UYehova Yindawo Yethu Yokusabela
“Ngenxa yokuba uthe: ‘UYehova uyindawo yam yokusabela,’ . . . akukho ntlekele iya kukuhlela.”—INDUMISO 91:9, 10.
1. Kutheni sinokuthi uYehova uyindawo yethu yokusabela?
UYEHOVA uyindawo yokwenene yokusabela abantu bakhe. Ukuba sizinikele kuye ngomphefumlo uphela, ‘sisenokubandezelwa ngandlela zonke, kodwa singaxineki ngokokude singabi nakushukuma; sisenokuthingaza, kodwa kungekhona ngokokude singabi nayo kwaphela indlela yokuphuma; sisenokutshutshiswa, kodwa singashiywa enyanyeni; siphoswe phantsi, kodwa singatshatyalaliswa.’ Ngoba? Ngenxa yokuba uYehova usinika “amandla angaphaya koko kuqhelekileyo.” (2 Korinte 4:7-9) Ewe, uBawo wethu osezulwini uyasinceda ukuba siphile ubomi bokuhlonel’ uThixo, yaye sinokuthetha amazwi awathethwa ngumdumisi athi: “Ngenxa yokuba uthe: ‘UYehova uyindawo yam yokusabela,’ wenze Oyena Uphakamileyo waba yindawo yakho yokuhlala; akukho ntlekele iya kukuhlela.”—INdumiso 91:9, 10.
2. Kunokuthiwani ngeNdumiso 91 nezithembiso ezifumaneka kuyo?
2 Kusenokwenzeka ukuba loo mazwi afumaneka kwiNdumiso 91 abhalwa nguMoses. Umbhalo osemantla weNdumiso 90 ubonisa ukuba nguye umqambi wayo, yaye emva kwayo kulandela INdumiso 91 yaye akukho ngxelo ikhankanya omnye umbhali. Mhlawumbi xa kuvunywa INdumiso 91 kwakuhlabela umntu omnye (91:1, 2), kuze kulandele ikwayala (91:3-8). Kusenokwenzeka ukuba kwakuvakala ilizwi lemvumi enye (91:9a) kuze kulandele iqela (91:9b-13). Yandule ke imvumi enye ivume amazwi okugqibela (91:14-16). Kungakhathaliseki ukuba yayivunywa njani, INdumiso 91 ithembisa unqabiseko lokomoya kumaKristu athanjisiweyo njengeqela yaye inikela isiqinisekiso esifanayo kumaqabane awo azahluleleyo njengeqela.a Makhe sihlolisise le ndumiso sicinga ngabo bonke abo bakhonzi bakaYehova.
Ukunqabiseka ‘Kwindawo Efihlakeleyo KaThixo’
3. (a) Yintoni ‘indawo efihlakeleyo yOyena Uphakamileyo’? (b) Sifumana ntoni ‘ngokulalisa emthunzini waLowo unguSomandla’?
3 Umdumisi uvuma le ngoma: “Nabani na ohleli kwindawo efihlakeleyo yOyena Uphakamileyo uya kuzifumanela indawo yokulalisa emthunzini waLowo unguSomandla. Ndiza kuthi kuYehova: ‘Uyindawo yam yokusabela negwiba lam, Thixo wam, endiza kukholosa ngaye.’” (INdumiso 91:1, 2) ‘Indawo efihlakeleyo yOyena Uphakamileyo’ likhusi lethu lokomfuziselo, yaye ngokukodwa abathanjisiweyo, awona maxhoba aphambili kaMtyholi. (ISityhilelo 12:15-17) Ubeya kusitshabalalisa sonke ukuba besingakhuselekanga kwindawo esihlala kuyo njengeendwendwe zokomoya zikaThixo. ‘Ngokulalisa emthunzini waLowo unguSomandla,’ sifumana umthunzi okanye isithunzi sikaThixo esikhuselayo. (INdumiso 15:1, 2; 121:5) Akukho ndawo yokusabela ikhuseleke ngakumbi okanye igwiba elinamandla ngakumbi kuneNkosi enguMongami, uYehova.—IMizekeliso 18:10.
