א [Aleph]
119 Bonwabile abo bamsulwa kwiindlela zabo,
Abo bahamba emthethweni kaYehova.+
2 Bonwabile abo bagcina izikhumbuzo zakhe,+
Abamfuna ngentliziyo yonke.+
3 Abazenzi izinto ezingalunganga;
Bahamba ngeendlela zakhe.+
4 Wena uye wayalela
Ukuba ilandelwe ngocoselelo imiyalelo yakho.+
5 Akwaba bendingenakugungqa+
Ekuthobeleni imithetho yakho!
6 Bendingazukuba nazintloni+
Xa ndicinga ngayo yonke imiyalelo yakho.
7 Ndiza kukudumisa ngentliziyo yobulungisa
Xa ndifunda ngezigwebo zakho zobulungisa.
8 Ndiza kuyithobela imithetho yakho.
Ndicela ungaze undilahle.
ב [Beth]
9 Umfana angayigcina njani icocekile indlela yakhe?
Ngokuthobela ilizwi lakho.+
10 Ndikukhangela ngentliziyo yam yonke.
Sukundivumela ndiyishiye imiyalelo yakho.+
11 Ndiligcine entliziyweni yam ilizwi lakho+
Ukuze ndingakoni.+
12 Kwanga ungadunyiswa Yehova;
Ndifundise imithetho yakho.
13 Ngemilebe yam ndizivakalisile
Zonke izigwebo oziwisileyo.
14 Izikhumbuzo zakho zindivuyisa+
Ngaphezu kwazo zonke ezinye izinto zexabiso.+
15 Ndiza kucingisisa ngemiyalelo yakho+
Ndize ndihlale ndijonge kwiindlela zakho.+
16 Ndiyayithanda imithetho yakho.
Andizukulilibala ilizwi lakho.+
ג [Gimel]
17 Menzele ububele umkhonzi wakho,
Ukuze ndiphile ndize ndigcine ilizwi lakho.+
18 Vula amehlo am ukuze ndizibone kakuhle
Izinto ezimangalisayo ezisemthethweni wakho.
19 Ndingumntu wasemzini kweli lizwe.+
Sukundifihlela imiyalelo yakho.
20 Ndizifuna shushu
Izigwebo zakho ngawo onke amaxesha.
21 Uyabakhalimela abantu abazigqatsayo,
Abaqalekisiweyo abayishiyayo imiyalelo yakho.+
22 Kususe kum ukugezelwa nokudelelwa,
Kuba ndizigcinile izikhumbuzo zakho.
23 Kwanaxa iinkosana zihleli kunye zithetha kakubi ngam,
Umkhonzi wakho ucingisisa ngemithetho yakho.
24 Ndiyazithanda izikhumbuzo zakho;+
Zingabacebisi bam.+
ד [Daleth]
25 Ndiqubuda eluthulini.+
Ndigcine ndiphila ngokwelizwi lakho.+
26 Ndakuxelela ngeendlela zam, wandiphendula;
Ndifundise imithetho yakho.+
27 Ndifundise ukuba ithetha ukuthini imiyalelo yakho,
Ukuze ndicingisise ngemisebenzi yakho emangalisayo.+
28 Andilali ngenxa yentlungu.
Ndinike amandla ngokwelizwi lakho.
29 Yisuse kum inkohliso,+
Undithande ngokundifundisa umthetho wakho.
30 Ndizimisele ukuhlala ndithembekile.+
Ndiyaqonda ukuba imithetho yakho ilungile.
31 Ndibambelele kwizikhumbuzo zakho.+
Owu Yehova, ungandiyeki ndiphoxeke.+
32 Ndizimisele ukuyithobela imiyalelo yakho
Kuba uvula intliziyo yam ukuze ndiyiqonde.
ה [He]
33 Ndifundise Yehova+ imithetho yakho,
Ibe ndiza kuyithobela ubomi bam bonke.+
34 Ndenze ndiqonde,
Ukuze ndiwugcine umthetho wakho
Ngentliziyo yam yonke.
35 Ndikhokelele kwindlela yemiyalelo yakho,+
Kuba ndiyayithanda.
36 Yenze intliziyo yam ithande izikhumbuzo zakho,
Endaweni yokwenza unothanda.+
37 Dlulisa amehlo am angajongi izinto ezingafanelekanga;+
Ndenze ndihambe ngeendlela zakho ukuze ndihlale ndiphila.
38 Menzele izinto omthembise zona umkhonzi wakho,
Ukuze woyikwe.
