Hlala ‘Unentliziyo Esulungekileyo’ Kula Maxesha Amanqam
“AKAKHO umntu onokuyiphikisa into yokuba namhlanje kukho ingxaki yokuziphatha eziCaweni.” Intatheli engumKatolika uVittorio Messori yathetha loo mazwi xa yayibhekisela kumanyundululu okuziphatha okubi awayebandakanya iCawa yaseItali. Yahlabela mgama yathi: “Le ngxaki ayinakucombululeka ngokusuke kupheliswe umthetho wokuba abefundisi bahlale bengatshatanga, kuba ama-80 ekhulwini ezi ziganeko abandakanya amafanasini—abefundisi abaxhaphaza amadoda namakhwenkwe ngokwesini.”—La Stampa.
Akuthandabuzeki ukuba ukwanda kobungendawo ngumqondiso wokuba siphila ‘kwimihla yokugqibela’ yale nkqubo yezinto. (2 Tim. 3:1-5) Njengoko amajelo eendaba ebonisa, ukuwohloka kwemilinganiselo yokuziphatha kunempembelelo embi kungekhona nje kubantu abaqhelekileyo kodwa nakwabo bazibiza ngokuba ngabantu bakaThixo. Iintliziyo zabo ezonakeleyo nezingahlumbulukanga zibangela ukuba benze izinto ezingendawo. (Efe. 2:2) Ngenxa yeso sizathu uYesu wathi “entliziyweni kuphuma iingcinga ezingendawo, ukubulala, ukukrexeza, uhenyuzo, ubusela, ubungqina bobuxoki, izinyeliso.” (Mat. 15:19) Noko ke, uYehova uThixo ufuna ukuba abakhonzi bakhe bathande “ukusulungeka kwentliziyo.” (IMize. 22:11) Ngoko ke, umKristu unokuhlala njani enentliziyo esulungekileyo kula maxesha amanqam?
Kuthetha Ukuthini Ukuba ‘Nentliziyo Esulungekileyo’?
EBhayibhileni, igama elithi “intliziyo” lidla ngokusetyenziswa ngokufuziselayo. Ngokutsho kwenye imbekiselo, igama elithi intliziyo elisetyenziswe eBhayibhileni libhekisela “kwinto engaphakathi emntwini” yaye “leyo yeyona nto ibalulekileyo kuThixo, elusekelwe kuyo ulwalamano lwaloo mntu noThixo nebonakala kwindlela aziphethe ngayo.” Intliziyo imela oko sikuko ngaphakathi. Njengoko le mbekiselo ibonisa, eyona nto uYehova ayihlolayo nayixabisayo kubakhonzi bakhe yintliziyo.—1 Pet. 3:4.
EBhayibhileni, igama elithi “ubunyulu” nelithi “ukucoceka” linokuthetha ukucoceka ngokoqobo. Kodwa la mabinzana abhekisela nakwinto engadyobhekanga—engangxengwanga, engenabala okanye engonakaliswanga—ngokokuziphatha nangokonqulo. KwiNtshumayelo yaseNtabeni, uYesu wathi: “Banoyolo abasulungekileyo entliziyweni.” Wayebhekisela kwabo bacocekileyo ngaphakathi. (Mat. 5:8) Baneminqweno neenjongo ezintle. Bathanda uYehova ngentliziyo yabo yonke, ngokunyanisekileyo, ngaphandle kokuhanahanisa, beqhutywa luthando nombulelo. (Luka 10:27) Ngokuqinisekileyo nawe uyafuna ukuba nyulu.
Ucelomngeni Lokuhlala ‘Unentliziyo Esulungekileyo’
Umkhonzi kaYehova akafanele abe ‘msulwa ezandleni zakhe’ kuphela kodwa ufanele ‘ahlambuluke nasentliziyweni.’ (INdu. 24:3, 4) Noko ke, namhlanje kuya kusiba nzima ngakumbi ukuba abakhonzi bakaThixo bahlale ‘behlambulukile entliziyweni.’ USathana nehlabathi alilawulayo, kunye nokungafezeki kwethu kubangela ukuba kube nzima ukuba sisondele kuYehova. Ukuze simelane nale ngcinezelo, kufuneka senze konke okusemandleni ethu ukuze siqhubeke sikuthanda “ukusulungeka kwentliziyo.” Oku kuya kusikhusela kuze kusincede siqhubeke singabahlobo bakaThixo. Sinokuhlala njani sinentliziyo esulungekileyo?