4. Ngawaphi amacebo asetyenziswa ‘ngumbambisi weentaka,’ onguSathana, yaye sisinda njani?
4 Umdumisi uyongezelela: “Kuba yena [uYehova] uya kukuhlangula kwisibatha sombambisi weentaka, nakwindyikitya yokufa ebangela iinkxwaleko.” (INdumiso 91:3) Umbambisi weentaka kuSirayeli wamandulo ngokufuthi wayebambisa iintaka esebenzisa isibatha. Phakathi kwezinye izibatha ‘zombambisi weentaka,’ onguSathana, ziintlangano zakhe ezingendawo ‘namacebo achuliweyo.’ (Efese 6:11, umbhalo osemazantsi weNW eneembekiselo) Izibatha ezifihliweyo zibekwa endleleni yethu ukuze zisitsalele kwizenzo ezingendawo size senzakale ngokomoya. (INdumiso 142:3) Noko ke, ngenxa yokuba siye sazilahla izenzo ezingezozabulungisa, “umphefumlo wethu unjengentaka ebalekileyo esibatheni.” (INdumiso 124:7, 8) Hayi indlela esinombulelo ngayo kuba uYehova esihlangula ‘kumbambisi weentaka’ ongendawo!—Mateyu 6:13.
5, 6. Yiyiphi ‘indyikitya’ eye yabangela “iinkxwaleko,” kodwa kutheni abantu bakaYehova benganikezeli kuyo?
5 Umdumisi uthetha ‘ngendyikitya ebangela iinkxwaleko.’ Njengesifo esasulelayo esingubhubhani, kukho into ebangela “iinkxwaleko” kwintsapho engabantu nakwabo baphakamisa ulongamo lukaYehova. Ngokuphathelele le nkalo, umbhali-mbali uArnold Toynbee wabhala: “Ukususela ekupheleni kweMfazwe Yehlabathi II inani lamazwe azimeleyo liye laphindaphindeka ngenxa yobuhlanga . . . Isimo sengqondo soluntu esikhoyo ngoku sibangela iiyantlukwano ngakumbi.”
6 Ukutyhubela iinkulungwane, abalawuli abathile baye banempembelelo kwiimbambano ezibangele iyantlukwano phakathi kwezizwe ngezizwe. Baye banyanzelisa nokuba kuhlonelwe bona okanye imifanekiso eyahlukahlukeneyo. Kodwa uYehova akakhange abayekele abantu bakhe abathembekileyo ukuba banikezele ‘kwindyikitya’ enjalo. (Daniyeli 3:1, 2, 20-27; 6:7-10, 16-22) Njengabazalwana abanothando bomhlaba wonke, sizinikela kuYehova ngokupheleleyo, silondoloza ubundilele beZibhalo, yaye ngaphandle kwekhethe siyaqonda ukuba “kwiintlanga zonke umntu omoyikayo [uThixo] aze asebenze ubulungisa wamkelekile kuye.” (IZenzo 10:34, 35; Eksodus 20:4-6; Yohane 13:34, 35; 17:16; 1 Petros 5:8, 9) Nangona sihlaselwa ‘ziinkxwaleko’ ngenxa yokutshutshiswa kwethu njengamaKristu, siyavuya yaye sinqabisekile ngokomoya “kwindawo efihlakeleyo yOyena Uphakamileyo.”
7. UYehova usikhusela njani “ngeentsiba zakhe”?
7 Ekubeni uYehova eyindawo yethu yokusabela, siyathuthuzeleka ngala mazwi: “Ngeentsiba zakhe uya kuthintela kungasondeli nto kuwe, wena uya kusabela phantsi kwamaphiko akhe. Inyaniso yakhe iya kuba likhaka elikhulu nesikhuselo.” (INdumiso 91:4) UThixo uyasikhusela, kanye njengokuba intaka indanda phezu kwamantshontsho ayo ukuze iwakhusele. (Isaya 31:5) ‘Ngeentsiba zakhe uthintela ukuba kungasondeli nto kuthi.’ Ngokucacileyo, ‘iintsiba’ zentaka ngamaphiko ayo. Intaka igquma ngawo amantshontsho ayo, iwakhusela ezintshabeni. Njengamantshontsho, sikhuselekile phantsi kwamaphiko kaYehova okomfuziselo ngenxa yokuba siye sasabela kwintlangano yakhe yamaKristu okwenyaniso.—Rute 2:12; INdumiso 5:1, 11.
8. “Inyaniso” kaYehova ilikhaka elikhulu nesikhuselo njani?
