Kholosa Ngelizwi LikaYehova
“Ndikholose ngelizwi lakho.”—INDUMISO 119:42.
1. Unokumchaza njani umbhali weNdumiso 119?
UMQAMBI weNdumiso 119 wayelithanda ilizwi likaYehova. Kusenokwenza ukuba wayeyiNkosana yakwaYuda, uHezekiya. Indlela ebhalwe ngayo le ndumiso iyavisisana nesimo sengqondo sikaHezekiya, ‘owaqhubeka enamathele kuYehova’ ngoxa wayengukumkani wakwaYuda. (2 Kumkani 18:3-7) Inye into esinokuqiniseka ngayo: Lo mqambi wayeyiphaphele intswelo yakhe yokomoya.—Mateyu 5:3.
2. Yiyiphi eyona nto ibalaseliswayo kwiNdumiso 119, yaye le ndumiso ibhalwe njani?
2 Eyona nto ibalaseliswayo kwiNdumiso 119 kukuxabiseka kwelizwi okanye isigidimi sikaThixo.a Mhlawumbi esenzela ukuba ikhumbuleke lula le ndumiso, umbhali wayo wasebenzisa oonobumba besiHebhere ngokulandelelana kwabo kwiindinyana zayo ezili-176. KwisiHebhere santlandlolo, isiqendu ngasinye kwezingama-22 zale ndumiso sinezivakalisi ezisi-8 eziqala ngonobumba ofanayo. Le ndumiso ithetha ngelizwi, umthetho, izikhumbuzo, iindlela, imiyalelo, imimiselo, nezigwebo zikaThixo. Kweli nqaku nakwelilandelayo, INdumiso 119 iza kuxutyushwa ngokuvisisana nenguqulelo echanileyo yombhalo weBhayibhile wesiHebhere. Ukucamngca ngezinto ezazibandakanya abakhonzi bakaYehova bamandulo nabale mihla kufanele kusenze siyiqonde le ndumiso iphefumlelwe nguThixo kuze kusenze silixabise ngakumbi iLizwi likaThixo elibhaliweyo, iBhayibhile.
Thobela ILizwi LikaThixo Ukuze Wonwabe
3. Chaza uze wenze umzekelo woko kuthethwa kukungabi nasiphoso.
3 Ulonwabo lokwenene luxhomekeke ekubeni sithobele umthetho kaThixo. (INdumiso 119:1-8) Ukuba senza oku, uYehova uya kusigqala ‘njengabangenasiphoso.’ (INdumiso 119:1) Ukungabi nasiphoso akuthethi ukuba sifezekile, kodwa kubonisa ukuba senza umgudu onyanisekileyo wokwenza ukuthanda kukaYehova uThixo. UNowa ‘wazingqina engenasiphoso phakathi kwabantu bexesha lakhe njengendoda eyahamba noThixo oyinyaniso.’ Loo solusapho uthembekileyo nentsapho yakhe basinda kuMkhukula kuba babephila ngendlela kaYehova. (Genesis 6:9; 1 Petros 3:20) Ngokufanayo, ukuze sisinde ekuphelisweni kweli hlabathi simele ‘siyigcine ngenyameko imiyalelo kaThixo,’ ngaloo ndlela sisenza ukuthanda kwakhe.—INdumiso 119:4.
4. Ulonwabo nempumelelo yethu luxhomekeke entwenini?
4 UYehova akasayi kuze asishiye ukuba ‘simbonga ngentliziyo ethe tye yaye siqhubeka siyigcina imimiselo yakhe.’ (INdumiso 119:7, 8) UThixo akazange ayishiye inkokeli yamaSirayeli uYoshuwa, owasebenzisa isiluleko ‘sokufunda incwadi yomthetho imini nobusuku ukuze enze konke oko kubhalwe kuyo.’ Oko kwamnceda waphumelela waza wenza ngobulumko. (Yoshuwa 1:8) Ngaphambi kokuba afe, uYoshuwa wayesambonga uThixo yaye wakhumbuza amaSirayeli wathi: “Niyazi kakuhle ngeentliziyo zenu zonke nangemiphefumlo yenu yonke ukuba akusilelanga nalinye ilizwi kuwo onke amazwi alungileyo uYehova uThixo wenu awathethileyo kuni.” (Yoshuwa 23:14) NjengoYoshuwa nombhali weNdumiso 119, ulonwabo nempumelelo yethu luxhomekeke ekudumiseni uYehova nasekukholoseni kwethu ngelizwi lakhe.
