ILizwi LikaYehova Liphilile
Iimbalasane Zencwadi YeNumeri
EMVA kweMfuduko yawo eYiputa, amaSirayeli ahlanganiswa njengohlanga. Kungekudala emva koko, ayefanele ukuba angene kwiLizwe Lesithembiso, kodwa oko akuzange kwenzeke. Kunoko, kwafuneka abhadule phantse iminyaka engamashumi amane “entlango enkulu neyoyikekayo.” (Duteronomi 8:15) Ngoba? Ingxelo yembali yencwadi yeBhayibhile iNumeri isixelela ngoko kwenzekayo. Le ngxelo ifanele isibonise ukubaluleka kokuthobela uYehova uThixo nokuhlonela abameli bakhe.
Ibhalwe nguMoses entlango nakumaThafa akwaMowabhi, incwadi yeNumeri igubungela iminyaka engama-38 neenyanga ezisi-9—ukususela ngowe-1512 B.C.E. ukusa kowe-1473 B.C.E. (Numeri 1:1; Duteronomi 1:3) Le ngxelo yahlulwe yangamacandelo amathathu. Icandelo lokuqala libalisa ngeziganeko ezenzeka kwiNtaba yeSinayi. Elesibini lithetha ngoko kwenzeka ebudeni bokubhadula kwamaSirayeli entlango. Yaye icandelo lokugqibela lithetha ngeziganeko ezenzeka kumaThafa akwaMowabhi. Njengoko ufunda le ngxelo, usenokufuna ukuzibuza lo mbuzo, ‘Zindifundisa ntoni ezi ziganeko? Ngaba ikho imigaqo ekule ncwadi endinokuzuza kuyo namhlanje?’
KWINTABA YESINAYI
AmaSirayeli abalwa okwesihlandlo sokuqala xa ayesemazantsi eNtaba yeSinayi. Amadoda aneminyaka engama-20 nangaphezulu ubudala, ngaphandle kwabaLevi, ayengama-603 550. Kubonakala ukuba oku kubalwa kwabantu kwenziwa kuba kulungiselelwa imfazwe. Yonke inkampu, kuquka amabhinqa, abantwana nabaLevi, yayingabantu abangaphezu kwezigidi ezithathu.
Emva kokubalwa, amaSirayeli afumana imiyalelo ngokuphathelele uhambo, iinkcukacha ngokuphathelele imisibenzi yabaLevi nenkonzo yasemnqubeni, imithetho yokuvalelwa kwabantu abaneqhenqa, nemithetho ephathelele isikhwele, nezifungo ezenziwe ngabaHlulwa. Isahluko 7 siqulethe inkcazelo ngeminikelo eyenziwa ziinkosana zezizwe xa kumiselwa isibingelelo, yaye isahluko 9 sithetha ngokugcinwa kwePasika. Kwakhona abantu banikwa imiyalelo ngendlela yokumisa iinkampu nokuhamba kwindawo ebinenkampu.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
2:1, 2—Yintoni le “miqondiso” apho isahlulo sezizwe ezithathu sasifanele siyimise kuyo inkampu entlango? IBhayibhile ayichazi ukuba yayinjani le miqondiso. Noko ke, yayingajongwa njengemiqondiso engcwele okanye enentsingiselo ethile yonqulo. Le miqondiso yayisetyenziselwa isizathu esithile—ukunceda ubani ahlale kwindawo efanelekileyo enkampini.
5:27—Athetha ukuthini amazwi athi “litshwenye ithanga” lomfazi onetyala lokukrexeza? Ibinzana elithi “ithanga” lisetyenziswe apha ukubonisa amalungu okuzala. (Genesis 46:26) ‘Ukutshwenya’ kwalo kubonisa ukungasebenzi kwala malungu, ukuze umfazi angakwazi ukukhawula.
Oko Sikufundayo:
6:1-7. AbaHlulwa babefanele baziphephe izinto ezenziwe ngomdiliya nazo zonke iziselo ezinxilisayo, nto leyo efuna ukuzeyisa. Babefanele baziyeke iinwele zabo zikhule zibe nde—uphawu lokubonisa ukuthobela kwabo uYehova, kanye njengokuba amabhinqa ezithoba kubayeni okanye kooyise. AbaHlulwa babefanele bahlale becocekile ngokungasondeli kwisidumbu, nesomntu osisalamane. Abakhonzi bexesha elizeleyo namhlanje babonisa umoya wokuzincama xa kufuneka bazeyise baze bathobele uYehova nelungiselelo lakhe. Ezinye izabelo zinokubandakanya ukuya kwilizwe elikude, nto leyo enokwenza kube nzima okanye ubani angakwazi ukubuyela ekhaya ukuza kungcwaba ilungu lentsapho yakowabo.
