Zukisa UYehova Ngokubonisa Isidima
“Umsebenzi [kaYehova] usisidima nobungangamsha.”—INDU. 111:3.
1, 2. (a) Unokusichaza njani “isidima”? (b) Yiyiphi imibuzo eza kuhlolisiswa kweli nqaku?
XA kwathiwa makachaze igama elithi “ukuba nesidima,” uMadison oneminyaka elishumi ubudala wakhawuleza wathi: “Kukunxiba kakuhle.” Kusenokwenzeka ukuba le ntwazana yayingazi ukuba iBhayibhile ithetha ngoThixo ‘njengowambethe isidima.’ (INdu. 104:1) Ebantwini, maxa wambi ukubonisa isidima kusenokuquka ukunxiba kakuhle. Ngokomzekelo, umpostile uPawulos wayenqwenela ukuba abafazi abangamaKristu “bazihombise ngesinxibo esilungiswe kakuhle, ngokuthozama nangengqondo ephilileyo, kungekhona ngezimbo zokulukwa kweenwele nokunxitywa kwegolide neeperile nezambatho zeendleko ezinkulu.” (1 Tim. 2:9) Kodwa ihambo enesidima ezukisa ‘isidima nobungangamsha bukaYehova’ ayipheleli apho.—INdu 111:3.
2 EBhayibhileni, igama lesiHebhere elibhekisela ‘kwisidima’ linokuguqulelwa ngokuthi ‘ubungangamsha,’ ‘uzuko,’ ‘nembeko.’ Esinye isichazi-magama sithi, “isidima” “luphawu okanye imeko yokufaneleka, ukuzuka okanye ukufanelwa yintlonelo.” Yaye akakho umntu ofanelwa yimbeko okanye intlonelo engaphezu kwekaYehova. Ekubeni singabakhonzi bakhe abazahluleleyo, nathi sifanele sibe nesidima kwindlela esithetha nesenza ngayo izinto. Noko ke, kutheni abantu benokubonisa isidima nje? Isidima nobungangamsha bukaYehova zibonakala njani? Sifanele sisichatshazelwe njani sisidima sikaThixo? UYesu Kristu unokusifundisa ntoni ngokubonisa olu phawu? Yaye sinokusibonakalisa njani isidima esifana nesikaThixo?
Isizathu Sibonise Isidima
3, 4. (a) Sifanele sisabele njani ngokujizekwa kwethu isidima? (b) INdumiso 8:5-9 iprofeta ngabani? (Bona umbhalo osemazantsi.) (c) Ngoobani abaye bathweswa isidima nguYehova kumaxesha adluleyo?
3 Ngenxa yokuba benziwe ngokomfanekiselo kaThixo, bonke abantu bayakwazi ukubonisa isidima. UYehova wanika umntu wokuqala isidima ngokummisela njengomgcini womhlaba. (Gen. 1:26, 27) Kwanasemva kokuba umntu eyekile ukufezeka, uYehova waphinda wayichaza imbopheleleko yabantu ngokuphathelele umhlaba. Ngenxa yoko, uThixo ‘usabathwesa’ ngozuko. (Funda INdumiso 8:5-9.)a Isidima esasithweswayo sifuna ukuba siziphathe ngesidima—sizukise igama elikhulu likaYehova ngentlonelo nangesidima.
4 UYehova ubanike ngokukhethekileyo umlinganiselo wesidima abo banikela inkonzo engcwele kuye. UYehova wamnika isidima uAbheli ngokwamkela umnikelo wakhe, egatya lowo womntakwabo uKayin. (Gen. 4:4, 5) UMoses wayalelwa ukuba ‘athabathe kwisidima sakhe,’ abeke phezu koYoshuwa, indoda eyayiza kungena ezihlangwini zakhe ikhokele amaSirayeli. (Num. 27:20) Xa ithetha ngonyana kaDavide, uSolomon, iBhayibhile ithi: “UYehova waqhubeka emenza mkhulu ngokugqwesileyo uSolomon emehlweni kaSirayeli wonke, wamnika isidima sobukhosi esidlula bonke ookumkani ababengaphambi kwakhe kwaSirayeli.” (1 Kron. 29:25) UThixo uza kuwanika isidima esithe kratya amaKristu athanjisiweyo avusiweyo, aye ngokuthembeka avakalisa ‘uzuko lobungangamsha bobukumkani bakhe.’ (INdu. 145:11-13) Njengoko ziphakamisa uYehova, ‘ezinye izimvu’ zikaYesu ezininzi ziye zasikelelwa yaye zajizekwa ngesidima.—Yoh. 10:16.