39 Lisuse ihlazo endiloyikayo,
Kuba imithetho yakho ilungile.+
40 Jonga indlela endiyithanda ngayo imiyalelo yakho.
Ndigcine ndiphila ngobulungisa bakho.
ו [Waw]
41 Owu Yehova, khawubonise uthando lwakho olungagungqiyo kum,+
Undisindise njengoko ubuthembisile;+
42 Ndiza kutsho ndikwazi ukumphendula lowo undigxekayo,
Kuba ndithembele ngelizwi lakho.
43 Ndincede ndingaze ndiyeke ukuthetha inyaniso,
Kuba ndithembele kwimiyalelo yakho.
44 Ndiza kuhlala ndiwuthobela umthetho wakho,
Ngonaphakade kanaphakade.+
45 Ndiza kuhambahamba ndingenalo tu ixhala,+
Kuba ndiye ndayithobela imiyalelo yakho.
46 Ndiza kuthetha ngezikhumbuzo zakho phambi kookumkani,
Andizukuba nazintloni.+
47 Ndiyayithanda imiyalelo yakho,
Ndiyithanda nyhani.+
48 Ndiza kuyiphakamisela izandla imiyalelo yakho endiyithandayo,+
Ibe ndiza kucingisisa ngemithetho yakho.+
ז [Zayin]
49 Khumbula ilizwi owalithetha kumkhonzi wakho,
Elindinika ithemba.
50 Nasebunzimeni ndiyathuthuzeleka,+
Kuba ilizwi lakho lindigcine ndiphila.
51 Abantu abazigqatsayo bahlekisa ngam,
Kodwa andisuki emthethweni wakho.+
52 Owu Yehova, ndithi ndakukhumbula imithetho yakho yamandulo,+
Ndizive ndithuthuzelekile.+
53 Ndicaphuka kakhulu xa ndibona abenzi-bubi,
Abangawuhoyanga umthetho wakho.+
54 Imithetho yakho liculo kum
Naphi na apho ndikhoyo.
55 Ebusuku ndikhumbula igama lakho, Yehova,+
Ukuze ndigcine umthetho wakho.
56 Yiyo leyo into endihlala ndiyenza,
Ukuze ndigcine imiyalelo yakho.
ח [Heth]
57 UYehova sisabelo sam;+
Ndithembise ukuwagcina amazwi akho.+
58 Ndiyakucela ngentliziyo yam yonke;+
Ndenzele ububele+ njengoko wawuthembisile.
59 Ndiziqwalasele iindlela zam,
Ukuze ndibuyisele iinyawo zam kwizikhumbuzo zakho.+
60 Ndiyakhawuleza, andilibazisi
Ukugcina imiyalelo yakho.+
61 Abenzi-bubi bandirhintyele ngeentambo zabo,
Kodwa andiwulibali umthetho wakho.+
62 Ezinzulwini zobusuku ndiyavuka ndibulele kuwe+
Ngenxa yemithetho yakho yobulungisa.
63 Ndingumhlobo wabo bonke abo bakoyikayo
Nowabo bagcina imiyalelo yakho.+
64 Uthando lwakho olungagungqiyo Yehova, luzalise umhlaba;+
Ndifundise imiyalelo yakho.
ט [Teth]
65 Uye wamphatha kakuhle umkhonzi wakho Yehova,
Ngokwelizwi lakho.
66 Ndifundise ukusebenzisa ingqondo, undinike ulwazi,+
Kuba ndithembele kwimiyalelo yakho.
67 Ndandikade ndisona, ngaphambi kokuba ndixhwaleke,
Kodwa ngoku ndigcina ilizwi lakho.+
68 Ulungile+ yaye wenza izinto ezilungileyo.
Ndifundise imiyalelo yakho.+
69 Abo bazigqatsayo bandidyobha ngobuxoki,
Kodwa mna ndigcina imiyalelo yakho ngentliziyo yam yonke.
70 Intliziyo yabo ayinamvakalelo,+
Kodwa mna ndiyawuthanda umthetho wakho.+
71 Zindincedile iinkxwaleko zam,+
Kuba nditsho ndafunda imithetho yakho.