Ilizwi LikaYehova Lisigcina Sicocekile
5. (a) Chaza indlela ekunokwenzeka ngayo ukuba ubani ahlale ecocekile ngokomoya. (b) Luluphi uncedo anokulufumana oselula oye wenza isono esinzulu?
5 Sinokuhlala sicocekile ngokomoya ukuba siyazilinda ngokwelizwi likaThixo. (INdumiso 119:9-16) Oku kuba njalo enoba abazali bethu abamiselanga mzekelo mhle. Nangona uyise kaHezekiya wayenqula izithixo, uHezekiya ‘wawuhlambulula umendo wakhe,’ mhlawumbi kwiimpembelelo zobuhedeni. Masithi oselula okhonza uThixo namhlanje wenza isono esinzulu. Ukuguquka, umthandazo, uncedo lwabazali nokuxhaswa ngothando ngabadala abangamaKristu kunokumnceda abe njengoHezekiya ‘awuhlambulule umendo wakhe aze azilinde.’—Yakobi 5:13-15.
6. Ngawaphi amabhinqa ‘awahlambulula umendo wawo aza azilinda ngokwelizwi likaThixo’?
6 Nangona uRahabhi noRute babephila kude kudala ngaphambi kokuba INdumiso 119 iqanjwe, ‘bawuhlambulula umendo wabo.’ URahabhi wayengumKanan ongunongogo, kodwa waye waziwa njengomnquli kaYehova ngenxa yokholo lwakhe. (Hebhere 11:30, 31) URute ongumMowabhikazi washiya oothixo bakhe, wakhonza uYehova waza wenza ngokuvisisana noMthetho wakhe awawunika uSirayeli. (Rute 1:14-17; 4:9-13) Omabini la mabhinqa angengomaSirayeli ‘azilinda ngokwelizwi likaThixo’ yaye aba nelungelo elingathethekiyo lokuba ngookhokhokazi bakaYesu Kristu.—Mateyu 1:1, 4-6.
7. UDaniyeli namanye amaHebhere amathathu aselula bawumisela njani umzekelo omhle wokuzigcina becocekile ngokomoya?
7 “Intliziyo yomntu ityekele ebubini kwasebutsheni bakhe,” kodwa abaselula banokulandela ikhondo elicocekileyo, kwanakweli hlabathi lonakeleyo elilawulwa nguSathana. (Genesis 8:21; 1 Yohane 5:19) Njengabathinjwa eBhabhiloni, uDaniyeli namanye amaHebhere amathathu aselula, ‘bazilinda ngokwelizwi likaThixo.’ Ngokomzekelo, abazange bazingcolise “ngokutya okuluncuthu kokumkani.” (Daniyeli 1:6-10) Abantu baseBhabhiloni babesitya izilwanyana ezingahlambulukanga, ezazalelwe kuMthetho kaMoses. (Levitikus 11:1-31; 20:24-26) Babengasoloko bezophisa izilwanyana ezixheliweyo, yaye ukutya kwabo inyama engophiswanga kwakuwaphula umthetho kaThixo ngegazi. (Genesis 9:3, 4) Akumangalisi ke ukuba la maHebhere mane engazange akutye ukutya okuluncuthu kokumkani! Olo lutsha luhlonel’ uThixo lwazigcina lucocekile ngokomoya lwaza lwamisela umzekelo omhle.