Isidima Nobungangamsha BukaYehova Zenziwe Zacaca
5. Sikhulu kangakanani isidima sikaYehova?
5 Kwingoma eyasahlula ubukhulu bukaThixo kubuncinane bomntu, uDavide wathi: “Owu Yehova Nkosi yethu, hayi indlela elinobungangamsha ngayo igama lakho emhlabeni wonke, isidima sakho siphela sibaliswa ngaphezu kwamazulu!” (INdu. 8:1) Kwangaphambi kokuba kubekho indalo “amazulu nomhlaba” ukuya kutsho ngaphaya kwenzaliseko ezukileyo yenjongo kaThixo yokwenza umhlaba ube yiparadesi aze akhokelele intsapho yoluntu emfezekweni—ukususela ephakadeni ukusa ephakadeni—uYehova uThixo ungoyena Mntu uzukileyo nonesidima kwindalo iphela.—Gen. 1:1; 1 Kor. 15:24-28; ISityhi. 21:1-5.
6. Kwakutheni ukuze umdumisi athi uYehova wambethe isidima?
6 Umdumisi owoyika uThixo umele ukuba wachukunyiswa gqitha kukubona ukuzuka kwesibhakabhaka ebusuku, sizele ziinkwenkwezi “ezimenyezelayo”! Emangaliswe yindlela uThixo ‘awolule ngayo amazulu njengelaphu lentente,’ umdumisi wachaza uYehova njengowambethe isidima nobungangamsha ngenxa yobuchule bakhe bokudala obungenambaliso. (Funda INdumiso 104:1, 2.) Isidima nobungangamsha boMdali ongabonakaliyo nongusomandla bubonakala kwimisebenzi ayenzileyo.
7, 8. Bubuphi ubungqina besidima nobungangamsha bukaYehova esibubona esibhakabhakeni?
7 Ngokomzekelo, cinga nje ngomnyele oyiMilky Way. Ngokungathi kukulwandlekazi lweenkwenkwezi, nezinye izijikelezi-langa, uMhlaba ubonakala umncinane kakhulu njengesuntswana lesanti ekwelona nxweme lukhulu. Ukuba ubunokubala inkwenkwezi nganye ngomzuzwana kangangeeyure ezingama-24 ngosuku ungakhange ume, bekuya kukuthabatha ngaphezu kweminyaka engama-3 000 ukuze ugqibe iinkwenkwezi ezili-100 lamawaka ezigidi.
8 Ukuba umnyele weMilky Way uwodwa uneenkwenkwezi ezili-100 lamawaka ezigidi, kuthekani ngommandla wendalo xa uwonke? Izazi ngeenkwenkwezi ziqikelela ukuba iMilky Way isenokuba ngomnye kwiminyele emalunga nama-50 amawaka ezigidi ukusa kweli-125 ekhoyo. Zingaphi ke iinkwenkwezi ezikuwo wonke ummandla wendalo? Ngokuqinisekileyo inani lazo lingaphaya kweengqondo zethu. Sekunjalo, uYehova “ubala inani leenkwenkwezi; zonke uzibiza ngamagama azo.” (INdu. 147:4) Emva kokuqonda indlela uYehova asambethe ngayo isidima nobungangamsha, ngaba oko akukushukumiseli ekubeni uzukise igama lakhe elikhulu?
9, 10. Isonka sibubonisa njani ubulumko boMdali wethu?