8 Sikholose ‘ngenyaniso,’ okanye ngokuthembeka. Ifana nekhaka elikhulu lamandulo, ngokufuthi elalimile njengocango yaye lilikhulu ngokwaneleyo ukuba lingagquma umzimba womntu wonke. (INdumiso 5:12) Ukuba nentembelo kukhuseleko olunjalo kusenza singabi naloyiko. (Genesis 15:1; INdumiso 84:11) Ngokufanayo nokholo lwethu, inyaniso kaThixo likhaka elikhulu elikhuselayo elithintela imijukujelwa evuthayo kaSathana yaye lithintela izithonga zotshaba. (Efese 6:16) Ikwasisikhuselo, induli eyomeleleyo esikhuselayo leyo sima siqinile emva kwayo.
‘Asiyi Koyika’
9. Kutheni ubusuku bunokuba lixesha eloyikekayo, kodwa kutheni thina singoyiki?
9 Ngokuphathelele inkuselo kaThixo, umdumisi uthi: “Akuyi koyika nantoni na eyoyikekayo ebusuku, nalutolo luphaphazelayo emini, nandyikitya yokufa ehamba esithokothokweni, nantshabalalo iphangayo emini emaqanda.” (INdumiso 91:5, 6) Ekubeni izenzo zobungendawo ezininzi zisenziwa ebumnyameni, ubusuku bunokuba lixesha eloyikekayo. Kobu bumnyama bokomoya bugubungele ihlabathi ngoku, ngokufuthi iintshaba zethu zibhenela kwizenzo zobuqhophololo zizama ukutshabalalisa uxabiso esinalo ngezinto zokomoya nokuvala umsebenzi wethu wokushumayela. Kodwa ‘asoyiki nantoni na eyoyikekayo ebusuku’ ngenxa yokuba uYehova uyasikhusela.—INdumiso 64:1, 2; 121:4; Isaya 60:2.
10. (a) Kubonakala ngathi lubhekisela entwenini ‘utolo oluphaphazela emini,’ yaye sisabela njani ngokuphathelele lona? (b) Injani ‘indyikitya yokufa ehamba esithokothokweni,’ yaye kutheni singayoyiki?
10 Kubonakala ngathi ‘utolo oluphaphazela emini’ lubhekisela ekuhlaselweni ngamazwi. (INdumiso 64:3-5; 94:20) Njengoko sizingisa ukunikela inkcazelo yenyaniso, inkcaso ekrakra ngolo hlobo kwinkonzo yethu engcwele ingqineka ililize. Ngapha koko asiyoyiki ‘indyikitya yokufa ehamba esithokothokweni.’ Le yindyikitya yokufa yokomfuziselo ebangelwa leli hlabathi lisesithokothokweni, eliwohlokileyo ngokuziphatha nangokonqulo, nelisemandleni kaSathana. (1 Yohane 5:19) Idodobalisa iingqondo neentliziyo, ibangele abantu babe sebumnyameni ngokuphathelele uYehova, iinjongo zakhe namalungiselelo akhe othando. (1 Timoti 6:4) Phakathi kobu bumnyama asoyiki, ekubeni sinandipha intabalala yokukhanya kokomoya.—INdumiso 43:3.
11. Kwenzeka ntoni kwabo bajamelana ‘nokuphangwa emini emaqanda’?
11 ‘Intshabalalo ephangayo emini emaqanda’ nayo asiyoyiki. ‘Imini emaqanda’ isenokuba ibhekisela koko kufane kuthiwe kukukhanya kwehlabathi. Abo banikezelayo kwiimbono zako ngokuphathelele izinto eziphathekayo bayenzakala ngokomoya. (1 Timoti 6:20, 21) Njengoko sivakalisa isigidimi soBukumkani ngenkalipho, asoyiki nalunye kwiintshaba zethu, kuba uYehova nguMkhuseli wethu.—INdumiso 64:1; IMizekeliso 3:25, 26.
12. ‘Awela’ ecaleni kukabani amawaka, yaye ngayiphi indlela?