8:25, 26. Ukuze ifezwe kakuhle inkonzo yabaLevi, nangenxa yokucingela abo bakhulileyo ngeminyaka, amadoda amakhulu ayeyalelwe ukuba ayiyeke loo nkonzo. Noko ke, anokubancedisa abanye abaLevi. Nangona ubani angayeki ukuba ngumvakalisi woBukumkani namhlanje, umgaqo walo mthetho usifundisa okubalulekileyo. Ukuba ngenxa yokukhula ngeminyaka umKristu othile akakwazi ukuzifeza iimbopheleleko zakhe, unokwenza umsebenzi akwaziyo ukuwenza ngokwamandla akhe.
UKUSUKA KWINDAWO ETHILE UKUYA KWENYE ENTLANGO
Xa ekugqibeleni ilifu eliphezu komnquba laqalisa ukusuka, amaSirayeli aqalisa uhambo olwaluza kuwafikisa kumathafa asentlango akwaMowabhi kwiminyaka engama-38 nenyanga enye okanye ezimbini kamva. Usenokufumanisa kuluncedo ukulandela uhambo lwawo kwimaphu ekwiphepha 9 lencwadana enemifanekiso ethi ‘Khawubone Eli Lizwe Lihle,’ epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
Kwindlela esinge eKadeshe, kwiNtlango yaseParan, ubuncinane kuvela izikhalazo ezithathu. Esokuqala siyaphela xa uYehova ethumela umlilo ukuba utshabalalise abantu abathile. Okwesibini amaSirayeli afuna inyama, yaye uYehova uwanika izagwityi. Okwesithathu ukukhalazela kukaMiriyam noAron uMoses kuphumela ekubeni uMiriyam abethwe ngesifo seqhenqa okwexeshana.
Ngoxa emise inkampu eKadeshe, uMoses uthumela amadoda ali-12 ukuba aye kuhlola iLizwe Lesithembiso. Ayabuya kwiintsuku ezingama-40 kamva. Kuba bekholelwa oko kuthethwe ziintlola ezilishumi, abantu bafuna ukumxuluba ngamatye uMoses, uAron neentlola ezithembekileyo uYoshuwa noKalebhi. UYehova uthi uza kubabulala aba bantu, kodwa uMoses uyanqanda, aze uThixo athi baya kubhadula entlango kangangeminyaka engama-40—de abo babebaliwe okwesihlandlo sokuqala bafe.
UYehova unikela eminye imimiselo. UKora nabanye bavukela uMoses noAron, kodwa aba bavukeli batshatyalaliswa ngomlilo okanye baginywa ngumhlaba. Ngosuku olulandelayo bonke abantu bambombozelela uMoses noAron. Ngenxa yoko, kwafa abangama-14 700 ngenxa yesibetho esivela kuYehova. Ukuze abonise lowo amnyule njengombingeleli omkhulu, uThixo ubangela intonga ka-Aron intshule iintyatyambo. Andule ke uYehova anikele imithetho engakumbi ngokuphathelele iimbopheleleko zabaLevi nokuhlanjululwa kwabantu. Ukusetyenziswa kothuthu lwemazi yenkomo ebomvu kwakufuzisela ukuhlanjululwa ngedini likaYesu.—Hebhere 9:13, 14.
