UYehova Ubanyamekela Ngothando Abakhonzi Bakhe Abakhulileyo
“UThixo akanantswela-bulungisa ukuba angawulibala umsebenzi wenu nothando enalubonisayo ngegama lakhe.”—HEB. 6:10.
1, 2. (a) Yintoni oyikhumbulayo xa ubona umntu onezimvi? (b) UYehova uwajonga njani amaKristu akhulileyo?
XA UBONA iinkonde nenkondekazi ezineentloko ezimhlophe ebandleni, ngaba zikukhumbuza ingxelo ekwincwadi yeBhayibhile kaDaniyeli? Kumbono awawunika uDaniyeli, uYehova uThixo waziveza njengonentloko emhlophe zizimvi. UDaniyeli wathi: “Ndathi ndisabukele njalo, ndabona kubekwa iitrone waza uNyangelemihla wahlala phantsi. Isinxibo sakhe sasimhlophe njengekhephu, neenwele zentloko yakhe zazinjengoboya obucocekileyo.”—Dan. 7:9.
2 Ngokwemvelo, uboya budla ngokuba mhlophe. Ngoko, iinwele ezimhlophe nesibizo esithi “uNyangelemihla” zisenza sicinge ngobudala nobulumko obungenakuchazwa bukaThixo, izinto ezimenza afanelwe yintlonelo enzulu. UNyangelemihla, uYehova uzijonga njani yena iinkonde neenkondekazi ezithembekileyo? ILizwi likaThixo uthi “isithsaba sokuhomba zizimvi xa sifunyanwa endleleni yobulungisa.” (IMize. 16:31) Ewe, xa sele ade anezimvi amaKristu athembekileyo, loo mbonakalo yokuqola ithandeka gqitha emehlweni kaThixo. Ngaba nawe ubajonga njengoYehova abazalwana noodadewenu abakhulileyo?
Kutheni Exabiseke Kangaka Nje?
3. Kutheni sibaxabisa kangaka nje abazalwana bethu abaziinkonde?
3 Abanye kwaba bakhonzi bathandekayo nabakhulileyo ngamalungu eQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova, abaveleli abahambahambayo abasaqhubekayo nabo sele beyekile, oovulindlela abanenzondelelo nabavakalisi boBukumkani abaqolileyo—abazalwana noodade abakhonza ngokuthembeka kumabandla ethu. Kungenzeka ukuba nawe wazi abathile abaye bashumayela iindaba ezilungileyo ngenzondelelo kangangamashumi eminyaka waza umzekelo wabo wakhuthaza abaselula balungisa ubomi babo. Abanye kwezi nkonde zabazalwana bethu baye basingatha iimbopheleleko ezinzima banyamezela nentshutshiso ngenxa yeendaba ezilungileyo. UYehova ‘nekhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ bayixabisa gqitha imigudu yabo yangaphambili neyangoku kumsebenzi woBukumkani.—Mat. 24:45.
4. Kutheni simele siwahlonele size siwathandazele amaKristu akhulileyo?
4 Abanye abakhonzi bakaYehova uThixo bamele babe nombulelo nentlonelo ngezi nkonde. Enyanisweni, uMthetho kaThixo awawunikela ngoMoses unxulumanisa ukuhlonela iinkonde nokoyika uYehova. (Lev. 19:32) Sifanele sihlale sibathandazela aba bazalwana bathembekileyo size simbulele uThixo ngomsebenzi wothando abawenzayo. Umpostile uPawulos wathandazela abo wayesebenza nabo, abaselula nabakhulileyo.—Funda eyoku-1 kwabaseTesalonika 1:2, 3.