12 Umdumisi uhlabela mgama esithi: “Kuya kuwa iwaka ecaleni kwakho neshumi lamawaka ngasesandleni sakho sokunene; kuwe akuyi kusondela nto. Uya kukhangela kuphela ngamehlo akho uze ubone impindezelo kwabo bangendawo.” (INdumiso 91:7, 8) Ngenxa yokusilela ukwenza uYehova indawo yabo yokusabela, abaninzi ‘bayawa’ bafe ngokomoya “ecaleni kwakho.” Ngenxa yoko, ‘ishumi lamawaka’ liye lawa ‘ngasesandleni sokunene’ samaSirayeli okomoya anamhlanje. (Galati 6:16) Kodwa enoba singamaKristu athanjisiweyo okanye amaqabane awo azahluleleyo, sinqabisekile ‘kwindawo kaThixo yokusabela.’ ‘Siyakhangela kuphela sibone impindezelo kwabo bangendawo,’ abavuna inkathazo kwezorhwebo, kwezonqulo nangezinye iindlela.—Galati 6:7.
‘Akukho Ntlekele Iya Kusehlela’
13. Ziziphi iintlekele ezingasehleliyo, yaye ngoba?
13 Nangona unqabiseko lweli hlabathi luwohloka, sibeka uThixo kwindawo yokuqala size sizuze ukhuthazo kumazwi omdumisi athi: “Ngenxa yokuba uthe: ‘UYehova uyindawo yam yokusabela,’ wenze Oyena Uphakamileyo waba yindawo yakho yokuhlala; akukho ntlekele iya kukuhlela, nesibetho asiyi kusondela ententeni yakho.” (INdumiso 91:9, 10) Ewe, uYehova yindawo yethu yokusabela. Noko ke, Oyena Thixo Uphakamileyo simenza ‘indawo yethu yokuhlala,’ apho sizuza khona ukhuseleko. Siyamdumisa uYehova njengoMongami Wendalo Iphela, ‘sihlale’ kuye njengoMthombo wonqabiseko, size sivakalise iindaba ezilungileyo zoBukumkani bakhe. (Mateyu 24:14) Ngoko ke, ‘akukho ntlekele iya kusehlela’—akukho nanye kwiintlekele ezichazwe ngaphambilana kule ndumiso. Kwanaxa thina kunye nabanye, sifikelwa ziintlekele ezifana neenyikima, iinkanyamba, izikhukula, iindlala neemfazwe, azilutshabalalisi ukholo lwethu okanye unqabiseko lwethu lokomoya.
14. Njengabakhonzi bakaYehova, kutheni singasulelwa zizibetho ezibulalayo?
14 AmaKristu athanjisiweyo afana nabemi basemzini abahlala ezintenteni ngaphandle kwale nkqubo yezinto. (1 Petros 2:11) ‘Akukho sibetho sisondelayo ententeni yawo.’ Enoba sinethemba lokuphila ezulwini okanye emhlabeni, asiyonxalenye yehlabathi, yaye asasulelwa zizibetho ezibulalayo ezifana nokuziphatha kwalo okubi, ukuthanda izinto eziphathekayo, unqulo lobuxoki, unqulo ‘lwerhamncwa’ ‘nomfanekiselo’ walo, iZizwe Ezimanyeneyo.—ISityhilelo 9:20, 21; 13:1-18; Yohane 17:16.
15. Ziziphi iinkalo esinandipha kuzo uncedo lweengelosi?
15 Ngokuphathelele ukhuseleko esilunandiphayo, umdumisi wongezelela esithi: ‘Kuba uYehova uya kunika iingelosi zakhe umyalelo ngawe, ukuba zikulinde ezindleleni zakho zonke. Ziya kukuthwala ngezandla zazo, ukuze ungabetheki ngonyawo lwakho kulo naliphi na ilitye.’ (INdumiso 91:11, 12) Iingelosi zinikwe amandla okusikhusela. (2 Kumkani 6:17; INdumiso 34:7-9; 104:4; Mateyu 26:53; Luka 1:19) Ziyasilinda ‘ezindleleni zethu zonke.’ (Mateyu 18:10) Njengabavakalisi boBukumkani iingelosi ziyasikhokela zize zisilondoloze yaye asikhubeki ngokomoya. (ISityhilelo 14:6, 7) ‘Kwanamatye’ anjengokuvalwa komsebenzi wethu akakhange asikhubekise asenze siphulukane nenkoliseko kaThixo.