72 Ulungile kum umthetho wakho,+
Ulunge ngaphezu kwamawakawaka amaqhosha egolide nesilivere.+
י [Yod]
73 Undenzile waza wandibumba ngezandla zakho.
Ndinike ubulumko,
Ukuze ndifunde imiyalelo yakho.+
74 Abo bakoyikayo bayavuya bakundibona,
Kuba ndithembele ngelizwi lakho.+
75 Ndiyazi Yehova ukuba imithetho yakho yeyobulungisa+
Nokuba kungenxa yokuthembeka kwakho le nto uye wandixhwalekisa.+
76 Akwaba ungandithuthuzela ngothando lwakho olungagungqiyo,+
Njengoko wawumthembisile umkhonzi wakho.
77 Ndenzele inceba, ukuze ndiqhubeke ndiphila,+
Kuba ndiyawuthanda umthetho wakho.+
78 Kwanga bangahlazeka abo bazigqatsayo,
Kuba bandimosha ngaphandle kwesizathu.
Kodwa mna ndiza kucingisisa ngemiyalelo yakho.+
79 Mababuyele kum abo bakoyikayo,
Abo bazaziyo izikhumbuzo zakho.
80 Kwanga ndingayithobela ngentliziyo yam yonke imithetho yakho,+
Ukuze ndingahlazeki.+
כ [Kaph]
81 Ndinqwenela usindiso lwakho,+
Kuba ndithembele kwilizwi lakho.
82 Amehlo am ajonge kulo+
Ngoxa ndisithi: “Uza kundithuthuzela nini na?”+
83 Kuba ndinjengebhotile yofele emsini,
Kodwa andiyilibalanga imithetho yakho.+
84 Kode kube nini elindile umkhonzi wakho?
Uza kubagweba nini abo banditshutshisayo?+
85 Abo bazigqatsayo bandimbela imingxuma,
Abo bawudelelayo umthetho wakho.
86 Ithembekile yonke imiyalelo yakho.
Abantu banditshutshisa ngaphandle kwesizathu; khawundincede!+
87 Baphantse bandicim’ igama,
Kodwa khange ndiyishiye imiyalelo yakho.
88 Ndigcine ndiphila ngenxa yothando lwakho olungagungqiyo,
Ukuze ndigcine izikhumbuzo zakho.
ל [Lamed]
89 Ilizwi lakho, owu Yehova,
Liza kuhlala likho ngonaphakade emazulwini.+
90 Uhlala uthembekile kwizizukulwana ngezizukulwana.+
Uwuzinzisile umhlaba, ukuze uqhubeke umile.+
91 Indalo yakho isamile nanamhlanje ngokomyalelo wakho,
Kuba yonke ingumkhonzi wakho.
92 Ukuba bendingawuthandi umthetho wakho,
Ngendithwaxwe ndaphela ziinkxwaleko zam.+
93 Soze ndiyilibale imiyalelo yakho,
Kuba ngayo uye wandigcina ndiphila.+
94 Ndingowakho; khawundisindise,+
Kuba ndiye ndayithanda imiyalelo yakho.+
95 Abenzi-bubi bafuna ukunditshabalalisa,
Kodwa ndicingisisa ngezikhumbuzo zakho.
96 Ndibonile ukuba nokufezeka kunemida,
Kodwa yona imiyalelo yakho ayinamida.
מ [Mem]
97 Ndlela le ndiwuthanda ngayo umthetho wakho!+
Ndicinga ngawo imini yonke.+
98 Umyalelo wakho undenza ndibe sisilumko ngaphezu kweentshaba zam,+
Kuba uphambi kwam ngonaphakade.
99 Ndinengqondo ngaphezu kwabafundisi bam bonke,+
Kuba ndicinga ngezikhumbuzo zakho.
100 Ndikrelekrele ngaphezu kwamaxhego,
Kuba ndigcina imiyalelo yakho.
101 Andivumi ukuhamba endleleni yabenzi-bubi,+
Ukuze ndigcine ilizwi lakho.
102 Andiyishiyi imithetho yakho,
Kuba wena undiyalele.
103 Amazwi akho anencasa,
Aswiti kunobusi emlonyeni wam!+
104 Imiyalelo yakho indivul’ ingqondo.+
Yiyo le nto ndiyicaphukela indlela yobuxoki.+
נ [Nun]
105 Ilizwi lakho lisisibane ezinyaweni zam,
Nokukhanya endleleni yam.+
106 Ndifungile ukuba ndiza kuyigcina imithetho yakho yobulungisa,
Ibe ndiza kuyenza loo nto.
