‘Sukela Izinto Ezisingisa Eluxolweni’
INDLELA esandul’ ukwakhiwa idla ngokubonakala yomelele yaye ingenakuze yonakale. Kodwa ngokuhamba kwexesha iyacandeka ize ibe nemingxuma. Kufuneka imana ukulungiswa ukuqinisekisa ukuba ihlala ikho.
Ngokufanayo, ulwalamano esinalo nabanye lunokuphazamiseka maxa wambi, lude lube namathanda. Umpostile uPawulos waphawula ukuba amaKristu aseRoma ayengaboni ngasonye kwimiba ethile. Wawaluleka wathi la maKristu: “Masisukele izinto ezisingisa eluxolweni nezinto ezakhayo komnye nomnye.” (Roma 14:13, 19) Kutheni kubalulekile ‘ukusukela izinto ezisingisa eluxolweni’? Sinokuyibonisa njani inkalipho ukuze siphumelele ekusukeleni uxolo?
Kutheni Sifanele Sisukele Uxolo?
Ukuba imingxuma emincinane endleleni ayilungiswa inokuba yimigongxo eyingozi. Ukungakulungisi ukungaboni ngasonye nako kunokuba yingozi. Umpostile uYohane wathi: “Ukuba umntu uthi: ‘Ndiyamthanda uThixo,’ kodwa abe emthiyile umzalwana wakhe, ulixoki. Kuba lowo ungamthandiyo umzalwana wakhe, ambonileyo, akanako ukumthanda uThixo, angambonanga.” (1 Yoh. 4:20) Xa kungaconjululwa, ukungaboni ngasonye kunokubangela ukuba umKristu amthiye umzalwana wakhe ekugqibeleni.
UYesu Kristu wabonisa ukuba uYehova akalwamkeli unqulo lwethu xa singenzi xolo nabanye. UYesu wabayalela oku abafundi bakhe: “Ukuba, ngoko, uzisa isipho sakho esibingelelweni, uthi ulapho ukhumbule ukuba umzalwana wakho unento ngakuwe, sishiye isipho sakho apho phambi kwesibingelelo, uze uhambe uye kuxolelana nomzalwana wakho kuqala, wandule ke, wakubuya, unikele isipho sakho.” (Mat. 5:23, 24) Eneneni, esona sizathu sokusukela kwethu uxolo kukuba sifuna ukukholisa uYehova uThixo.a
Okwenzeka kwibandla laseFilipi kubalaselisa esinye isizathu sokusukela uxolo. Kwakukho ingxaki ethile engachazwanga phakathi koodade ababini abangamaKristu, uWodiya noSintike, yaye kuyabonakala ukuba yaluphazamisa uxolo lwebandla lonke. (Fil. 4:2, 3) Iingxaki ezingaconjululwayo zinokukhawuleza zaziwe ngabantu abaninzi. Ukunqwenela ukulondoloza uthando nomanyano lwebandla kuya kusenza sidale uxolo namanye amaKristu.
UYesu wathi: “Banoyolo abanoxolo.” (Mat. 5:9) Ukusukela uxolo kusenza saneliseke. Ngaphezu koko, uxolo lukugcina usempilweni, kuba “intliziyo ezolileyo ibubomi kumzimba wenyama.” (IMize. 14:30) Kwelinye icala, inzondo inokubeka impilo yakho esichengeni.
Nangona amaKristu evuma ukuba kuyimfuneko ukusukela uxolo, unokungaqiniseki ngendlela yokucombulula ukungaboni ngasonye. Makhe sihlolisise imigaqo yeZibhalo enokusinceda.
Ukuyithetha Kakuhle Ingxaki Kugcina Uxolo
Imingxuma emincinane esendleleni inokulungiswa ngokudiba loo ndawo igrumbekileyo. Ngaba asinakubaxolela abazalwana bethu size sigubungele iimpazamo zabo ezingenamsebenzi? Le ndlela inokuba luncedo xa kusibakho ukungaboni ngasonye, kuba umpostile uPetros wathi “uthando lugubungela inkitha yezono.”—1 Pet. 4:8.