Ilizwi LikaThixo Lisinceda Sihlale Sithembekile
8. Sisiphi isimo sengqondo nolwazi esifanele sibe nalo ukuze siwuqonde size siwusebenzise umthetho kaThixo?
8 Ukuthanda ilizwi likaThixo yinkalo ebalulekileyo ukuze sihlale sithembekile kuYehova. (INdumiso 119:17-24) Ukuba sifana nomdumisi ophefumlelweyo, siya kulangazelela ukuqonda “izinto ezimangalisayo” zomthetho kaThixo. Siya kusoloko ‘silangazelela izigwebo zikaYehova’ size sibonakalise ‘ukuzithanda izikhumbuzo zakhe.’ (INdumiso 119:18, 20, 24) Ukuba asikabi naxesha lingako sizahlulele kuYehova, ngaba sesikwazi ‘ukululangazelela ubisi olungangxengwanga lwelizwi’? (1 Petros 2:1, 2) Sifanele sizazi iimfundiso zeBhayibhile ezisisiseko ukuze sikwazi ukuwuqonda nokuwusebenzisa umthetho kaThixo.
9. Yintoni esifanele siyenze xa izinto ezifunwa ngabantu zingqubana nomthetho kaThixo?
9 Sisenokuzithanda izikhumbuzo zikaThixo, kodwa kuthekani ukuba kuyenzeka ukuba ‘iinkosana’ zithethe kakubi ngathi? (INdumiso 119:23, 24) Namhlanje, abasemagunyeni badla ngokuzama ukusinyanzela ukuba sigqale imithetho yabantu njengeyona ibalulekileyo kunomthetho kaThixo. Yintoni esiya kuyenza ukuba kukho ukungqubana phakathi kwezinto ezifunwa ngumntu nokuthanda kukaThixo? Ukuthanda kwethu ilizwi likaThixo kuya kusinceda sihlale sithembekile kuYehova. Njengabapostile bakaYesu Kristu abatshutshiswayo, siya kuthi: “Simele sithobele uThixo njengomlawuli kunabantu.”—IZenzo 5:29.
10, 11. Chaza umzekelo wendlela esinokuyigcina ngayo ingqibelelo kuYehova nakwezona meko zinzima.
10 Sinokuhlala sithembekile kuYehova nakwezona meko zinzima. (INdumiso 119:25-32) Ukuze sigcine ingqibelelo kuThixo, simele sikulungele ukufundiswa size ngokunyaniseka sithandazele ulwalathiso lwakhe. Kwakhona simele sikhethe “indlela yokuthembeka.”—INdumiso 119:26, 30.
11 UHezekiya, ekusenokwenzeka ukuba wabhala INdumiso 119, wakhetha “indlela yokuthembeka.” Wenjenjalo nangona wayengqongwe ngabanquli bobuxoki yaye esenokuba wayegculelwa ngamalungu endlu yasebukhosini. Kusenokwenzeka ukuba, ‘umphefumlo wakhe wawungalali yintlungu’ ngenxa yezo meko. (INdumiso 119:28) Kodwa uHezekiya wayekholose ngoThixo, engukumkani olungileyo yaye wenza “oko kulungileyo emehlweni kaYehova.” (2 Kumkani 18:1-5) Ukuba sikholose ngoThixo, nathi sinokunyamezela iimvavanyo njengabagcini bengqibelelo.—Yakobi 1:5-8.
Ilizwi LikaYehova Lisenza Sibe Nkalipho
12. Sinokuyisebenzisa njani INdumiso 119:36, 37?
12 Ukulandela ukhokelo lwelizwi likaThixo kusinika inkalipho efunekayo ukuze sihlangabezane neemvavanyo zobomi. (INdumiso 119:33-40) Ngokuthobeka sifuna ukhokelo lukaYehova ukuze sigcine umthetho wakhe “ngentliziyo iphela.” (INdumiso 119:33, 34) Njengomdumisi, sicela uThixo sisithi: “Intliziyo yam yithobele kwizikhumbuzo zakho, kungekhona kwingeniso,” oko kukuthi, kwingeniso engekho sikweni. (INdumiso 119:36) Njengompostile uPawulos, ‘siziphatha ngokunyaniseka kwizinto zonke.’ (Hebhere 13:18) Ukuba umqeshi ufuna senze okuthile ngendlela enganyanisekanga, siqweba isibindi sokubambelela kulwalathiso lukaThixo—yaye uYehova usoloko elisikelela ikhondo elinjalo. Enyanisweni, usinceda sikwazi ukulilawula lonke utyekelo olubi. Ngoko ke masithandaze sithi: “Dlulisa amehlo am angaboni oko kungento yanto.” (INdumiso 119:37) Asisayi kuze sifune ukuyigqala njengenqwenelekayo nayiphi na into engento yanto ethiywe nguThixo. (INdumiso 97:10) Phakathi kwezinye izinto, oku kusenza siyiphephe imifanekiso engamanyala nokusebenzelana nemimoya.—1 Korinte 6:9, 10; ISityhilelo 21:8.
