INQAKU ELIFUNDWAYO 12
Simele Sithethe Xa Kutheni?
“Yonke into inexesha layo,. . . ixesha lokuthi cwaka nexesha lokuthetha.”—INTSHU. 3:1, 7.
INGOMA 124 Namathela KuYehova
IZINTO ESIZA KUZIFUNDAa
1. INtshumayeli 3:1, 7 isifundisa ntoni?
ABANYE bethu bakuthanda kakhulu ukuthetha. Kanti abanye bathule. Njengokuba umbhalo othathwe kuwo umxholo weli nqaku usitsho, kukho ixesha lokuthetha nexesha lokuthi cwaka. (Funda iNtshumayeli 3:1, 7.) Kodwa kusenokubakho abazalwana noodade esinokuthanda bathethe kakhulu, size sifune abanye bayeke ukuthetha kakhulu.
2. Ngubani omele asixelele ukuba simele sithethe xa kutheni nokuba simele sithethe njani?
2 NguYehova osinike isipho sokuthetha. (Eks. 4:10, 11; ISityhi. 4:11) ILizwi lakhe lisixelela indlela esimele sisisebenzise ngayo esi sipho. Kweli nqaku, siza kuthetha ngemizekelo eseBhayibhileni eza kusinceda sazi ukuba simele sithethe size sithule xa kutheni. Siza kubona nokuba uYehova uthini ngezinto esizithethayo kwabanye abantu. Ngoku, makhe sibone ukuba simele sithethe xa kutheni.
SIMELE SITHETHE XA KUTHENI?
3. EyabaseRoma 10:14 ithi simele sithethe xa kutheni?
3 Simele sikwazi ukuthetha ngoYehova nangoBukumkani nanini na. (Mat. 24:14; funda eyabaseRoma 10:14.) Xa sisenza loo nto, silinganisa uYesu. Enye into eyenza uYesu weza emhlabeni yayikukuxelela abantu inyaniso ngoTata wakhe. (Yoh. 18:37) Kodwa simele sikhumbule ukuba nendlela esithetha ngayo ibalulekile. Ngoko xa sithetha nabanye abantu ngoYehova simele sithethe “ngomoya ophantsi nangembeko,” size sizihloniphe izinto abazicingayo nezinto abazikholelwayo. (1 Pet. 3:15) Loo nto iza kusenza singathethi nje qha kodwa sibafundise size sibenze bayithande into esibafundisa yona.
4. IMizekeliso 9:9 ithi ukuthetha kungabanceda njani abantu?
4 Kufuneka abadala bathethe xa bebona umzalwana okanye udade ofuna ukuncedwa. Kuza kufuneka bakhethe ixesha elifanelekileyo lokuthetha naye ukuze bangamhlazi phambi kwabantu. Kusenokufuneka bathethe naye ecaleni. Abadala basoloko bezama ukuthetha ngendlela engazukumthoba isidima umntu. Nangona kunjalo, abayeki ukumbonisa imigaqo eseBhayibhileni enokumnceda enze izinto ngobulumko. (Funda iMizekeliso 9:9.) Kutheni kubalulekile ukuba sibe nesibindi xa kufuneka sithethile? Khawucinge ngale mizekelo mibini ingafaniyo: Owokuqala, kwakufuneka indoda ilungise oonyana bayo, kanti komnye, kwakufuneka ibhinqa lixelele umntu oza kuba ngukumkani ukuba wenze isigqibo esingafanelekanga.
5. UMbingeleli Omkhulu uEli akazange athethe xa kwakutheni?
5 UMbingeleli Omkhulu uEli wayenoonyana ababini awayebathanda kakhulu. Aba nyana babengamhloniphi uYehova. Babengababingeleli emnqubeni. Balisebenzisa kakubi igunya labo, abazihlonipha izinto ekwakunikelwa ngazo kuYehova baza baziphatha kakubi ngokwesondo. (1 Sam. 2:12-17, 22) NgokoMthetho kaMoses, babefanelwe kukufa, kodwa uEli wabathethisa nje waza wabayeka baqhubeka bekhonza emnqubeni. (Dut. 21:18-21) Wathini uYehova ngale nto yenziwa nguEli? Wathi: “Kutheni usoloko uhlonipha oonyana bakho ngaphezu kwam?” Emva koko uYehova wababulala.—1 Sam. 2:29, 34.
