UYehova Uyakuva Ukukhalela Kwethu Uncedo
“Amehlo kaYehova akumalungisa, neendlebe zakhe zibhekiswe ekukhaleleni kwawo uncedo.”—INDU. 34:15.
1, 2. (a) Bavakalelwa njani abantu abaninzi namhlanje? (b) Kutheni kungasimangalisi nje oko?
NGABA uneenkxwaleko? Ukuba kunjalo asinguwe wedwa. Izigidi ngezigidi zixinezelekile ziingxaki zemihla ngemihla ezibangelwa kukuphila kule nkqubo ingendawo yezinto. Kwabaninzi kunzima ukuzinyamezela. Bavakalelwa kanye ngendlela awavakalelwa ngayo umdumisi uDavide owathi: “Ndisuke ndandindisholo yaye ndityumke ngomlinganiselo ogqithileyo; ndiyagcuma ngenxa yokugcuma kwentliziyo yam. Intliziyo yam ingongoza kakhulu, amandla am andishiyile, nokukhanya kwamehlo am akukho kum.”—INdu. 38:8, 10.
2 NjengamaKristu ayisothusi into yokuba ubomi buzaliswe ziinkxwaleko. Siyaqonda ukuba ‘inimba’ yenkxwaleko yinxalenye yomqondiso wobukho bukaYesu obaxelwa kwangaphambili. (Marko 13:8; Mat. 24:3) Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi ‘inimba’ lidla ngokubhekisela kwintlungu ebakho xa kuzalwa umntwana. Eli binzana likuchaza kakuhle ukubandezeleka okungathethekiyo kwabantu kula maxesha “amanqam ekunzima ukujamelana nawo”!—2 Tim. 3:1.
UYehova Uyayiqonda Inkxwaleko Esikuyo
3. Yintoni abayiqonda kakuhle abantu bakaThixo?
3 Abantu bakaYehova bayaqonda ukuba nabo abagonywanga kwezi nkxwaleko, yaye ezi meko ziseza kuba mandundu. Ukongezelela kwiingxaki abajamelana nazo abantu, njengabakhonzi bakaThixo sikwajamelene ‘notshaba olunguMtyholi,’ oluzimisele ukusityekisa elukholweni. (1 Pet. 5:8) Ngenxa yoko kusenokuba lula gqitha ukuvakalelwa njengoDavide owathi: “Ungcikivo luyaphule intliziyo yam, yaye inxeba alinyangeki. Ndiqhubeke ndinethemba lokuba kukho uthile oya kubonisa uvelwano, kodwa bekungekho namnye; nokuba kuya kubakho abathuthuzeli, kodwa andafumana namnye.”—INdu. 69:20.
4. Yintoni esithuthuzelayo xa sithwaxwa ziinkxwaleko?
4 Ngaba uDavide wayethetha ukuba wayengenathemba tu kwaphela? Akunjalo. Khawumphulaphule njengoko ehlabela mgama esithi: “Kuba uYehova uphulaphula abangamahlwempu, yaye eneneni akayi kuwadelela amabanjwa akhe.” (INdu. 69:33) Loo nto ithetha ukuba, maxa wambi sisenokuziva singamabanjwa eenkxwaleko zethu okanye iinzingo zethu. Kusenokubonakala ngathi abanye abayiqondi kakuhle eyona meko sikuyo—babe ke eneneni bengayiqondi. Kodwa njengoDavide, sinokuthuthuzelwa kukwazi ukuba uYehova uziqonda kakuhle iinkxwaleko esikuzo.—INdu. 34:15.