107 Ndibuhlungu ngeyona ndlela.+
Owu Yehova, ndigcine ndiphila njengoko wawuthembisile.+
108 Owu Yehova, ndicela ukwamkele ukukudumisa kwam ngokuzithandela,+
Uze undifundise izigwebo zakho.+
109 Ubomi bam buhlala busengozini,
Kodwa andiwulibalanga umthetho wakho.+
110 Abenzi-bubi bandibekele isibatha,
Kodwa andiyekanga ukuyithobela imiyalelo yakho.+
111 Izikhumbuzo zakho ndizenze ezam ngonaphakade,
Kuba zivuyisa intliziyo yam.+
112 Ndiye ndazimisela ukuthobela imithetho yakho
Ngamaxesha onke, ukuya kutsho kowokugqibela.
ס [Samekh]
113 Ndiyabacaphukela abantu abangakukhonzi ngentliziyo epheleleyo,+
Kodwa ndiyawuthanda umthetho wakho.+
114 Ulikhusi lam nekhaka lam,+
Kuba ndithembele kwilizwi lakho.+
115 Mkani kum, nina benzi-bubi,+
Ukuze ndithobele imiyalelo kaThixo wam.
116 Ndixhase njengokuba ubundithembisile,+
Ukuze ndiqhubeke ndiphila;
Ungandidanisi ndikuthembile.+
117 Ndixhase ukuze ndisindiswe;+
Ndiza kuhlala ndicinga ngemithetho yakho.+
118 Ubalahla bonke abo bayekayo ukuthobela imithetho yakho,+
Kuba bangamaxoki anamaqhinga.
119 Ubalahla bonke abenzi-bubi bomhlaba ngathi bayintlenge nje.+
Yiyo le nto ndizithanda izikhumbuzo zakho.
120 Ndiyangcangcazela ngenxa yokukoyika;
Ndiyazoyika izigwebo zakho.
ע [Ayin]
121 Ndenze ubulungisa nokusesikweni.
Ungandiyekeli kubacinezeli bam!
122 Qinisekisa ukuba uza kumkhathalela umkhonzi wakho;
Kwanga ndingangacinezelwa ngabazigqatsayo.
123 Amehlo am adiniwe ngenxa yokulinda usindiso lwakho+
Nesithembiso sakho sobulungisa.+
124 Mthande ngokungagungqiyo umkhonzi wakho,+
Undifundise imithetho yakho.+
125 Ndingumkhonzi wakho; ndinike ulwazi,+
Ukuze ndiziqonde izikhumbuzo zakho.
126 Lifikile ixesha lokuba uYehova angenelele,+
Kuba bawaphule umthetho wakho.
127 Yiyo le nto ndiyithanda imiyalelo yakho
Ngaphezu kwegolide, kwanegolide yodidi.+
128 Ngoko, nawuphi umyalelo ovela kuwe ndiwubona ulungile;+
Ndizicaphukela zonke iindlela zobuxoki.+
פ [Pe]
129 Izikhumbuzo zakho ziyamangalisa.
Yiyo le nto ndizithobela.
130 Ukutyhilwa kwamazwi akho kuzisa ukukhanya,+
Kunika abangenamava ukuqonda.+
131 Ndiyinxanelwe imiyalelo yakho,
Ibe ndiyifuna ngamandla.+
132 Jonga ngakum undenzele ububele,+
Ngokwesigwebo sakho kwabo bathanda igama lakho.+
133 Ndikhokele uze uyikhusele indlela yam ngelizwi lakho;
Kwanga kungangabikho nto imbi ingaphezu kwamandla am.+
134 Ndisindise kumadoda acinezelayo,
Ibe ndiza kuyithobela imiyalelo yakho.
135 Khanyisa ubuso bakho kumkhonzi wakho,+
Undifundise imithetho yakho.
136 Iinyembezi zam zihla okomfula emehlweni am
Kuba abantu abawuthobeli umthetho wakho.+
צ [Tsade]
137 Ulilungisa Yehova,+
Ibe ugweba kakuhle.+
138 Izikhumbuzo zakho zezobulungisa
Ibe zithembeke ngokupheleleyo.
139 Ndiyavutha ngaphakathi,+
Kuba iintshaba zam ziwalibele amazwi akho.
140 Ilizwi lakho lisulungekiswe ngokupheleleyo,+
Ibe umkhonzi wakho uyalithanda.+
141 Andibalulekanga yaye ndidelekile;+
Kodwa andiyilibalanga imiyalelo yakho.
142 Ubulungisa bakho bubulungisa ngonaphakade,+
Nomthetho wakho uyinyaniso.+
143 Nangona ndifikelwa ziintlungu neengxaki,
Ndihlala ndiyithanda imiyalelo yakho.