6. Yintoni esiyifundayo kwinto eyenziwa nguEli?
6 Kukho into ebalulekileyo esiyifundayo kwinto eyenziwa nguEli. Ukuba uyazi ukuba umhlobo okanye umntu wakowenu wophule umthetho kaThixo, kufuneka uthethe naye, umkhumbuze imigaqo kaYehova. Emva koko, kufuneka uqiniseke ukuba uyancedwa ngabadala. (Yak. 5:14) Asifuni ukufana noEli, sihloniphe umntu esizalana naye nesizalwa naye okanye umhlobo wethu ngaphezu koYehova. Kufuneka sibe nesibindi ukuze sikwazi ukulungisa umntu, ibe eso sibindi sinokwenza simncede loo mntu. Makhe sibone umahluko phakathi kwento eyenziwa nguEli neyenziwa libhinqa elingumSirayeli, uAbhigali.
7. Kwakutheni ukuze uAbhigali athethe noDavide?
7 UAbhigali wayeyinkosikazi yesityebi, uNabhali. Xa uDavide namadoda akhe babebaleka uKumkani uSawule, bahlala nabalusi bakaNabhali baza banqanda amasela awayefuna ukuba imfuyo kaNabhali. Ngaba uNabhali wababulela? Zange ababulele. Xa uDavide wamcela ukuba aphe amadoda akhe ukutya namanzi, uNabhali waba nomsindo waza wawathuka. (1 Sam. 25:5-8, 10-12, 14) Loo nto yenza uDavide wafuna ukubulala onke amadoda endlu kaNabhali. (1 Sam. 25:13, 22) Yintoni eyayiza kunceda ukuze ingenzeki le nto? UAbhigali wabona ukuba kufuneka ethethile. Ngoko waba nesibindi sokuya kula madoda ayi-400 awayelambile, enomsindo, ephethe nezixhobo waza wathetha noDavide.
8. Yintoni esiyifundayo kuAbhigali?
8 Xa uAbhigali wadibana noDavide, waba nesibindi xa wayethetha naye, wamhlonipha waza wamenza wafuna ukuyenza into awayemxelela yona. Nangona uAbhigali wayengamenzanga nto uDavide, wacela uxolo. Wamxelela ukuba uyamazi ukuba ngumntu olungileyo, ibe uza kwenza into efanelekileyo, waza wanethemba lokuba uYehova uza kumnceda. (1 Sam. 25:24, 26, 28, 33, 34) NjengoAbhigali, nathi simele sibe nesibindi size sithethe nomntu xa sibona ukuba wenza into eza kumfaka engxakini. (INdu. 141:5) Simele sithethe naye ngembeko, kodwa singoyiki. Xa simnceda, sibonisa ukuba singabahlobo bokwenene.—IMize. 27:17.
9-10. Yintoni abamele bayiqonde abadala xa belungisa abantu ebandleni?
9 Abona bantu kufuneka babe nesibindi sokuthetha nabantu abenza izinto ezingafanelekanga ebandleni, ngabadala. (Gal. 6:1) Bayaqonda ukuba nabo abafezekanga, ngoko banokufuna ukulungiswa ngenye imini. Kodwa loo nto ayibenzi bangabalungisi abanye abantu ebandleni. (2 Tim. 4:2; Tito 1:9) Xa belungisa umntu, basebenzisa isipho sabo sokuthetha, bamfundise ngobuchule benomonde. Bayabathanda abazalwana babo, ibe loo nto ibenza babancede. (IMize. 13:24) Kodwa eyona nto bayifunayo kukuhlonipha uYehova ngokuqiniseka ukuba iyathotyelwa imithetho yakhe nangokukhusela ibandla.—IZe. 20:28.
10 Ngoku sibonile ukuba simele sithethe xa kutheni. Kodwa ngamanye amaxesha kufuneka singathethi. Zeziphi iingxaki esinokuba nazo?
SIMELE SITHULE XA KUTHENI?