13. Abafundi bakaYesu abatshutshiswayo basifumana njani isibindi esifunekayo ukuze bashumayele ngenkalipho?
13 Ukuba nolwazi oluchanileyo ngelizwi likaThixo kusinika intembelo yokushumayela ngenkalipho. (INdumiso 119:41-48) Yaye siyayifuna inkalipho ‘yokuphendula lowo usingcikivayo.’ (INdumiso 119:42) Maxa wambi, kusenokufuneka sifane nabafundi bakaYesu abathandaza bathi xa babetshutshiswa: “Yehova, . . . wanike amakhoboka akho ukuba ahlale elithetha ilizwi lakho ngenkalipho yonke.” Kwenzeka ntoni? “Bonke bazaliswa ngumoya oyingcwele kwaye babelithetha ngenkalipho ilizwi likaThixo.” Ngokufanayo iNkosi enguMongami isinika isibindi sokuthetha ilizwi lakhe ngenkalipho.—IZenzo 4:24-31.
14. Yintoni esinceda sishumayele ngenkalipho kanye njengoko wenzayo uPawulos?
14 Siya kuba nesibindi esifunekayo ukuze sishumayele ngaphandle kweentloni ukuba siyalithanda “ilizwi lenyaniso” yaye ‘siwugcina rhoqo umthetho kaThixo.’ (INdumiso 119:43, 44) Ukulifundisisa ngenkuthalo iLizwi likaThixo elibhaliweyo kusenza ‘sithethe ngezikhumbuzo zakhe phambi kookumkani.’ (INdumiso 119:46) Umthandazo nomoya kaYehova uya kusinceda sithethe izinto ezifanelekileyo ngendlela efanelekileyo. (Mateyu 10:16-20; Kolose 4:6) Ngenkalipho uPawulos wathetha ngezikhumbuzo zikaThixo kubalawuli benkulungwane yokuqala. Ngokomzekelo, wanikela ubungqina kwiRhuluneli yomRoma uFeliks, ‘owamphulaphula ngokukholwa kuKristu Yesu.’ (IZenzo 24:24, 25) Kwakhona uPawulos wanikela ubungqina phambi kweRhuluneli uFesto noKumkani uAgripa. (IZenzo 25:22–26:32) Ngoncedo lukaYehova, nathi singaba ngamangqina anenkalipho, ‘angenazintloni ngazo iindaba ezilungileyo.’—Roma 1:16.
ILizwi LikaThixo Liyasithuthuzela
15. ILizwi likaThixo linokusithuthuzela njani xa abanye besigculela?
15 ILizwi likaYehova lisoloko lisithuthuzela. (INdumiso 119:49-56) Kukho amaxesha apho siye sifune ukuthuthuzelwa ngokukhethekileyo. Nangona siye sithethe ngenkalipho njengamaNgqina kaYehova, “abakhukhumeleyo”—abo bangazithobiyo kuThixo—maxa wambi ‘basigculela ngokugqithiseleyo.’ (INdumiso 119:51) Noko ke, ngoxa sithandaza, sisenokukhumbula izinto ezakhayo ezithethwe kwiLizwi likaThixo, size ngenxa yoko ‘sizifumanele intuthuzelo.’ (INdumiso 119:52) Ngoxa sithandaza, sisenokukhumbula umthetho okanye umgaqo weSibhalo osithuthuzelayo nosinika inkalipho kwimeko ecinezelayo.