Oonyana bakwaSirayeli babuyela eKadeshe, apho uMiriyam wafa khona. Kwakhona indibano ikhalazela uMoses noAron. Sasiyintoni isizathu? Ukungabikho kwamanzi. Kuba uMoses noAron basilela ukungcwalisa igama likaYehova xa benza kubekho amanzi ngommangaliso, balahlekelwa lilungelo lokungena kwiLizwe Lesithembiso. USirayeli uyahamba eKadeshe, yaye uAron ufela kwiNtaba yeHore. Ngoxa engakwaEdom, uSirayeli uyadinwa aze athethe kakubi ngoThixo noMoses. UYehova uthumela iinyoka ezinetyhefu njengesohlwayo. Kwakhona uMoses uyanqanda, yaye uThixo umyalela ukuba enze inyoka yobhedu aze ayibeke kwisibonda ukuze abo balunyiweyo yiyo baphile ngokuyijonga. Inyoka ifanekisela ukubethelelwa kukaYesu Kristu ukuze sizuze ngonaphakade. (Yohane 3:14, 15) USirayeli woyisa ooKumkani bama-Amori uSihon no-Ogi aze athimbe amazwe abo.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
12:1—Kwakutheni ukuze uMiriyam noAron bakhalazele uMoses? Esona sizathu sokukhalaza kwabo kubonakala ukuba kungenxa yomnqweno kaMiriyam wokufumana igunya elingakumbi. Xa umfazi kaMoses, uZipora, wadibana kwakhona naye entlango, kusenokwenzeka ukuba uMiriyam wayesoyika ukuba akasayi kuphinda agqalwe njengomfazi obalulekileyo kuloo nkampu.—Eksodus 18:1-5.
12:9-11—Kwakutheni ukuze ibe nguMiriyam kuphela obethwa ngeqhenqa? Kusenokwenzeka ukuba, nguye owaqala ukukhalaza waza weyisela uAron ukuba naye akhalaze. UAron wabonakalisa isimo sengqondo esifanelekileyo ngokuyivuma impazamo yakhe.
21:14, 15—Yayiyeyiphi le ncwadi ikhankanywe apha? IZibhalo zibhekisela kwiincwadi ezahlukahlukeneyo ababhali beBhayibhile abazisebenzisayo njengomthombo wenkcazelo yabo. (Yoshuwa 10:12, 13; 1 Kumkani 11:41; 14:19, 29) Enye yezi ncwadi ‘yayiyincwadi yeeMfazwe zikaYehova.’ Yayinengxelo yembali yeemfazwe zabantu bakaYehova.
Oko Sikufundayo:
11:27-29. UMoses unikela umzekelo omhle ngokuphathelele indlela esifanele sisabele ngayo xa abanye befumana amalungelo kwinkonzo kaYehova. Kunokuba athi ngenxa yomona azifunele udumo, uMoses wavuya xa uEldadi noMedadi baqalisa ukuba ngabaprofeti.
12:2, 9, 10; 16:1-3, 12-14, 31-35, 41, 46-50. UYehova ulindele ukuba abakhonzi bakhe babonakalise intlonelo kwabo uThixo abanike igunya.
14:24. Eyona nto ibalulekileyo ukuze sixhathise ingcinezelo yehlabathi yokwenza okubi kukuhlakulela ‘umoya owahlukileyo,’ okanye isimo sengqondo esahlukileyo. Sifanele singafani nesehlabathi.
15:37-41. Umqukumbelo okhethekileyo kwiimpahla zamaSirayeli wawenzelwe ukuwakhumbuza ukuba ayengabantu abakhethiweyo ukuba bakhonze uThixo nokuba bathobele imithetho yakhe. Ngaba nathi asifanele siphile ngokwemilinganiselo kaThixo size sibonakale njengabahlukileyo ehlabathini?
KUMATHAFA AKWAMOWABHI
Njengoko oonyana bakwaSirayeli bemise iinkampu kumathafa asentlango akwaMowabhi, amaMowabhi aboyika kakhulu aba bantu. Ngoko ke, uKumkani uBhalaki, uqesha uBhalam ukuba aqalekise amaSirayeli. Kodwa uYehova unyanzela uBhalam ukuba awasikelele. Amabhinqa angamaMowabhi nangamaMidiyan andula asetyenziswe efaka amadoda angamaSirayeli kumgibe wokuziphatha okubi nowokunqula izithixo. Ngenxa yoko, uYehova ubulala abenzi bobubi abangama-24 000. Ekugqibeleni eli shwangusha liphela xa uFinehasi ebonisa kuba akakwazi ukumelana nabantu abangamthobeliyo uYehova.
