Unako Ukuwalola Amandla Akho Okukhumbula
UYEHOVA UTHIXO wadala ingqondo yomntu yanamandla amangalisayo okukhumbula. Wayenza yanguvimba okunokuthatyathwa kuwo ngaphandle kokulahlekelwa zizinto ezixabisekileyo ezifakwe kuwo. Indlela eyenziwe ngayo ingqondo ivisisana nenjongo kaThixo yokuba abantu baphile ngonaphakade.—INdu. 139:14; Yoh. 17:3.
Kodwa usenokuvakalelwa kukuba izinto ezininzi ozifaka engqondweni yakho ziyalahleka. Azibikho xa uzifuna. Yintoni onokuyenza ukuze ulole amandla akho okukhumbula?
Yiba Nomdla
Umdla ubalulekile ukuze ulole amandla akho okukhumbula. Ukuba sikwenza umkhwa wethu ukuziqwalasela izinto, ukuba nomdla ebantwini nakwizinto ezenzekayo kwindawo esikuyo, ingqondo yethu iyaloleka. Kuya kuba lula ke ukuba sibe nomdla ofanayo naxa sifunda okanye sisiva into enexabiso elihlala lihleli.
Kuyinto eqhelekileyo ukuba umntu akufumanise kunzima ukukhumbula amagama abantu. Ukanti, njengamaKristu, siyazi ukuba abantu babalulekile—amaKristu esikhonza nawo, abo sinikela ubungqina kubo kunye nabanye esineenkqubano nabo njengoko sinyamekela izinto eziyimfuneko ebomini. Yintoni enokusinceda sikhumbule amagama abantu esifanele siwakhumbule ngokwenene? Umpostile uPawulos wadwelisa amagama abantu abangama-26 kwibandla elithile awayelibhalela. Umdla awayenawo kubo ubonakaliswa nasisibakala sokuba akazange anele nje kukwazi amagama abo kodwa wayesazi neenkcukacha ezithile eziphathelele abaninzi babo. (Roma 16:3-16) Abanye abaveleli abahambahambayo bamaNgqina kaYehova bale mihla benza kakuhle kumba wokukhumbula amagama, nangona betshintshatshintsha amabandla veki nganye. Yintoni ebancedayo? Bakwenza umkhwa wabo ukusebenzisa igama lomntu kangangezihlandlo eziliqela xa bethetha naye okokuqala. Benza umgudu wokunxibelelanisa igama laloo mntu kunye nobuso bakhe. Ukongezelela koko, bachitha ixesha bekunye nabantu abahlukahlukeneyo kubulungiseleli basentsimini nasezidlweni. Xa udibana nomntu, ngaba uza kulikhumbula igama lakhe? Okokuqala, yiba nesizathu esibambekayo sokulikhumbula elo gama; wandule ke uzame amanye amacebiso anikelwe ngasentla.
Kubalulekile nokukhumbula oko ukufundayo. Yintoni enokukunceda uphucule kulo mba? Kaloku ukuba nomdla kunye nokuqonda kunendima okuyiphumezayo. Kufuneka ube nomdla owaneleyo ngoko ukufundayo ukuze unikele ingqalelo ngokupheleleyo kuko. Akuyi kuyigcina inkcazelo ukuba ingqondo yakho izula esithubeni ngoxa uzama ukufunda. Uyiqonda nangakumbi inkcazelo xa uyinxibelelanisa nezinto oqheleneyo nazo okanye noko ukwaziyo. Khawuzibuze: ‘Ndinokuyisebenzisa njani yaye nini le nkcazelo ebomini bam? Ndinokuyisebenzisa njani ukuze ndincede omnye umntu?’ Umbandela uye uwuqonde nangakumbi xa ufunda amabinzana kunokuba ufunde igama ngalinye. Uya kuziqonda lula iingcamango yaye uzifumane iingongoma ezibalaseleyo, kuze kube lula ukuzikhumbula.