16. Iintlaselo ‘zengonyama entsha’ ‘nephimpi’ zahluke njani, yaye sisabela njani kuzo?
16 Umdumisi uhlabela mgama esithi: “Uya kunyathela phezu kwengonyama entsha nephimpi; uya kunyathelela phantsi ingonyama entsha enesingci nenyoka enkulu.” (INdumiso 91:13) Kanye njengokuba ingonyama entsha ihlasela ngokuthe ngqo, ezinye zeentshaba zethu zisichasa ngeendlela ezicacileyo ngokumisela imithetho yokuvala umsebenzi wethu wokushumayela. Ukanti, sihlaselwa nangezinye iindlela ezifihlakeleyo njengaxa ubani ehlaselwa liphimpi. Ngokufihlakeleyo, maxa wambi abefundisi bayasihlasela besebenzisa abo bamisela imithetho, abagwebi nabanye. Kodwa ngenkxaso kaYehova, ngomoya woxolo siyamangala ezinkundleni, ngaloo ndlela ‘sithethelela yaye simisela ngokusemthethweni iindaba ezilungileyo.’—Filipi 1:7; INdumiso 94:14, 20-22.
17. Siyinyathelela phantsi njani “ingonyama entsha enesingci”?
17 Umdumisi uthetha ngokunyathelela phantsi “ingonyama entsha enesingci nenyoka enkulu.” Ingonyama entsha enesingci inokuba neengcwangu kakhulu, yaye inyoka enkulu inokuba sisirhubuluzi esikhulu. (Isaya 31:4) Noko ke, enoba ingonyama entsha enesingci inokuba neengcwangu kangakanani xa ihlasela, ngokufuziselayo, siyinyathelela phantsi, ngokuthobela uThixo kunokuba sithobele iintlangano zabantu ezifana nengonyama. (IZenzo 5:29) Ngoko ke ukusongelwa ‘yingonyama’ akusenzakalisi ngokomoya.
18. ‘Inyoka enkulu’ isikhumbuza bani, yaye yintoni esimele siyenze xa sihlaselwa?
18 KwiSeptuagint yesiGrike, ‘inyoka enkulu’ ibizwa ngokuba ‘yinamba.’ Oku kusikhumbuza “inamba enkulu, inyoka yantlandlolo, leyo ibizwa ngokuba nguMtyholi, noSathana.” (ISityhilelo 12:7-9; Genesis 3:15) Ufana nesirhubuluzi esoyikekayo esikwaziyo ukutyumza nokuginya ixhoba laso. (Yeremiya 51:34) Xa uSathana ezama ukusirhintyela, asoyise ngeengcinezelo zeli hlabathi, aze asiginye, masiqhawule kuloo makhamandela akhe size siyinyathelele phantsi le ‘nyoka enkulu.’ (1 Petros 5:8) Intsalela ethanjisiweyo imele yenze oku ukuze ibe nesabelo ekuzalisekiseni eyabaseRoma 16:20.
UYehova—Umthombo Wethu Wosindiso
19. Kutheni uYehova simenza indawo yethu yokusabela?
19 Ngokuphathelele umnquli wokwenyaniso, umdumisi efanekisela uThixo uthi: “Ngenxa yokuba ebonise umsa wakhe kum, nam ndiya kumsindisa. Ndiya kumkhusela ngenxa yokuba elazi igama lam.” (INdumiso 91:14) Ibinzana elithi “ndiya kumkhusela” ngokoqobo lithetha ukuba “ndiya kumbeka phezulu,” oko kukuthi, kwindawo engenakufikeleleka. UYehova simenza indawo yethu yokusabela njengabanquli bakhe ingakumbi ngenxa yokuba ‘sibonise umsa kuye.’ (Marko 12:29, 30; 1 Yohane 4:19) Ngenxa yoko, uThixo ‘uyasisindisa’ kwiintshaba zethu. Asinakutshayelwa emhlabeni. Kunoko, siya kusindiswa ngenxa yokuba sazi igama likaThixo yaye sibiza kulo sinokholo. (Roma 10:11-13) Yaye sizimisele ‘ukuhamba egameni likaYehova ngonaphakade.’—Mika 4:5; Isaya 43:10-12.