Noko ke, maxa wambi, ingxaki idla ngokubonakala inkulu kangangokuba kube nzima ukuyibetha ngoyaba. Cinga ngoko kwenzeka kumaSirayeli ngokukhawuleza nje emva kokuba engene kwiLizwe Lesithembiso. Ngaphambi kokuba “oonyana bakaRubhen noonyana bakaGadi nesiqingatha sesizwe sakwaManase” bawele uMlambo iYordan, bakha “isibingelelo esiphawulekayo kakhulu.” Ezinye izizwe zakwaSirayeli zacinga ukuba esi sibingelelo sasisetyenziselwa unqulo lwezithixo yaye azizange zifune ukuyibetha ngoyaba le ngxaki. Zalungiselela ukuya kulwa nabo.—Yosh. 22:9-12.
Kusenokwenzeka ukuba amanye amaSirayeli acinga ukuba kwakukho ubungqina obubambekayo bokwenziwa kobubi yaye ukuba ayenokubahlasela bengalindelanga, kwakuya kufa abantu abambalwa kwicala lawo. Noko ke, kunokuba zenze izinto ngokungxama, izizwe ezisentshona yeYordan zathumela abantu ababeza kuthetha ngale ngxaki nabazalwana bazo. Aba bantu babuza: “Siyintoni na esi senzo sokungathembeki nisenzileyo nxamnye noThixo kaSirayeli ngokujika namhlanje ekumlandeleni uYehova?” Enyanisweni, ukwakha kwezi zizwe isibingelelo kwakungesiso isenzo sokungathembeki. Kodwa zaziza kwenza ntoni emva kokutyholwa ngale ndlela? Ngaba zaziza kubathuka abo bazityholayo okanye zingavumi ukuthetha nabo? Ezi zizwe zazityholwa zaphendula kakuhle, zichaza ukuba eneneni esi sibingelelo zazisakhela uYehova. Indlela ezaphendula ngayo yagcina ulwalamano lwazo luluhle noThixo yaza yasindisa ubomi. Ukuthetha kakuhle kwayilungisa le ngxaki kwaza kwabuyisela uxolo.—Yosh. 22:13-34.
Ngaphambi kokuba enze nantoni na, amanye amaSirayeli enza ngobulumko ngokuthi athethe ngale ngxaki nezizwe zakwaRubhen nezakwaGadi nesiqingatha sesizwe sakwaManase. ILizwi likaThixo lithi: “Musa ukukhawuleza ukucaphuka ngomoya wakho, kuba ukucaphuka kuhlala esifubeni sabaziziyatha.” (INtshu. 7:9) Indlela yeZibhalo yokucombulula iingxaki ezinkulu phakathi kwabantu kukuthetha ngokuzolileyo nangokuphandle. Ngaba ngokwenene sinokulindela ukuba uYehova asisikelele ukuba sifukam’ inzondo size singayi kulowo sicinga ukuba usonile?
Kwelinye icala, kuthekani ukuba omnye umKristu uze kuthetha nathi ngengxaki ethile mhlawumbi esityhola ngento esingayenzanga? IBhayibhile ithi: “Impendulo, xa inobulali, isusa umsindo.” (IMize. 15:1) Izizwe zakwaSirayeli ezazityholwa zathetha ngokuzolileyo, kodwa zichaza ngokucacileyo isizathu sesenzo sazo ngaloo ndlela zithomalalisa imeko eyayishushu phakathi kwazo nabazalwana bazo. Enoba sithi abaya kubazalwana bethu okanye ngabo abeza kuthetha nathi ngengxaki ethile, simele sizibuze oku, ‘Ngawaphi amazwi esinokuwasebenzisa, ilizwi lethu lona limele liphakame kangakanani yaye yiyiphi indlela yokuthetha eya kwenza kuhlale kukho uxolo?’