Ziphe Ithuba Lokwenza Impinda
Iingcali kwezemfundo ziyakugxininisa ukubaluleka kokwenza impinda. Kolunye uhlolisiso, unjingalwazi othile wakwanokholeji wabonisa ukuba ukuchitha umzuzu omnye usenza impinda kamsinya emva kokuba ufundile kwakuyiphindaphinda kabini inkcazelo egcinwayo. Ngoko emva kokufunda—okanye emva kokuba ufunde inxalenye enkulu—khawenze impinda yeengcamango ezibalaseleyo ukuze uzibethelele engqondweni yakho. Cinga ngendlela obuya kuzichaza ngayo ngamazwi akho iingongoma ezintsha ozifundileyo. Ngokuhlaziya inkumbulo yakho kamsinya nje emva kokuba uyifundile loo ngcamango, uya kuyikhumbula kangangexesha elide loo ngongoma.
Emva kweentsuku ezimbalwa, funa ithuba lokwenza impinda ngoko ukufundileyo ngokwabelana nomnye ngaloo nkcazelo. Unokuyenza nelungu lentsapho, nomntu osebandleni, umntu osebenza naye, ofunda naye, ummelwane okanye umntu odibana naye kubulungiseleli basentsimini. Zama ukuphinda kungekhona izibakala eziziintloko kuphela kodwa kwanengqiqo yeZibhalo ezinxibelelene nazo. Ukwenza oku kuya kuba yingenelo kuwe, kukwenze ubethelele izinto ezibalulekileyo kwinkumbulo yakho; yaye kuya kuba yingenelo nakwabanye.
Camngca Ngezinto Ezibalulekileyo
Ukongezelela ekwenzeni impinda ngoko ukufundileyo nokuxelela abanye ngako, uya kufumanisa ukuba kuyingenelo ukucamngca ngezinto ezibalulekileyo ozifundileyo. Ababhali beBhayibhile uAsafu noDavide benjenjalo. UAsafu wathi: “Ndiya kulukhumbula uqheliselo lukaYa; kuba ndiya kukukhumbula ukwenza kwakho kwakudala. Yaye ngokuqinisekileyo ndiya kucamngca ngayo yonke imisebenzi yakho, ndizixhalabise ngezenzo zakho.” (INdu. 77:11, 12) NoDavide wabhala: “Ebudeni bemilindo yasebusuku ndicamngca ngawe,” waphinda wathi: ‘Ndikhumbula imihla yakudala; ndicamngca ngawo wonke umsebenzi wakho.’ (INdu. 63:6; 143:5) Ngaba uyayenza loo nto?
Oko kuzikis’ ingqondo kwizenzo, kwiimpawu nakukuthanda kukaYehova akwaneli kukunceda ukhumbule izibakala nje kuphela. Ukuba ukwenza umkhwa wakho ukuzikis’ ingqondo ngolo hlobo, izinto ezibaluleke ngokwenene ziya kubetheleleka entliziyweni yakho. Ukwenjenjalo kuya kubuxonxa ubuntu bakho. Iinkumbulo onazo ziya kumela iingcamango ezisentliziyweni yakho.—INdu. 119:16.
Indima Yomoya KaThixo
Xa sifuna ukukhumbula iinyaniso eziphathelele imisebenzi kaYehova kunye nezinto ezathethwa nguYesu Kristu, asishiywa enyanyeni. Ngobusuku obungaphambi kokufa kwakhe, uYesu waxelela abalandeli bakhe oku: “Ngoxa ndisahleli nani ndizithethile ezi zinto kuni. Kodwa umncedi, umoya oyingcwele, lowo uBawo aya kumthumela egameni lam, yena uya kunifundisa zonke izinto aze anikhumbuze zonke izinto endinixelele zona.” (Yoh. 14:25, 26) Phakathi kwabo babekho kwakukho uMateyu noYohane. Ngaba umoya oyingcwele waba ngumncedi kubo? Kunjalo kanye! Kwiminyaka emalunga nesibhozo kamva, uMateyu wagqiba ukubhala ingxelo yokuqala eneenkcukacha zobomi bukaKristu, kuquka nengxelo ebalulekileyo yeNtshumayelo yaseNtabeni kunye nengcombolo yomqondiso wobukho bukaKristu nokuqukunjelwa kwenkqubo yezinto. Kwiminyaka engama-65 emva kokufa kukaYesu, umpostile uYohane wabhala incwadi yakhe yeVangeli, kuquka iinkcukacha zoko kwathethwa nguYesu ngobusuku bokugqibela abathi abapostile babuchitha neNkosi ngaphambi kokuba inikele ngobomi bayo. Alithandabuzeki elokuba uMateyu noYohane babezikhumbula kakuhle izinto ezazithethwe zaza zenziwa nguYesu xa babekunye naye, kodwa ke umoya oyingcwele waphumeza indima ephambili ekuqinisekiseni ukuba abazilibali iinkcukacha ezibalulekileyo uYehova awayefuna zibhalwe kwiLizwi lakhe.