11. Ngowuphi umzekeliso owenziwa nguYakobi, ibe sinokuwusebenzisa njani thina?
11 Kusenokuba nzima ukuzibamba xa sifuna ukuthetha. UYakobi, owaphefumlelwa ukuba abhale iBhayibhile wayizekelisa kakuhle le ngxaki. Wathi: “Ukuba kukho ongenzi mpazamo xa ethetha, loo mntu ufezekile, ibe uyakwazi ukuwulawula ngomkhala wonke umzimba wakhe.” (Yak. 3:2, 3) Umkhala ufakwa kwintloko nasemlonyeni wehashe. Umntu okhwele ihashe usebenzisa lo mkhala xa efuna lihambe okanye lime. Ukuba lo mntu unokuwuphuncula, ihashe lisenokungalawuleki lize lonzakale okanye konzakale yena. Ngendlela efanayo, ukuba asikwazi ukuzibamba xa sifuna ukuthetha, kunokubakho iingxaki ezininzi. Makhe sithethe ngeemeko ezisenokufuna ukuba sizibambe.
12. Simele sizibambe xa kutheni?
12 Wenza njani xa udibana nomzalwana okanye udade onento ayaziyo angamele ayixelele abanye abantu? Ngokomzekelo, xa udibana nomntu ohlala kwilizwe esingavumelekanga ukuba sishumayele kulo, ngaba uye ufune ukumbuza ukuba bashumayela njani? Ngokuqinisekileyo xa umbuza, awufuni ukumfaka engxakini. Siyabathanda abazalwana bethu, ibe siyafuna ukuzazi izinto ezenzekayo kubo. Sifuna nokuzazi izinto esimele sizithethe xa sibathandazela. Kodwa ke, eli lixesha lokuba sizibambe. Ukuba siyamgrumba umntu ngento angamele ayithethe, loo nto ibonisa ukuba asimthandi ibe asibathandi nabazalwana noodade abamthembileyo ukuba akazukuxelela mntu ngendlela abashumayela ngayo. Ngokuqinisekileyo, akukho nomnye kuthi ofuna ukubafaka engxakini abazalwana noodadewethu abahlala kumazwe esingavumelekanga ukuba sishumayele kuwo. Nabo abazalwana noodade abahlala kuloo mazwe abafuni ukuchazela abanye abantu ngendlela amaNgqina akwelo lizwe ashumayela namkhonza ngayo uYehova.
13. IMizekeliso 11:13 ithi yintoni abamele bayenze abadala, ibe ngoba?
13 Abadala ngabona bantu bamele bawasebenzise amazwi akwiMizekeliso 11:13 ngokungazithethi izinto eziyimfihlo. (Yifunde.) Le nto inokuba yingxaki kakhulu kubadala abatshatileyo. Abantu abatshatileyo bathandana kakhulu xa bencokola qho ngezinto abazicingayo nangezinto ezibenza babe nexhala. Kodwa umdala uyaqonda ukuba akamele athethe “iimfihlo” zabazalwana noodade. Xa enokwenza loo nto, soze aphinde athenjwe ibe unokungcolisa negama lakhe. Abazalwana abakhokelayo abamele babe “namaqhinga” okanye babe ngamamene-mene. (1 Tim. 3:8; umbhalo osemazantsi) Loo nto ithetha ukuba abamele baqhathe abanye okanye bathande ukuhleba. Ukuba umdala uyamthanda unkosikazi wakhe, akazukumxelela izinto angamele azazi.
14. Inkosikazi inokumnceda njani umyeni wayo angalingcolisi igama lakhe?
14 Inkosikazi inokumnceda umyeni wayo angalingcolisi igama lakhe ngokungamgrumbi ukuba athethe ngezinto eziyimfihlo. Xa isenza le nto, ayincedi nje umyeni wayo kodwa ibonisa ukuba iyabahlonipha abantu abaxelele umyeni wayo izinto eziyimfihlo. Eyona nto ibaluleke kakhulu kukuba ivuyisa uYehova, ibe kubakho uxolo ebandleni baze abazalwana noodade bamanyane.—Roma 14:19.
UTHINI UYEHOVA NGEZINTO ESIZITHETHAYO?