16. Yintoni abangakhange bayenze abakhonzi bakaThixo nangona betshutshiswa?
16 Abakhukhumeleyo ababegculela umdumisi yayingamaSirayeli—amalungu ohlanga oluzahlulele kuThixo. Elinjani lona ihlazo! Noko ke, ngokwahlukileyo kuwo, masizimisele ukuba singaze siwushiye umthetho kaThixo. (INdumiso 119:51) Xa ayejamelene nentshutshiso yamaNazi nempatho efanayo kangangeminyaka, amawaka abakhonzi bakaThixo akazange ayishiye imithetho nemigaqo ekwiLizwi likaThixo. (Yohane 15:18-21) Yaye ukuthobela uYehova akuloxanduva, kuba imimiselo yakhe ifana nengoma eluncuthu kuthi.—INdumiso 119:54; 1 Yohane 5:3.
Yiba Nombulelo Ngelizwi LikaYehova
17. Ukuxabisa ilizwi likaThixo kusibangela ukuba senze ntoni?
17 Xa sinombulelo ngelizwi likaThixo oko sikubonisa ngokuphila ngokuvisisana nalo. (INdumiso 119:57-64) Umdumisi ‘wathembisa ukuwagcina amazwi kaYehova’, yaye ‘kwanasezinzulwini zobusuku wayevuka abulele kuThixo ngenxa yezigwebo Zakhe zobulungisa.’ Ukuba siphelelwa bubuthongo, elo iya kuba lithuba elihle lokuthandaza kuThixo sivakalise umbulelo wethu. (INdumiso 119:57, 62) Ukulixabisa kwethu ilizwi likaThixo kusenza sifune ukufundiswa nguye size sibe ‘ngamaqabane anovuyo abo bonke abo bamoyikayo uYehova’—abantu abamhlonela ngokunzulu uThixo. (INdumiso 119:63, 64) Abakho abantu abodlula abo esinokunxulumana nabo.
18. UYehova uyiphendula njani imithandazo yethu xa ‘iintsontelo zabangendawo zisingqongile’?
18 Xa sithandaza ngokunyaniseka size ngokuthobeka sicele uYehova asifundise, ‘siyambongoza’ sinenjongo yokuba akholiswe sithi. Sifanele sithandaze ngokukhethekileyo xa ‘iintsontelo zabangendawo zisingqongile.’ (INdumiso 119:58, 61) UYehova unokuziqhawula naziphi na iintsontelo zotshaba zokusithintela ukuze sityhalele phambili kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani nokwenza abafundi. (Mateyu 24:14; 28:19, 20) Oku kuye kwabonakala izihlandlo ezininzi kumazwe oye wavalwa kuwo umsebenzi wethu.
Yiba Nokholo Kwilizwi LikaThixo
19, 20. Kunokwenzeka njani ukuba kube yinto elungileyo ukuxhwaleka?
19 Ukuba nokholo kuThixo nakwilizwi lakhe kusinceda sinyamezele ubunzima size siqhubeke sisenza ukuthanda kwakhe. (INdumiso 119:65-72) Nangona abakhukhumeleyo ‘babemdyobhe ngobuxoki,’ umdumisi wavuma esithi: “Kundilungele okokuba ndiye ndaxhwaleka.” (INdumiso 119:66, 69, 71) Kunokuba yinto elungileyo njani ukuxhwaleka komkhonzi kaYehova?
20 Xa sijamelana nenkxwaleko, ngokungathandabuzekiyo sithandaza ngokunyaniseka kuYehova, yaye oko kusenza sisondele kuye. Sisenokuchitha ixesha elingakumbi sifundisisa iLizwi likaThixo elibhaliweyo size senze umgudu wokulisebenzisa. Oku kwenza siphile ubomi obonwabisa ngakumbi. Kodwa kuthekani ukuba xa sijamelene nenkxwaleko senza izinto ezityhila iimpawu ezingafanelekanga, njengokungabi namonde nekratshi? Ngokuthandaza ngokunyanisekileyo nangoncedo lweLizwi nomoya kaThixo, sinokuzoyisa ezo ziphoso size ‘sambathe ubuntu obutsha’ ngokupheleleyo. (Kolose 3:9-14) Ngaphezulu, ukholo lwethu luyomelela xa sinyamezela ubunzima. (1 Petros 1:6, 7) Iimbandezelo zamnceda uPawulos kuba zamenza wakholosa ngakumbi ngoYehova. (2 Korinte 1:8-10) Ngaba siyakuvumela ukubandezeleka kube yinzuzo kuthi?