20. Njengoko INdumiso 91 iqukumbela, yintoni uYehova ayithembisa umkhonzi wakhe othembekileyo?
20 Njengoko INdumiso 91 iqukumbela, uYehova uthi ngomkhonzi wakhe othembekileyo: “Uya kubiza kum, yaye ndiya kumphendula. Ndiya kuba naye ekubandezelekeni. Ndiya kumhlangula ndize ndimzukise. Ndiya kumanelisa ngemihla emide, yaye ndiya kumbangela akubone ukusindisa kwam.” (INdumiso 91:15, 16) Xa sibiza kuThixo ngomthandazo, ngokuvisisana nokuthanda kwakhe, uyasiphendula. (1 Yohane 5:13-15) Sele sityhubele kwiimbandezelo ezininzi ngenxa yentiyo exhokonxwe nguSathana. Kodwa la mazwi athi “ndiya kuba naye ekubandezelekeni” asixhobisela izilingo ezizayo yaye ayasiqinisekisa ukuba uThixo uya kusixhasa xa kutshatyalaliswa le nkqubo ingendawo.
21. Abathanjisiweyo sele bezukiswe njani?
21 Nakuba uSathana esichasa ngomsindo omkhulu, inani elipheleleyo labo bathanjisiweyo baphakathi kwethu liya kuzukiswa emazulwini ngexesha likaYehova elifanelekileyo—emva ‘kwemihla emide’ emhlabeni. Ukanti, iindlela zikaThixo ezibalaseleyo zokuhlangula sele zizise uzuko lokomoya kwabo bathanjisiweyo. Yaye elinjani lona ilungelo abanalo lokukhokela njengamaNgqina kaYehova asemhlabeni kule mihla yokugqibela! (Isaya 43:10-12) Eyona ndlela kaYehova ibalaseleyo yokuhlangula abantu bakhe iya kubonakala ebudeni bemfazwe yakhe enkulu yeArmagedon xa ethethelela ulongamo lwakhe engcwalisa negama lakhe elingcwele.—INdumiso 83:18; Hezekile 38:23; ISityhilelo 16:14, 16.
22. Ngoobani abaya ‘kubona usindiso ngoYehova’?
22 Enoba singamaKristu athanjisiweyo okanye amaqabane awo azahluleleyo, sikhangela kuThixo ukuze sizuze usindiso. ‘Ngemini kaYehova enkulu nebangela uloyiko,’ abo bakhonza uThixo ngokunyaniseka baya kusindiswa. (Yoweli 2:30-32) Abo kuthi baya kubumba “isihlwele esikhulu” esiya kusindela kwihlabathi likaThixo elitsha baze baqhubeke bethembekile ebudeni bovavanyo lokugqibela ‘uya kubanelisa ngemihla emide’—ubomi obungenasiphelo. Uya kuvusa nesihlwele esikhulu sabantu. (ISityhilelo 7:9; 20:7-15) Eneneni, uYehova uya kuyoliswa ‘kukuba asibangele sibone usindiso’ ngoYesu Kristu. (INdumiso 3:8) Sinaloo mathemba azukileyo phambi kwethu, masiqhubeke sikhangela kuThixo ukuze asincede sibale imihla yethu ukuze kuzukiswe yena. Ngamazwi nezenzo zethu, ngamana singaqhubeka singqina ukuba uYehova uyindawo yethu yokusabela.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ababhali beZibhalo ZamaKristu ZesiGrike abazange bayixubushe INdumiso 91 ngokuphathelele isiprofeto sikaMesiya. Kakade ke, uYehova wayeyindawo yokusabela negwiba likaYesu Kristu, kanye njengoko kunjalo nangabalandeli bakaYesu abathanjisiweyo namaqabane abo azahluleleyo njengeqela, ‘kweli xesha lesiphelo.’—Daniyeli 12:4.
Ubuya Kuphendula Uthini?
• Iyintoni ‘indawo efihlakeleyo yOyena Uphakamileyo’?
• Kutheni singoyiki nje?
• Kutshiwo njani ukuba ‘akukho ntlekele iya kusehlela’?
• Kutheni sinokuthi uYehova ngumthombo wethu wosindiso?
[Umfanekiso okwiphepha 17]
Ngaba uyazi ukuba inyaniso kaYehova ilikhaka elikhulu njani kuthi?
[Imifanekiso ekwiphepha 18]
UYehova unceda abakhonzi bakhe ukuba baqhubeke nobulungiseleli babo nangona bechaswa ngokuphandle yaye behlaselwa bengalindelanga
[Inkcazelo]
Cobra: A. N. Jagannatha Rao, Trustee, Madras Snake Park Trust