Incwadi YeBhayibhile 28—Hoseya
Umbhali: NguHoseya
Indawo Eyabhalelwa Kuyo: (Kwisithili) SakwaSamari
Ukugqitywa Kokubhalwa Kwayo: Emva kowama-745 B.C.E.
Ixesha Eligutyungelweyo: Ngaphambi kowama-804 kuse emva kowama-745 B.C.E.
1, 2.(a)Ngamanye amaxesha zibizwa ngokuba ziintoni iincwadi zokugqibela ezili-12 zeZibhalo zesiHebhere? (b) Yintoni eyaziwayo ngoHoseya, kwaye siphathelele bani isiprofeto sakhe?
IINCWADI zokugqibela ezili-12 zeZibhalo zesiHebhere ngokuqhelekileyo kubhekiselwa kuzo ‘njengezabaprofeti abangaphantsi.’ Ibinzana ngokuqhelekileyo elisetyenziswayo eJamani, elithi “abaprofeti abancinane,” beliya kubonakala lilelifaneleke ngakumbi, kuba ezi ncwadi ngokuqinisekileyo azikho ngaphantsi kwezinye ngokubaluleka, nangona ubude bazo budityanisiwe busengaphantsi kobo bencwadi kaIsaya nekaYeremiya. KwiBhayibhile yesiHebhere, zazigqalwa njengomqulu omnye kwaye zazibizwa ngokuba “Lishumi Elinesibini.” Ukuqokelelwa kwazo ngale ndlela kunokwenzeka ukuba kwakwenzelwe injongo yokuzilondoloza, ekubeni umsongo omnye omncinane kwakusenokuba lula ukuba ulahleke. Njengoko kunjalo ngencwadi nganye kwezi zili-12, eyokuqala ithiywe ngombhali wayo uHoseya, ogama lakhe liyimo efinyeziweyo yelithi Hoshaiah, elithetha “Ukusindiswa NguYa; UYa Usindisile.”
2 Kule ncwadi ithiywe ngegama lakhe, akukho nto ingako ichaziweyo ngoHoseya ngaphandle kokuba nje wayengunyana kaBheri. Phantse iziprofeto zakhe ziphathelele uSirayeli kuphela, uYuda ekhankanywa nje kancinane; kwaye ngoxa iYerusalem ingakhankanywa nguHoseya, isizwe sakwaSirayeli esidumileyo, uEfrayim, kubhekiselwa kuso ngegama kangangezihlandlo ezingama-37 kwaye ikomkhulu lakwaSirayeli, iSamari, kuthethwa ngalo kangangezihlandlo ezithandathu.
3.UHoseya waprofeta ixesha elingakanani, yaye ngoobani abanye ababeprofeta ngelo xesha?
3 Indinyana yokuqala yale ncwadi isixelela ukuba uHoseya wakhonza njengomprofeti kaYehova ixesha elide ngokungaqhelekanga, ukususela ngasekupheleni kolawulo lukaKumkani uYarobheham II wakwaSirayeli ukusa kulawulo lukaHezekiya wakwaYuda. Oku kususela malunga nowama-804 B.C.E. de kube semva kowama-745 B.C.E., kangangeminyaka engama-59. Ngokungathandabuzekiyo ithuba lakhe lokukhonza njengomprofeti laligubungela iminyaka ethile yolawulo lukaYarobheham II noHezekiya. Ebudeni beli thuba uAmosi, uIsaya, uMika no-Odede babengabanye abaprofeti abathembekileyo bakaYehova.—Amosi 1:1; Isa. 1:1; Mika 1:1; 2 Kron. 28:9.
4.Ziziphi iingcaphulo neenzaliseko zesiprofeto eziqinisekisa ubunyaniso bencwadi kaHoseya?
4 Ubunyaniso besi siprofeto buqinisekiswa kukucatshulwa kwaso kangangezihlandlo ezininzi kwiZibhalo zamaKristu zesiGrike. NoYesu wacaphula uHoseya 10:8 ekuvakaliseni umgwebo nxamnye neYerusalem: “Oko baya kuqala bathi ezintabeni, Siweleni; nasezindulini, Sigubungeleni.” (Luka 23: 30) La mazwi manye acatshulwe ngokuyinxenye kwiSityhilelo 6: 16. UMateyu ucaphula uHoseya 11:1 ekuboniseni inzaliseko yesi siprofeto: “Ndambiza unyana wam ukuba aphume eYiputa.” (Mat. 2: 15) Isiprofeto sikaHoseya sokubuyiselwa kukaSirayeli wonke sazalisekiswa ngokuthi abaninzi abakubukumkani bezizwe ezilishumi bathelele uYuda ngaphambi kokuthinjwa kwakhe nenzala yabo yayiphakathi kwabo babuyiselwayo emva kokuthinjwa. (Hos. 1: 11; 2 Kron. 11: 13-17; 30: 6-12, 18, 25; Ezra 2: 70) Ukususela kwixesha likaEzra, le ncwadi iye yaba kwindawo yayo efanelekileyo kwimibhalo engcwele yesiHebhere ‘njengokuthetha kukaYehova noHoseya.’—Hos. 1:2.