Ngaba umoya oyingcwele ungumncedi kubakhonzi bakaThixo namhlanje? Ngokuqinisekileyo unguye! Kakade ke, umoya oyingcwele awusenzi sicinge izinto esingazange sizifunde, kodwa uba ngumncedi ngokusikhumbuza izinto ezibalulekileyo esiye sazifunda kwixesha elidluleyo. (Luka 11:13; 1 Yoh. 5:14) Ngoko ke, xa kuyimfuneko, amandla ethu okucinga avuselelwa ukuba “akhumbule amazwi awathethwa ngaphambili ngabaprofeti abangcwele nomyalelo weNkosi noMsindisi.”—2 Pet. 3:1, 2.
‘Ungalibali’
UYehova wawalumkisa ewalumkisile amaSirayeli esithi: ‘Ningalibali.’ Wayengalindelanga ukuba akhumbule yonke into njengokuba injalo. Kodwa ayengamele athi phithi lusukelo lobuqu kangangokuba azityhalele bucala iinkumbulo zeenkqubano zikaYehova. Ayemele ahlale eyikhumbula indlela uYehova awawahlangula ngayo xa ingelosi yakhe yabulala onke amazibulo aseYiputa naxa uYehova wavula uLwandle Olubomvu waza waphinda waluvala, erhaxisa uFaro kunye nomkhosi wakhe. AmaSirayeli ayemele akhumbule ukuba uThixo wawanika uMthetho wakhe kwiNtaba yeSinayi nokuba wawakhokela ukutyhubela intlango waza waya kuwafaka kwiLizwe Lesithembiso. Ayengamele alibale ngengqiqo yokuba ukukhumbula ezi zinto kwakumele kuhlale kunempembelelo kubomi bawo bemihla ngemihla.—Dut. 4:9, 10; 8:10-18; Eks. 12:24-27; INdu. 136:15.
Nathi sifanele silumke singalibali. Njengoko sihlangabezana neengcinezelo ebomini, sifanele simkhumbule uYehova, sikhumbule uhlobo loThixo anguye kunye nothando alubonakalisileyo ngesipho esinguNyana wakhe, obe yintlawulelo yezono zethu ukuze sifumane ubomi obugqibeleleyo ngonaphakade. (INdu. 103:2, 8; 106:7, 13; Yoh. 3:16; Roma 6:23) Ukufundisisa iBhayibhile rhoqo nokuba nenxaxheba kwiintlanganiso zebandla nakubulungiseleli basentsimini kuya kugcina le nyaniso ixabisekileyo iyinto yokwenene kuthi.
Xa kufuneka wenze izigqibo, enoba zinkulu okanye zincinane, yikhumbule le nyaniso ibalulekileyo, kwaye yivumele ukuba iphembelele indlela ocinga ngayo. Ungalibali. Khangela kuYehova ukuze ufumane ukhokelo. Kunokuba ujonge izinto ngeliso lenyama okanye ukholose ngentliziyo engafezekanga, khawuzibuze, ‘Sisiphi isiluleko okanye imigaqo esuka kwiLizwi likaThixo efanele ibe nempembelelo kwisigqibo endisenzayo?’ (IMize. 3:5-7; 28:26) Soze uzikhumbule izinto ongakhange uzifunde okanye uzive. Kodwa njengoko ukhulisa ulwazi oluchanileyo onalo yaye umthanda nangakumbi uYehova, uya kukhula novimba wolwazi umoya kaThixo oya kukunceda uwukhumbule, yaye ukumthanda kwakho nangakumbi uYehova kuya kukushukumisela ekubeni wenze ngokuvisisana nalo.