144 Izikhumbuzo zakho zezobulungisa ngonaphakade.
Ndinike ukuqonda,+ ukuze ndiqhubeke ndiphila.
ק [Qoph]
145 Ndikubiza ngentliziyo yam yonke. Ndiphendule, owu yini Yehova.
Ndiza kuyithobela imithetho yakho.
146 Ndikhalela kuwe; ndisindise!
Ndiza kuzigcina izikhumbuzo zakho.
147 Ndivuke kwasekuzeni kusa ukuze ndikhalele uncedo,+
Kuba ndithembele kwilizwi lakho.
148 Amehlo am avuleka ngaphambi kwexesha loonogada,
Ukuze ndicingisise ngelizwi lakho.+
149 Limamele ilizwi lam ngenxa yothando lwakho olungagungqiyo.+
Owu Yehova, ndigcine ndiphila ngobulungisa bakho.
150 Abo baziphatha ngendlela elihlazo bayasondela;
Bakude lee emthethweni wakho.
151 Ukufuphi Yehova,+
Yaye yonke imiyalelo yakho iyinyaniso.+
152 Ndafunda kwakudala ngezikhumbuzo zakho,
Ukuba wazimisa ukuze zihlale ngonaphakade.+
ר [Resh]
153 Jonga indlela endisentlungwini ngayo uze undisindise,+
Kuba andiwulibalanga umthetho wakho.
154 Ndithethelele uze undisindise;+
Ndigcine ndiphila ngokwesithembiso sakho.
155 Usindiso lukude kubenzi-bubi,
Kuba abayifunanga imithetho yakho.+
156 Unenceba ngeyona ndlela Yehova.+
Ndigcine ndiphila ngobulungisa bakho.
157 Baninzi abatshutshisi bam neentshaba zam;+
Kodwa andiyekanga ukuzithobela izikhumbuzo zakho.
158 Ndiyabenyanya abantu abanamaqhinga,
Kuba abaligcini ilizwi lakho.+
159 Jonga indlela endiyithanda ngayo imiyalelo yakho!
Owu Yehova, ndigcine ndiphila ngenxa yothando lwakho olungagungqiyo.+
160 Lonke ilizwi lakho liyinyaniso,+
Ibe zonke izigwebo zakho zobulungisa zikho ngonaphakade.
ש [Sin] okanye [Shin]
161 Iinkosana zinditshutshisa+ ndingenzanga nto,
Kodwa intliziyo yam imangaliswa ngamazwi akho.+
162 Ilizwi lakho lindenza ndivuye+
Okomntu obhaqa ubutyebi.
163 Ndiyabucaphukela ubuxoki, ndiyabenyanya.+
Kodwa ndiyawuthanda umthetho wakho.+
164 Ndikudumisa kasixhenxe ngosuku
Ngenxa yezigwebo zakho zobulungisa.
165 Abo bathanda umthetho wakho baseluxolweni;+
Akukho nto inokubakhubekisa.
166 Ndithembele ekusindisweni nguwe, Yehova,
Ibe ndiyayithobela imiyalelo yakho.
167 Ndiyazigcina izikhumbuzo zakho,
Ibe ndizithanda kakhulu.+
168 Ndiyigcinile imiyalelo yakho nezikhumbuzo zakho,
Kuba uzazi zonke izinto endizenzayo.+
ת [Taw]
169 Kwanga ungakuva ukukhalela kwam uncedo, Yehova.+
Ndiyalele ukuze ndiqonde.+
170 Kwanga kungafika kuwe ukucela kwam inceba.
Ndisindise, njengokuba ubundithembisile.
171 Imilebe yam mayiphuphume yindumiso,+
Kuba undifundisa imithetho yakho.
172 Ulwimi lwam malucule ngezinto ozithethayo,+
Kuba yonke imiyalelo yakho ibubulungisa.
173 Kwanga isandla sakho singandinceda,+
Kuba ndikhetha ukuthobela imiyalelo yakho.+
174 Ndikufuna ngamandla ukusindiswa nguwe, Yehova,
Ibe ndiyawuthanda umthetho wakho.+
175 Ndivumele ndiqhubeke ndiphila ukuze ndikudumise;+
Kwanga zingandinceda izigwebo zakho.
176 Ndiye ndabhadula okwegusha elahlekileyo.+ Mkhangele umkhonzi wakho,
Kuba andiyilibalanga imiyalelo yakho.+