5. Yintoni awayeqiniseke ngayo uKumkani uSolomon?
5 Esi sibakala sagxininiswa ngunyana kaDavide uSolomon xa kwakunikezelwa itempile yaseYerusalem. (Funda eyesi-2 YeziKronike 6:29-31.) Wacela uYehova ukuba eve umthandazo wabo banyanisekileyo nabasondela kuye, ‘ngamnye ngokwesibetho sakhe nentlungu yakhe.’ UThixo wayeza kusabela njani kwimithandazo yaba bantu baxhwalekileyo? USolomon wayeqinisekile ukuba uThixo wayengayi kwanela nje ukuphulaphula imithandazo yabo kodwa wayeya kuzifezekisa izicelo zabo. Yintoni eyayimenza aqiniseke? Kaloku uThixo ukwazi kakuhle oko ‘kusezintliziyweni zoonyana boluntu.’
6. Sinokuhlangabezana njani namaxhala, yaye ngoba?
6 Nathi sinokuthandaza kuYehova ‘ngokwezibetho neentlungu zethu,’ oko kukuthi, iinkxwaleko esinazo. Kufanele kusithuthuzele ukwazi ukuba uyaziqonda iinkxwaleko zethu yaye usikhathalele. Umpostile uPetros wakuqinisekisa oku xa wathi: “Liphoseni kuye lonke ixhala lenu, kuba unikhathalele.” (1 Pet. 5:7) UYehova ukuxhalabele oko kwenzeka kuthi. UYesu wayibalaselisa kakuhle indlela asithanda ngayo uYehova xa wathi: “Ngaba oongqatyana ababini abathengiswa ngengqekembe exabiso lincinane na? Kanti akukho namnye kubo oya kuwela emhlabeni ngaphandle kolwazi lukaYihlo. Nina ke, kwaneenwele ezi zentloko yenu zibaliwe zonke. Ngoko ke musani ukoyika: Nixabiseke ngaphezu koongqatyana abaninzi.”—Mat. 10:29-31.
Kholosa Ngoncedo LukaYehova
7. Yiyiphi inkxaso kaYehova esiqinisekileyo ngayo?
7 Siqinisekile ukuba uYehova ukulungele ukusinceda xa sithwaxwa ziinkxwaleko. “UThixo uyindawo yokusabela namandla kuthi, uncedo olufumaneka ngokukhawuleza ekubandezelekeni.” (INdu. 34:15-18; 46:1) UThixo ukwenza njani oku? Qwalasela oku kuthethwa yeyoku-1 kwabaseKorinte 10:13: “UThixo uthembekile, yaye akayi kuniyekela nihendwe ngaphaya koko ninokukuthwala, kodwa kunye nesihendo eso uya kwenza nendlela yokuphuma ukuze nikwazi ukusinyamezela.” UYehova usenokulungelelanisa izinto ukuze ayiphelise inkxwaleko, okanye asinike amandla okuyinyamezela. Nokuba wenze yiphi na kwezo, uya kusinceda.
8. Yintoni esinokuyenza ukuze uThixo asincede?
8 Yintoni esinokuyenza ukuze uYehova asincede? Nali icebiso esilinikwayo: “Liphoseni kuye lonke ixhala lenu.” Oku kuthetha ukuba, ngokungathi kunjalo, siphosela kuYehova zonke izinto ezisikhathazayo nezisixhalabisayo. Sizama ukuyeka ukukhathazeka size ngomonde sithembele kuye ukuba uya kuzinyamekela iintswelo zethu. (Mat. 6:25-32) Ukuze sikwazi ukumthemba kufuneka sithobeke, singathembeli kumandla okanye kubulumko bethu. Xa sizithoba “phantsi kwesandla esinamandla sikaThixo,” sibonisa ukuyamkela into yokuba siphantsi. (Funda eyoku-1 kaPetros 5:6.) Kwelinye icala, oku kusinceda sinyamezele nantoni na uThixo ayivumelayo. Thina sisenokunqwenela ukuba izinto zilunge ngokukhawuleza, kodwa sinethemba lokuba uYehova ulazi kakuhle elona xesha nendlela aya kusihlangula ngayo.—INdu. 54:7; Isa. 41:10.
