki luya kube luwohloka, ngaba amaNgqina kaYehova aya kuma eqinile elukholweni? Kakade aya kwenjenjalo. Esi siganeko—singalindelekanga yaye singummangaliso kubantu abaninzi—asiyi kwenziwa ngabantu. Abantu bamele bazi ukuba enyanisweni nguYehova ogwebayo, engcwalisa igama esele kukudala unqulo lobuxoki laligculela. Kodwa abantu banokwazi njani ngaphandle kokuba kubekho uthile obaxelelayo? Yaye ngoobani ngaphandle kwamaNgqina kaYehova ekunokulindelwa ukuba babaxelele?—Thelekisa uHezekile 35:14, 15; Roma 10:13-15.
10. Intlaselo kaGogi kubantu bakaYehova nayo iya kuba luvavanyo lokholo njani?
10 AmaNgqina kaYehova athanjisiweyo namaqabane awo anethemba lokuphila emhlabeni aye anenkalipho efunekayo yokuxelela abanye ngokuphunyezwa okusondeleyo komgwebo kaYehova kwiBhabhiloni Enkulu nakuyo yonke inkqubo kaSathana yezinto. (2 Korinte 4:4) NjengoGogi wakwaMagogi, okuthetha ukuba kwimeko yokuthotywa akuyo ngoku, uSathana uya kukhokela imikhosi yakhe yasemhlabeni ukuba iphume iphulo lokuhlasela abantu bakaThixo. Ukholo kumandla kaThixo okukhusela amaNgqina kaYehova luya kuvavanywa. Sinokukholwa ukuba njengokuba iLizwi likaThixo laxela kwangaphambili, uYehova uya kubahlangula abantu bakhe.—Hezekile 38:16; 39:18-23.
11, 12. (a) Yintoni eyaqinisekisa ukusindiswa kukaNowa nentsapho yakhe ebudeni boMkhukula? (b) Yintoni ekungayi kuba yimfuneko ukuba sizikhathaze ngayo ebudeni bembandezelo enkulu?
11 Okwangoku, asazi ngokuthe ngqo indlela uYehova aya kubakhusela ngayo abantu bakhe ebudeni ‘bembandezelo enkulu,’ kodwa eso ayisosizathu sakuthandabuza ukuba uya kwenjenjalo. (Mateyu 24:21, 22) Imeko yabakhonzi bakaThixo namhlanje iya kuba njengaleyo uNowa nentsapho yakhe abazifumana bekuyo ebudeni boMkhukula. Bevalelwe emkhombeni yaye amanzi entshabalaliso enyuka nxa zonke, ngokunokwenzeka babekhwankqisiwe yindlela awabonakaliswa ngayo amandla kaThixo yaye bamele ukuba babethandaza ngokunyanisekileyo. Akukho bungqina obungokweZibhalo obubonisa ukuba babekhathazekile baza bazibuza: ‘Ngaba umkhombe uzinze ngokwaneleyo ukuba ungamelana nala mandla entshabalaliso? Ngaba sinokudla okunokusanela de uMkhukula uphele? Ngaba siya kukwazi ukumelana neemeko eziguqukileyo zomhlaba emva koku?’ Iimeko ezalandelayo zangqina ukuba kwakungeyomfuneko ukuzikhathaza ngezo zinto.
12 Ukuqinisekisa ukusinda kwabo, uNowa nentsapho yakhe kwakufuneka babonakalise ukholo. Oku kwakuthetha ukulandela imiyalelo nokhokelo lomoya oyingcwele kaThixo. Ebudeni bembandezelo enkulu, kuya kuba kuyinto ebaluleke ngokufanayo ukulandela ukhokelo lomoya oyingcwele size sithobele imiyalelo kaYehova ayidlulisela ngentlangano yakhe. Siya kwandula ke singabi nasizathu sakukhathazeka size sizibuze: ‘Ziya kwaneliswa njani iintswelo zethu zokomoya nezezinto eziphathekayo? Liliphi ilungiselelo eliya kwenzelwa abantu abakhulileyo okanye abo bafuna ukunyanyekelwa ngokukhethekileyo ngezamayeza? UYehova uya kusenza njani sikwazi ukusindela kwihlabathi elitsha?’ Ngokholo olomeleleyo, bonke abakhonzi bakaYehova abanyanisekileyo baya kushiyela konke ezandleni zakhe ezinamandla.—Thelekisa uMateyu 6:25-33.
13. Isakuba iqalisile imbandezelo enkulu, kutheni kuya kufuneka sibe nokholo olunjengoluka-Abraham?
13 Yakuba iqalisile imbandezelo enkulu, alithandabuzeki elokuba ukholo lwethu kuThixo luya komelezwa kakhulu. Ngapha koko, siya kubona ukuba uThixo uphumeza oko wathi uya kukwenza. Siya kube sizibonela ngawethu amehlo xa ephumeza umgwebo! Kodwa ngaba thina ngokobuqu siya kuba nokholo ngokwaneleyo ukuba sikholelwe ukuba ngoxa etshabalalisa abangendawo, uThixo uya kubalondoloza abantu bakhe? Ngaba siya kuba njengoAbraham, owaba nokholo lokuba ‘uMgwebi wehlabathi lonke uya kwenza okusesikweni,’ angawatshabalalisi amalungisa kunye nabangendawo?—Genesis 18:23, 25.