9 Makhe sisuse ingqalelo yethu kumazulu aphakamileyo sikhe sijonge nje into eqhelekileyo njengesonka. UYehova akapheleli nje ekubeni ‘nguMenzi wezulu nomhlaba’ kodwa ‘ukwanguLowo unika abalambileyo isonka.’ (INdu. 146:6, 7) “Isidima nobungangamsha” bukaThixo zibonakala kwimisebenzi yakhe emikhulu, equka ukulungiselela kwakhe izityalo esiphuma kuzo isonka. (Funda INdumiso 111:1-5.) UYesu wafundisa abalandeli bakhe ukuba bathandaze bathi: “Siphe namhlanje isonka sethu sale mini.” (Mat. 6:11) Isonka sasikukutya okusisiseko kubantu bamandulo, kuquka amaSirayeli. Nangona isonka sigqalwa njengokutya okuqhelekileyo, inkqubo yemichiza etshintsha izinto ezisisiseko zibe sisonka esimnandi ayiyonto nje ilula.
10 Xa kwakubhalwa iBhayibhile, amaSirayeli ayesebenzisa umgubo wengqolowa okanye owebhali namanzi xa esenza isonka. Maxa wambi, kwakusetyenziswa igwele xa kusenziwa isonka. Ezi zinto zilula xa zidibene zibumba inani elikhulu lemichiza edibana kakuhle. Indlela ezidibana ngayo ezi zinto kanye ayiqondwa ngokupheleleyo. Ngaphezulu, indlela esicolwa ngayo isonka ngumzimba yenye inkqubo emangalisayo. Akumangalisi ukuba umdumisi athi: “Hayi indlela emininzi ngayo imisebenzi yakho, Yehova! Yonke uyenze ngobulumko.”! (INdu. 104:24) Ngaba nawe oku kukushukumisela ekubeni uzukise uYehova?
Sichatshazelwa Njani Sisidima Nobungangamsha BukaThixo?
11, 12. Ukucamngca ngemisebenzi kaThixo yokudala kunokusichaphazela njani?
11 Akufuneki siqale sibe zizazi ngeenkwenkwezi ukuze sichukunyiswe sisibhakabhaka ebusuku okanye sibe zizazi ngemichiza ukuze sinandiphe isonka. Kodwa kufuneka sibe nethuba lokucamngca ngemisebenzi yezandla zoMdali wethu ukuze siqonde ubungangamsha bakhe. Ukucamngca ngolo hlobo kunokusinceda njani? Kunokusinceda ngendlela efanayo naleyo yokucamngca ngemisebenzi kaYehova yolunye uhlobo.
12 Ngokuphathelele imisebenzi emikhulu uYehova ayenzela abantu Bakhe, uDavide wavuma wathi: “Ubungangamsha obuzukileyo besidima sakho nemibandela yemisebenzi yakho emangalisayo ndiza kuzixhalabisa ngayo.” (INdu. 145:5) Ukuxhalabela le misebenzi sikubonisa ngokufundisisa iBhayibhile nokuzipha ithuba lokucamngca ngoko sikufunda kuyo. Kuba naliphi igalelo oku kucamngca? Sitsho sisixabise ngakumbi isidima nobungangamsha bukaThixo. Nakanjani siye sithelele uDavide ekudumiseni uYehova sithi: “Bona ke ubukhulu bakho, ndiza kubuvakalisa.” (INdu. 145:6) Ukucamngca ngemisebenzi emangalisayo kaThixo kufanele komeleze ulwalamano lwethu noYehova kuze kusikhuthazele ukuxelela abanye ngaye ngokuzimisela. Ngaba uzivakalisa ngenzondelelo iindaba ezilungileyo unceda abantu baqonde isidima, ubungangamsha nobukhulu bukaYehova uThixo?
UYesu Usibonisa Ngokugqibeleleyo Isidima SikaThixo
13. (a) Ngokutsho kukaDaniyeli 7:13, 14, uYehova umnike ntoni uNyana wakhe? (b) NjengoKumkani, uYesu ubaphatha njani abalawulwa bakhe?