Hlala Ukholose NgoYehova
21. Kwenzeka ntoni xa uThixo esenza abo bazikhukhumalisayo babe neentloni?
21 Ilizwi likaThixo lisinika isizathu esisengqiqweni sokukholosa ngoYehova. (INdumiso 119:73-80) Ukuba sikholose ngokwenene ngoMdali wethu, asiyi kuba nazintloni. Noko ke, ngenxa yoko kwenziwa ngabanye, siyayifuna intuthuzelo yaye sisenokuziva sifuna ukuthandaza sisithi: “Abakhukhumeleyo mababe neentloni.” (INdumiso 119:76-78) Xa uYehova esenza abanjalo babe neentloni, oku kuphumela ekubeni kubhencwe iindlela zabo ezingendawo kuze kungcwaliswe igama lakhe elingcwele. Sinokuqiniseka ukuba abo batshutshisa abantu bakaThixo akukho nto bayizuzayo kwaphela. Ngokomzekelo, abazange—yaye abasayi kuze—bawatshayele amaNgqina kaYehova, akholose ngoThixo ngokupheleleyo.—IMizekeliso 3:5, 6.
22. Umdumisi ‘wayenjengentsuba emsini’ ngayiphi ingqiqo?
22 Ilizwi likaThixo lisenza sikholose ngaye ngakumbi xa sitshutshiswa. (INdumiso 119:81-88) Ngenxa yokuba abazikhukhumalisayo babemtshutshisa, umdumisi waziva ‘enjengentsuba emsini.’ (INdumiso 119:83, 86) Kumaxesha okubhalwa kweBhayibhile, iintsuba ezenziwe ngesikhumba sesilwanyana, zazisetyenziselwa ukuphatha amanzi, iwayini nezinye izinto. Xa zingasetyenziswa, ezi ntsuba zinokuba gadalala ukuba zixhonywe kufuphi nomlilo kwigumbi elinomsi. Ngaba ubunzima okanye intshutshiso ikhe ikwenze uzive ‘unjengentsuba emsini’? Ukuba kunjalo, kholosa ngoYehova uze uthandaze uthi: “Ngokobubele bakho bothando ndigcine ndiphila, ukuze ndigcine isikhumbuzo somlomo wakho.”—INdumiso 119:88.
23. Yintoni esiye sayiqwalasela kwiNdumiso 119:1-88, yaye yintoni esinokuzibuza yona njengoko sikhangele phambili ekufundeni INdumiso 119:89-176?
23 Oko siye sakuqwalasela kwinxalenye yokuqala yeNdumiso 119 kubonisa ukuba uYehova ubonakalisa ububele bothando kubakhonzi bakhe kuba bakholose ngelizwi lakhe yaye bayayithanda imimiselo, izikhumbuzo, imiyalelo nemithetho yakhe. (INdumiso 119:16, 47, 64, 70, 77, 88) Iyamkholisa into yokuba abo bazinikele kuye bezilinda ngokwelizwi lakhe. (INdumiso 119:9, 17, 41, 42) Njengoko ujonge phambili ekuhlolisiseni yonke le ndumiso ilukhuthazo, usenokuzibuza oku, ‘Ngaba ngokwenene ndiyalivumela ilizwi likaYehova lindikhanyisele?’
[Umbhalo osemazantsi]
a Apha kubhekiselwa kwisigidimi sikaYehova, kungekhona kwiBhayibhile iphela—iLizwi likaThixo.
Unokuphendula Njani?
• Ulonwabo lokwenene luxhomekeke entweni?
• Ilizwi likaYehova lisigcina njani sicocekile ngokomoya?
• Ilizwi likaThixo lisinika njani inkalipho lize lisithuthuzele?
• Kutheni sifanele sibe nokholo kuYehova nakwilizwi lakhe?
[Imifanekiso ekwiphepha 11]
URute, uRahabhi nolutsha olungamaHebhere olwaluthinjelwe eBhabhiloni ‘bazilinda ngokwelizwi likaThixo’
[Umfanekiso okwiphepha 12]
Ngenkalipho uPawulos ‘wathetha ngezikhumbuzo zikaThixo phambi kookumkani’