Ukufuna UYehova Ngentliziyo Elungisiweyo
UMBINGELELI ongumSirayeli uEzra wayengumphengululi obalaseleyo, umkhupheli, nomfundisi woMthetho. KumaKristu anamhlanje ungumzekelo omhle wenkonzo yomphefumlo uphela. Njani? Kuba waqhubeka ehlonela uThixo kwanaxa wayehlala eBhabhiloni, isixeko esasizele ngoothixo bobuxoki nonqulo lweedemon.
UEzra akazange amhlonele uThixo nje ngokuzenzekelayo. Wakusebenzela ukwenjenjalo. Eneneni, usixelela ukuba “wayeyilungisile intliziyo yakhe ukuba ahlole umthetho kaYehova, awenze.”—Ezra 7:10.
NjengoEzra, abantu bakaYehova namhlanje bafuna ukwenza konke uYehova akufuna kubo ngoxa bephila kwihlabathi elingalufuniyo unqulo lokwenyaniso. Ngoko makhe sihlole iindlela nathi esingayilungisa ngayo intliziyo yethu, umntu wangaphakathi—kuquka iingcamango zethu, izimo zengqondo neminqweno—ukuze ‘sihlole umthetho kaYehova, siwenze.’
Ukulungisa Intliziyo Yethu
‘Ukulungisa’ kuthetha “ukuyixhobela kusengaphambili injongo ethile: ukuhlala ulungiselele umsebenzi othile, isicelo okanye ilungelo.” Kakade ke, ukuba unolwazi oluchanileyo ngeLizwi likaThixo waza wanikela ubomi bakho kuYehova, ngoko ngokuqinisekileyo intliziyo yakho sele ikwimeko elungisiweyo yaye ingafaniswa ‘nomhlaba omhle’ uYesu awathetha ngawo kumzekeliso wakhe womhlwayeli.—Mateyu 13:18-23.
Noko ke, intliziyo yethu ifuna ingqalelo ize ilungiswe ngalo lonke ixesha. Ngoba? Ngenxa yezizathu ezibini. Esokuqala, ngenxa yotyekelo oluyingozi, njengokhula kwisitiya, lungakhula, ingakumbi ebudeni bale “mihla yokugqibela” apho ‘umoya’ wenkqubo kaSathana uneengcinga ezingokwenyama ezididayo kunanini na ngaphambili. (2 Timoti 3:1-5; Efese 2:2) Isizathu sesibini siphathelele umhlaba ngokwawo. Xa utyeshelwe, kungekudala umhlaba ungoma, uqine uze ungavelisi siqhamo. Okanye abantu abaninzi banokuhamba ngokungakhathali esitiyeni baze bawunyathele umhlaba ude ugangatheke. Uyafana ke nomhlaba ongokomfuziselo oyintliziyo yethu. Usenokungachumi ukuba utyeshelwe okanye unyathelwe ngabantu abangenamdla kwimeko yethu engokomoya.
Ngoko ke, hayi indlela ekubaluleke ngayo kuthi sonke ukusebenzisa umyalelo weBhayibhile othi: “Ngaphezu kwako konke okunye okumele kulondolozwe, londoloza intliziyo yakho, kuba iphuma kuyo imithombo yobomi.”—IMizekeliso 4:23.
Iinkalo Ezityebisa ‘Umhlaba’ Wentliziyo Yethu
Makhe siqwalasele iinkalo ezithile, okanye iimpawu, eziya kutyebisa ‘umhlaba’ wentliziyo yethu ukuze ukhule kakuhle. Kakade ke, kukho izinto ezininzi eziya kuphucula intliziyo yethu, kodwa apha siza kuqwalasela ezintandathu: ukwazi imfuno yethu yokomoya, ukuthobeka, ukunyaniseka, ukoyika uThixo, ukholo nothando.
UYesu wathi: “Banoyolo abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya.” (Mateyu 5:3) Njengokuba ukulamba kusikhumbuza ukuba sifanele sidle, ukwazi ukuba sinemfuno yokomoya kusigcina silambele ukutya kokomoya. Ngokwemvelo, uluntu luyakunqwenela ukutya okunjalo kuba kulunika intsingiselo nenjongo ebomini. Iingcinezelo ezivela kwinkqubo yezinto kaSathana okanye ukonqena nje xa sifanele sifundisise kungenza izazela zethu zibe buthuntu xa kufikelelwa kule mfuno. Nakuba kunjalo, uYesu wathi: “Akaphili ngasonka sodwa umntu, uphila ngamazwi onke aphuma emlonyeni kaYehova.”—Mateyu 4:4.