5.Kungenxa yakuphi ukungathembeki awathi uYehova wamohlwaya uSirayeli?
5 Kwakutheni ukuze uYehova athumele uHoseya njengomprofeti wakhe kwaSirayeli? Kwakungenxa yokungathembeki nokuzingcolisa kwamaSirayeli ngonqulo lukaBhahali, esaphula umnqophiso kaYehova. KwiLizwe Ledinga, amaSirayeli ayengabantu bezolimo, kodwa ekwenzeni oko amkela kungekuphela nje indlela yokuphila yamaKanan kodwa kwanonqulo lwawo olwaluquka ukuhlonela uBhahali, uthixo ongumfuziselo wemveliso. Ngomhla kaHoseya uSirayeli wayelushiye ngokupheleleyo unqulo lukaYehova waza wakhetha inkonzo yokuzibhubhisa neyobunxila eyayiquka iintlobano zokuziphatha okubi namahenyukazi asetempileni. USirayeli wathi impumelelo yakhe ibangelwa nguBhahali. Wayenganyanisekanga kuYehova, engento yanto kuye, yaye ngoko kwakufuneka eqeqeshiwe. UYehova wayeza kumbonisa ukuba izinto zakhe eziphathekayo zazingaveli kuBhahali, yaye ngoko wathumela uHoseya ukuba alumkise uSirayeli ngoko kwakuya kwenzeka ngenxa yokungaguquki kwakhe. Emva kokuba uYarobheham II efile, uSirayeli waba nelona thuba loyikekayo kwimbali yakhe. Uloyiko olwesameleyo, njengoko uninzi lwabalawuli lwalubulawa, lwaqhubeka de wathinjwa yiAsiriya ngowama-740 B.C.E. Ebudeni beli thuba, amacandelo amabini alwa kunye, elinye lifuna ukwakha umanyano neYiputa, kwaye elinye lifuna kumanyanwe neAsiriya. Akukho nalinye icandelo kula elalikholose ngoYehova.
6.Yintoni ecacileyo ngesimbo sikaHoseya sokubhala?
6 Isimbo sokubhala sikaHoseya sicacile. Ngokufuthi uchukumisa iimvakalelo ekubhaleni kwakhe ibe ngokuphindaphindiweyo ugxininisa imfesane nenceba kaYehova. Unikela iinkcukacha zomqondiso ngamnye omncinane wenguquko awubonayo. Ngamanye amaxesha intetho yakhe iyahlaba kwaye iyaqupha. Kwiindawo angasebenzisi mvano-siphelo kuzo, usebenzisa ubushushu namandla. Ubonakalisa iimvakalelo ezinamandla gqitha, yaye uyiguqula ngokukhawuleza ingcinga.
7.Yintoni efanekiselwa kukungathembeki kukaGomere nokuguquka kwakhe kwamva?
7 Ekuqaleni komsebenzi wakhe wokuba ngumprofeti, uHoseya wayalelwa ukuba athabathe “umfazi wobuhenyu.” (1:2) Ngokuqinisekileyo uYehova wayenenjongo ngoku. USirayeli kuYehova wayenjengomfazi owathi waba ngongathembekanga, ohenyuzayo. Sekunjalo wayeza kubonakalisa uthando lwakhe kuye aze azame ukumguqula. Umfazi kaHoseya, uGomere, wayenokukufanekisela ngokuchanileyo oku. Kuyaqondakala ukuba emva kokuzalwa komntwana wokuqala, waba ngongathembekanga yaye kuyabonakala ukuba wabazala abanye abantwana ngokukrexeza. (2: 5-7) Oku kuboniswa yingxelo ethi “wamzalela [uHoseya] unyana” kodwa ingamkhankanyi umprofeti ngokuphathelele ukuzalwa kwabanye abantwana ababini. (1: 3, 6, 8) Isahluko 3, indinyana 1-3, sibonakala sithetha ngokuphinda kukaHoseya atshate noGomere, emthenga ngokungathi ulikhoboka, yaye oku kunxibelelana nokubamkela kukaYehova abantu bakhe emva kokuba beguqukile kwikhondo labo lokukrexeza.