14. Yiyiphi imibuzo efanele isenze sihlolisise ukholo lwethu size sisebenze nzima silomeleza?
14 Hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuba sakhe ukholo lwethu ngoku! Ekubeni isiphelo sale nkqubo yezinto sisondele kangaka, masivumele umoya kaThixo usishukumisele ‘kwihambo engcwele nokuhlonela uThixo.’ (2 Petros 3:11-14) Ngoko ke ebudeni bembandezelo enkulu asiyi kuba neengcinga eziphazamisayo ezinjengezi: ‘Ngaba ndiyafaneleka ukuba ndingakhuselwa nguYehova? Ngaba ngendenze okungakumbi enkonzweni yakhe? Ngaba ndizibhokoxa ngokwaneleyo ndizama ukwambatha “ubuntu obutsha”? Ngaba ndiluhlobo lomntu uYehova alufunayo kwihlabathi elitsha?’ Imibuzo ephazamisayo enjalo ifanele isibangele sihlolisise ukholo lwethu yaye sisebenze ngamandla ukulomeleza kanye ngoku!—Kolose 3:8-10.
Ukholo Lokusiphilisa
15. Maxa wambi yintoni uYesu awayeyixelela abo wayebaphilisa, kodwa kutheni oku kungaxhasi ukuphilisa ngokholo okwenziwayo namhlanje?
15 UYesu akazange imisebenzi yakhe yokuphilisa ngokwenyama ayiphelelisele kubantu abanokholo. (Yohane 5:5-9, 13) Ngoko umsebenzi wakhe awuyixhasi imfundiso engekho ngokwezibhalo yokuphilisa ngokholo. Liyinyaniso elokuba, maxa wambi uYesu waxelela abo wayebaphilisa oku: “Ukholo lwakho lukusindisile.” (Mateyu 9:22; Marko 5:34; 10:52; Luka 8:48; 17:19; 18:42) Kodwa ngokuthetha oku, wayesalatha inyaniso ecacileyo kuphela: Ukuba abo bagulayo babengenalo ukholo kumandla kaYesu okuphilisa, ngebabengezanga kuye ukuba abaphilise.
16. Nguwuphi umsebenzi wokuphilisa uYesu awalathisayo namhlanje?
16 Namhlanje, uYesu Kristu walathisa umsebenzi wokuphilisa ngokomoya, yaye abantu abangaphezu kwezi-4 000 000 basendleleni yokungenelwa kuwo. BengamaNgqina kaYehova, banandipha impilo yokomoya phezu kwako nje nakuphi na ukugula ngokwasenyameni abasenokuba banako. AmaKristu athanjisiweyo phakathi kwawo anethemba lokuphila ezulwini, yaye ‘axunela kwizinto ezingabonwayo.’ (2 Korinte 4:16-18; 5:6, 7) Yaye amaKristu anethemba lokuphila emhlabeni akhangele phambili ekuphilisweni ngokwasemzimbeni nto leyo eya kwenziwa kwihlabathi likaThixo elitsha.
17, 18. Liliphi ilungiselelo likaYehova elichazwe kwiSityhilelo 22:1, 2, yaye kutheni ukholo lufuneka ukuze singenelwe kulo?
17 Umpostile uYohane wabhekisela kumalungiselelo kaThixo obomi obungunaphakade kula mazwi akhe akwiSityhilelo 22:1, 2: “Sandibonisa umlambo wamanzi obomi, uqaqambile, ngathi ngumkhenkce, uphuma etroneni kaThixo neyeMvana. Phakathi kwesitrato sawo, ngapha nangapha komlambo, ngumthi wobomi, ovelisa iintlobo zeziqhamo ezilishumi elinambini, unika iinyanga ngeenyanga zonke isiqhamo sawo; aye amagqabi omthi lowo engawokuphilisa iintlanga.” “Amanzi obomi” aquka iLizwi likaThixo lenyaniso nawo onke amalungiselelo kaYehova okukhulula uluntu oluthobelayo kwisono nokufa nokulunika ubomi obungenasiphelo ngesizinzi sedini likaYesu lentlawulelo. (Efese 5:26; 1 Yohane 2:1, 2) Ngoxa besemhlabeni, abalandeli bakaYesu abathanjisiweyo abali-144 000 basela kwilungiselelo likaThixo lobomi ngoKristu yaye babizwa ngokuba “yimithi emikhulu yobulungisa.” (Isaya 61:1-3, NW; ISityhilelo 14:1-5) Bavelise isiqhamo esininzi somoya emhlabeni. Njengabavusiweyo ezulwini, ebudeni boLawulo lukaKristu Lweminyaka Eliwaka, baya kuba nesabelo ekudluliseleni amalungiselelo entlawulelo aya kunceda ‘ukuphilisa iintlanga’ esonweni nasekufeni.