Ukutya ukutya okunesondlo nokusempilweni ngokuthe rhoqo kugcina umzimba usempilweni, yaye kubangela ukuba umzimba wakhe umdla ngesidlo esilandelayo xa kufika ixesha lako. Kuyafana nangokomoya. Usenokuzigqala njengomntu ongakuthandiyo ukufundisisa, kodwa ukuba ukwenza umkhwa ukufunda iLizwi likaThixo imihla ngemihla uze ufunde iimpapasho ezisekelwe eBhayibhileni ngokuthe rhoqo, uya kufumanisa ukuba umdla wakho uyakhula. Eneneni, ngomnqweno omkhulu uya kukhangela phambili kumaxesha olwenza ngayo ufundisiso lweBhayibhile. Ngoko unganikezeli lula; zibhokoxe ekwakheni umdla ofanelekileyo wokomoya.
Ukuthobeka Kuthambisa Intliziyo
Ukuthobeka kuyinkalo ebalulekileyo ekubeni nentliziyo elungisiweyo kuba kusenza sikwazi ukufundiseka yaye kusinceda ukuze sikulungele ukwamkela amacebiso nokulungiswa ngothando. Khawucinge ngomzekelo omhle kaKumkani uYosiya. Ebudeni bolawulo lwakhe kwafumaneka uxwebhu olwalunoMthetho kaThixo owawunikwe uMoses. Xa uYosiya weva amazwi oMthetho waza waqonda indlela ookhokho bakhe abaphambuka ngayo kunqulo olunyulu, wasuka wazikrazula iingubo zakhe walila phambi kukaYehova. Kwakutheni ukuze iLizwi likaThixo liyichukumise ngokunzulu kangaka intliziyo yalo kumkani? Le ngxelo ithi intliziyo yakhe “ibithambile,” ngoko wazithoba xa weva amazwi kaYehova. UYehova wayiphawula intliziyo kaYosiya ethobekileyo nevumayo waza wamsikelela ngokuvisisana noko.—2 Kumkani 22:11, 18-20.
Ukuthobeka kwabangela abafundi bakaYesu “abangenamfundo nabaqhelekileyo” baqonda baza basebenzisa iinyaniso zokomoya ezingazange ziqondwe ‘zizilumko nabo baziingqondi’ kodwa “ngokwenyama.” (IZenzo 4:13; Luka 10:21; 1 Korinte 1:26) Aba babengakulungelanga ukwamkela ilizwi likaYehova kuba iintliziyo zabo zazilukhuni likratshi. Ngaba kuyamangalisa ke ngoko ukuba uYehova elithiyile ikratshi?—IMizekeliso 8:13; Daniyeli 5:20.
Ukunyaniseka Nokoyika UThixo
Umprofeti uYeremiya wabhala esithi “intliziyo inenkohliso kunayo nantoni na yaye iyatyhudisa. Ngubani na onokuyazi?” (Yeremiya 17:9) Le nkohliso izibonakalisa ngeendlela ezahlukahlukeneyo, njengokuzithethelela xa sisenza okuphosakeleyo. Kwakhona iyabonakala xa sizithabatha kancinane iziphako ezinzulu zobuntu. Noko ke, ukunyaniseka kuya kusinceda siyoyise intliziyo ekhohlisayo ngokusinceda sijamelane nenyaniso ngeziqu zethu ukuze siphucule. Umdumisi wabonakalisa ukunyaniseka okunjalo xa wathandaza esenjenje: “Ndihlolisise, Yehova, undivavanye; sulungekisa izintso zam nentliziyo yam.” Kucacile ukuba, umdumisi wayeyilungisile intliziyo yakhe ukuze ikwamkele ukusulungekiswa nokuvavanywa nguYehova, kwanokuba kwakuthetha ukuqonda nezinto ezingacocekanga esizenzayo ukuze sikwazi ukuzeyisa.—INdumiso 17:3; 26:2.
Ukoyika uThixo, nto leyo equka “ukuthiya okubi,” kuluncedo olunamandla kule nkqubo yokusulungekiswa. (IMizekeliso 8:13) Ngoxa sibuxabisa ububele bothando nokulunga kukaYehova, umntu omoyika ngokwenene uYehova uyaqonda ukuba uYehova unamandla okubohlwaya, de ababulale, abo bangamthobeliyo. UYehova wabonisa ukuba abo bamoyikayo bamele bamthobele xa wathi ngamaSirayeli: “Akwaba nje besingahlakulela le ntliziyo yokundoyika nokuyigcina imiyalelo yam yonke ngamaxesha onke, ukuze kulunge kuso noonyana baso kuse kwixesha elingenammiselo!”—Duteronomi 5:29.
Kucacile ukuba, injongo yokumoyika uThixo, asikokumthobela sinkwantya, kodwa kukusishukumisela ekuthobeleni uBawo wethu onothando, esaziyo ukuba ufuna kungenelwe thina. Eneneni, ukumoyika ngolo hlobo uThixo kuyavuselela yaye kubangela uvuyo, nto leyo eyaboniswa ngokucacileyo nguYesu Kristu.—Isaya 11:3; Luka 12:5.