8.Ngawaphi amagama asetyenziswa ngokuguquguqukayo kule ncwadi?
8 Ubukumkani bangasentla bezizwe ezilishumi zakwaSirayeli, obo amazwi esiprofeto sikaHoseya abhekiselwa kubo ngokuyintloko, babukwaziwa njengoEfrayim, igama lesizwe esasibalasele kobu bukumkani. La magama, uSirayeli noEfrayim, asetyenziswa ngokuguquguqukayo kule ncwadi.
OKUQULETHWE YEKAHOSEYA
9.Abonisa ntoni amagama abantwana bakaGomere ngendlela uYehova awayeya kuqhubana ngayo noSirayeli?
9 Ukuzekeliswa kwekhondo lokukrexeza likaSirayeli (1:1– 3:5). “Umfazi wobuhenyu” kaHoseya uzalela lo mprofeti unyana, uYizereli. Kamva uba nabanye abantwana ababini, oyintombi, uLo-ruhamah, gama elo elithetha ukuthi “Akenzelwanga-mfesane,” nonyana, uLo-ammi, gama elo elithetha “Asibantu-bam.” UYehova wabathiya la magama ebonisa ukuba ‘wayengayi kuba saphinda ayenzele mfesane indlu kaSirayeli’ nokugxininisa ukuwalahla kwakhe onke njengabantu bakhe. (1: 2, 6, 9) Kanti, oonyana bakaYuda nabakaSirayeli, ‘njengoonyana bakaThixo ophilileyo,’ baya kuhlanganiswa ngokumanyeneyo phantsi kwentloko enye, “kuba iya kuba nkulu imini yaseYizereli.” (1: 10, 11) Becociwe kunqulo lokukrexeza noBhahali, abantu bakaThixo baza kubuyela kuYehova baze babamkele njengendoda yabo. (2: 16) UYehova uya kuzisa unqabiseko kuSirayeli yaye uya kumgana abe ngowakhe ngonaphakade ebulungiseni, kokusesikweni, kwimfesane, kwinceba nasekuthembekeni. Ngokuvisisana negama elithi Yizereli (elithetha “UThixo Uya Kuhlwayela Imbewu”), uYehova uthembisa oku: “Ndozihlwayelela yena elizweni, . . . ndithi kuAsibantu- bam, Ungabantu bam; aze athi kum, UnguThixo wam.” (2: 23) Njengomfazi oguqukileyo ekukrexezeni kwakhe, “baya kubuya oonyana bakaSirayeli bamquqele uYehova uThixo wabo, noDavide ukumkani wabo.”—3:5.
10.Yintoni eyayiza kuba ngumphumo wokucekisa kolu hlanga ulwazi?
10 Imigwebo engokwesiprofeto nxamnye noEfrayim (noYuda) (4:1–14:9). Indinyana yokuqala yesahluko 4 igabulela izigcawu izilumkiso ezibuprofeti ezilandelayo: “UYehova ubambene nabemi belizwe eli; ngokuba kungekho nyaniso, kungekho nceba, kungekho kwazi uThixo kweli lizwe.” Yintoni eya kuba ngumphumo wale meko? UYehova uthi, “Kuba wena ukucekisile ukwazi, ndiya kukucekisa, ukuba ungabi ngumbingeleli kum. Wawulibala umyalelo kaThixo wakho; ndobalibala abantwana bakho nam.” (4: 1, 6) Umoya wobuhenyu ubangele ukuba uSirayeli abhadule. Uza kuphendula uSirayeli noYuda abanjengamahenyukazi, kodwa baya kumfuna uYehova “ekubandezelekeni kwabo.”—5:15.
11.Ubabongoza njani uHoseya abantu, kodwa kutheni besizelwa yintlekele nje bona?