13 UNyana kaThixo, uYesu Kristu, wazivakalisa ngenzondelelo iindaba ezilungileyo ezukisa uYise wasezulwini onesidima nobungangamsha. UYehova wajizeka uNyana wakhe ekuphela kwamzeleyo ngesidima esikhethekileyo xa ‘wamnika ulawulo nobukumkani.’ (Funda uDaniyeli 7:13, 14.) Sekunjalo, uYesu akanakratshi okanye impakamo. Endaweni yoko, unguMlawuli onovelwano okuqondayo ukusikelwa umda kwabalawulwa bakhe yaye ubanika umlinganiselo othile wesidima. Khangela umzekelo wendlela uYesu njengoKumkani Omiselweyo awabaphatha ngayo abantu awayedibana nabo, ngakumbi abo babengafunwa nababengathandwa ngabantu.
14. Abantu abaneqhenqa babejongwa njani kuSirayeli wamandulo?
14 Abantu ababeneqhenqa mandulo babedla ngokufa kade emva kokungcungcutheka. Esi sifo sasisithi ngcembe sisitya amalungu omzimba. Ukunyanga umntu oneqhenqa kwakugqalwa kunzima njengokuvusa umntu ekufeni. (Num. 12:12; 2 Kum. 5:7, 14) Abantu abaneqhenqa babegqalwa bengacocekanga yaye besenyanywa yaye bengafunwa ngabantu. Xa besondela ebantwini, kwakufuneka babalumkise bathi: “Andihlambulukanga, andihlambulukanga!” (Lev. 13:43-46) Umntu oneqhenqa wayefana nofileyo. Ngokwengxelo yoorabhi, umntu oneqhenqa wayevunyelwa ukuba eme kwisithuba seemitha ezimalunga nezimbini ukusuka komnye umntu. Kuthiwa xa kubonwa umntu oneqhenqa, enoba ukude kangakanani na, inkokeli yolunye unqulo yayiphosa amatye ukuze imgcine ekude.
15. UYesu wayiphatha njani indoda ethile eneqhenqa?
15 Noko ke, iyachukumisa indlela uYesu awamphatha ngayo umntu oneqhenqa oweza kuye waza wambongoza ukuba amphilise. (Funda uMarko 1:40-42.) Kunokuyigxotha, uYesu wayiphatha ngovelwano nangesidima le ndoda ingafunwayo. UYesu wayebona indoda elusizi eyayifun’ uncedo. Echukumisekile, uYesu akazange anle nje ngokuba novelwano kodwa wakhawuleza wayinceda. Waya kuyo, wayichukumisa, waza wayiphilisa.
16. Ufunde ntoni kwindlela uYesu awayebaphatha ngayo abanye?
16 Njengabalandeli bakhe, sinokumxelisa njani uYesu kwindlela awasibonisa ngayo isidima sikaYise? Enye indlela kukuqonda ukuba bonke abantu—enoba bakuwuphi umgangatho, impilo, okanye ubudala—bafanelwe yintlonelo nembeko. (1 Pet. 2:17) Ingakumbi abo bakwizigxina zokuvelela, njengabayeni, abazali nabadala abangamaKristu, kufuneka babanike isidima abo bangaphantsi kwabo yaye loo nto ibanceda baqhubeke bezihlonela. Ibethelela ukuba oku kumele kwenziwe ngawo onke amaKristu, iBhayibhile ithi: “Ngokuphathelele uthando lobuzalwana yibani nomsa omnye komnye. Ekuboniseni imbeko omnye komnye khokelani.”—Roma 12:10.
Ukubonisa Isidima Xa Sinqula
17. Yintoni esinokuyifunda eZibhalweni ngokubonisa isidima xa sinqula uYehova?
17 Kufanele kunikelwe ingqalelo ekhethekileyo ekuboniseni isidima xa sinqula uYehova. INtshumayeli 5:1 ithi: “Lulinde unyawo lwakho xa sukuba usiya endlwini yoThixo oyinyaniso.” UMoses noYoshuwa bayalelwa ukuba bakhulule iimbadada zabo xa bekwindawo engcwele. (Eks. 3:5; Yosh. 5:15) Ukwenza kwabo ngolo hlobo kwakuya kubonisa intlonelo nokuthobeka. Ababingeleli abangamaSirayeli kwakufuneka banxibe iimpahla zangaphantsi zelinen “zokugubungela ubuze benyama yabo.” (Eks. 28:42, 43) Oku kwakuthintela ukuvela okungenasidima kwamalungu athile xa bekhonza esibingelelweni. Lungu ngalinye lentsapho yombingeleli kwakufuneka lilondoloze imilinganiselo kaThixo enesidima.