Intliziyo Elungisiweyo Isisityebi Elukholweni
Intliziyo eqinileyo elukholweni iyazi ukuba nantoni na uYehova ayicelayo okanye ayalathisa ngeLizwi lakhe isoloko ichanile yaye iyingenelo kuthi. (Isaya 48:17, 18) Umntu onentliziyo enjalo uyaneliseka xa esebenzisa isibongozo esifumaneka kwiMizekeliso 3:5, 6, esithi: “Kholosa ngoYehova ngayo yonke intliziyo yakho, ungayami ngokwakho ukuqonda. Uze umgqale yena ezindleleni zakho zonke, kwaye uya kuwenza uthi tye umendo wakho.” Noko ke, intliziyo engenalo ukholo, iya kutyekela ekubeni ingamthembi uYehova, ingakumbi ukuba ukwenjenjalo kubandakanya ukuncama izinto ezithile, njengokuphila ubomi obulula ukuze unikele ingqalelo kwizilangazelelo zoBukumkani. (Mateyu 6:33) Ngesizathu esihle, uYehova uyijonga intliziyo engenalukholo ‘njengengendawo.’—Hebhere 3:12.
Ukholo lwethu kuYehova silubonakalisa ngeendlela ezininzi, kuquka izinto esizenzayo ngasese kumakhaya ethu. Ngokomzekelo, cinga ngomgaqo ofumaneka kumaGalati 6:7: “Ningalahlekiswa: UThixo akanakwenziwa intlekisa. Loo nto ayihlwayelayo umntu, uya kuvuna kwayona.” Ukuba siyakholelwa kulo mgaqo kuya kubonakala kwizinto ezifana nemifanekiso eshukumayo esiyibukelayo, iincwadi esizifundayo, nobungakanani bofundisiso lweBhayibhile esilwenzayo, nakwimithandazo yethu. Ewe, ukholo oluqinileyo olusishukumisela ekubeni sihlwayele “ngokwasemoyeni” yinkalo engundoqo ekubeni nentliziyo elungiselwe ukwamkela iLizwi likaYehova size silithobele.—Galati 6:8.
Uthando—Olona Phawu Lukhulu
Phezu kwazo zonke ezinye iimpawu, ngokwenene uthando lwenza umhlaba wentliziyo yethu usabele kwiLizwi likaYehova. Ngaloo ndlela, xa eluthelekisa nokholo nethemba, umpostile uPawulos waluchaza uthando njengolona phawu ‘lukhulu kuzo.’ (1 Korinte 13:13) Intliziyo emthandayo uThixo iyaneliseka yaye iyavuya ngokumthobela; ngokuqinisekileyo ayicatshukiswa koko uThixo akufunayo. Umpostile uYohane wathi: “Kuba ukumthanda uThixo kuko ukuthi, siyigcine imiyalelo yakhe, kwaye ayinzima imiyalelo yakhe.” (1 Yohane 5:3) Ngokufanayo, uYesu wathi: “Ukuba nabani na uyandithanda, uya kuligcina ilizwi lam, yaye uBawo uya kumthanda.” (Yohane 14:23) Phawula ukuba uthando olunjalo luyabuyekezwa. Ewe, uYehova ubathanda ngokunzulu abo batsaleleka kuye ngothando.
UYehova uyazi ukuba asifezekanga yaye ngokufuthi siyamona. Sekunjalo, akacezeli kuthi. Oko uYehova akujongayo kubakhonzi bakhe ‘yintliziyo epheleleyo,’ esishukumisela ukuba simkhonze ngokuzithandela “ngomphefumlo ovumayo.” (1 Kronike 28:9) Kakade ke, uYehova uyazi ukuba kuthabatha ixesha nomgudu ukuba sihlakulele iimpawu ezintle ezintliziyweni zethu nokuze sivelise isiqhamo somoya. (Galati 5:22, 23) Ngenxa yoko, unomonde kuthi, “kuba yena uyakwazi ukuyilwa kwethu, ekhumbula ukuba siluthuli.” (INdumiso 103:14) Ebonisa isimo sengqondo esifanayo, uYesu akazange abagxeke kabukhali abafundi bakhe ngamakhwiniba abo kodwa ngomonde wabanceda waza wabakhuthaza. Ngaba uthando, inceba nomonde onjalo kaYehova noYesu awukushukumiseli ukuba ubathande nangakumbi?—Luka 7:47; 2 Petros 3:9.
Ukuba maxa wambi uwa uvuka ufuna ukuphelisa imikhwa enamatheleyo efana nokhula okanye ufuna ukuyeka ukutyekela ekwenzeni okubi, ungafi intliziyo okanye udimazeke. Kunoko, hlala uphucula njengoko ‘emthandazweni uzingisa,’ kuquka nokuhlala ukhunga kuYehova ukuba akuphe umoya wakhe. (Roma 12:12) Ngoncedo lwakhe, uya kuphumelela, njengoEzra, ekubeni nentliziyo ekulungele ngokupheleleyo ‘ukuhlola umthetho kaYehova, uwenze.’
[Umfanekiso okwiphepha 31]
UEzra waqhubeka ehlonela uThixo kwanaxa wayeseBhabhiloni
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 29]
Garo Nalbandian