Lusebenzise Ngobulumko Ulwimi
UYehova uyaqonda ukuba siyathanda ukuvakalisa izinto ezisikhathazayo. Noko ke, ukuba asikwazi ukulungisa ukungaboni ngasonye, sisenokufuna ukuya kuxelela abanye abantu. Ukufukam’ inzondo kunokubangela ukuba sibagxeke abanye. IMizekeliso 11:11 ithi xa ithetha ngokulusebenzisa kakubi ulwimi: “Ngenxa yomlomo wabangendawo [idolophu] iyachithwa.” Ngokufanayo, ukuthetha kakubi ngomnye umKristu kunokuphazamisa uxolo lwebandla elifana nedolophu.
Noko ke, ukusukela uxolo akuthethi kuthi asinakuthetha ngabazalwana noodadewethu. Umpostile uPawulos wawaluleka ngelithi amanye amaKristu: “Makungaphumi lizwi libolileyo emlonyeni wenu.” Kodwa wongezelela ngelithi: “Mayibe lelilungele ukwakha njengoko kusenokuba yimfuneko. . . . Yibani nobubele omnye komnye, nibe nemfesane, nixolelane ngesisa.” (Efe. 4:29-32) Ukuba umzalwana othile okhathazwe yinto oyithethileyo okanye oyenzileyo ebenokuza kuwe, ngaba bekungayi kuba lula ukuba ucele uxolo ukuba wayekhe wathetha kakuhle ngawe kwabanye? Ukuba siziqhelisa ukuthetha kakuhle ngamanye amaKristu, oko kuya kwenza kube lula ukuba sigcine uxolo xa kuvela iingxaki.—Luka 6:31.
Khonzani UThixo “Ngaxhatha Linye”
Ngokuqhelekileyo njengabantu abanesono sidla ngokumela kude kubantu abaye basona, singafuni nokuba nento yokwenza nabo. Kodwa akubobulumko ukwenjenjalo. (IMize. 18:1) Njengabantu abamanyeneyo ababiza egameni likaYehova, sizimisele ‘ukumkhonza ngaxhatha linye.’—Zef. 3:9.
Indlela engafanelekanga yokuthetha neyokuziphatha yabanye ayifanele ithomalalise ukuzimisela kwethu kunqulo olunyulu. Kwiintsuku ngaphambi kokuba idini likaYesu lithabathe indawo yeminikelo eyayisenziwa etempileni nasemva nje kokuba uYesu egxeke ababhali, wabona umhlolokazi olihlwempu enikela ‘ngako konke abenokuphila ngako’ kwisikhongozelo sobuncwane. Ngaba uYesu wazama ukumnqanda? Kunokuba enjenjalo wamncoma ngokulixhasa ngokuthembeka ibandla likaYehova ngelo xesha. (Luka 21:1-4) Ukwenza kwabanye izinto ezingafanelekanga akuzange kumkhulule kwimbopheleleko awayenayo yokuxhasa unqulo lukaYehova.
Ukuba sicinga ukuba umzalwana okanye udadewethu ongumKristu wenze into engafanelekanga okanye usidlele indlala, siya kuthini? Ngaba oko kuya kuphazamisa inkonzo yomphefumlo wonke esiyinikela kuYehova? Okanye siya kukhalipha size silungise nakuphi na ukungaboni ngasonye ukuze sigcine uxolo oluxabisekileyo kwibandla likaThixo namhlanje?
IZibhalo zisiluleka ngale ndlela: “Ukuba kunokwenzeka, zamani ngokusemandleni enu, ukuba noxolo nabantu bonke.” (Roma 12:18) Ngamana singazimisela ukwenjenjalo size singaze siphambuke kwindlela esa ebomini.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufunde ngesiluleko sikaYesu esikuMateyu 18:15-17, bona IMboniselo kaOktobha 15, 1999, iphepha 17-22.
[Umfanekiso okwiphepha 17]
UWodiya noSintike kwafuneka basukele uxolo
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Ngawaphi amazwi esinokuwasebenzisa, ilizwi lethu lona limele liphakame kangakanani yaye yiyiphi indlela yokuthetha eya kwenza kuhlale kukho uxolo?