15. Izinto ezathethwa ngamadoda amathathu zamenza wanjani uYehova, ibe ngoba?
15 Sinokufunda into eninzi kwincwadi kaYobhi ngokuba simele sithethe njani size sithethe xa kutheni. Emva kokuba uYobhi ehlelwe zizinto ezibuhlungu, amadoda amane aya kuye ukuze amthuthuzele aze amlungise. Loo madoda ahlala ixesha elide ethule. Kodwa kubonakala ukuba amathathu kuwo, uElifazi, uBhiledadi noTsofare, ayengathulanga kuba ecinga ngendlela awayenokumnceda ngayo uYobhi. Ayecinga ngendlela awayenokubonisa ngayo ukuba wenze into embi. Loo nto siyibona kwizinto awazithethayo. Zikhona izinto eziyinyani awazithethayo, kodwa ezininzi zazibuhlungu ibe zingeyonyani. Athi uYobhi wenze izinto ezimbi. (Yobhi 32:1-3) Wathini uYehova? Yamcaphukisa into eyathethwa ngala madoda. Wathi azizidenge waza wathi mawacele uYobhi ukuba awathandazele.—Yobhi 42:7-9.
16. Ziintoni esizifundayo kwizinto ezathethwa nguElifazi, uBhiledadi noTsofare?
16 Zininzi izinto esizifundayo kwizinto ezathethwa nguElifazi, uBhiledadi noTsofare. Okokuqala, simele singabagwebi abazalwana bethu. (Mat. 7:1-5) Kodwa kufuneka sibamamele kakuhle ngaphambi kokuba sithethe. Xa sisenza loo nto, siza kuyiqonda kakuhle ingxaki yabo. (1 Pet. 3:8) Okwesibini, simele siqiniseke ukuba xa sithetha, asithethi izinto ezingeyonyani okanye eziza kubakhathaza. (Efe. 4:25) Okwesithathu, uYehova unomdla kwizinto esizithetha kwabanye abantu.
17. Yintoni esiyifundayo kwinto eyenziwa nguElihu?
17 Umntu wesine owaya kuYobhi nguElihu, owayezalana noAbraham. Wayemamele xa la madoda mathathu ayethetha noYobhi. Kuyabonakala ukuba wayemamele kakuhle kuba wakwazi ukumthuthuzela nokumlungisa uYobhi. (Yobhi 33:1, 6, 17) Eyona nto wayeyifuna uElihu kukuba kuhlonitshwe uYehova kunokuba kuhlonitshwe yena okanye omnye umntu. (Yobhi 32:21, 22; 37:23, 24) Into eyenziwa nguElihu isifundisa ukuba kukho ixesha lokuthula ukuze simamele. (Yak. 1:19) Enye into esiyifundayo kukuba simele silungise abantu kuba sifuna kuhlonitshwe uYehova, hayi thina.
18. Sinokubonisa njani ukuba siyasibulela isipho sokuthetha?
18 Sinokubonisa ukuba siyasibulela isipho sokuthetha ngokuthobela icebiso leBhayibhile elisixelela ukuba simele sithethe xa kutheni size sithethe njani. UKumkani uSolomon olumkileyo waphefumlelwa ukuba abhale athi: “Linjengama-apile egolide kwisitya sesilivere ilizwi elithethwe ngexesha elifanelekileyo.” (IMize. 25:11) Ukuba simamela kakuhle xa abanye abantu bethetha size sicinge ngaphambi kokuba sithethe, amazwi ethu aza kuxabiseka njengala ma-apile egolide aze abe mnandi. Loo nto iza kwenza ukuba izinto esizithethayo zibakhuthaze abantu zize zimvuyise uYehova nokuba sithetha kakhulu okanye asikuthandi ukuthetha. (IMize. 23:15; Efe. 4:29) Nantso ke indlela eza kubonisa ukuba siyasibulela esi sipho sivela kuThixo.
INGOMA 82 ‘Malukhanye Ukhanyiselo Lwenu’
a ILizwi LikaThixo linemigaqo enokusinceda siyazi ukuba simele sithethe size sithule xa kutheni. Xa sizazi izinto ezithethwa yiBhayibhile size sizenze, siza kuthetha izinto ezimvuyisayo uYehova.
b IMIFANEKISO: Lo dade ucebisa omnye udade.
c IMIFANEKISO: Lo mzalwana ucebisa omnye ngokucoceka.
d IMIFANEKISO: UAbhigali wathetha noDavide ngexesha elifanelekileyo yaza loo nto yanceda.
e IMIFANEKISO: Umzalwana nenkosikazi yakhe ababuzi kwabanye ngendlela ekushunyayelwa ngayo kwilizwe ekungavumelekanga ukuba sishumayele kulo.
f IMIFANEKISO: Lo mdala uyaqiniseka ukuba iimfihlo zebandla aziviwa yinkosikazi yakhe.