11 UHoseya uyababongoza abantu esithi: “Yizani sibuyele kuYehova; kuba . . . wosiphilisa.” UYehova uthanda imfesane nolwazi olungokobuthixo kunamadini neminikelo etshisiweyo, kodwa imfesane kaEfrayim noYuda ‘injengombethe ophela kwakusasa.’ (6: 1, 4) UEfrayim “unjengevukuthu elimathileyo, elingenantliziyo.” Abantu baya eYiputa naseAsiriya ukuze bafumane uncedo kunokuba baye kuYehova. (7:11) Le yintlekele kubo. Ngoba? Kuba bayaphambuka, bacinga izinto ezimbi, bayawugqitha umnqophiso kaYehova kwaye bayakreqa kumyalelo wakhe. “Ngokuba behlwayele umoya, baya kuvuna isaqhwithi.” (8:7) UYehova uya kubukhumbula ubugwenxa babo aze anikele ingqalelo kwizono zabo. “Baya kuphalaphala ezintlangeni.” (9: 17) USirayeli unjengomdiliya onabileyo, ontliziyo yakhe iye yaba buthelezi. Kunokuhlwayela kuvele ubulungisa nokuvuna ngokwemfesane, uSirayeli uye walima okungendawo waza wavuna ukungalungisi. UYehova umkhumbuza oku, “Ndambiza unyana wam ukuba aphume eYiputa.” (11:1) Ewe, Yena wamthanda uSirayeli ukususela ebuntwaneni, kodwa uSirayeli uye wamrhawula ngobuxoki nangenkohliso. UYehova unikela esi siluleko: “Buyela kuThixo wakho; gcina inceba nokusesikweni, uhlale uthembele kuThixo wakho.”—12:6.
12.(a)Yintoni eshwankathelwa nguHoseya kwisahluko se-13? (b) Kuthenjiswa ngokuphi ukubuyiselwa?
12 Kwisahluko se-13, uHoseya ushwankathela konke oko sekwenzekile ngokuphathelele idinga langaphambili likaSirayeli nenyameko kaYehova, kwanokulibala kukaSirayeli nokugwilika kolo hlanga ekugqibeleni kuYehova. UYehova uyavakalisa: “Ndikunika ookumkani ndinomsindo, ndibathabathe ngokuphuphuma kwawo.” (13: 11) Kodwa ke, kuya kubakho ukubuyiselwa: “Ndiya kubakhulula esandleni selabafileyo, ndiya kubahlawulela ndibakhulule ekufeni. Ziphi na iindyikitya zakho, kufa? Iphi na imbubhiso yakho, ngcwaba?” (13: 14) Noko ke, kuya kuba kokoyikeka ngokwenene ukutshatyalaliswa kwelakwaSamari elivukelayo.
13.Sisiphi isibongozo esiqukumbela incwadi kaHoseya, yaye ngoobani abaya kuhamba ezindleleni zikaYehova?
13 Le ncwadi iqukumbela ngesibongozo esibuhlungu esithi: ‘Sirayeli, buya, uze kuYehova, uThixo wakho; ngokuba ukhubekile ngobugwenxa bakho. Cela ukuxolelwa, uze unikele iinkunzi zeenkomo ezintsha zibe yimibulelo yomlomo wakho. UYehova uya kubonakalisa inceba nothando kuwe. Uya kuba njengombethe ohlaziyayo kuwe kwaye uya kutyatyamba njengenyibiba nanjengomnquma.’ Olumkileyo nonengqondo uya kuziqonda ezi zinto: “Ngokuba zithe tye iindlela zikaYehova; ahamba ngazo amalungisa; ke bona abakreqi baya kukhubeka kuzo.”—14: 1-6, 9.
ISIZATHU SOKUBA IBE YINGENELO
14.Ziziphi iinzaliseko ezichanileyo zesiprofeto sikaHoseya ezimele ziphawulwe?
14 Incwadi kaHoseya yomeleza ukholo kwiziprofeto zikaYehova eziphefumlelweyo. Yonke into awaprofeta ngayo uHoseya ngokuphathelele uSirayeli noYuda yaba yinyaniso. USirayeli walahlwa zizithandane zakhe eziziintlanga ezingabamelwane awayekrexeza nazo waza wavuna isaqhwithi ngokutshatyalaliswa yiAsiriya ngowama-740 B.C.E. (Hos. 8: 7-10; 2 Kum. 15: 20; 17: 3-6, 18) Noko ke, uHoseya wayexele kwangaphambili ukuba uYehova wayeza kubonisa inceba kuYuda aze amsindise, kodwa kungengawo amandla omkhosi. Oku kwazalisekiswa xa isithunywa sikaYehova sabulala i-185 000 lama-Asiriya awayesongela iYerusalem. (Hos. 1:7; 2 Kum. 19: 34, 35) Sekunjalo, uYuda wayequkiwe kumgwebo okuHoseya 8: 14: “Ke mna ndiya kuthumela umlilo emizini yakhe, uzidle iingxande zakhe ezinde,” isiprofeto esaba nenzaliseko eyoyikekayo xa uNebhukadenetsare waliphanzisayo elakwaYuda neYerusalem, ngowama-609 kuse kowama-607 B.C.E. (Yer. 34: 6, 7; 2 Kron. 36: 19) Iziprofeto ezininzi zikaHoseya zokubuyiselwa zazalisekiswa xa uYehova wamhlanganisayo uYuda noSirayeli, baza ‘baphuma kwilizwe’ ababethinjelwe kulo ngowama-537 B.C.E.—Hos. 1: 10, 11; 2: 14-23; 3:5; 11: 8-11; 13: 14; 14: 1-9; Ezra 2:1; 3: 1-3.