5. Sinokuzuza njani ngokunxulumana nabakhonzi bakaYehova abakhulileyo?
5 Ukongezelela koku, sonke ebandleni sinokuzuza lukhulu ngokunxulumana namaKristu akhulileyo. Ngenxa yolwazi abalufumene kufundisiso lwabo, ngokubona izinto zisenzeka namava abanawo, aba bakhonzi bakaYehova bakhulileyo baye basisisele senyathi. Baye bafunda ukuba nomonde novelwano yaye ukudlulisela kwabo konke oko kwisizukulwana esilandelayo kubenza bahlale bevuya yaye banelisekile. (INdu. 71:18) Nina baselula, nimele niya kuba nilumkile xa nizithaphulela kulo vimba wolwazi njengokuba beniya kwenza xa nitsala amanzi kwiqula elinzulu.—IMize. 20:5.
6. Unokubabonisa njani abakhulileyo ukuba ubaxabisa ngokwenene?
6 Ngaba uyazibonisa ezi ngwevu ukuba nawe uzixabisa njengoYehova? Enye indlela yokwenjenjalo kukuzixelela indlela ozithanda ngayo ngenxa yokuthembeka kwazo nendlela ozixabisa ngayo iimbono zazo. Ukongezelela, xa zikubona usenza izinto ozifunde kuzo, ziya kuqonda ukuba uzihlonela ngokunyanisekileyo. AmaKristu amaninzi akhulileyo anokuwakhumbula amacebiso obulumko awawafumana kwiinkonde ezazingaphambi kwawo nendlela ukuthobela loo macebiso okwawanceda ngayo ebomini.a
Bonisa Uthando Ngokubanceda
7. Ngoobani uYehova abanike imbopheleleko ebalulekileyo yokunyamekela abakhulileyo?
7 UThixo unike iintsapho zabo bakhulileyo imbopheleleko ebalulekileyo yokuba zibanyamekele. (Funda eyoku-1 kuTimoti 5:4, 8.) UYehova uvuyiswa gqitha kukubona iintsapho ziphumeza imbopheleleko ezinayo yokunyamekela abantu bazo abakhulileyo, ngaloo ndlela zibonisa ukuba zibakhathalela njengaye. UYehova uyazixhasa ezi ntsapho aze azisikelele ngemigudu nako konke ukuzincama kwazo.b
8. Kutheni amabandla emele anyamekele amaKristu akhulileyo?
8 Ngokufanayo, uYehova uyavuya xa ebona ibandla linceda amalungu alo athembekileyo, akhulileyo nasweleyo ngoxa engenabani ukholwayo okanye ufuna ukuwanceda kwiintsapho zawo. (1 Tim. 5:3, 5, 9, 10) Ngoko ke, amabandla abonisa ukuba ‘anovelwano, umsa wobuzalwana nemfesane’ kwabakhulileyo. (1 Pet. 3:8) Ukuxhalatyelwa kwamalungu ebandla akhulileyo kwaboniswa kakuhle nguPawulos ngokubonisa ukuba xa ilungu elinye lomzimba libandezeleka, “onke amanye amalungu abandezeleka kunye nalo.” (1 Kor. 12:26) Ngokuba novelwano ancede abakhulileyo amalungu ebandla enza ngokuvisisana nesiluleko sikaPawulos esithi: “Qhubekani nithwala elowo uxanduva lomnye, yaye ngokwenjenjalo noba nizalisekisa umthetho kaKristu.”—Gal. 6:2.
9. Ziziphi iingxaki ezinokubangelwa kukwaluphala emntwini?
9 Ziziphi izinto ezinzima kubantu abakhulileyo? Abanye badinwa msinya. Kusenokuba nzima kubo nokwenza izinto nje eziqhelekileyo, ezinjengokuya kwagqirha, ukuhlawula amatyala nokubhala iincwadi, ukucoca indlu, nokupheka. Ekubeni abantu abakhulileyo bedla ngokuphelelwa ngumdla ekutyeni, basenokucinga ukuba akukho mfuneko yokuba batye ngendlela abamele batye ngayo. Kunokuba njalo ke nangokutya kokomoya. Amehlo anorhatyazo neendlebe ezibuthuntu zinokwenza kube yindinisa ukufunda nokuphulaphula kucwangciso lokomoya, singasathethi ngokulungiselela ukuya kwiintlanganiso zamaKristu. Yintoni ke, enokwenziwa ngabanye ukunceda abo bakhulileyo?