18. Sisibonisa njani isidima xa sinqula uYehova?
18 Ukuba nesidima xa sinqula kuquka imbeko nentlonelo. Ukuze sinikwe imbeko nentlonelo, simele senze izinto ngendlela efanelwe yintlonelo. Asimele sibonise isidima sohanahaniso okanye senze ngathi sinaso. Ayifanele ibe yinto nje yokubonwa ngabantu, kodwa ifanele ibonwe nguThixo—ezintliziyweni zethu. (1 Sam. 16:7; IMize. 21:2) Isidima sifanele sibe yinxalenye yobomi bethu size sichaphazele indlela esenza ngayo izinto, isimo sethu sengqondo, ulwalamano lwethu nabanye kwanendlela esizijonga nesivakalelwa ngayo ngeziqu zethu. Eneneni, isidima sifanele sibonakale ngamaxesha onke nakuyo yonke into esiyithethayo nesiyenzayo. Xa kufikelelwa kwihambo yethu, kwimbonakalo nendlela esinxiba nesizilungisa ngayo, sifuna ukuthobela la mazwi ompostile uPawulos: “Siyakuphepha ukuba sisikhubekiso nangayiphi na indlela, ukuze kungafunyanwa siphoso kubulungiseleli bethu; kodwa ngandlela zonke siyazincomela njengabalungiseleli bakaThixo.” (2 Kor. 6:3, 4) ‘Sihombisa imfundiso yoMsindisi wethu, uThixo, ezintweni zonke.’—Tito 2:10
Qhubeka Ubonisa Isidima SikaThixo
19, 20. (a) Yiyiphi eyona ndlela ifanelekileyo yokunika abanye isidima? (b) Sifanele sizimisele entwenini xa kufikelelwa kwisidima?
19 Isidima siboniswa ngamaKristu athanjisiweyo, ‘angoonozakuzaku abasendaweni kaKristu.’ (2 Kor. 5:20) “Ezinye izimvu,” eziwaxhasa ngokuthembeka, zingabameli abanesidima boBukumkani obungoMesiya. Unozakuzaku okanye ummeli uthetha ngenkalipho nangesidima ngorhulumente wakhe. Ngoko, sifanele sithethe ngesidima nangenkalipho sixhasa urhulumente kaThixo, obuBukumkani. (Efe. 6:19, 20) Yaye xa sisisa kwabanye “iindaba ezilungileyo zento elunge ngakumbi,” ngaba asikokubabonisa isidima oko?—Isa. 52:7.
20 Sifanele sizimisele ukuzukisa uThixo ngokwenza izinto ngokuvisisana nesidima sakhe. (1 Pet. 2:12) Masisoloko sibonisa intlonelo enzulu kuye, kunqulo lwakhe nakwabo sinqula nabo. Ngamana uYehova owambethe isidima nobungangamsha, angakholiswa yindlela enesidima esimnqula ngayo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Amazwi kaDavide akwiNdumiso 8 akwabhekisa ngendlela eprofetayo kwindoda efezekileyo uYesu Kristu.—Heb. 2:5-9.
Ubuya Kuphendula Uthini?
• Ukuxabisa ubungangamsha besidima sikaYehova kufanele kusichaphazele njani?
• Sinokufunda ntoni ngesidima kwindlela uYesu awaphatha ngayo indoda eyayineqhenqa?
• Sinokumzukisa njani uYehova ngeendlela ezinesidima?
[Umfanekiso okwiphepha 12]
UYehova wamnika njani isidima uAbheli?
[Umfanekiso okwiphepha 14]
Imisebenzi emikhulu kaYehova ibonakala nakwilungiselelo lakhe lesonka
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Ufunde ntoni ngesidima kwindlela uYesu awaphatha ngayo umntu othile owayeneqhenqa?
[Umfanekiso okwiphepha 16]
Unqulo olunesidima luquka ukuzukisa uYehova