15.Bazisebenzisa njani ababhali beZibhalo zamaKristu zesiGrike izicatshulwa ezivela kwincwadi kaHoseya?
15 Iimbekiselo zesiprofeto sikaHoseya ezenziwa ngababhali beZibhalo zamaKristu zesiGrike nazo zikwayingenelo ngokugqithiseleyo ukuba siziqwalasele namhlanje. Ngokomzekelo, uPawulos umsebenzisa ngamandla uHoseya 13: 14 ekuxubusheni ngovuko: “Luphi na, kufa ulwamvila lwakho? Luphi na, . . . uloyiso lwakho?” (1 Kor. 15: 55) Ekugxininiseni ubabalo lukaYehova njengoko luboniswe kwizitya zenceba, uPawulos ucaphula kuHoseya 1: 10 nakwesesi-2:23: “Njengokuba esithi nakwekaHoseya, Ndiya kubabiza abangebantu bam ngokuba ngabantu bam; nongathandiweyo, ngokuba ngothandiweyo. Kwakuya kuthi, apho kwabe kusithiwa kubo, Aningabantu bam nina, babizwe apho ngokuthi, Ningoonyana bakaThixo ophilileyo.” (Roma 9: 25, 26) UPetros uzichaza ngamanye amazwi kwaezi ndinyana zicatshulwe kuHoseya esithi: “Enanifudula ningebantu, ke ngoku ningabantu bakaThixo; enaningenzelwanga nceba, ke ngoku nenzelwe inceba.”—1 Pet. 2:10.
16.Ngawaphi amazwi kaHoseya uYesu awawaphindayo njengokubonisa oko akufunayo uYehova elunqulweni?
16 Ngaloo ndlela, isiprofeto sikaHoseya sibonwa sinenzaliseko kungekuphela nje kwithuba lokubuyiselwa kwentsalela ngomhla kaZerubhabheli kodwa kwakhona kwinceba kaYehova ekuhlanganiseni intsalela yokomoya eba ‘ngoonyana bakaThixo ophilileyo.’ Ephefumlelwe uHoseya wabona oko kwakufuneka kwaba. Asiyombonakalo engokonqulo yombingelelo, kodwa ngokwamazwi kaHoseya 6:6 (uYesu awawaphindayo kuMateyu 9: 13 nakwese-12:7): “Ngokuba ndinonelele uthando, andinonelele mbingelelo; ndinonelele ukwazi uThixo, ngaphezu kwamadini anyukayo.”
17.(a)Yintoni efunekayo kuye nawuphi na okrexezayo ngokomoya? (b) Liliphi idinga elivuyisayo loBukumkani elikwincwadi kaHoseya?
17 Umzekeliso womfazi okrexezayo owenziwa ngokucace kakhulu kubomi bukaHoseya ubonisa ukuba uYehova uyabacekisa abo bamshiyayo baze baguqukele kwiindlela zokunqula izithixo nonqulo lobuxoki, ngaloo ndlela bekrexeza ngokomoya. Nabani na okhubekayo bubugwenxa umele abuyele kuYehova ngenguquko yokwenyaniso aze ‘anikele iinkunzi zenkomo ezintsha, imibulelo yomlomo wakhe.’ (Hos. 14:2; Heb. 13: 15) Aba basenokuvuya nentsalela yoonyana bokomoya bakaSirayeli ekuzalisekeni kwedinga loBukumkani elikuHoseya 3:5: “Emveni koko baya kubuya oonyana bakaSirayeli, bamquqele uYehova uThixo wabo, noDavide ukumkani wabo; baye benkwantya kuYehova, nasekulungeni kwakhe ekupheleni kwemihla.”
[Imibuzo YeSifundo]