Indlela Onokubanceda Ngayo
10. Yintoni enokwenziwa ngabadala ukuqinisekisa ukuba abantu abakhulileyo bayancedwa?
10 Kumabandla amaninzi, abalupheleyo banyanyekelwa ngendlela engumzekelo. Abazalwana noodade abanothando babanceda ngokubayela ezivenkileni, ngokubaphekela nokubacocela. Ayabanceda ukuze afundisise, alungele ukuya kwiintlanganiso aze ahlale esiya entsimini. AmaNgqina aselula ahamba nabo aze abalungiselele izinto zokuhamba. Ukuba abakhulileyo abasakwazi kushiya ikhaya, kulungiselelwa ukuba baphulaphule iintlanganiso ngefowuni, okanye barekhodelwe iintetho. Nanini na kusenzeka, abadala bayaqinisekisa ukuba kwenziwa amalungiselelo okunceda abalupheleyo abasebandleni.c
11. Chaza indlela enye intsapho eyanceda ngayo umzalwana okhulileyo.
11 MKristu ngamnye unembopheleleko yokubonisa ububele nesisa kwabakhulileyo. Emva kokuba enye ingwevu ifelwe ngumfazi, ukungabikho kwenkamnkam yomfazi wayo kwenza kwaba nzima ukuhlawula indawo yokuhlala. Le ngwevu nomfazi wayo babefundele iBhayibhile enye intsapho—utata, umama neentombi zabo ezikwishumi elivisayo—eyayinendlu enkulu. Le ntsapho yanika le ngwevu amagumbi amabini ukuba ihlale kuwo. Yagqiba iminyaka eli-15 isabelana nayo ngokutya, amaxesha amnandi yaye inomsa wobuzalwana kuyo. Abaselula bazuza lukhulu kukholo novimba wayo wamava, ibe babekunandipha gqitha ukuba kunye nayo. Le ngwevu yahlala nale ntsapho de yafa ineminyaka engama-89 ubudala. Le ntsapho isambulela gqitha uThixo ngeentsikelelo ezingathethekiyo eyazifumana ngokunxulumana nale nkonde. Le ntsapho ayizange ‘ilahlekelwe ngumvuzo wayo’ ngokunceda omnye umfundi kaYesu Kristu.—Mat. 10:42.d
12. Yintoni onokuyenza ukubonisa uthando kubazalwana noodade abakhulileyo?
12 Usenokungakwazi ukunceda abazalwana okanye oodade abakhulileyo ngendlela efana neyale ntsapho, kodwa unako ukubanceda bakwazi ukuya kwiintlanganiso nasentsimini. Usenokubamemela kwikhaya lakho uze uhambe nabo xa uzikhupha. Usenokubatyelela, ngakumbi xa begula okanye bengasakwazi ukuhamba. Enye into, onako ukuyenza nomele uyenze kukusoloko ubaphatha njengabantu abaqolileyo. Logama nje esaphilile engqondweni, amaKristu akhulileyo amele aqukwe kuzo zonke izigqibo ezibandakanya wona. Nkqu nalawo sele ethande ukungaphili ncam engqondweni ayakwazi ukubona xa ehlonelwa.
UYehova Akanakuwulibala Umsebenzi Wenu
13. Kutheni kubalulekile nje ukuvelana nendlela avakalelwa ngayo amaKristu akhulileyo?
13 Kubaluleke gqitha ukucingela indlela abavakalelwa ngayo abantu abakhulileyo. Yinto eqhelekileyo ukuba umntu okhulileyo akhathazwe yinto yokuba engasakwazi kwenza izinto awayekade ezenza xa wayeselula enamandla. Ngokomzekelo, omnye udade owakhonza uYehova ngenzondelelo malunga neminyaka engama-50 nowayenguvulindlela othe ngxi wagula gqitha de kwanzima kuye ukuya ezintlanganisweni. Xa ethelekisa ubulungiseleli bakhe bangaphambili nemeko akuyo, zazisuka zithi waxa iinyembezi. Ethokombise intloko elila wathi, “Akusekho yam kwaphela.”