18 Okukhona lomelele ukholo lwethu kula malungiselelo kaThixo, kokukhona siya kululandela ngokulula ukhokelo lomoya wakhe lokuba sithabathe kuwo. Imfezeko yokwenyama ngokucacileyo iya kuzuzwa njengoko umntu ebonakalisa ukholo kuKristu aze enze inkqubela ngokomoya. Nangona umntu eya kube ephiliswe ngokungummangaliso kwiziphene ezinzulu, uya kuya esondela ngakumbi emfezekweni njengoko esenza okulungileyo. Uya kuthabatha rhoqo kwilungiselelo likaThixo lokuphilisa ngokusebenza kwedini likaKristu. Ngoko ukholo luya kukuchaphazela ukufezekiswa kwethu ngokwenyama.
‘Nisindiswe Ngokholo’
19. Kutheni kubalulekile ukuba sihlale siqinile elukholweni?
19 Kude ukukhanya kwehlabathi likaThixo elitsha kubushenxise ngonaphakade ubumnyama beli hlabathi lingendawo, hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuba abakhonzi bakaYehova bahlale beqinile elukholweni! Abantu “abangakholwayo” baya kulahlelwa “edikeni elivutha umlilo nesulfure,” ukufa kwesibini. Ukuba akwenzekanga kwangoko, oku kuya kwenzeka emva kovavanyo lokugqibela ekupheleni koLawulo lukaKristu Lweminyaka Eliwaka. (ISityhilelo 20:6-10; 21:8) Hayi indlela abaya kusikelelwa ngayo abo baqhubeka bebonakalisa ukholo baze basinde ukuze banandiphe ikamva elingapheliyo!
20. Eyoku-1 kwabaseKorinte 13:13 iya kuba nentsingiselo ekhethekileyo njani ekupheleni koLawulo lukaKristu Lweminyaka Eliwaka?
20 Ngoko la mazwi kaPawulos akweyoku-1 kwabaseKorinte 13:13 aya kuba nentsingiselo ekhethekileyo: “Kuhleli ukholo, ithemba, uthando, ezo zinto zontathu; eyona inkulu ke kuzo apho luthando.” Akusayi kufuneka siqhubeke sibonakalisa ukholo lokuba idinga elikwiGenesis 3:15 liya kuba yinene okanye sithembe ukuba liya kuzaliseka. Oko kuya kuba kwenzekile. Njengabagcini bengqibelelo, siya kuqhubeka sithembele kuYehova, sinokholo kuye nakuNyana wakhe, yaye sibathanda njengabo bazalisekise esi siprofeto. Ngaphezu koko, uthando olunzulu nombulelo osuka entliziyweni ngokusindiswa kwethu luya kusisondeza kuThixo ngokuthi sizinikele kuye singaphazanyiswa nto kude kube ngunaphakade.—1 Petros 1:8, 9.
21. Yintoni esifanele siyenze thina namhlanje ukuze ‘sisindiswe ngokholo’?
21 Ngentlangano yakhe ebonakalayo, uYehova wenze amalungiselelo amangalisayo okomeleza ukholo. Wasebenzise onke kangangoko unako. Yibakho uze ube nenxaxheba rhoqo kwiintlanganiso zabantu bakaThixo. (Hebhere 10:24, 25) Fundisisa iLizwi lakhe neempapasho zamaKristu ngenkuthalo. Cela kuYehova umoya wakhe oyingcwele. (Luka 11:13) Xelisa ukholo lwabo bakhokela ngokuzithoba ebandleni. (Hebhere 13:7) Zixhathise izilingo zehlabathi. (Mateyu 6:9, 13) Ewe, uze ulwenze nzulu ulwalamano lwakho noYehova ngazo zonke iindlela. Ngaphezu kwako konke, qhubeka ubonakalisa ukholo. Uya kwandula ke ube phakathi kwabo bamkholisayo uYehova uze usindiswe, kuba uPawulos wathi: “Nisindiswe ngokubabalwa nangalo ukholo; nako oko kungaphumi kuni, kusisipho sikaThixo.”—Efese 2:8.
Ubuya Kuphendula Uthini?
◻ Luluphi uvavanyo lokholo esiza kujamelana nalo kungekudala?
◻ Ukholo lwethu lunokusiphilisa ngaziphi iindlela ezimbini?
◻ Ngokutsho kweyoku-1 kaPetros 1:9, sifanele sihlale sinokholo ithuba elide kangakanani?
◻ Ngawaphi amalungiselelo esinawo okomeleza ukholo lwethu?
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Njengobawo owaphiliselwa unyana wakhe nguYesu, ngaba uyayibona imfuneko yobuqu yokholo olungakumbi?
[Umfanekiso okwiphepha 17]
Kuya kufuneka ukholo olunjengolukaNowa nentsapho yakhe ukuze sisinde ‘kwimbandezelo enkulu’