AmaHebhere 3:12 anesi silumkiso: “Lumkani, bazalwana, kungaveli nakuwuphi na kuni onentliziyo engendawo eswele ukholo ngokuthi imke kuThixo ophilayo.” Asinakuhlala ‘sisulungekile entliziyweni’ ukuba sinentliziyo “eswele ukholo.” Ziziphi iingcamango eziye zasasazwa nguSathana uMtyholi ngenjongo yokuba siphelelwe lukholo kuThixo? Ezinye zazo yimfundiso yendaleko, ingcamango yokuba okulungileyo nokubi kuxhomekeke emntwini nokuthandabuza ukuba iZibhalo Ezingcwele ziphefumlelwe nguThixo. Asimele siphenjelelwe zezo ngcamango ziyingozi. (Kol. 2:8) Ukufunda iBhayibhile imihla ngemihla nokucamngca ngayo yeyona ndlela inokusikhusela kwezi ntlaselo. Ulwazi oluchanileyo ngeLizwi likaThixo luya kusenza simthande ngakumbi uYehova size siyiqonde indlela abaphatha ngayo abantu. Olo thando nokuqonda kubalulekile xa sifuna ukugatya iingcamango ezibubuxoki nokuhlala sinokholo olomeleleyo kuYehova ukuze sihlale sinentliziyo esulungekileyo.—1 Tim. 1:3-5.
Xa Ujamelene Neminqweno Yenyama
Enye into enokwenza kube nzima ukuhlala ‘sinentliziyo esulungekileyo,’ yiminqweno yenyama nokuthanda izinto eziphathekayo. (1 Yoh. 2:15, 16) Ukuthanda imali okanye ukunqwenela ubutyebi nezinto eziphathekayo kunokuyonakalisa intliziyo yomKristu, kuze kubangele ukuba enze izinto uThixo angazifuniyo. Abanye baye abathembeka emsebenzini, bakhohlisa abanye baza beba imali nezinto zabanye.—1 Tim. 6:9, 10.
Kwelinye icala, xa sisoyika ukungamkholisi uYehova, sithanda okusesikweni yaye sizimisele ukuhlala sinesazela esicocekileyo, sibonisa ukuba siyakuthanda ukuba ‘nentliziyo esulungekileyo.’ Olo thando lusenza siqhubeke ‘siziphatha ngokunyaniseka kwizinto zonke.’ (Heb. 13:18) Ukuziphatha ngokunyaniseka kunokuba yindlela yokunikela ubungqina. UEmilio, oliNgqina elingumTaliyane nongumqhubi kwinkampani yezithuthi zikawonkewonke, wachola isipaji esasinama-470 eeyuro (R5 100). Abantu asebenza nabo bothuka xa edlulisela eso sipaji kumphathi wakhe, waza yena wasinika umnikazi waso. Abanye kubantu asebenza nabo uEmilio babemangalisiwe yindlela aziphethe ngayo kangangokuba baba nomdla baza baqalisa ukufunda iBhayibhile. Ngenxa yoko, abantu abasixhenxe kwiintsapho ezimbini bamkela inyaniso. Ukunyaniseka nokuba nentliziyo esulungekileyo kunokwenza abanye badumise uThixo.—Tito 2:10.
Enye into enokonakalisa intliziyo esulungekileyo yomKristu, kukuba nembono egqwethekileyo ngesini. Isibakala sokuba ukuba neentlobano zesini ngaphambi komtshato, ukukrexeza nobufanasini kujongwa njengento eyamkelekileyo, sinokonakalisa intliziyo yomKristu. Umntu oziphatha kakubi ngokwesini unokuphila ubomi obumbaxa aze asifihle isono sakhe. Oko kunokubonisa ukungabi ‘nantliziyo esulungekileyo.’