14. Luluphi ukhuthazo olunokufunyanwa ngabakhonzi bakaYehova abakhulileyo kwindumiso?
14 Ukuba nawe sele ukhulile, ngaba wakha wavakalelwa kabuhlungu ngolo hlobo? Okanye ngaba akho amaxesha ovakalelwa kukuba uYehova ukulahlile? Kungenzeka ukuba nomdumisi wayevakalelwa ngolo hlobo ekwaluphaleni kwakhe, kuba wabongoza uYehova esithi: “Musa ukundilahla ngexesha lobudala; xa amandla am ephela, musa ukundishiya. Owu Thixo, musa ukundishiya ndide ndibe mdala ndibe nezimvi.” (INdu. 71:9, 18) Kakade ke, uYehova wayengazi kumshiya umqambi wale ndumiso, ibe nawe akanakuze akushiye. Kwenye indumiso, uDavide uvakalisa intembelo anayo kwinkxaso kaThixo. (Funda INdumiso 68:19.) Qiniseka ukuba xa ungumKristu okhulileyo nothembekileyo, uYehova unawe ibe uya kuhlala ekunyamekela yonk’ imihla.
15. Yintoni enokunceda abakhulileyo bahlale bekhuthazekile?
15 Konke oko niye nakwenza nina maNgqina kaYehova akhulileyo nenisaqhubeka nikwenza ukuze kuzukiswe uThixo, akanakuze akulibale. IBhayibhile ithi: “UThixo akanantswela-bulungisa ukuba angawulibala umsebenzi wenu nothando enalubonisayo ngegama lakhe.” (Heb. 6:10) Ngoko ke, nimele nilwe neemvakalelo ezingafanelekanga, nenze impazamo yokucinga ukuba ukwaluphala kwenu kunenza ningabi sabaluleka nganto kuYehova. Zamani ukulwa nezo mvakalelo zimbi ngokucinga ngezinto ezakhayo. Vuyiswani ziintsikelelo enizifumeneyo nalithemba eninalo ngekamva. “Sinekamva nethemba”—elona libhetele linokufunyanwa—ibe eli kamva nethemba liqinisekiswe nguMdali wethu. (Yer. 29:11, 12; IZe. 17:31; 1 Tim. 6:19) Cinga ngethemba onalo, uzame ukuzihlaziya intliziyo nengqondo yaye ungaze ubujongele phantsi ubukho bakho ebandleni!e
16. Kwakutheni ukuze omnye umzalwana okhulileyo avakalelwe kukuba umele ayeke ukukhonza njengomdala, kodwa iqumrhu labadala lamkhuthaza njani?
16 Cinga ngoJohan, oneminyaka engama-80 ubudala nonyamekela ngokupheleleyo nangokuthembeka umfazi wakhe ongakwazi kuzenzela nto uSannie.f Oodade bayatshintshana ukuhlala noSannie ukuze uJohan akwazi ukuya kwiintlanganiso nasentsimini. Noko ke, kutshanje uJohan ukhe wacinezeleka evakalelwa kukuba akusekho yakhe ngoko umele ayeke ukukhonza njengomdala ebandleni. Amehlo ethe gwantyi ziinyemezi wabuza: “Kubaluleke ngantoni ukuba ngumdala kwam? Akusekho kwanto ndikwaziyo ukuyenza ebandleni.” Abanye abadala bamqinisekisa ukuba bamxabisa gqitha ngenxa yamava nobuchule anabo bokukwazi ukubona izinto. Bamcela ukuba aqhubeke ekhonza njengomdala, kwanokuba akanagalelo lingako. Ekhuthazeke gqitha, uJohan waqhubeka engumdala, ibe ibandla lasikelelwa gqitha ngenxa yoko.