Xa kubalwa abantu okwesihlandlo sesibini kubonakala ukuba akukho nenye indoda eyayibalwe okwesihlandlo sokuqala esaphilayo, ngaphandle kukaYoshuwa noKalebhi. UYoshuwa umiselwa ukuba abe lilandela likaMoses. AmaSirayeli afumana imiyalelo eyahlukahlukeneyo yeminikelo nemiyalelo yokwenza izifungo. Nabo abantu bakwaSirayeli bayaziphindezelela kumaMidiyan. URubhen, uGadi, nenxalenye yohlanga lukaManase bahlala kwimpuma yoMlambo iYordan. USirayeli unikwa imiyalelo yokunqumla iYordan nokuthimba elo lizwe. Imida yelo lizwe yenziwa icace. Ilifa lifumaneka ngeqashiso. AbaLevi banikwa izixeko ezingama-48, yaye ezi-6 kuzo zifanele zibe zizixeko zokusabela.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
22:20-22—Kwakutheni ukuze umsindo kaYehova uvuthe nxamnye noBhalam? UYehova wayexelele umprofeti uBhalam ukuba ufanele angawaqalekisi amaSirayeli. (Numeri 22:12) Noko ke, lo mprofeti waya kumadoda kaBhalaki kuba efuna ukuqalekisa uSirayeli. UBhalam wayefuna ukukholisa ukumkani wamaMowabhi aze afumane umvuzo kuye. (2 Petros 2:15, 16; Yude 11) Kwanaxa uBhalam wanyanzelwa ukuba asikelele uSirayeli kunokuba amqalekise, wafuna ukukholisa ukumkani ngokucebisa ukuba amabhinqa anqula uBhahali asetyenziselwe ukulukuhla amadoda akwaSirayeli. (Numeri 31:15, 16) Ngoko ke, uThixo wavutha ngumsindo kuba uBhalam wayenyolukile yaye enganyanisekanga.
30:6-8—Ngaba indoda engumKristu inokuziphelisa izifungo zomfazi wayo? Ngokuphathelele izifungo, ngoku uYehova uqhubana naye ngamnye kubanquli bakhe. Ngokomzekelo, ukuzahlulela kuYehova sisifungo sobuqu. (Galati 6:5) Indoda ayinagunya lokuphelisa isifungo esinjalo. Noko ke, umfazi ufanele akuphephe ukwenza isifungo esinxamnye neLizwi likaThixo okanye nezinto afanele azenzele umyeni wakhe.
Oko Sikufundayo:
25:11. UFinehasi wasimisela umzekelo omhle ngokwenene wokuba nenzondelelo ngonqulo lukaYehova! Xa sifuna ukugcina ibandla licocekile ngaba asifanele sibaxelele abadala abangamaKristu xa sisazi ukuba umntu othile uye waziphatha kakubi?
35:9-29. Isibakala sokuba umntu obulele ngengozi kwakufanele ashiye ikhaya lakhe aze asabele kwisixeko sokusabela kangangexesha elithile kusifundisa ukuba ubomi bungcwele yaye sifanele sibuhlonele.
35:33. Umhlaba ongcoliswe ligazi eliphaleleyo lomntu ongenatyala unokuhlawulwa kuphela ngegazi labo baliphalazileyo. Kufanelekile ngokwenene ukuba uYehova atshabalalise abangendawo ngaphambi kokuba umhlaba uguqulwe ube yiparadesi!—IMizekeliso 2:21, 22; Daniyeli 2:44.
ILizwi LikaThixo Linamandla
Sifanele sibonakalise intlonelo ngoYehova nabo baneembopheleleko phakathi kwabantu bakhe. Incwadi yeNumeri ikucacisa ngakumbi oku. Sifunda isifundo esibaluleke kakhulu sokugcina uxolo nomanyano ebandleni namhlanje!
Iziganeko ezibhalwe kwiNumeri zibonisa indlela ekulula ngayo ngabo batyeshela imeko yabo yokomoya ukuba bawele kwisenzo sobubi, njengokumbombozela, ukuziphatha okubi nokunqula izithixo. Eminye imizekelo nezifundo kule ncwadi yeBhayibhile inokusetyenziswa kwiimfuno zasekuhlaleni kwiNtlanganiso Yenkonzo kumabandla amaNgqina kaYehova. Eneneni, “ilizwi likaThixo liphilile, linamandla” kubomi bethu.—Hebhere 4:12.
[Umfanekiso okwiphepha 24, 25]
Ngelifu elingummangaliso phezu komnquba, uYehova wayalela amaSirayeli ngendlela yokumisa inkampu nokuhamba kwindawo ibinenkampu
[Imifanekiso ekwiphepha 26]
Sifanele simthobele uYehova yaye ulindele ukuba sihlonele abameli bakhe