Ingoma. Ingoma emnandi ka-Asafu.+
83 Owu Thixo, sukuthula;+
Sukuthi cwaka, ungathethi, yhini Thixo.
2 Kuba jonga! nazo zingxola iintshaba zakho;+
Abo bakucaphukelayo bayakuphakamela.
3 Babacingela amaqhinga abantu bakho;
Babenzela amayelenqe abo ubathandayo.
4 Bathi: “Yizani silucime igama olu hlanga,+
Ukuze igama likaSirayeli lingaze likhunjulwe.”
5 Bamanyene ngeqhinga;
Badibene ngawe.+
6 Kudibene iintente zikaEdom namaIshmayeli, uMowabhi+ namaHagri,+
7 UGebhali noAmoni+ noAmaleki,
ElamaFilisti+ kunye nabemi baseTire.+
8 NeAsiriya+ ikwelo;
Ixhasa oonyana bakaLote.+ (Selah)
9 Khawubenze laa nto wayenza kwiMidiyan,+
Leyo wayenza kuSisera noYabhin kumfula waseKishon.+
10 Batshatyalaliselwa e-Endore+
Bangumgquba womhlaba.
11 Yenza izikhulu zabo zibe njengo-Orebhi noZehebhe,+
Neenkosana zabo zibe njengoZebha noTsalmuna,+
12 Kuba bathe: “Makhe sizithathele laa mhlaba uThixo ahlala kuwo.”
13 Owu Thixo wam, benze babe njengesivuthu-vuthu sameva,+
Njengeendiza eziphetshethwa ngumoya.
14 Njengedangatye elitshisa ihlathi,
Njengomlilo otshisa iintaba,+
15 Akwaba ungabaleqa ngesitshingitshane sakho,+
Uboyikise ngesaqhwithi sakho.+
16 Bogqume ngehlazo ubuso babo,
Ukuze balikhangele igama lakho, Yehova.
17 Akwaba bangahlaziswa baze batyhwatyhwe ngonaphakade;
Kwanga bangahlazeka, kuphele kuthi nya ngabo;
18 Kwanga abantu bangazi ukuba wena, ogama linguYehova,+
Nguwe wedwa Oyena Uphakamileyo phezu komhlaba wonke.+