9. Nguwuphi umthwalo ekwafuneka uDavide awuphosele kuYehova?
9 Khumbula la mazwi kaDavide akwiNdumiso 55:22: “Umthwalo wakho wulahlele kuYehova, yaye yena wokuxhasa. Akayi kuliyekela ilungisa lishukunyiswe.” Xa uDavide wayebhala la mazwi wayekwiinkxwaleko ezingathethekiyo. (INdu. 55:4) Kuyabonakala ukuba le ndumiso wayibhala xa unyana wakhe uAbhisalom wayesenza iyelenqe lokuthabathela kuye ubukumkani. Nomcebisi kaDavide uAhitofele wafak’ isandla kwelo yelenqe. UDavide kwafuneka asabe eYerusalem esindisa ubomi bakhe. (2 Sam. 15:12-14) Kwanakwezo meko zinzima, uDavide akazange ayeke ukukholosa ngoThixo, ibe akazange adaniswe.
10. Yintoni esimele siyenze xa sithwaxwa ziinkxwaleko?
10 NjengoDavide, kubalulekile ukuba nathi siyithandazele kuYehova nayiphi na inkxwaleko esikuyo. Makhe siqwalasele oko umpostile uPawulos asibongoza ukuba sikwenze xa sithwaxwa ziinkxwaleko. (Funda eyabaseFilipi 4:6, 7.) Uya kusinceda njani loo mthandazo wokunyaniseka? “Uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzilinda iintliziyo zenu namandla enu engqondo ngoKristu Yesu.”
11. “Uxolo lukaThixo” luzikhusela njani iintliziyo namandla ethu engqondo?
11 Ngaba umthandazo unokuyitshintsha imeko okuyo? Kusenokuba njalo. Kodwa simele siqonde ukuba uYehova akasoloko eyiphendula ngendlela esifuna ngayo imithandazo yethu. Nakuba kunjalo, umthandazo usinceda sihlale silungelelene, ukuze singonganyelwa ziinkxwaleko esikuzo. “Uxolo lukaThixo” lunokusenza sizole ngoxa sixinezelekile. Njengomkhosi wamajoni okhusele isixeko ekuhlaselweni, “uxolo lukaThixo” luya kuzikhusela iintliziyo namandla ethu engqondo. Kwakhona luya kuphelisa nawaphi na amathandabuzo, uloyiko nokudimazeka, luze lusithintele singadyuduzeli, size senze izinto singacinganga.—INdu. 145:18.
12. Yenza umzekelo wendlela umntu anokuba noxolo lwengqondo ngayo.
12 Yintoni enokusinceda sibe noxolo lwengqondo ngoxa sixinezelekile? Khawucinge ngalo mzekelo oyichaza kakuhle imeko yethu. Umntu oqeshiweyo usebenza ngaphantsi komphathi okhohlakeleyo. Kuthi kusenjalo afumane ithuba lokuya kuphalaza imbilini yakhe kumnini wenkampani leyo, onobubele noqiqayo. Lo mnikazi uyamqinisekisa ukuba uyiqonda kakuhle ingxaki akuyo, abe sele emchazela ukuba iintsuku zaloo mphathi ukhohlakeleyo sele zibaliwe. Umele ukuba uziva njani loo mqeshwa ngoku? Ukuva oko nokuqiniseka ukuba kuza kwenzeka kuya kumomeleza ngakumbi kuze kumenze anyamezele, nakuba eseza kuba phantsi kwaloo mphathi okwethutyana. Nathi siyazi ukuba uYehova uyiqonda kakuhle imeko esikuyo, yaye uyasiqinisekisa ukuba sekumbovu ‘umlawuli weli hlabathi aphoselwe phandle.’ (Yoh. 12:31) Kuyasithuthuzela ngokwenene oko.