UYehova Ukhathala Ngokwenene
17. Sisiphi isiqinisekiso amaKristu akhulileyo asinikwa yiBhayibhile?
17 IZibhalo ziyicacisa phandle into yokuba abakhulileyo bayaqhubeka bephumelela ngokomoya phezu kwazo nje iingxaki zokwaluphala. Umdumisi wathi: “Abo batyalwe endlwini kaYehova . . . baya kuqhubeka bechuma ebudeni bokuba nezimvi, baya kuqhubeka betyebile yaye besiba nentlahla.” (INdu. 92:13, 14) Umpostile uPawulos, ekusenokwenzeka ukuba wayekhathazwa yintlungu ethile esemzimbeni, ‘akazange ayeke, kwanokuba umntu anguye ngaphandle wayesiya esonakala.’—Funda eyesi-2 kwabaseKorinte 4:16-18.
18. Kutheni abazalwana abakhulileyo nabo babanyamekelayo kufuneka bancedwe ngabanye?
18 Namhlanje sinemizekelo emininzi yabantu ebonisa ukuba abakhulileyo ‘banokuqhubeka bechuma.’ Kodwa iingxaki zokugula nokwaluphala zinokubacinezela, nkqu nabo baneentsapho ezibanyamekela kakuhle. Nabo abo banyamekela abantu abakhulileyo banokudinwa. Ibandla linelungelo nembopheleleko yokubonisa uthando lwalo kwabo bakhulileyo nakwabo banyamekela abakhulileyo. (Gal. 6:10) Enyanisweni, olo ncedo lubonisa ukuba asaneli nje ngokuxelela abo banyamekela abakhulileyo ukuba ‘bahambe bafudumale baze bahluthe’ sibe singabancedi nganto.—Yak. 2:15-17.
19. Kutheni amaKristu akhulileyo enethemba nje xa ekhangela kwikamva?
19 Ukwaluphala kunokuyitshintsha imisebenzi yomKristu, kodwa elo xesha alenzi uYehova ayeke ukubathanda aba bakhonzi bakhe banyanisekileyo. Ngokwahlukileyo koko, onke la maKristu athembekileyo axabisekile emehlweni akhe, ibe akayi kuze awashiye. (INdu. 37:28; Isa. 46:4) UYehova uya kuwomeleza aze awakhokele ngexesha lobudala bawo.—INdu. 48:14.
[Imibhalo esemazantsi]
a Funda inqaku elithi “Abantu Abakhulileyo—Intsikelelo Kulutsha,” kwiMboniselo kaJuni 1, 2007.
b Funda inkupho kaVukani! kaFebruwari 8, 1994, iphepha 3-10
c Kwamanye amazwe, oku kusenokuquka ukunceda abakhulileyo bafumane amalungiselelo oncedo lukarhulumente. Funda inqaku elithi “UThixo Uyabanyamekela Abantu Abakhulileyo,” kwinkupho yeMboniselo kaJuni 1, 2006.
d Funda inqaku elithi “UYehova Usoloko Esikhathalele,” kwiMboniselo kaSeptemba 1, 2003.
e Funda inqaku elithi “Ubuhle Bokuba Yingwevu,” kwiMboniselo kaMatshi 15, 1993.
f Asingomagama abo la.
Ubuya Kuphendula Uthini?
• Kutheni uwaxabisa nje amaKristu akhulileyo nathembekileyo?
• Sinokulubonisa njani uthando kubazalwana bethu abalupheleyo?
• Yintoni enokunceda abakhonzi bakaYehova abakhulileyo bahlale bekhuthazekile?
[Imifanekiso ekwiphepha 18]
Amalungu ebandla abaxabisa gqitha abakhulileyo