UGabriele wabhaptizwa xa wayeneminyaka eli-15 ubudala waza kamsinya emva koko waba nguvulindlela. Noko ke, ekuhambeni kwexesha waqalisa ukuchitha ixesha nabahlobo abangafanelekanga kwimijuxuzo yasebusuku. (INdu. 26:4) Waqalisa ukuziphatha kakubi nokuphila ubomi obumbaxa, yaye kwafuneka ukuba asuswe ebandleni lamaKristu. Eso sohlwayo sivela kuYehova samenza wazikis’ ukucinga. UGabriele uthi: “Ndaqalisa ukwenza zonke izinto endandizithabatha lula ngaphambili. Ndafunda iBhayibhile yonke imihla, ndizama ukuqonda oko kuthethwa nguYehova ndaza ndafunda neempapasho zentlangano. Ndabona indlela ekuyingenelo ngayo ukufundisisa nendlela okomeleza ngayo ukufunda iBhayibhile nokuthandaza rhoqo.” Oku kwamnceda uGabriele wayeka ukuziphatha kakubi waza waphinda wanolwalamano noYehova.
Ngoku uGabriele nomfazi wakhe bangoovulindlela. Le nto yenzeka kuye ibonisa ukuba ukufunda iBhayibhile neempapasho ‘zekhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ kunokumnceda umntu abe nentliziyo esulungekileyo aze aphephe ukuziphatha okubi.—Mat. 24:45; INdu. 143:10.
Ukuba ‘Nentliziyo Esulungekileyo’ Xa Uvavanywa
Ingcinezelo evela kubachasi, iingxaki zezoqoqosho nokugula kuye kwabenza batsala nzima abanye babakhonzi bakaThixo. Maxa wambi oku kuye kwachaphazela neentliziyo zabo. NoKumkani uDavide wayekuloo meko xa wathi: ‘Umoya wam utyhafile ngaphakathi kwam; phakathi kwam intliziyo yam iba ndindisholo.’ (INdu. 143:4) Yintoni eyamncedayo? UDavide wacinga ngendlela uThixo aqhubana ngayo nabantu bakhe nendlela awamhlangula ngayo. Wacamngca ngezinto uYehova awazenzayo ngenxa yegama lakhe elikhulu. UDavide wazixhalabisa ngemisebenzi kaThixo. (INdu. 143:5) Ngokufanayo, ukucamngca ngoMdali nako konke asele esenzele kona nezinto aqhubeka esenzela zona kuya kusinceda naxa sivavanywa.
Xa siye soniwa okanye sivakalelwa kukuba soniwe, sinokuqumba. Ukuba sihlala sicinga ngako oku sinokubagxeka ngokugqithiseleyo abazalwana bethu. Sisenokufuna ukungabi nanto yakwenza nabanye abantu, sizahlule kubo size singabi namdla kwabanye. Noko ke, ngaba eso simo sengqondo siya kubonisa ukuba ‘sinentliziyo esulungekileyo’? Ngoko kucacile ukuba, ukuba nentliziyo enjalo kufanele kubonakale nakwindlela esiqhubana ngayo nabazalwana bethu abangamaKristu.
NjengamaKristu okwenyaniso sifanele sahluke kweli hlabathi lonakeleyo nelinemilinganiselo yokuziphatha ewohlokayo, kuba siyakuthanda ukuba ‘nentliziyo esulungekileyo.’ Oku kunempembelelo entle ebomini bethu kuba sifumana uxolo olubangelwa kukwenza ukuthanda kukaThixo. Ngaphezu koko, sinolwalamano olusondeleyo noMdali wethu, uYehova uThixo, obathandayo abo “bantliziyo zihlambulukileyo.” (INdu. 73:1) Sinokuba phakathi kwabo baya kuba noyolo, kuba njengoko uYesu wathembisayo, “baya kumbona uThixo” xa ekhusela abo bathanda ‘intliziyo esulungekileyo.’—Mat. 5:8.