13. Ukongezelela ekuthandazeni, yintoni enye esimele siyenze?
13 Ngaba simele sanele nje kukuthandaza kuYehova size emva koko sisonge izandla? Akumele kube njalo. Kufuneka senze okungakumbi kunoko. Kufuneka senze ngokuvisisana nemithandazo yethu. Xa uKumkani uSawule wathumela amadoda ukuba aye kubulala uDavide, uDavide wathandaza wathi: “Ndihlangule kwiintshaba zam, Thixo wam; kwabo bandivukelayo ngamana ungandikhusela. Ndihlangule kwabo baqhelisela okwenzakalisayo, nakumadoda anetyala legazi ndisindise.” (INdu. 59:1, 2) Nasemva kokuba ethandazile, uDavide wamphulaphula umkakhe waza wasaba. (1 Sam. 19:11, 12) Nathi sinokuthandazela ubulumko bokuhlangabezana nemeko esikuyo okanye bokuyenza bhetele.—Yak. 1:5.
Indlela Esinokufumana Ngayo Amandla Okunyamezela
14. Yintoni enokusinceda sinyamezele xa sisebunzimeni?
14 Iinkxwaleko esikuzo zisenokungapheli ngokukhawuleza. Zisenokuqhubeka zisithwaxa ithuba elide. Yintoni eya kusinceda sinyamezele xa kunjalo? Okokuqala, khumbula ukuba xa siqhubeka sikhonza uYehova ngokuthembeka ngoxa sijamelene neengxaki, oko kubonisa ukuba siyamthanda. (IZe. 14:22) Ungalilibali eli bango likaSathana ngokuphathelele uYobhi: “Ngaba uYobhi ebeya kukunqulela ilize na? Umkhusele yena nentsapho yakhe nayo yonke into anayo. Uyayisikelela yonke into anayo, yaye umnike imihlambi yeenkomo ezalise lonke ilizwe. Kodwa ukuba unokuzithabatha zonke ezi zinto—uya kukuqalekisa ebusweni bakho.” (Yobhi 1:9-11, iToday’s English Version) Ngokugcina kwakhe ingqibelelo, uYobhi walingqina libubuvuvu elo bango likaSathana. Ngokunyamezela kwethu kwiimeko ezinzima, nathi simngqina elixoki. Kwelinye icala, ukunyamezela kwethu kusenza siqiniseke ngakumbi ngethemba esinalo.—Yak. 1:4.
15. Yiyiphi imizekelo enokusomeleza?
15 Okwesibini, ningalibali ukuba “behlelwa kwaziimbandezelo ezifanayo nabazalwana benu bonke ehlabathini.” (1 Pet. 5:9) Ewe, “akukho sihendo sinibambileyo ngaphandle koko kuqhelekileyo ebantwini.” (1 Kor. 10:13) Ngoko unokomelezwa kukucamngca ngemizekelo yabanye kunokuba ube ucinga ngobunzima okubo. (1 Tes. 1:5-7; Heb. 12:1) Zinike ixesha lokucinga ngemizekelo yabanye obaziyo abaye banyamezela ngokuthembeka nakubeni bentlithwa ziinkxwaleko. Ngaba ukhe wenza uphando ngamava obomi akwiimpapasho zethu ukuze uve iingxelo zabo baye batyhubela ubunzima obufanayo nobakho? Ezo ngxelo zisenokukomeleza.
16. UThixo usomeleza njani xa sikwizilingo ezahlukeneyo?
16 Okwesithathu, mayingakusitheli into yokuba uYehova nguBawo “onenceba noThixo wentuthuzelo yonke, osithuthuzelayo kuyo yonke imbandezelo yethu, ukuze sikwazi ukuthuthuzela abo bakulo naluphi na uhlobo lwembandezelo ngayo intuthuzelo nathi ngokwethu esithuthuzelwa ngayo nguThixo.” (2 Kor. 1:3, 4) Kufana nokungathi uThixo ukunye nathi ukuze asikhuthaze yaye asomeleze, kungekhona nje kwimbandezelo esikuyo ngoku kodwa “kuyo yonke imbandezelo yethu.” Oku kusinceda sikwazi nathi ukuthuthuzela abanye “kulo naluphi na uhlobo lwembandezelo.” UPawulos wayekwazi ngokusuka kumava akhe ukuchana kwala mazwi.—2 Kor. 4:8, 9; 11:23-27.
17. IBhayibhile inokusinceda njani sihlangabezane namanzithinzithi obomi?
17 Okwesine, sineLizwi likaThixo iBhayibhile, ‘eliyingenelo ekufundiseni, ekohlwayeni, ekulungelelaniseni izinto, ekuqeqesheleni ebulungiseni, ukuze umntu kaThixo awufanelekele aze awuxhobele ngokupheleleyo wonke umsebenzi olungileyo.’ (2 Tim. 3:16, 17) ILizwi likaThixo alaneli nje ukusenza ‘siwufanelekele size siwuxhobele wonke umsebenzi olungileyo.’ Likwasinceda sikwazi ukuhlangabezana namanzithinzithi obomi. Lisenza ‘sifaneleke size sixhobe ngokupheleleyo.’ Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi ‘xhoba ngokupheleleyo’ lithetha ‘ukulungela.’ Eli gama lalinokusetyenziswa ukubhekisela kwinqanawa yamandulo eyayenzelwe ukufaka yonk’ into efuneka kuhambo lwaselwandle okanye libhekisele kumatshini olungele ukwenza nantoni na efunekayo. Ngokufanayo, esebenzisa iLizwi lakhe uYehova usilungiselela konke esikufunayo ukuze sikwazi ukuhlangabezana nayo nantoni na esidibana nayo. Ngoko sinokuthi, “Ukuba uThixo uyayivumela le meko, unokundinceda ndikwazi ukuyinyamezela.”
Ukuhlangulwa Kuzo Zonke Iinkxwaleko Zethu
18. Yintoni emele ihlale ithe thaa ezingqondweni zethu ukuze sikwazi ukunyamezela ngokuthembeka?
18 Okwesihlanu, mayihlale ithe thaa engqondweni yakho into yokuba kungekudala uYehova uya kulukhulula uluntu kuzo iinkxwaleko olutyhubela kuzo. (INdu. 34:19; 37:9-11; 2 Pet. 2:9) Ekugqibeleni, uThixo akayi kusihlangula kwezi nkxwaleko nje kuphela, kodwa uya kusinika ubomi obungunaphakade, enoba kusezulwini kunye noYesu okanye kwiparadesi esemhlabeni.
19. Sinokukwazi njani ukunyamezela ngokuthembaka?
19 De kube lelo xesha, siya kuqhubeka sijamelene neemeko ezibuhlungu zeli hlabathi lingendawo. Sikhangele phambili xa ezi ntlungu ziya kube zingasekho! (INdu. 55:6-8) Masikhumbule ukuba ukunyamezela kwethu ngokuthembeka kumngqina elixoki uMtyholi. Ngamana singomelezwa yimithandazo yethu nangabazalwana bethu, sisazi ukuba nabo behlelwa zizinto ezifanayo. Qhubeka ufaneleka yaye uxhobe ngokupheleleyo ngokulisebenzisa kakuhle iLizwi likaThixo. Ungaze uvumele nantoni na ikwenze uyeke ukuthembela kuthando ‘lukaThixo wayo yonke intuthuzelo.’ Ungalibali ukuba “amehlo kaYehova akumalungisa, neendlebe zakhe zibhekiswe ekukhaleleni kwawo uncedo.”—INdu. 34:15.
Ngaba Unokuphendula?
• UDavide wayevakalelwa njani ziinkxwaleko akuzo?
• Yintoni awathi uqinisekile ngayo uKumkani uSolomon?
• Yintoni enokusinceda sihlangabezane noko akuvumelayo uYehova?
[Umfanekiso okwiphepha 13]
USolomon wayeqinisekile ukuba uYehova uya kubanceda abantu bakhe abaxhwalekileyo
[Umfanekiso okwiphepha 15]
UDavide waphosela kuYehova umthwalo wakhe ngomthandazo waza wasebenzela koko akuthandazelayo